ISAHLUKO 95
Ufundisa Ngedivosi Nokuthanda Abantwana
MATEYU 19:1-15 MARKO 10:1-16 LUKA 18:15-17
UYESU UCHAZA INDLELA UTHIXO AYIJONGA NGAYO IDIVOSI
ISIPHO SOKUNGATSHATI
KUTHENI KUBALULEKILE UKUFANA NABANTWANA ABANCINCI?
Ukusuka kwabo eGalili, uYesu nabafundi bakhe banqumla uMlambo iYordan baze bahambe ngendlela esemzantsi ukuya ePereya. Ukugqibela kukaYesu ukuba sePereya, ebechazele abaFarisi umgaqo kaThixo ngedivosi. (Luka 16:18) Ngoku abaFarisi baphinda bayivuse le ncoko kuba befuna ukumvavanya.
UMoses wabhala ukuba umntu angamdivosa umfazi wakhe ukuba ufumene “into engafanelekanga” ngaye. (Duteronomi 24:1) Abantu bathetha izinto ezahlukahlukeneyo ngedivosi. Abanye bathi abantu bangadivosa nangenxa yento encinci. Ngoko, abaFarisi bayabuza bathi: “Kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo nangasiphi na isizathu?”—Mateyu 19:3.
Endaweni yokuba uYesu aphendule ngendlela abantu abacinga ngayo, uchaza indlela uThixo awawenza ngayo umtshato. Uthi: “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo wabadala baba yindoda nomfazi kwasekuqaleni, waza wathi: ‘Yiloo nto indoda iza kumshiya utata nomama wayo, ithi nca emfazini wayo, baze babe nyama-nye’? Ngoko ke, abasekho babini, kodwa bangumntu omnye. Abo ke uThixo abadibanise ngedyokhwe, makungabikho mntu ubahlukanisayo.” (Mateyu 19:4-6) Xa uThixo wenza umtshato wokuqala ka-Adam noEva, akazange enze ilungiselelo lokuba loo mtshato uqhawuke.
AbaFarisi abamyeki uYesu, bathi: “Kwakutheni ke ukuze uMoses athi indoda imele inike umfazi isatifiketi sokuqhawula umtshato ukuze yahlukane naye?” (Mateyu 19:7) UYesu uthi kubo: “UMoses wanivumela ngenxa yenkani yenu ukuba niqhawule umtshato nabafazi benu, kodwa kwakungenjalo ekuqaleni.” (Mateyu 19:8) Xa kusithiwa “ekuqaleni” akuthethwa ngexesha likaMoses kodwa kuthethwa ngexesha uThixo awawuqala ngawo umtshato e-Eden.
Emva koko, uYesu uthetha into ebalulekileyo athi: “Ndithi kuni, nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe, engakhange ahenyuze [ngesiGrike, por·neiʹa], aze atshate omnye, uyakrexeza.” (Mateyu 19:9) IZibhalo zithi kukuziphatha kakubi ngesondo kuphela isizathu sokudivosa.
Abafundi bakaYesu bathi: “Xa kunjalo ke ngendoda nomfazi, kungcono umntu angatshati.” (Mateyu 19:10) Kucacile ke ukuba, xa umntu ecinga ngomtshato umele ayazi ukuba uza kuhlala kuwo.
UYesu uthetha nangokungatshati, uthi kukho abantu abazalwa bengakwazi ukutshata kuba bengakwazi ukwabelana ngesondo. Abanye baye benziwa abakwazi ukutshata kuba baye benzakaliswa baza abakwazi ukwabelana ngesondo. Kodwa abanye bayawulwa umnqweno abanawo wesondo. Bayenza loo nto kuba befuna ukuzimisela kakhulu kwizinto zoBukumkani. UYesu uthi kubantu abammameleyo: “Lowo unako ukuhlala engatshatanga, makenjenjalo.”—Mateyu 19:12.
Abantu ngoku bazisa abantwana babo abancinci kuYesu. Kodwa abafundi bayabangxolisa abantu, mhlawumbi kuba bengafuni uYesu aphazanyiswe. Xa uYesu eyibona le nto uyacaphuka aze athi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, sanukubanqanda, kuba uBukumkani bukaThixo bobabantu abafana nabo. Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na ongabamkeli njengomntwana omncinci uBukumkani bukaThixo, soze angene kubo.”—Marko 10:14, 15; Luka 18:15.
Ibaluleke nyhani le nto uYesu ayifundisayo apha. Ukuze sifumane uBukumkani BukaThixo, simele sithobeke size sifundiseke njengabantwana abancinci. Ubonisa indlela abathanda ngayo abantwana abancinci, ngokubawola aze abasikelele. Ubathanda bonke abantu ‘ababamkela njengomntwana omncinci uBukumkani bukaThixo.’—Luka 18:17.