IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • hf ica. 8 iphe. 26-28
  • Xa Kufika Amaxesha Obunzima

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Kufika Amaxesha Obunzima
  • Ninako Ukonwaba Entsatsheni
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • 1 THEMBELANI NGOYEHOVA
  • 2 KHATHALELA WENA NENTSAPHO YAKHO
  • 3 FUNA UNCEDO
  • Indlela Yokumelana Nengxaki Yempilo
    Imixholo Engakumbi
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Kholosa NgoYehova Ngalo Lonke Ixesha!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • UYehova Uhlala Ebagadile Abantu Bakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
Ninako Ukonwaba Entsatsheni
hf ica. 8 iphe. 26-28
Indoda nomfazi balilela ukuswelekelwa ngumntwana wabo

ICANDELO 8

Xa Kufika Amaxesha Obunzima

“Niyaphuphuma yimihlali, nangona okwethutyana ngoku, ukuba kumele kube njalo, nisiva ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo.”—1 Petros 1:6

Nangona nizama kangangoko ukuba nomtshato owonwabileyo, ngamanye amaxesha kwenzeka izinto ezinokwenza kube nzima ngani ukonwaba. (INtshumayeli 9:11) Ngothando uThixo uyasinika uncedo xa kuvela iingxaki. Ukuba ulandela la macebiso eBhayibhile alandelayo, wena nentsapho yakho niya kukwazi ukunyamezela nkqu nezona ngxaki zinzima.

1 THEMBELANI NGOYEHOVA

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) Ningaze nilibale ukuba iingxaki zenu azibangelwa nguThixo. (Yakobi 1:13) Kodwa ukuba nisondela kuye uya kuninceda. (Isaya 41:10) “Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe.”—INdumiso 62:8.

Niya kuthuthuzeleka naxa nifunda iBhayibhile yonke imihla. Niya kutsho niyibone indlela uYehova ‘athuthuzela ngayo kuyo yonke imbandezelo.’ (2 Korinte 1:3, 4; Roma 15:4) Uthembisa ukuninika ‘uxolo lwakhe olungaphaya kokuqonda.’—Filipi 4:6, 7, 13.

Indoda ekwibhedi yasesibhedlele ithandaza kunye nentsapho yayo

OKO UNOKUKWENZA:

  • Celani uncedo kuYehova ngomthandazo ukuze nizole nize nikwazi ukufumana isicombululo

  • Phindani nihlolisise onke amacebo enicinga ngawo nize nikhethe elona libonakala lilungile

2 KHATHALELA WENA NENTSAPHO YAKHO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Intliziyo yoqondayo izuza ukwazi, nendlebe yezilumko ifuna ukufumana ukwazi.” (IMizekeliso 18:15) Yazi yonke into ngentsapho yakho. Zama ukuqonda ukuba yintoni efunwa lilungu ngalinye lentsapho. Ncokola nabo. Bamamele.—IMizekeliso 20:5.

Kuthekani xa kusifa ilungu lentsapho? Sukoyika ukuphalaz’ imbilini yakho. Ukhumbule kaloku ukuba zakha ‘zathi waxa iinyembezi nakuYesu.’ (Yohane 11:35; INtshumayeli 3:4) Ukuphumla nokulala ngokwaneleyo nako kubalulekile. (INtshumayeli 4:6) Loo nto iya kwenza kungabikho nzima kangako ukunyamezela imeko ebuhlungu.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Kuqhele ukuncokola nentsapho yakho kwangoku kungekaveli ngxaki. Kuya kuba lula ngayo ukuncokola nawe naxa sele kuvele ingxaki

  • Buza nakwabanye abakhe mhlawumbi banengxaki efanayo

3 FUNA UNCEDO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Abahlobo bakho bafuna ukukunceda, kodwa basenokungazi ukuba baqale ngaphi. Sukonqena ukubaxelela eyona nto uyifunayo. (IMizekeliso 12:25) Kwakhona, funa uncedo lweZibhalo kwabo bayiqondayo iBhayibhile. Uncedo abaza kukunika lona olusekelwe eBhayibhileni luya kukunceda.—Yakobi 5:14.

Uncedo uya kulufumana xa uzidibanisa nabantu abanokholo kuThixo nabamthembayo. Uya kutsho uthuthuzeleke nawe xa unceda abo bafuna ukhuthazo. Kholwani xa ninonke kuYehova nakumathemba akhe. Hlala uxakeke kukunceda abo badinga uncedo yaye ungazikhethi kwabo bakuthandayo nabakukhathaleleyo—IMizekeliso 18:1; 1 Korinte 15:58.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Thetha nomhlobo osenyongweni uze umvumele akuncede

  • Chaza izinto ofuna uncedo kuzo unyanisekile

OYENA NDOQO

Noba sele kukubi kangakanani hlala ucinga ngoThixo. Xa wayejamelene neengxaki, uYobhi wathi: “Maliqhubeke libongwa igama likaYehova.” (Yobhi 1:21, 22) NjengoYobhi, beka igama likaYehova nenjongo yakhe kwindawo yokuqala kuneengxaki zakho. Xa izinto zingakulungeli, sukulahla ithemba. Thembela ngokupheleleyo kuThixo. “‘Mna ndizazi kakuhle iingcamango endizicingayo ngani,’ utsho uYehova, ‘iingcamango zoxolo, kungekhona ezentlekele, ukuba ndininike ikamva nethemba.’”—Yeremiya 29:11.

ZIBUZE . . .

  • Ngaba ndimthemba nakwezona zinto zincinci uYehova?

  • Kutheni ndinokumbulela uYehova yonke imihla ngenxa yokulunga kwakhe?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share