Imihla ‘Enjengemihla KaNowa’
“Ihlabathi lalonakele . . . lugonyamelo. . . . Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.”—GENESIS 6:11, 12.
1, 2. (a) AmaNgqina kaYehova kufuneka ejamelene neentlobo ezinjani zogonyamelo namhlanje? (b) Abantu bakaThixo baye bathuthuzelwa ngethemba lovuko kweziphi iimeko?
UGONYAMELO! Njengakumhla kaNowa, ngokukwanjalo namhla, ugonyamelo luye lwaba ngundaba-mlonyeni. Kwanabo bahamba noThixo oyinyaniso, njengoko wenjenjalo uNowa, abangabo abangenakufunyanwa nogonyamelo. Oku kwatsalelwa ngamandla kwingqalelo yehlabathi ngoJulayi 21 wanyakenye, xa iHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova eSydney, eOstreliya, yatshatyalaliswa yibhombu ebudeni bentetho yeBhayibhile yesidlangalala eyayingokunyaniseka kuThixo nentsapho. Elinye iNgqina labulawa. Abangaphezu kwama-40 balala ngandletyananye esibhedlele. Bonke aba baye bachacha, nangona abathile beneziva ezibi ngenxa yale nkohlakalo elulwaphulo-mthetho. Umcuphi olipolisa wagqabaza wathi: “Kwakukho abantu abali-110 ngaphakathi ibe kusuka kube ngumnqa ukuba babe abazange bafe boli-110.”
2 Kwezinye iindawo zomhlaba—ezinjengoMntla Ireland, eLebhanon, nase-El Salvador—amaNgqina kaYehova avakalisa “iindaba ezilungileyo” kwimeko enogonyamelo oluqhubekayo. Kubulewe abambalwa, abathile babulewe ngoxa beshumayela. Emazweni amaninzi ‘ixesha nesihlo,’ ezinjengeengozi neenyikima zomhlaba, zikwabulele abantu, ekuthe kwezo zihlandlo abantu bakaYehova bathuthuzelwa lithemba lovuko.—INtshumayeli 9:11; 1 Tesalonika 4:13, 14.
3. (a) Yintoni esenokwenzeka kubantu bakaYehova abathile, njengokuba kuboniswa ziziganeko zakutshanje noLuka 21:16? (b) Sisiphi isiqinisekiso esinaso senkuselo kaYehova ebudeni ‘bembandezelo enkulu’?
3 Kutshanje eMexico, xa bebonke amaNgqina angama-23 nezinxulumani babephakathi kwabangaphezu kwama-5 000 ababulawa yinyikima yomhlaba eyintlekele. EPuerto Rico, abanye abasixhenxe babephakathi kwabangama-300 abaphulukana nobomi babo kwizikhukula nasekudilikeni komhlaba. Ngaba oku kuthetha ukuthi uYehova uye wasilela ukunikela inkuselo kwabanye abakhonzi bakhe? Nakanye. Asingabo abangenakungehlelwa ziingozi neentlekele. Ibe ngokubhekisele kwintshutshiso, uYesu wabalumkisa kwangaphambili abafundi bakhe, esithi: “Kubekho nabababulalayo kuni.” Amakhulukhulu abazalwana bethu babulawa ngogonyamelo nguHilter wamaNazi. UYehova uya kubakhumbula bonke abanjalo eluvukweni. Noko ke, xa “imbandezelo enkulu” eyaxelwa kwangaphambili itshayela umhlaba, uYehova uyakubonisa ukuba uyakwazi ukusindisa abo bathembele egameni lakhe, kanye njengokuba wenza njalo ngemihla kaNowa.—Luka 21:16-19; Mateyu 24:14, 21, 22, 37-39; Isaya 26:20, 21; Yoweli 2:32; Roma 10:13.
4. Iimeko zanamhla zifana njani nezo zichazwe kwiGenesis 6:11, 12?
4 Ukususela ngowe-1914 ugonyamelo beluhlasela zwenibanzi. Amakhulukhulu abantu abulewe ezimfazweni nakwiimbubhiso zale nkulungwane. Uluntu luye lwahlaselwa ngokuqweqwediswa emoyeni naselwandle, ziibhombu zabagrogrisi, kukubulawa kwabo ngendlela eyindyikitya, nangenxa yentiyo eqhubeka phakathi kwisizwe esinye, ibe luye loyikiswa kukwandiswa kwezixhobo zenyukliya. Ngokwenyaniso, la ‘ngamaxesha anomngcipheko’ njengoko ‘iintlanga zixinezelekile yaye zithingaza.’ (2 Timoti 3:1-5, 13; Luka 21:25) Noko ke, namhlanje abantu bakaYehova baphila phakathi kobunzima obubangela ingozi enkulu gqitha kunogonyamelo, nangona oku kudla ngokunxityelelaniswa nogonyamelo. Oku kususela emva kwiminyaka engaphezu kwama-4 300 eyadlulayo kumhla kaNowa. Kuyintoni oko?
Ukholo LukaNowa Phakathi Kokonakala
5, 6. (a) USathana waqhubela phambili njani esonakalisa uluntu? (b) UNowa nentsapho yakhe bema ngokwaziphi iindlela njengabangeyonxalenye yeli hlabathi?
5 Ukususela kwimvukelo yase-Eden ukubhekisa phambili, uSathana uMtyholi ebetyekele ‘ekulahlekiseni elimiweyo liphela.’ (ISityhilelo 12:9) UYehova wayeyalele indoda nomfazi ukuba basebenzise amandla abo esini ababewanikwe nguThixo ngendlela ebekekileyo kwilungiselelo lomtshato, ukuze ‘bazalise umhlaba’ ngohlobo lwabo. (Genesis 1:28; Hebhere 13:4) Kodwa uMtyholi waphethukela ekonakaliseni uluntu ngesini esingesosamvelo. Njani? Oonyana bakaThixo bokomoya bathelela uSathana kwimvukelo yakhe. Aba baba ‘ziidemon,’ benoSathana ‘njengomphathi’ wabo. (Luka 11:15) Umsebenzi weedemon wawuquka ntoni ngoko? Zeza emhlabeni, zazambathisa imizimba yabantu, zaza zahlalisana neentombi zabantu ezintle. Umphumo wawukhwankqisa!
6 Inzala engamabhastile yaveliswa ngaloo ndlela, izizigebenga ezaziziidemon ngokuyinxenye, zingabantu ngokuyinxenye. Ezi zigebenga zaziziiNgxilimbela, “Abawisi” boluntu abangababulali, njengoko ingxelo ibonisa ngokuthi: “Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo. UThixo walikhangela ihlabathi, nalo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.” Ugonyamelo nokonakala okungokwesini kwanwenwa gqitha kangangokuba kuphela kukuNowa ekwakunokuthethwa la mazwi: “UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.” Umkakhe, oonyana bakhe, nabafazi babo—ngabo kuphela kuluntu lonke—babonakalisa ukholo noloyiko lobuthixo. Ngokucacileyo, umnombo wentsapho kaNowa awuzange wonakaliswe kukungcola okungokwesini komhla wakhe.—Genesis 6:4, 9-12.
7. Njengoko kwaboniswa ngomhla kaNowa, uYehova ubagweba njani ababi nabangamalungisa? (Thelekisa uMateyu 25:40, 45, 46.)
7 UYehova walitshabalalisa elo hlabathi lalinogonyamelo, elaliphambene sisini nelalineedemon. Ethumela uMkhukula omkhulu, wakhucula yonk’ into eyayimbi. liNgxilimbela ezazingamabhastile nabantu abonakeleyo batshayelwa ababikho, ngoxa oonyana abaziidemon nababefudula ingabakaThixo babhacela kummandla womoya—belindele ukugwetywa nguThixo. Kodwa babakho abantu abasindayo! UNowa nentsapho yakhe esondeleyo basindiswa. Kwakutheni? Kungenxa yokholo lwabo, olwaluxhaswa yimisebenzi ekwakheni umkhombe nokushumayela ubulungisa kwelo hlabathi ligwetyiweyo.—2 Petros 2:4, 5.
Nina Banamhla, Lumkani!
8. Umhla kaNowa wawufanekisela ngokwaziphi iinkalo umhla wethu?
8 Umhla kaNowa wafuzisela umhla wethu. Sikwazi njani oku? Kaloku, uYesu waxela kwangaphambili ethetha ngexesha elifanayo logonyamelo, ukuchas’ umthetho nokungabikho kothando njengenxalenye ‘yomqondiso’ wokuba sisemgubasini ‘wembandezelo enkulu ekungazange kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kaloku nje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.’ Wakwathi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; . . . nguBawo yedwa.” Wandula ke wongezelela oku: “Njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga, wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu.”—Mat. 24:3-21, 36-39.
9. Sisiphepha njani isiphelo sabo ‘bangazange baqonde’?
9 Ewe, ‘abazange baqonde.’ Kodwa akufuneki ukuba ube njengabo. Unokusinda xa iNkosi uYesu ityhilwa ezulwini, iphumeza impindezelo ngokubatshabalalisa ngonaphakade ‘abo bangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu.’ (2 Tesalonika 1:7, 8) Akuyomfuneko ukuba ube njengabantu behlabathi abathi ebomini babe nomdla wokuzikholisa, wokufuna umsebenzi obekekileyo okanye ubutyebi bokuphathekayo, bengacingi ngoThixo. Ngokwenyaniso, ‘uThixo wabo usisisu sabo.’—Filipi 3:19.
‘Kuthiye Okubi’
10, 11. (a) Ukuze sizuze inkoliseko kaThixo, ziziphi izinto ezimbi esimele siziphephe? (b) Sisiphi isikrweqe esimele sisiqubule, yaye ngoba nza abakhonzi bakaThixo babe ngamakheswa zize zibabambise. Simele sime ngokuqinileyo nxamnye nezo ntshaba, siqinile elukholweni.—1 Petros 5:8, 9.
10 Kule mihla yokugqibela, ubomi babantu abaninzi busekelwe kwisini, sasemtshatweni okanye sangaphandle kuwo. Ibe kuninzi lwabo batshatileyo, uqhawulo-mtshato okanye ukuwuphelisa kuye kwaba yinto eqhelekileyo. Ngenxa yokutyeshela izilumkiso ezicacileyo zabafundi bakaYesu, abaninzi kwiNgqobhoko bazifica kubufanasini. Abathile baba sele ‘bezifumanela umbuyekezo opheleleyo’ ngesifo esiyiAIDS kwanezinye izifo ezidluliswa ngeentlobano zesini. Noko ke, kunokubakho ithemba losindiso nakubantu abanjalo. Khumbula, uYesu wathetha kakuhle ngamahenyukazi awacoca ubomi bawo aza akholwa kuye, ngokwahlukileyo kwiinkokeli zonqulo ezinekratshi nezingaguqukiyo zomhla wakhe.—Roma 1:26, 27; 2 Petros 2:9, 10; Yuda 6, 7; Mateyu 21:31, 32.
11 Nabaphi na abantu bakaYehova abasenokungcoliswa luqheliselo lokuziphatha okubi, okanye abalingelwa ekuzificeni kulo, bamele bavuke baze baqubule isikrweqe esipheleleyo esilungiselelwa nguThixo! (Efese 6:11-18) Le mihla ngokwenyaniso ‘injengokuba yayinjalo imihla kaNowa.’ Loo ‘ngonyama igqumayo,’ uMtyholi, needemon zakhe ezonakaleyo basebenza ubusuku nemini ukwenza abakhonzi bakaThixo babe ngamakheswa zize zibabambise. Simele sime ngokuqinileyo nxamnye nezo ntshaba, siqinile elukholweni.—1 Petros 5:8, 9.
12. Kutheni kubalulekile nje ukulandela isiluleko seNdumiso 97:10?
12 Nakuba oko kukhwankqisa nje, kwanabathile abaye babalasela kwintlangano kaYehova baye banikezela kuqheliselo lokuziphatha okubi, kuquka ubufanasini, ukutshintshana ngabafazi, nokuhlasela abantwana ngokwesini. Kwakhona, kumele kuphawulwe ukuba ebudeni bonyaka odluleyo, abantu abangama-36 638 baye basuswa kubudlelane bebandla lamaKristu, inani elikhulu labo lisuswa ngenxa yokuqhelisela ukuziphatha okubi. Intlangano kaYehova imele ihlale icocekile! (1 Korinte 5:9-13) Eli lixesha lokuba abadala, izicaka zolungiselelo zebandla, ibe eneneni bonke abazalwana noodade bethu baphephe naziphi na iimeko ezinokukhokelela ekuziphatheni okubi. Ngokunyaniseka kwimilinganiselo kaYehova sofumana umvuzo, njengoko INdumiso 97:10 isithi: “Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi. Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe uya kubahlangula esandleni sabangendawo.”
13. Liliphi icebiso eliphilileyo elinikelwa ngumpostile uPawulos noPetros?
13 Ekugqibeleni, “imbandezelo enkulu” iya kukhucula bonke abo “bangamasikizi.” Hayi indlela esimele sikuxhalabele ngayo ukuthiya, ewe, ukucekisa, size siphephe ukonakala kweli hlabathi! Simele ‘siwubaleke umbulo’! (ISityhilelo 21:8; 1 Korinte 6:9, 10, 18) Umpostile uPetros, emva kokulumkisa ngabawexuki abahlwayela ukuthandabuza nangobunyaniso ‘bemini yeNkosi,’ uyasiyala ukuba ‘sibe ngcwele ngehambo nakwizenzo zokuhlonel’ uThixo.’ Wongezelela oku: “Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa. Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.” Olunjani uvuyo ukuthi ngaloo ndlela sizuze ‘umhlaba omtsha,’ apho uThixo aya ‘kwenza zonke izinto zibe ntsha’ aze azicoce!—2 Petros 3:3-7, 10-14; ISityhilelo 21:1, 4, 5.
Phulaphula ‘Imizekelo Engakumbi Yesilumkiso’
14. Kutheni le nto ukucoca koMkhukula kwakukokwexeshana nje?
14 Emva kokuba uMkhukula omkhulu ucoce umhlaba kuko konke ukonakala kobudemon nokwabantu, uYehova wawuphinda umyalelo ngaphambili owawunikelwe kuAdam, ngokuthi kuNowa noonyana bakhe: “Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.” (Genesis 9:1) Ngendlela efuziselayo bakwenza oku, “iintsapho” ezingama-70—nani elo eligqibeleleyo ngokomfuziselo—ngokuthi zidweliswe kwiGenesis isahluko 10. Kodwa uluntu lwalusathwaxwa yimiphumo yesono esazuzw’ ilifa kuAdam. Ibe ngokucacileyo impembelelo yeedemon kwakhona yakhokelela abantu ukuba beyele ekungcoleni okungokwesini.
15. Sifunda ntoni ekugwebeni kukaThixo iSodom?
15 Ekuhambeni kwexesha, ‘umhlobo’ kaYehova uAbraham, nonyana womntakobo Abraham uLote bafudukela kummandla wakwaKanan. ULote wanyula ukufudukela kwiSithili saseYordan, ‘esasinjengomyezo kaYehova.’ Kodwa ngaba sasinokuziphatha okuhle? Kwakungenjalo konke konke! Isixeko saseSodom, apho uLote wahlala khona, kwanendawo engummelwane yaseGomora zazizinikele kubufanasini. Kwakungenakufumaneka namalungisa alishumi apho. Ngenxa yesi sizathu, uYehova wezisa kwezi zixeko “ubetho lomlilo ongunaphakade.” Ezo zixeko zonakeleyo azinakuze zibuyiselwe! UYesu wachaza umgwebo kaThixo kwiSodom, kunye noko kwenzekayo ‘ngemihla kaNowa,’ ekubalaseliseni imfuneko yokuba thina sizilinde!—Genesis 13:10; 18:32; Yuda 7; Luka 17:26-30.
16. Nguwuphi umsebenzi weedemon ofuna silulwele nzima ukholo?
16 Ungenzi mpazamo! USathana needemon zakhe basahlasela! Nangona yaphoselwa ‘kwisithokothoko sobumnyama’ somfuziselo yaza yathintelwa ekuzambathiseni ngemizimba yenyama, loo mimoya yonakeleyo izimisele ukonakalisa abantu, yaye ingakumbi abakhonzi bakaYehova. (2 Petros 2:4-6) Ngokungathandabuzekiyo iidemon zaphembelela uKanan ukuba aziphathe kakubi ngokubhekisele kuyis’ omkhulu onguNowa. (Genesis 9:22-25) Ngokuqinisekileyo zimele ukuba zaphemba ukonakala okwaba ‘yindlela yelizwe lakwaKanan,’ elathi ekugqibeleni labahlanza abemi balo. (Levitikus 18:3-25) Ngokukwanjalo, iidemon zikhuthaza uqheliselo lwesini esingesosamvelo esihlasela iindawo ezininzi namhlanje. Ekulweleni ukholo, simele sixhathise naziphi na iintlaselo eziziswa zezo demon zonakeleyo ezaphembelela abantu ukuba ‘benze uhenyuzo ngokugqithileyo baza bemka belandela inyama ngokuyisebenzisa ngokungekho mvelweni.’—Yuda 3, 6, 7.
Ukwakha Ukuze Ulondolozwe
17. NjengoNowa nentsapho yakhe, sisenokuzibonakalisa njani singeyonxalenye yehlabathi?
17 Ngenxa yokubaluleka kwamaxesha ethu, sinokuyifumana njani indlela yosindiso? Kaloku, uNowa nentsapho yakhe basinda njani? “Ngokholo uNowa, . . . waligweba ihlabathi.” (Hebhere 11:7) Ngokukwanjalo namhlanje, amaNgqina kaYehova ‘akangoweli’ hlabathi lingendawo. Ngaphezu koko, ukholo lwethu silubonakalise ngokwahlulela ubomi bethu kuYehova nokubhaptizwa emanzini ukuze sibe ngabafundi bakaYesu Kristu.—Yohane 17:14, 16; Mateyu 28:19.
18. Yintoni efuziselwa kukwakhiwa komkhombe?
18 Ngokungakumbi, sinesabelo kumsebenzi kaYehova walo mhla, umsebenzi wokwakha ngokomoya noyalelwa nguNowa Omkhulu, uYesu Kristu. Njengendawo yokunqabiseka nokusinda, umkhombe umela iparadisi yokomoya ebisakhiwa nguYehova phakathi kwabanquli bakhe ukususela ngowe-1919. Le yimeko yolwalamano oluseluxolweni nolubuyiselweyo noThixo. Ililungiselelo Lakhe lokusindiswa kwentsapho yokomfuziselo kaNowa Omkhulu ukutyhubela “imbandezelo enkulu.”—Mateyu 24:21; 1 Korinte 3:9, 11; 2 Korinte 12:3, 4; ISityhilelo 7:13, 14.
19. UNowa, amalungu entsapho yakhe, nomsebenzi wabo bafuzisela ntoni?
19 “UNowa yena wababalwa nguYehova.” Hayi indlela amfanekisela kakuhle ngayo uYesu Kristu, owahamba ngokuthobekileyo noThixo apha emhlabeni, engenzi nanye into ngokuzithandela! (Genesis 6:8; Mateyu 17:1, 5; Yohane 8:28) Bobabini babengabashumayeli bobulungisa—umzekelo omhle kuwo onke amaNgqina kaYehova. Ibe sinokuqiniseka ukuba umkaNowa, wafanekisela intsalela esele emhlabeni namhlanje, wayengumzekelo wokuzithoba. (2 Petros 2:5; Luka 4:14-19; Efese 5:21-24) Xa siqwalasela indlela owawumkhulu ngayo umsebenzi wokwakha umkhombe wokusindisa, sinokuthelekelela indlela amele ukuba wavuya ngayo uNowa owalupheleyo ekubeni nabancedani abangoonyana bakhe abathathu abanamandla nabafazi babo! Ngokuchanileyo aba bafanekisela “isihlwele esikhulu” sanamhla esithwala umsebenzi omkhulu wokwakha ngokomoya ebudeni bemihla yokugqibela yoMkhukula wokomfuziselo.—ISityhilelo 7:9, 15.
20, 21. (a) Ngawaphi amathemba aqaqambileyo alindelwe kumhlaba ocociweyo ngabanquli bakaYehova? (b) Luluphi uvuyo olunanditshwa kwanangoku?
20 Xa lo mhlaba ucociwe, ulungele ukuhlaziyelwa ekubeni yiparadisi yokoqobo, abo bafanekiselwa ngoonyana noomolokazana bakaNowa kangangethuba elithile kusenokwenzeka ukuba bazale abantwana ebulungiseni. Ngoko ummangaliso wovuko uya kuphelelisa ukuzaliswa komhlaba ngabantu. Bonke abalamkelayo ilungelo lokuba ‘zezinye izimvu’ zikaYesu baya kubuyiselwa kwimfezeko, yaye bakuba bephumelele kuvavanyo lokugqibela emva kokuba uKristu ebuyisele uBukumkani kuYise, aba bovakaliswa bengamalungisa azuza ubomi obungunaphakade.—Yohane 5:28, 29; 10:16; 1 Korinte 15:24-26; INdumiso 37:29; ISityhilelo 20:7, 8.
21 Olunjani uvuyo olungaphambi kwabanquli bakaYehova abathembekileyo! Kodwa uvuyo olukhulu lumele lufunyanwe kwanangoku ngokuba nesabelo ngentliziyo epheleleyo ekwakheni umkhombe wanamhla wokusinda. Uqhubeka njani lo msebenzi? Isifundo sethu esilandelayo siza kunikela impendulo.
UBUNGAPHENDULA NJANI?
◻ Iziganeko zangaphambi koMkhukula zimele zisilumkise kwangaphambili njani?
◻ Ziziphi izifundo esimele sizifumane kuMateyu 24:37-39?
◻ Kungani kubalulekile nje ‘ukuthiya okubi’?
◻ Sisenokuba nesabelo njani ekwakheni umkhombe wokomfuziselo?
[Ibhokisi ekwiphepha 11]
‘NJEGOMHLA KANOWA’—
“Kuphela ngama-40 ekhulwini abafundisi-ntsapho bezonqulo bakwanokholeji . . . abakholelwa ukuba kukuziphatha okubi ngendoda nomfazi abangatshatanga ukuba neentlobano zesini.”—Saturday Oklahoman & Times, Disemba 29, 1984
[Ibhokisi ekwiphepha 12]
Ngaba Imigaqo YeBhayibhile Ibalulekile?
Umfundisi wase-Episcopal waphulaphula inkonzo yomngcwabo eyayiqhutywa ngomnye wamaNgqina kaYehova. Emva koku, ngokumenywa ngulo mfundisi, abalungiseleli ababini beWatch Tower Society baya kwingxoxo eyayinabafundisi abaliqela eBrooklyn Heights, kwisiXeko saseNew York.
Kwavela imbambano yobufanasini AmaNgqina akwenza kwacaca ukuba iBhayibhile iyakwalela oku ibe amaNgqina ayabasusa kubudlelane abantu abaqhelisela naluphi na uhlobo lokuziphatha okubi. (Roma 1:24-27; 1 Korinte 6:9, 10; Yuda 7) La maNgqina abuza aba befundisi ngesimo sengqondo sabo ngalo mcimbi aza afumana impendulo elandelayo:
Umlungiseleli wecawa iCongregation wathi: “Ndiyacinga ukuba sinawo umthetho wokusika kwindawo ethile kwimithetho elawula icawa yethu, kodwa mna ngokwam, andikhumbuli nakancinane xa sathi sawusebenzisa loo mthetho!”
Umfundisi wase-Episcopal wathi: “Ukuba besinokuwusebenzisa lo mthetho, besingenakuba namarhamente [aseleyo].”
Ilungu lamaKatolika lathi: “Ukuba besinokuwusebenzisa lo mthetho, besingenakuba nabefundisl [abaseleyo].”
Nangona amagqabaza aba befundisi esenokuyibaxa imicimbl, amaNgqina kaYehova ayasivuyela isimo sengqondo sawo esiqinileyo ekugcineni ibandla licocekile. Akangowehlabathi.’—Yohane 15:19.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
‘NJEGOMHLA KANOWA’—
“Isikolo sikawonke wonke sesiXeko saseNew York sabafundi bamabanga aphezulu nangamafanasini siye savulwa eManhattan.” Umfundisi-ntsapho waso uthe: “Besifuna indawo apho abantwana abangamafanasini bebengayi kucinezelwa ngabantwana abakwishumi elivisayo abangakhulanga.”—The New York Times, Juni 6, 1985
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
‘NJEGOMHLA KANOWA’—
“Amalungu eCawa yaseRiverside izolo amkele umthetho okholana namafanasini owamkela ulwalamano lwamafanasini njengenxalenye yengcamango yobomi bentsapho yamaKristu.”—New York Post, Juni 3, 1985