IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 39 iphe. 96
  • Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • USawule—Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • “Ukuthobela Kulunge Ngakumbi Kunombingelelo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Wanyamezela Ngaphezu Nje Kokuphoxeka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2011
  • Wanyamezela Ngaphezu Nje Kokuphoxeka
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 39 iphe. 96
UKumkani uSawule ubamba umthungo wedyasi kaSamuweli, iyakrazuka

ISIFUNDO 39

Ukumkani Wokuqala WakwaSirayeli

UYehova wayefuna amaSirayeli akhokelwe ngabagwebi, kodwa afuna ukukhokelwa ngukumkani. Athi kuSamuweli: ‘Zonke iintlanga ezilapha zinookumkani. Nathi sifuna owethu.’ USamuweli wayesazi ukuba le nto bayifunayo ayifanelekanga, ngoko wathandaza kuYehova. UYehova wathi kuye: ‘Ayinguwe abangamfuniyo aba bantu, kodwa ndim. Baxelele ukuba bangamfumana ukumkani, kodwa uza kufuna izinto ezininzi kubo.’ Sebesiva loo nto, bathi: ‘Asikhathali. Sifuna ukumkani!’

UYehova waxelela uSamuweli ukuba ukumkani wabo wokuqala uza kuba nguSawule. Xa uSawule waya kubona uSamuweli eRama, uSamuweli wamthambisa ngokumgalela ioli entloko.

Emva koko, uSamuweli wabiza amaSirayeli ukuze aze kubona ukumkani wawo omtsha. Kodwa ayengamboni. Uyazi kwakutheni? Wayezimele phakathi kwemithwalo. Ambhaqa, aza ammisa phakathi kwabantu. Wayemde kunaye wonke umntu owayelapho, futhi wayeyinzwana. USamuweli wathi: ‘Nanku ke umntu enimkhethelwe nguYehova.’ Abantu batsho ngengxolo besithi: ‘Phila ngonaphakade kumkani!’

Ekuqaleni, uKumkani uSawule wayemmamela uSamuweli futhi emthobela uYehova. Ekuhambeni kwexesha watshintsha. Ngokomzekelo, uSawule wayengavumelekanga ukuba abingelele. USamuweli, umprofeti kaYehova wayemxelele ukuba amlinde uyeza, kodwa akafika kwangoko. Ngoko wawenza ngokwakhe umbingelelo. Wathini uSamuweli? Wathi: ‘Ubumele ukuba umthobele uYehova.’ Ngaba uSawule wafunda kwimpazamo awayenzayo?

Emva koko, xa uSawule waya kulwa nama-Amaleki, uSamuweli wamxelela ukuba aqiniseke ukuba akukho nomnye osindayo. Kodwa uSawule akazange ambulale uKumkani uAgagi, wamsindisa. UYehova wathi kuSamuweli: ‘USawule undilahlile, kwaye akandimameli.’ Waba buhlungu kakhulu uSamuweli, waza wathi kuSawule: ‘Ngenxa yokuba ungasamthobeli uYehova, uza kukhetha omnye ukumkani.’ Wathi xa ejika ehamba, uSawule wambamba ngempahla awayeyinxibile yaza yakrazuka umthungo. USamuweli wathi kuye: ‘UYehova ubuthathile ubukumkani kuwe.’ UYehova wayeza kubunika umntu omthandayo nomthobelayo.

“Ukuthobela kubaluleke ukogqitha umbingelelo.”—1 Samuweli 15:22

Imibuzo: AmaSirayeli ayefuna ntoni? Kwakutheni ukuze uYehova amyekise ukuba ngukumkani uSawule?

1 Samuweli 8:1-22; 9:1, 2, 15-17; 10:8, 20-24; 13:1-14; 15:1-35

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share