IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yc isifu. 7 iphe. 16-17
  • Ngaba Ukhe Uzive Uwedwa Kwaye Usoyika?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukhe Uzive Uwedwa Kwaye Usoyika?
  • Fundisa Abantwana Bakho
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukhe Uzive Ulilolo Kwaye Usoyika?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Ngaba Uya Kuthembeka NjengoEliya?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
Khangela Okunye
Fundisa Abantwana Bakho
yc isifu. 7 iphe. 16-17
Inkwenkwana iziva iyodwa, iyoyika

ISIFUNDO 7

Ngaba Ukhe Uzive Uwedwa Kwaye Usoyika?

Jonga le nkwenkwana ikulo mfanekiso. Ingathi iyodwa yaye iyoyika, andithi? Wena wakha waziva ngolo hlobo?— Wonke umntu ukhe azive ngolo hlobo ngamanye amaxesha. IBhayibhile iyathetha ngabahlobo bakaYehova ababeziva bebodwa kwaye besoyika. Omnye wabo yayinguEliya. Makhe sifunde ngaye.

Ukumkanikazi uIzebhele unomsindo

UIzebhele wayefuna ukubulala uEliya

UEliya wayehlala kwaSirayeli kudala, ngaphambi kokuba azalwe uYesu. UAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wayengamkhonzi uThixo oyinyaniso, uYehova. UAhabhi nomfazi wakhe uIzebhele babenqula uthixo wobuxoki, uBhahali. Nabantu abaninzi bakwaSirayeli baqalisa ukunqula uBhahali. Ukumkanikazi uIzebhele wayekhohlakele yaye wayefuna ukubulala bonke abantu ababekhonza uYehova, kuquka uEliya! Uyazi ukuba wenza ntoni uEliya?—

UEliya wabaleka! Waya entlango waza wazifihla emqolombeni. Ucinga ukuba wayeyenzela ntoni loo nto?— Wayesoyika. UEliya wayengafanele oyike. Ngoba? Kuba wayesazi ukuba uYehova wayenokumnceda. UYehova wayembonisile amandla akhe ngaphambili. UYehova wayekhe waphendula umthandazo kaEliya ngokuthumela umlilo ovela ezulwini. Ngoko wayenokumnceda uEliya nangoku!

UYehova uphendula umthandazo kaEliya ngokuthumela umlilo ovela ezulwini; uEliya emqolombeni; emva kokuba eve amazwi kaYehova akhuthazayo, uEliya uyavuya

UYehova wamnceda njani uEliya?

Ngeli xesha uEliya wayesemqolombeni, uYehova wathetha kunye naye waza wambuza wathi: ‘Ufuna ntoni apha?’ UEliya waphendula wathi: ‘Ndim ndedwa osakukhonzayo. Ndindedwa, yaye ndoyika ukubulawa.’ UEliya wayecinga ukuba bonke abanye abakhonzi bakaYehova babulawa. Kodwa uYehova wathi kuEliya: ‘Asiyonyaniso leyo. Kukho abanye abantu abayi-7 000 abasandikhonzayo. Yiba nesibindi. Kusekho umsebenzi endifuna uwenze!’ Ucinga ukuba uEliya wavuya xa esiva oko?—

Unokufunda ntoni wena kwinto eyenzeka kuEliya?— Awumele uzive uwedwa okanye usoyika. Unezihlobo ezithanda uYehova nezikuthandayo. UYehova unamandla, uya kusoloko ekunceda! Awuvuyi kukwazi ukuba awusoze ube wedwa?—

FUNDA EBHAYIBHILENI YAKHO

  • 1 Kumkani 19:3-18

  • INdumiso 145:18

  • 1 Petros 5:9

IMIBUZO:

  • Ngexesha awayephila ngalo uEliya, ngaba abantu abaninzi kwaSirayeli babekhonza uYehova? Babekhonza bani?

  • Kwakutheni ukuze uEliya abaleke ayokuzifihla emqolombeni?

  • UYehova wathini kuEliya?

  • Sinokufunda ntoni kwinto eyenzeka kuEliya?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share