“Iimbalasane ZeBhayibhile” Ziza Kubangela Ukuqonda Okuthe Chatha
XA AMAYUDA athi abuya evela ekuthinjweni eBhabhiloni ebudeni benkulungwane yesithandathu Ngaphambi kweXesha lethu Eliqhelekileyo, amadoda aneembopheleleko awayephakathi kwawo ‘ahlanganisana eza kuEzra umbhali ukuwaqiqa amazwi omyalelo.’ Waba yintoni umphumo wokuqonda kwawo ngendlela eyandisiweyo? Kaloku, abantu baqhuba isibhadlalala soMsitho Weminquba “kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene”!—Nehemiya 8:13-18.
Njengoko loo mzekelo ubonisa kakuhle, ukuziqonda iZibhalo kunokuba nomphumo omhle kakhulu kubantu bakaThixo. Ngokuvisisana noko, kwinkupho kaJanuwari 15, ekaFebruwari 15 nekaMatshi 15, 1986, IMboniselo iya kuba nenqaku eliyimbalasane elithi “Iimbalasane ZeBhayibhile.” La manqaku aya kwenza abafundi bethu bayiqonde ngokunzulu incwadi yeBhayibhile kaEzra, ekaNehemiya nekaEstere.
Ezi zifundo ziya kusinceda ukuba sihlaziye iziganeko ezibangel’ imincili ezinxulumene nokubuyiselwa konqulo lokwenyaniso eYerusalem, ukwakhiwa kwetempile kaYehova apho, nokulondolozwa kwabantu bakaThixo ekujamelaneni nokuhlasela kotshaba. Eneneni, ngokufunda ezi ncwadi njengoko kucetyisiwe ‘Kwiimbalasane ZeBhayibhile,’ amaNgqina kaYehova nezinxulumani zawo aya kuba nako ukuzuza ingenelo enkulu ekugutyungelweni kwalo mbandela ukwamnye weZibhalo kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo seeveki ngeeveki. Ukongezelela, abazalwana ababelwe ukunikela “Iimbalasane Ekufundweni KweBhayibhile” kucwangciso lwesikolo banokusebenzisa “Iimbalasane ZeBhayibhile” ngendlela eyingenelo gqitha ekuphenduleni imibuzo engeZibhalo yaye besalatha koko sikufundayo.—Roma 15:4.
[Itshati ekwiphepha 7]
Ookumkani BamaPersi Abakhankanywe KuEzra, KuNehemiya NakuEstere
Ulawulo (B.C.E.) Igama Lembali Igama LeBhayibhile Isalathiso SeZibhalo
Malunga 650-529 UKoreshi Omkhulu UKoreshi Ezra 1:1; 4:5
529-522 UCambyses II UAhaswerosi Ezra 4:6
522 (8-iinyanga) UGaumata (Smerdis) UArtashashta Ezra 4:7-23
521-486 UDariyo I UDariyo Ezra 4:5, 24; 6:1-15
486-474 UShashta I UAhaswerosi Incwadi kaEstere
474-423 UArtashashta I (Longimanus) UArtashashta Ezra 6:14; 7:1-26; Nehemiya 2:1-18