IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • lfb isifu. 69 iphe. 164-iphe. 165 isiqe.¶ 2
  • UGabriyeli Uye Kubona UMariya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UGabriyeli Uye Kubona UMariya
  • Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Amanqaku Afanayo
  • Ingelosi Ityelela UMariya
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
  • Wazukiswa Ngaphambi Kokuba Azalwe
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • UYesu Uzukiswa Engekazalwa
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • “Khangela! Ikhobokazana LikaYehova!”
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
lfb isifu. 69 iphe. 164-iphe. 165 isiqe.¶ 2
Ingelosi enguGabriyeli ifika kuMariya

ISIFUNDO 69

UGabriyeli Uye Kubona UMariya

Ingelosi ifika kuYosefu ephupheni

UElizabhete wayezalana noMariya, owayehlala eNazarete eseGalili. UMariya wayeza kutshata noYosefu owayengumchweli. Xa uElizabhete wayeneenyanga eziyi-6 ekhulelwe, kwafika ingelosi enguGabriyeli kuMariya. Yathi: ‘Molo Mariya. UYehova ukuthanda kakhulu.’ Wayengazi ukuba uGabriyeli uthetha ngantoni. UGabriyeli wathi: ‘Uza kukhulelwa uze uzale unyana, umele umthiye igama elinguYesu. Uza kuba nguKumkani. UBukumkani bakhe buza kubakho ngonaphakade.’

UMariya wathi: ‘Kodwa zange ndalala nandoda. Ndiza kumfumana njani umntwana?’ UGabriyeli wathi: ‘Ayikho into angenakuyenza uYehova. Uza kufikelwa ngumoya oyingcwele uze ube nonyana. UElizabhete naye ukhulelwe.’ UMariya wathi: ‘Ndisisicakakazi sikaYehova. Mayenzeke yonke into othe iza kwenzeka kum.’

UYosefu uvuma ukutshata uMariya okhulelweyo

UMariya waya kubona uElizabhete kwidolophu esezintabeni. Xa wabuliswa nguMariya, uElizabhete weva umntwana osesiswini sakhe exhuma. Wazaliswa ngumoya oyingcwele waza wathi: ‘Mariya, uYehova ukusikelele. Ndiyavuya kuba umama weNkosi yam esekhayeni lam.’ UMariya wathi: ‘UYehova ndimbulela ngentliziyo yam yonke.’ Wahlala noElizabhete iinyanga eziyi-3 waza emva koko wagoduka waya eNazarete.

Xa uYosefu weva ukuba uMariya ukhulelwe, wayengasafuni ukumtshata. Ingelosi yathi kuye ephupheni: ‘Ungoyiki ukutshata naye. Akukho nto ayenzileyo.’ UYosefu wamtshata ke uMariya waza wahlala naye.

“UYehova wenza yonke into athanda ukuyenza Ezulwini nasemhlabeni.”—INdumiso 135:6

Imibuzo: UGabriyeli wamxelela ntoni uMariya ngonyana wakhe? UElizabhete noMariya babeziva njani ngezinto ezenzekileyo kubo?

Mateyu 1:18-25; Luka 1:26-56; Isaya 7:14; 9:7; Daniyeli 2:44; Galati 4:4

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share