IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • rj inxa. 3 iphe. 8-9
  • Ukukhubeka—Xa ‘Sinesizathu Sokukhalaza’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukhubeka—Xa ‘Sinesizathu Sokukhalaza’
  • Buyela KuYehova
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Ukho Umntu ‘Onokusahlula Eluthandweni LukaThixo’?
  • “Ndandisiva Ngathi UYehova Uthetha Nam”
  • ‘Qhubekani Nixolelana Ngesisa’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Saphethukela Kumthombo Wobulungisa Bokwenyaniso
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Indlela Yokuyeka Ukuba Nenzondo
    Vukani!—2014
  • Xolela Ngesisa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
Buyela KuYehova
rj inxa. 3 iphe. 8-9

INXALENYE 3

Ukukhubeka—Xa ‘Sinesizathu Sokukhalaza’

“Omnye udade ebandleni wandityhola ngokuba imali yakhe. Nabanye ebandleni bayiva loo nto baza bathath’ icala. Ekugqibeleni, lo dade wandixelela ukuba uve izinto ezibonisa ukuba andinatyala. Nangona wacela uxolo, ndaziva ndingenakukwazi ukumxolela ngento andenze yona.”—ULinda.

NGABA ufana noLinda, owayekhubeke nyhani yinto awayenziwa ngomnye umKristu? Okubuhlungu kukuba, abanye baye baphazamiseka kakhulu zizinto ezenziwa ngabanye de oko kwachaphazela nezinto abazenzela uYehova. Ngaba kuye kwanjalo nakuwe?

Ngaba Ukho Umntu ‘Onokusahlula Eluthandweni LukaThixo’?

Kuyavunywa ukuba kusenokuba nzima kakhulu ukuxolela omnye umKristu osenzele intliziyo ebuhlungu. Kodwa kuyo yonke loo nto, amaKristu afanele athandane. (Yohane 13:34, 35) Ukuba soniwe ngomnye umKristu, ukuphoxeka nentlungu kunokusonakalisa.—INdumiso 55:12.

Ewe, iBhayibhile iyavuma ukuba ngamaxesha athile amaKristu asenokunikana ‘isizathu sokukhalaza.’ (Kolose 3:13) Sekunjalo, xa loo nto isenzeka kuthi, kusenokuba nzima ukumelana nayo. Ngaba ikho into enokusinceda? Khawuqwalasele le migaqo mithathu yeZibhalo:

UBawo wethu osezulwini wazi yonke into. UYehova uyakubona konke okwenzekayo, kuquka nayiphi na into engenabulungisa eyenziwa kuthi kunye neentlungu ezibangelwa koko. (Hebhere 4:13) Ngaphezu koko, uYehova uyavelana nathi xa sisentlungwini. (Isaya 63:9) Akasoze avumele ‘imbandezelo okanye inkxwaleko’ okanye nayiphi na enye into—nkqu nomkhonzi wakhe—ukuba ‘asahlule eluthandweni lwakhe.’ (Roma 8:35, 38, 39) Ngaba oku akubangeli ukuba nathi sibe njalo, singavumeli nanye into okanye umntu asahlule kuYehova?

Ukuxolela asikokuqwabaz’ iliso. Xa sibaxolela abo basonileyo, akuthethi kuthi sithi incinci, ilungile, siyayithethelela okanye asiyihoyanga into abasenze yona. Khumbula, uYehova akaze akholiswe sisono, kodwa uyasixolela xa kukho isizathu sokuxolela. (INdumiso 103:12, 13; Habhakuki 1:13) Xa esikhuthaza ukuba sibaxolele abanye, ufuna ukuba simxelise. ‘Akahlali ecaphukile ukusa kwixesha elingenammiselo.’—INdumiso 103:9; Mateyu 6:14.

Xa singafukami inzondo, siyazinceda. Njani? Khawube nalo mfanekiso-ngqondweni. Uchola ilitye, mhlawumbi elingekho nzima kangako, uze uliphakamise, wolule ingalo. Awunakuba nangxaki xa uliphakamisa ixesha nje elincinane. Kodwa kuza kwenzeka ntoni xa uzama ukuliphakamisa ixesha elidana? Ingalixesha elingakanani bethu—ingayimizuzu ethile? iyure? okanye ngaphezulu? Ngokuqinisekileyo ingalo yakho ingadinwa kakhulu! Ewe kona, ubunzima belitye abuzi kutshintsha. Kodwa emva kwexesha uliphakamisile, liya kukusinda. Kunjalo ke nangokuba nenzondo. Xa sisoloko sifukam’ ingqumbo—nangento encinane le—siyazigulisa. Ayimangalisi ke into yokuba uYehova esikhuthaza ukuba singafukami inzondo. Xa sitheth’ inyani, ukungafukami inzondo kuyingenelo kuthi.—IMizekeliso 11:17.

EHolweni yoBukumkani udade okhubekileyo nonenzondo ujonga omnye udade

Xa siyeka ukucaphuka, siyazinceda

“Ndandisiva Ngathi UYehova Uthetha Nam”

Yintoni eyanceda uLinda akafukama nzondo ngenxa yento awayenziwa ngomnye umKristu? Enye yazo, wacamngca ngezizathu zokuxolela ezikwiZibhalo. (INdumiso 130:3, 4) Eyona nto yambangela ukuba angafukami nzondo kukwazi ukuba noYehova uya kusixolela. (Efese 4: 32–5:2) Xa echaza indlela awamchaphazela ngayo loo mazwi, uthi: “Ndandisiva ngathi uYehova uthetha nam.”

Ekuhambeni kwexesha, yaphela inzondo kuLinda. Wamxolela ngokukhululekileyo la dade, ibe sithetha nje loo dade ungumhlobo wakhe osenyongweni. ULinda uyaqhubeka ekhonza uYehova. Qiniseka ukuba uYehova ufuna wenjenjalo nawe.

Incwadi ethi Sondela KuYehova

UMarie uthi: “Xa ndashiya inyaniso, ndaba ngumntu ohlala enomsindo. Incwadi ethi Sondela KuYehova yandikhumbuza indlela uYehova alunge nanothando ngayo. Njengoko ndandiyifunda, ndaya ndimthanda kwakhona.” Isahluko 26 nese-30 saloo ncwadi sixubusha isizathu nendlela uYehova axolela ngayo kwanendlela esinokumxelisa ngayo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share