IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • ll inxa. 1 iphe. 4-5
  • Simphulaphula Njani UThixo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Simphulaphula Njani UThixo?
  • Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
  • Amanqaku Afanayo
  • Icandelo 1
    Mamela UThixo
  • Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Ubuchule Bokuphulaphula Ngothando
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade
ll inxa. 1 iphe. 4-5

ICANDELO 1

Simphulaphula Njani UThixo?

UThixo uthetha nathi esebenzisa iBhayibhile. 2 Timoti 3:16

UYehova uphefumlela abantu ukuba babhale iBhayibhile esetroneni yakhe emazulwini

UThixo oyinyaniso wayalela abantu ukuba babhale iingcinga zakhe kwincwadi enye engcwele. Loo ncwadi yiBhayibhile. Inenkcazelo ebalulekileyo uThixo afuna ukuba uyazi.

UThixo uyakwazi okona kusilungeleyo yaye unguMthombo wabo bonke ubulumko. Ukuba uyamphulaphula uya kuba sisilumko.​—IMizekeliso 1:5.

IBhayibhile ngeelwimi ezininzi; indoda ifunda iBhayibhile ngolwimi lwayo

UThixo ufuna ukuba wonke umntu osemhlabeni ayifunde iBhayibhile. Ngoku ifumaneka ngeelwimi ezininzi.

Ukuba ufuna ukuphulaphula uThixo, umele uyifunde uze uyiqonde iBhayibhile.

Abantu abakuyo yonke indawo bayaphulaphula. Mateyu 28:19

INgqina LikaYehova lifundela umntu isibhalo, emva koko bafunda kunye iBhayibhile

AmaNgqina kaYehova anokukunceda uyiqonde iBhayibhile.

Ehlabathini lonke, afundisa inyaniso ngoThixo.

Intlanganiso kwiHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova

Oku akwenza ngaphandle kwentlawulo. Unokufunda ngoThixo nakwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova ekwindawo ohlala kuyo.

  • llizwi likaThixo liyinyaniso.​—Yohane 17:17.

  • Kutheni sinokumthemba uThixo?​—Numeri 23:19.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share