ISIFUNDO 17
Qiniseka Ukuba Abantu Bayayiqonda Into Oyifundisayo
1 Korinte 14:9
INTO OMELE UYENZE: Bancede abantu abakumameleyo bayiqonde kakuhle into oyithethayo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
- Lungiselela kakuhle. Yilungiselele kakuhle into oza kuyithetha ukuze ukwazi ukuyicacisa ngendlela elula usebenzisa amazwi akho. 
- Sebenzisa izivakalisi ezifutshane namagama alula. Nangona kungekho nto imbi ngokusebenzisa izivakalisi ezide, sebenzisa ezifutshane ukuze ucacise izinto ezibalulekileyo ngamagama alula nacacileyo. 
- Wacacise amagama angaziwayo. Ukuba unako, sukusebenzisa amagama angaziwayo ngabantu. Ukuba kunyanzelekile uthethe ngento engaqhelekanga, umntu oseBhayibhileni, indlela yokubala okanye isiko lakudala, cacisa.