Ndasikelelwa Ngenxa Yokuphuthuma Uxolo
UMPOSTILE uPetros walatha ukuba abo babeya ‘kuthanda ubomi, bayibone imihla elungileyo’ bamele ‘bafune uxolo, baluphuthume.’ (1 Petros 3:10, 11) Oku akusoloko kulula, kodwa kuphumela kwiintsikelelo. Ngokomzekelo, qwalasela amava alandelayo elinye lamaNgqina kaYehova eKhanada.
Ndandineminyaka nje engaphezu kwama-20 ubudala yaye ndandilungele ukufezekisa iphupha lam lobuntwana. Ndathelela Umkhosi Wamapolisa Wezokhuselo WaseKhanada. Ngaloo ndlela ndaqalisa oko ndandikuthelekelela kungumsebenzi opheleleyo njengepolisa. Noko ke, phantse kwiminyaka eli-16 yenkonzo, ndarhoxa.
Ngaphambi kokuchaza kwam isizathu sokushiya umkhosi, mhlawumbi inkcazelo engemvelaphi iya kuba luncedo. limini zam zokuqala kuMkhosi Wamapolisa Wezokhuselo WaseKhanada zachithelwa kwiphondo laseNew Brunswick. Kwaba ngeli xesha endathi ndahlangana nomfazana othandekayo owathi waba yinkosikazi yam. Sasihlala kwigunjana elincinane elalinyanyekelwa sisibini esathi saba ngamaNgqina kaYehova. Sasidla ngokunikela ubungqina kuthi. Noko ke, ngelo xesha unqulo lwalungabalulekanga ebomini bam. Kweliny’ icala, umkam ngokuvumayo wayamkela inyaniso waza kamva waba lingqina likaYehova elibhaptiziweyo. Akuzange kundichukumise nakancinane oko. Ndazama ngako konke ukuguqula ingqondo yakhe, kodwa ndatsho phantsi. Ndade ndamema nomfundisi wasekuhlaleni ukuba aze kumlungisa. Noko ke, xa ndikhangel’ emva kolo tyelelo, ndiyakholwa ukuba ukuswela ulwazi lweZibhalo okwakucacile ngomfundisi kwenza inyaniso yaba yinto yokwenene kuye.
Phantse kangangeminyaka emithandathu ndazama ukumbonisa umkam ubudenge benkolelo yakhe, kanti wammela ngokuqinileyo uYehova. Ekuhambeni kwexesha, ndathamba ndaza ndavelisa isimo sengqondo sokuba wayenokwenza oko afuna ukukwenza yaye mna ndandiya kulandela ezam iinkolelo. Kambeke ngelo xesha amabhongo am ayengasekelwanga Zibhalweni; ndandifuna ukwandisa umsebenzi wam kuMkhosi Wamapolisa Wezokhuselo kangangoko kunokwenzeka. Ekugqibeleni ndazinikela kwimisebenzi ethe kratya ndaza ndazama ukubandakanyeka kwimicimbi ebalulekileyo ukuze nditsale ingqalelo yabaphathi bam. Oku yayikukuncama ixesha endandifanele ukulichitha nentsapho yam.
Ndaqhubeka ndisukela olu hlobo lobomi de kwalihlobo lowe-1978. Umkam wayekunqwenela ukubakho kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe “Yokholo Oloyisayo” eMontreal, kwiphondo laseQuebec. Ndavuma ukumsa ngenqwelo-mafutha apho eMontreal, kodwa ndakwala ukubakho kulo naluphi na ucwangciso. Emva kokubuya kusuku lokuqala lwendibano, umfazi wam wathi ucwangciso losuku olulandelayo lusekelwe kubomi bentsapho waza wandeyisela kukuba ndifanele ndibekho. Ukuza kuthi ga kulo mhla ndiyambulela uYehova kuba ndabakhoyo. Ndamangaliswa luhlobo olulungeleleneyo lo Mbo nomXesibe owawuziphethe ngalo. Kwakungekho msi wecuba, kwakungekho ntetho engcolileyo, yaye abantu babebonakala bonwabile yaye beseluxolweni omnye nomnye. Phantse nangona ndandingazi nto ngeBhayibhile, iintetho ezazinikelwa zizithethi ndazifumana zinenkcazelo yaye zisengqiqweni gqitha. Aba bantu babezama ukufunda baze basebenzise imithetho kaThixo njengoko yandlalwe eBhayibhileni. Njengepolisa, ndandisazi ukuba abantu abaninzi, nangona bewazi umthetho, babezama ukufumana iindlela zokuwutyeshela ukuze benze izinto ngendlela abafuna ngayo. Ngoku ndandichukumisekile. Kungekudala emva kokubuyela ekhaya ndisuka endibanweni, ndaqalisa ukufundisisa iBhayibhile ndaza ndabhaptizwa ngo-Oktobha we-1979.
Njengoko ndandisenza inkqubela ngokomoya, ndakwazi ukubeka ecaleni imikhuba yehlabathi emininzi ndaza ekugqibeleni ndanikwa ilungelo lokukhonza uYehova uThixo njengesicaka solungiselelo. Ukwambatha kwam ubuntu obutsha bobuKristu kwakuphawulwa ngamagosa asebupoliseni endandisebenza nawo, awathi ekuqaleni, ayithabatha lula inkolelo yam entsha. (Efese 4:22-24) Ekuhambeni kwexesha, ndakwazi ukuziguqula iziqhulo zawo zaba ngamathuba okunikela ubungqina. Enyanisweni, njengoko kulo lonke isebe kwakusasazeka into yokuba ndilingqina likaYehova, abaninzi babesiza kum benemibuzo. Ndikwababulela gqitha abaphathi bam abathi, ngokuhlonela ukholo lwam, bandabela imisebenzi eyayingayi kundibangela ndonakalise ulwalamano lwam noYehova.
Ewe, yonke into yabonakala ihamba kakuhle gqitha. Ngenye ingokuhlwa xa ndandibuyela ekhaya ndisuka emsebenzini, umfazi wam wayefunda IMboniselo kaJanuwari 1, 1984, efunda ngokukhethekileyo kwinqaku elifundisiswayo elikwiphepha 3-9 elinomxholo othi ‘Funa Uxolo Uze Uluphuthume.’ Lalithetha ngokuphepha “umsebenzi wempangelo oquka ukuphathwa kwesixhobo sokusetyenziswa kwabanye abantu,” njengoko “kusoloko kukho ingozi yokuba netyala legazi ngokubulala ngesixhobo.” (Isaya 2:4; Roma 12:17, 18) Ngokubhekele phaya eli nqaku lathi: “Njengoko ihlabathi liya lisiba nogonyamelo ngokwandayo asisenako ukumgqala njengomzekelo umzalwana oqhubeka kumsebenzi wempangelo ofuna axhobe. Unokuvunyelwa iinyanga ezintandathu ukuba enze inguqulelo. Ukuba akayenzi inguqulelo, akayi kuba kwimeko yokuba kwilungelo elikhethekileyo lenkonzo nelembopheleleko ebandleni.—1 Timoti 3:2; Tito 1:5, 6.”
Ngokucacileyo, kwakufuneka ndenze isigqibo esibaluleke gqitha. Njengentsapho, sawuxoxa lo mcimbi saza sawusa kuYehova ngomthandazo. Ngosuku lokuphangela olulandelayo ndaya kumphathi wam ndaza ndamcacisela imeko yam. Emva kwencoko ende, sagqiba kwelokuba umkhosi kwakungenakwenzeka ukuba undivumele ndingawuphathi umpu. Ngokomphumo, ndafaka isaziso sokuba ndiza kurhoxa kwiinyanga ezintandathu.
Ndandingazazi apho ndiza kuqalisa khona ukufuna umsebenzi, njengoko bendisoloko ndisebenza okoko ndashiya isikolo. Kwakhona, imeko yoqoqosho yayiwuchaphazela kakubi gqitha umsebenzi. Ndandinabantu endibaziyo kwezamashishini endadibana nabo ebudeni beminyaka, ngoko ndagqiba kwelokuba ndibatsalele umnxeba. Okumangalisayo kukuba, kungaphelanga neveki ndathunyelwa kumbutho omiselweyo owawufuna ubani wokungena kwisikhundla esitsha njengomphandi. Ndatsalel’ umnxeba umntu obophelelekileyo ngokuqeshwa kwabasebenzi ndaza ndafumanisa ukuba ndandiwufanelekela kakuhle lo msebenzi. Lo msebenzi wawufana nqwa nomsebenzi wam njengomphandi wokubiwa kwemali, yaye kwakungayi kufunwa ukuba ndiphathe umpu. Unokuthelekelela ukuba ngesiquphe zonke iinkcukacha ezingam zazilapho.
Xa kwadliwanw’ indlebe nam ukwenzela lo msebenzi, ndagqiba kwelokuba okukokona kulungileyo ngam kukuba ndinyaniseke ngesizathu sam sokushiya uMkhosi Wamapolisa Wezokhuselo. Okwandimangalisayo kukuba owayedlan’ indlebe nam (owayeza kuba ngumphathi wam) wandicacisela ukuba wawushiya umsebenzi wakhe wangaphambili ngezizathu zesazela yaye wayenoluvo olufana nolwam. Wakwabonisa ukuba esi sikhundla kumele kufakwe kuso ubani onengqibelelo engathandabuzekiyo. Wandibulela kuba ndithetha ngokuphandle ngolo hlobo waza wabonisa ukuba wayeya kundincomela kwesi sikhundla. Kwiiveki nje ezimbini ndandiqeshwe ngokusemthethweni.
Akukho kuthandabuza engqondweni yam ukuba umoya kaYehova wandinceda mna nentsapho yam ukutyhubela la mava. Mhlawumbi kukho abazalwana abathile abajongene nemeko efanayo. Ndithandazela ukuba amava am abakhuthaze ukuba bathembele kuYehova baze bamvumele azisebenze izinto ngendlela yakhe. Mateyu 6:33.
Njengokuba amava angasentla ebonisa, ukusukela uxolo nokubeka uBukumkani bukaThixo tanci ebomini bakho kuya kufuna umgudu yaye kusenokufuna nohlengahlengiso lobuqu. Kodwa iintsikelelo ziya kwabo basebenzisa isiluleko seZibhalo, ngaloo ndlela bebonakalisa umoya ofana nalowo womdumisi uDavide, owathetha oku: “Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndikhaphe emendweni othe tye.”—INdumiso 27:11.