ISIFUNDO 5
Funda Kakuhle
1 Timoti 4:13
INTO OMELE UYENZE: Funda loo nto ibhaliweyo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
- Lungiselela kakuhle. Cinga ukuba kutheni ibhaliwe loo nto. Ziqhelise ukufunda isivakalisi kunokufunda igama libe linye ngexesha. Sukufakela, utsibe okanye utshintshe amagama. Jonga zonke iziphumlisi. 
- Wabize kakuhle onke amagama. Ukuba kukho igama ongakwazi kulibiza kakuhle, libuze kumntu olaziyo, okanye ukuba loo ncwadi irekhodiwe yimamele. 
- Mawavakale kakuhle amagama. Wabize kakuhle amagama, uphakamise intloko, uze uvakale xa uthetha. Zimisele ukuba uvakale xa uthetha.