Luphangalele Kangakanani Uthando Lwakho?
UNOKRWECE usisidalwa esincinane, esiseqokobheni nesihlala emanzini. Bambalwa abantu abacinga nzulu ngaye. Noko ke, unokrwece unobuchule obumangalisayo: uyakwazi ukunamathela ezintweni. lyintoni imfihlelo yakhe? Wenza intlaka encangathi enamandla kangangokuba ucwecwe nje olubungqingqwa buli-0,0762 bemilimitha “lunamandla okutshela” angama-493 eekhilogram ngeskwe-sentimitha! Nabani na oye wazama ukumxobula unokrwece kwindawo yakhe ayikhethileyo abambelele kuyo uya kuwangqina amandla okutshela kwentlaka yakhe.
AmaKristu aqhelene nento efana naleyo. Intlangano kaYehova emhlabeni iyilwe ngabantu abavela kuzo zonke iintlanga, iilwimi, izizwe, namaqela abantu. Sekunjalo imanyene ngokuqinileyo. Yintoni imfihlelo yayo? Nayo, inento enamandla yokuncamathelisa, leyo inamandla ngakumbi kunentlaka encangathi kanokrwece odelekileyo. Umpostile uPawulos wasixelela ukuba iyintoni na loo nto yokuncamathelisa xa wabhala wathi: “Yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.”—Kolose 3:14.
Kakade ke, asinto yonke ebizwa ngokuba luthando eyenza umsebenzi wokumanyanisa. Iimfazwe ezininzi ziye zaliwa egameni “lokuthanda ilizwe.” Uthando lokuzingca lunokukhokelela kumona. “Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi.” (1 Timoti 6:10) Ibe amaxesha anomngcipheko anamhlanje, ngokuyinxenye abangelwa, sisibakala sokuba abantu abaninzi ‘bangabazithandayo.’—2 Timoti 3:1, 2.
Luhlobo luni lothando ke, olwenza umsebenzi wokumanyanisa amaKristu? Uthando olungenakuzingca, olubanzi.
Uphi Umthombo Wolu Thando?
Lo mbuzo uphendulwa ngamagama amabini amafutshane awabhalwa ngumpostile uYohane athi: “UThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Uthando lwakhe uYehova ulubonakalisa ngobubele bakhe kuthi. Yonke into elungileyo esinayo ngokusisiseko ivela kuye. “Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu.” (Yakobi 1:17) Oku kuyinyaniso ngehlabathi elibonakalayo esilinandiphayo, yaye ingakumbi iintsikelelo zokomoya azinikwe ngokuyintabalala amaKristu anoxabiso.
UYesu Kristu watsalela ingqalelo yethu kwimbonakaliso ebhekele phaya ephawulekayo yothando lukaYehova, esithi: “Ilanga lakhe [uYehova] ulenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.” (Mateyu 5:45) Yaye uthando lukaYehova ngoluntu xa lulonke ludlulela ngaphaya kokunikela iintsikelelo zokuphathekayo, kuba uYesu wacacisa wathi: “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ibingaloluphi uthando olubanzi ngakumbi kunolo?
Ngokubonakalisa uthando olunjalo ngoluntu, uYehova ubonakalisa uthando olusekelwe ngokuqinileyo kumgaqo. Kulwimi lwesiGrike, olo thando lubizwa ngokuba ngua·gaʹpe. UYehova ulubonakalisa nakumaKristu olu thando. Noko ke, uthando lwakhe kuwo luthe kratya. Xa umntu esabela kuthando lukaThixo, uYehova ubonakalisa uphi·liʹa, igama lesiGrike elithetha “ubuhlobo” okanye “uthando.” UYesu uyasiqinisekisa esithi: “UBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile.”—Yohane 16:27.
Xelisa Uthando LukaThixo
Uthando olusebenza njengesincamathelisi esimanyanisayo kumaKristu lulandela umzekelo kaYehova obalaseleyo. Njengoko umpostile uYohane watshoyo: “Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.” (1 Yohane 4:19) Uthando olunjalo luluphawu lomKristu wokwenyaniso yaye, eneneni, lusisiqhamo somoya oyingcwele kaThixo.—Yohane 13:34, 35; Galati 5:22.
Uthando lomKristu kuqala nangokuphambili umele alubonakalise kuYise osezulwini. Emva koko, ufanele alubonakalise kubantu abangoowabo. (Mateyu 22:37-39) Ekubeni uthando lukaThixo lulolungakhethiyo, nolwethu uthando ngamakholwa angoowethu lumele luphangalale, ‘lwenziwe banzi.’ Ngokuvisisana noku, umpostile uPawulos wawaxelela oku amaKristu aseKorinte: “Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi. . . . Yibani banzi nani.”—2 Korinte 6:11-13.
Sinokuluxelisa njani uthando lukaYehova oluphangaleleyo? Masiqwalasele imizekelo embalwa.
‘Lwenze Banzi’ Uthando Entsatsheni
UPawulos walumkisa ngelokuba “ngemihla yokugqibela” kwakungayi kubakho “bubele.” (2 Timoti 3:1-3) Sekunjalo, kwintsapho yamaKristu, uthando lumele lwesamele, uthando olusekelwe kumgaqo (a·gaʹpe) nohlobo lothando lobuhlobo nolobubele (phi·liʹa).—Mateyu 10:37; Efese 5:28; Tito 2:4.
Ukubonakalisa uthando akusoloko kulula. Iingxaki zemali ngokufuthi zibangela iimvakalelo ezibuhlungu entsatsheni. Elinye iqabane lomtshato isenokulicaphukisa into yokuba elinye iqabane lifune ixesha lalo. Umfazi unokufikelela ekuvakalelweni ngelokuba akakhathalelwe okanye uthatyathwa lula. Abaninzi abakwishumi elivisayo bavakalelwa kukuba abazali babo ababaqondi. Ezi ngxaki nezinye ezifana nazo zinokuconjululwa njani?
Ngokusisiseko, isicombululo sikukuba ngamnye obandakanyekileyo axelise umzekelo kaThixo aze alwenze “banzi” uthando lwakhe. UPawulos wabongoza wathi: “Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini. Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo. Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi. Nina booyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo.”—Kolose 3:18-21.
Ukuthandazela uncedo lokubonakalisa uthando ngokuqinisekileyo kunomphumo xa iingxaki zivela. Kukwanjalo nokuncokolisana okuhle kwentsapho nengxubusho ethe rhoqo yeBhayibhile. (Duteronomi 6:4-9) Njengesiseko sokuncokolisana ngothando okunjalo, iintsapho ezininzi ziye zakufumanisa kuluncedo ukusebenzisa imbalasane ethi “Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu” ekwiMboniselo naleyo inomxholo othi “Abantu Abaselula Bayabuza” ekwiphephancwadi elinguVukani!
Uthando Oluphangaleleyo Ebandleni
Kuyinto ebuhlungu xa abazali nabantwana besilela ukuthandana. Kukwayinto ebuhlungu xa amaKristu angoowethu esilela ukubonakalisa uthando omnye komnye. Umpostile uYohane uqinisekisa ngelithi: “Lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angathini na ukumthanda uThixo angambonanga.”—1 Yohane 4:20.
Uthando lusinceda ukuba sibanqwenelele okona kulungileyo abazalwana bethu bokomoya. (1 Korinte 13:4, 7) Sisenokumbona umzalwana wethu ekruthakruthana neengxaki—mhlawumbi ade ‘avune oko akuhlwayeleyo’ ngezenzo zangaphambili zokungalumki. (Galati 6:7) Sekunjalo, uthando luya kusinceda ukuba silondoloze isimo sengqondo esifanelekileyo ngakuye. Siya kuziphepha iingcinga ezinjengezi, ‘Bendisoloko ndimthandabuza.’ Kwanokuba umzalwana wethu angade abe buthathaka elukholweni, singakhangela umonde kaYehova kwabo babuthathaka size sizame ukuxelisa inceba Yakhe enothando.—2 Petros 3:9.
Uthando olukhoyo phakathi kwabakhonzi bakaYehova luluncedo ekomelezeni amaKristu aselula ukutyhubela iminyaka enzima yeshumi elivisayo. Xa intombazana eNtsundu yabuzwa ukuba yayiyintoni na eyayincedayo ukuba ibambelele kunqulo lokwenyaniso, yagqabaza ngelithi: “Ndicinga ukuba ibingekuphela nje oko ndikufunde eBhayibhileni kodwa luthando endaye ndalubona xa ndaya kwiintlanganiso zamaKristu nendlela endamkelwa ngayo okwandichukumisa gqitha.”
Ewe, uthando oluphangaleleyo lunokusebenzela ukulimanyanisa ibandla. Kodwa khumbula, uthando lukaYehova lufikelela kulo lonke uluntu. Sinokumxelisa njani koku?
Ukuthanda Abo Singabaziyo
UYesu wabalaselisa enye indlela ekhethekileyo yokubonakalisa uthando kwanakubantu esingabaziyo. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ewe, amaNgqina kaYehova uthando lwawo alubonakalisa kwabanye xa eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini angabaziyo ngokupheleleyo.
Ukuthanda kwawo uluntu ngokubanzi la maKristu kuwashukumisela ukunceda abantu angabaziyo kwanangezinye iindlela. NjengomSamariya womzekeliso kaYesu, azama ukuba ngabamelwane abalungileyo, ‘esenza okulungileyo kubantu bonke,’ ngokufuthi ngemiphumo eyolisayo ebingalindelwe. (Galati 6:10; Luka 10:29-37) Ngokomzekelo, intombazana yaseAlaska eyayinesabelo kumsebenzi wokushumayela malunga nama-260 eekhilomitha ukusuka kwikhaya layo yadibana nentsapho esweleyo ngokwemali eyayaphukelwe yinqwelo-mafutha. Akuba eve ngemeko yayo enzima uyise wale ntombazana waqhuba iikhilomitha ezingama-520 ukuya kunikela uncedo. Oku kwavulela ithuba lokuxelela le ntsapho ngeenjongo nangoBukumkani bukaYehova. Emva kokufundisisa iBhayibhile, le ndoda nomfazi bafuzisela uzahlulelo lwabo kuYehova. Nabo ngoku banandipha ukuba nesabelo ngeendaba ezilungileyo nabanye.—IZenzo 20:35.
Ngaba Unokubathanda Abo Bakuthiyileyo?
Noko ke, uthando lwamaKristu ludlulela ngaphaya kunokuthanda abantu ongabaziyo. UYesu wabongoza abafundi bakhe esithi: “Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.”—Mateyu 5:44, 45.
Ngaba ngenene kuyinto enokwenzeka ukuthanda abo basitshutshisayo? Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, amaNgqina kaYehova awayekwiJamani yamaNazi atywatyushwa ngenkohlakalo, aza anyanzelelwa ukwenza umsebenzi onzima ngomxhesho ongephi. Ngokucacileyo, ayengenakuvakalelwa ebathanda kangako okanye enobuhlobo (phi·liʹa) ngabatshutshisi bawo. Sekunjalo, akwazi ukubonakalisa uthando lomgaqo (a·gaʹpe) olufana nolo uYehova alubonakalise kuluntu lonke. Ngaloo ndlela, apho kwakuthi kwenzeke, amaNgqina ayesabelana nabatshutshisi ngesigidimi senyaniso esinik’ ubomi. Ibe bambi bezi ntshaba ekugqibeleni baba ngamaKristu.
Uninzi lwabo batshutshisa abakhonzi bakaThixo bakwenza oko ngokungazi, njengoko wenzayo uSawule, owathi kamva waba ngumpostile uPawulos. (Galati 1:13, 14) Xa siqonda ukuba abatshutshisi abanjalo, ngandlel’ ithile, bangamaxhoba empembelelo yobuxoki kaSathana, siyancedakala ekubeni sibe nesimo sengqondo sokubathanda ngokungakumbi.—2 Korinte 4:4
UYehova, uThixo onobubele novakalelwayo, uyakuvuyela ukuvuza abo babonakalisa uthando oluphangaleleyo entsatsheni, ebandleni, kubantu abangabaziyo, kwanakwiintshaba. Uthando olunjalo luwabophelela kunye ngokuqinileyo amalungu entsapho nawebandla, kwananjengokuba intlaka encangathi kanokrwece imbangela ukuba atshele ngokuqine gqitha elityeni. Ngaphezu koko, uthando lukhuthaza abangaphandle ukuba beze baze babe nesabelo kumanyano lwamaKristu. Ke, ngaba asinasizathu sakusabela ngoxabiso kuthando lukaThixo ngokuluphangalalisa kwanangakumbi uthando lwethu? Eneneni sinaso! Ngoko masiye ‘sikhula kuko oko ngakumbi.’—1 Tesalonika 4:9, 10.
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
Ukwenzela Ufundisiso Lwakho
Eli linqaku lesithoba ‘ngesiqhamo somoya.’ Unokuwafumana amanye amanqaku kolu ngcelele kwinkupho yeMboniselo kaJuni 15, Julayi 1, Agasti 1, Septemba 15, Oktobha 1, Oktobha 15, Novemba 15 nekaDisemba 15, 1985. Usenokukunandipha ukwenza ucwangciso lofundisiso lobuqu ukuphinda le nkcazelo intle ingokweZibhalo.