ISAHLUKO 87
Ceba Kwangaphambili, Usebenzise Ubulumko
UMZEKELO WOMPHATHI WENDLU ONGELOLUNGISA
‘UKWENZA ABAHLOBO’ NGOBUTYEBI
Umzekelo wonyana wolahleko uYesu asandokuwubalisa, umele ubonise abaqokeleli berhafu, ababhali nabaFarisi ukuba uThixo uyafuna ukubaxolela abantu abaguqukayo. (Luka 15:1-7, 11) Ngoku uthetha nabafundi bakhe. Wenza omnye umzekelo wendoda esisityebi efumanisa ukuba umphathi wendlu yayo akazenzi kakuhle izinto.
UYesu ubalisa ukuba lo mphathi utyholwa ngokungaziphathi kakuhle izinto zenkosi yakhe. Ngenxa yaloo nto, inkosi yakhe ithi iza kumgxotha. Uthi lo mphathi: “Ndiza kuthini ngoku, kuba inkosi yam iyandigxotha? Umsebenzi wokomba ungandoyisa, ibe ndineentloni zokucela ebantwini.” Ukuze alungise le ngxaki uthi: “Ndiyayazi into endiza kuyenza, ukuze xa sendiphelelwe ngumsebenzi, abantu bandamkele emakhayeni abo.” Ubiza bonke abantu abatyala inkosi yakhe, uthi kowokuqala: “Uyityala ntoni inkosi yam?”—Luka 16:3-5
Uthi xa ephendula: “Ndiyityala iibhate eziyi-100 zeoli yomnquma.” Ziilitha eziyi-2 200 ezo zeoli. Kusenokwenzeka ukuba lo mntu uneli tyala wayenomhlaba atyale kuwo iminquma okanye wayethengisa ioli. Uthi lo mphathi: “Thatha isivumelwano sakho, uhlale phantsi, ukhawuleze ubhale ukuba ziyi-50 [iilitha eziyi-1 100].”—Luka 16:6.
Lo mphathi ubuza omnye athi: “Wena, uyityala ntoni?” Uphendula athi: “Ndiyityala iikore eziyi-100 zengqolowa.” Lo mphathi uthi kulo mntu uneli tyala: “Thatha isivumelwano sakho, ubhale ukuba ziyi-80.”—Luka 16:7.
Zisaphethwe ngulo mphathi izinto ezidibene nemali zenkosi yakhe. Ngenxa yaloo nto, uyakwazi ukulithoba ityala lomntu otyala inkosi yakhe. Ngokuthoba amatyala abantu, lo mphathi uzenzela abahlobo abaza kumnceda xa ephelelwe ngumsebenzi.
Ethubeni, inkosi yalo mphathi iyeva ngale nto ayenzileyo. Le nto yenziwe ngulo mphathi ayiyincedi nganto inkosi yakhe, kodwa iyamncoma kuba nangona ‘engalunganga,’ “ube sisilumko.” UYesu uphinda athi: “Abantu beli hlabathi balumkile xa besebenzisana nabanye, kunabantu abasekukhanyeni.”—Luka 16:8.
Akathi intle le nto yenziwe ngulo mphathi, engakhuthazi nabantu ukuba benze amaqhinga. Ukuba akatsho ke, uthini? Uthi kubafundi bakhe: “Zenzeleni abahlobo ngobutyebi beli hlabathi, ukuze xa buphela, banamkele kubomi obungunaphakade.” (Luka 16:9) Into efundiswayo apha kukubona izinto zisekude nokusebenzisa ubulumko. Abakhonzi bakaThixo, ‘abantu abasekukhanyeni,’ bamele bazisebenzise ngobulumko izinto abanazo, becinga ngobomi obungunaphakade.
NguYehova uThixo noNyana wakhe kuphela abanokungenisa umntu kuBukumkani basezulwini okanye kwiParadesi eza kuba lapha emhlabeni phantsi kobo Bukumkani. Simele siqinise ubuhlobo bethu kunye nabo, ngokusebenzisa ubutyebi beli hlabathi ukuze sixhase uBukumkani. Xa siyenza loo nto siza kuqiniseka ukuba siza kubufumana ubomi obungunaphakade xa igolide, isilivere nobunye ubutyebi beli hlabathi bungasabalulekanga.
UYesu uphinda athi abo bathembekileyo xa behoye naxa besebenzisa izinto okanye ubutyebi abanabo, baza kuthembeka naxa kufuneka behoye izinto ezibalulekileyo. Uthi: “Ngoko ke, ukuba niye anathembeka xa nisebenzisa ubutyebi beli hlabathi, ngubani oza kunithemba ngobutyebi benene [njengezinto uThixo azinika abantu bakhe]?”—Luka 16:11.
Ubonisa abafundi bakhe ukuba kuza kufuneka basebenze nzima ukuze bamkeleke “kubomi obungunaphakade.” Umntu akakwazi ukuba ngumkhonzi kaThixo othembekileyo aphinde abe likhoboka lobutyebi. UYesu ugqibezela athi: “Akukho khoboka linokuba neenkosi ezimbini, kuba lisenokuyicaphukela enye lize liyithande enye, okanye lithi nca kwenye lize lingafuni nokuyibona enye. Aninakuba ngamakhoboka kaThixo nawobuTyebi.”—Luka 16:9, 13.