IBHOKISI YOKUFUNDISA 13A
Iitempile Azifani, Nezinto Esizifundayo Azifani
EItempile Ekumbono KaHezekile:
- Ichazwa nguHezekile eyicacisela amaYuda athinjwe eBhabhiloni 
- Inesibingelelo ekwenziwa imibingelelo emininzi kuso 
- Ibonisa indlela uYehova afuna ukukhonzwa ngayo 
- Isenza sicinge ngokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo ukususela ngo-1919 
Itempile Enkulu KaYehova:
- Ichazwa nguPawulos kumaKristu angamaHebhere 
- Inesibingelelo ekwenziwa umbingelelo omnye kuso, “kwaba kanye” (Heb. 10:10) 
- Ichaza into eyayimelwa yintente engcwele naziitempile zokoqobo, ilungiselelo likaYehova lokuba abantu bamkhonze kakuhle ngenxa yokusifela kukaKristu 
- Isenza sicinge ngomsebenzi owenziwa nguKristu njengoMbingeleli Omkhulu Kakhulu ukususela ngo-29 ukuya ku-33 C.E.