Umsinga Wexesha
“Ekuqaleni . . . ”
4026 B.C.E. Ukudalwa kuka-Adam
3096 B.C.E. Ukufa kuka-Adam
2370 B.C.E. Kuqalisa uNogumbe
2018 B.C.E. Ukuzalwa kuka-Abraham
1943 B.C.E. Umnqophiso ka-Abraham
1750 B.C.E. UYosefu uyathengiswa abe likhoboka
ngaphambi kowe-1613 B.C.E. UYobhi uyalingwa
1513 B.C.E. Ukufuduka eYiputa
1473 B.C.E. USirayeli ungena eKanan ekhokelwa nguYoshuwa
1467 B.C.E. Ukoyiswa ngokupheleleyo kwamaKanan
1117 B.C.E. USawule uthanjiswa njengokumkani
1070 B.C.E. UThixo uthembisa uDavide uBukumkani
1037 B.C.E. USolomon uba ngukumkani
1027 B.C.E. Ukugqitywa kwetempile yaseYerusalem
malunga nowe-1020 B.C.E. Ukugqitywa kweNgoma yazo iiNgoma
997 B.C.E. USirayeli uyahlukana abe zizikumkani ezibini
malunga nowama-717 B.C.E. Ukugqitywa kweMizekeliso
607 B.C.E. Ukutshatyalaliswa kweYerusalem; ukuthinjelwa eBhabhiloni
539 B.C.E. Ukoyiswa kweBhabhiloni nguKoreshi
537 B.C.E. Ukubuyela kwamaYuda eYerusalem
455 B.C.E. Ukwakhiwa ngokutsha kweendonga zeYerusalem; ukuqalisa kweeveki ezingama-69 zeminyaka
Emva kowama-443 B.C.E. UMalaki ugqiba ukubhala incwadi yakhe yesiprofeto
malunga nowe-2 B.C.E. Ukuzalwa kukaYesu
29 C.E. UYesu uyabhaptizwa yaye uqalisa ukushumayela ngoBukumkani bukaThixo
31 C.E. UYesu ukhetha abapostile bakhe abali-12; unikela iNtshumayelo yaseNtabeni
32 C.E. UYesu uvusa uLazaro
Nisan 14, 33 C.E. UYesu uyabethelelwa (UNisan ungqamana nenyanga kaMatshi neka-Aprili)
Nisan 16, 33 C.E. UYesu uyavuswa
Sivan 6, 33 C.E. IPentekoste; ukuthululwa komoya oyingcwele (USivan ungqamana nenyanga kaMeyi nekaJuni)
36 C.E. UKorneli uba ngumKristu
malunga nowama-47-48 C.E. Uhambo lokuqala lukaPawulos
malunga nowama-49-52 C.E. Uhambo lwesibini lukaPawulos
malunga nowama-52-56 C.E. Uhambo lwesithathu lukaPawulos
malunga nowama-60-61 C.E. UPawulos ubhala ileta ngoxa esentolongweni eRoma
ngaphambi kowama-62 C.E. Umntakwabo Yesu uYakobi ubhala ileta yakhe
66 C.E. AmaYuda avukela iRoma
70 C.E. IYerusalem netempile yayo itshatyalaliswa ngamaRoma
malunga nowama-96 C.E. UYohane ubhala iSityhilelo
malunga nowe-100 C.E. Ukufa kukaYohane, umpostile wokugqibela