Ingoma 148
Usinike UNyana Wakho Ekuphela Kwakhe
Yehova Somandla, sasingenathemba.
Ngothando wancama uNyana wakho!
Ngoku singabakho, siphilela wena.
Sazisa abanye ngokuthanda kwakho.
(CHORUS)
Uncame uNyana,
Siyakudumisa
Sicula ngemincili,
sibulela ngesi sipho.
Sitsalwa yinceba,
Nobubele bakho.
Yehova Somandla,
Siyakuthanda.
Kodwa eyona nto,
Sisipho soNyana.
Oye wasifela,
Ukuze siphile.
(CHORUS)
Uncame uNyana,
Siyakudumisa
Sicula ngemincili,
sibulela ngesi sipho.
(IYAPHELA)
Yehova Somandla, siyakubulela,
Sisithi enkosi ngokusinik’ uNyana.
(Bona nezi: Yoh. 3:16; 1 Yoh. 4:9.)