IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 1/15 iphe. 10-14
  • “Zamani Ngamandla”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Zamani Ngamandla”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umele ‘Ulwe’ Ngoku
  • Isizathu Sokuba Singene “Ngesango Elimxinwa”
  • Amazwi KaYesu Anayiphi Intsingiselo Kuwe?
  • Ngaba Unokuzibhokoxa Ukuze Ukwazi Ukuba Nguvulindlela?
  • Ngaba Wenza Kangangoko Unako?
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Inkonzo Yobuvulindlela—Ngaba Ikulungele?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Kufunwa—Oovulindlela Abangabancedani Abali-10 000
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • OovulindlelaBazisa Iintsikelelo Yaye Nabo Bayazifumana
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 1/15 iphe. 10-14

“Zamani Ngamandla”

“Zamani [ngamandla, NW] ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe.”—LUKA 13:24.

1. Inkoliso yabantu inqwenela ntoni?

BUZA uRobbie ominyaka mithandathu ubudala ukuba kutheni ekuthanda nje ukuya kwiHolo yoBukumkani, yaye uya kukuphendula athi: “Ndifunda ngoYehova nangeParadisi apho ndinokuhlala ixesha elide nezilwanyana ezilungileyo.” Umza wakhe ominyaka mithathu ubudala, uDustin, uqhelene kunene nekhondo labazali bakhe kangangokuba wazi kakuhle ukuba unokudanduluka nini na esithi: “Ndifuna ukuya kwiHolo yoBukumkani!” Oko akutshoyo uRobbie, noko afunda ukukutsho uDustin, bekunokuba kokomdla kubantu abaninzi—ubomi, ubomi obungunaphakade. Abantu bafuna “ukusinda.” Kodwa njani? Ngaba kungokuya nje kwiinkonzo zonqulo?

2. (a) Kutheni singenakulubanga nje usindiso? (b) Amazwi kaYesu akuLuka 13:24 akubonakalisa njani ukuba yintoni efunekayo ukwenzela usindiso?

2 Usindiso alunakufunyanwa ngokuya kwiintlanganiso okanye ngayo nayiphi na enye indlela. Luyinto yesisa, isipho esivela kuThixo. Kanti, uYehova uThixo uyafuna ukuba thina senze imigudu ukuba sifuna ukufumana isipho sakhe sobomi obungunaphakade. (Roma 6:23) Yiphi imigudu? Phakathi kweminye, kukuzama ngamandla enkonzweni yakhe! Ezi zenzo zimele zishukunyiswe luxabiso lokwenene. UNyana kaThixo, uYesu Kristu wakhe wabuzwa oku yenye indoda: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?” Impendulo kaYesu yabhekisela kungekuphela nje kowayebuza kodwa kwanakubo bonke abanomdla kusindiso, kuquka nathi. Waphendula wathi: “Zamani [ngamandla, NW] ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohiwe.”—Luka 13:23, 24.

3. (a) Kutheni le nto wawungaqhelekanga nje umbuzo wale ndoda? (b) UYesu usibandakanya njani kwimpendulo yakhe?

3 Umbuzo wale ndoda lingaxelwanga igama layo wawungaqhelekanga. Yabuza yathi: “Bambalwa na abo basindiswayo?” Kungekhona ukuthi, “Ngaba mna ndoba phakathi kwabambalwa abaya kusindiswa?” Okanye, “mna ndinokusindiswa njani?” Mhlawumbi yintanda-bulumko yamaYuda yokuba ngabantu abalinani eliqingqiweyo kuphela ababefanelekela usindiso eyaxhokonxa lo mbuzo wakhe wokuphanda.a Enoba wawuyintoni na umthombo wokufun’ ukwazi kwayo, uYesu wakhawuleza wawususa lo mbuzo kwimeko yengqikelelo engaqondakaliyo ukusa kwimeko yokuba usebenziseke—usebenze kumntu siqu. Wanyanzela owayebuza ukuba acinge ngoko kwakufuneka ekwenzile ukuze asinde. Kodwa ngaphezu koko, ekubeni amazwi kaYesu athi “zamani ngamandla,” ekwisininzi, akwamele asishukumisele ukuba sicinge nzulu ngendlela yokunqula kwethu.

4. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sizuze ubomi obungunaphakade?

4 Ngoko ke, ubomi obungunaphakade ukubufumana akulula njengokuba abantu abathile besenokucinga. UYesu ugxininisa umsebenzi onzima, umgudu ozingisileyo, njengendlela ‘yokungena ngesango elimxinwa.’ Oku kuzama kungaxengaxengiyo kufumana amandla kukholo oluhlala luhleli, olo lwakhelwe ekuthobeleni imfundiso kaKristu. Ngoko ukuze sifumane usindiso, kufuneka senze okungakumbi ‘kunokuphulaphula amazwi akhe’; simele sizingise ‘ekuwenzeni.’—Luka 6:46-49; Yakobi 1:22-25.

Umele ‘Ulwe’ Ngoku

5. (a) Athetha ukuthini amazwi kaYesu athi, “Zamani ngamandla”? (b) Loo mazwi ayongeza njani intsingiselo kwimbono yakho yenkonzo engcwele?

5 Ibinzana elithi “zamani ngamandla” lithetha ntoni? KwisiGrike santlandlolo, eli gama lithi a·go·niʹze·sthe, ibe livela kwigama (a·gonʹ) elithetha “indawo yokusukuzana.” “Yilwani,” leyo yindlela iThe Kingdom Interlinear Translation ekuchaza ngayo oku. Okubangel’ umdla kukuba, kwesi senzi sinye sesiGrike sifumana igama lesiNgesi elithi “agonize, [umzabalazo].” Ngoko yiba nombono webala lemidlalo lamandulo uze ke ube nomfanekiso-ngqondweni wembaleki iziqoba okanye izibhokoxa ngawo onke amandla ayo, ukuze izuze umvuzo. Ngaloo ndlela, nangona isenzi sesiGrike esibandakanyekileyo apha sisenokuba ligama elisetyenziswa kukhuphiswano kwimidlalo yamaGrike, ligxininisa isiluleko sikaYesu sokuthabatha inyathelo ngomphefumlo uphela. Umgudu wokungalahleli yonke intliziyo yakho kuko awusayi kuphumelela.—Luka 10:27; thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 9:26, 27.

6. Kutheni simele sizibhokoxe ngamandla ngoku?

6 Sifanele ‘silwele ukungena ngesango elimxinwa’ nini yaye ixesha elingakanani? (Luka 13:24, The New English Bible) Phonononga amazwi kaYesu akuLuka 13:24 uze uphawule indlela enza ngayo umahluko phakathi kwamazwi exesha langoku, “zamani ukungena,” nalawo exesha elizayo athi, “baya kufuna.” Ngaloo ndlela, kanye ngoku lixesha lokulwa. Ngokucacileyo, abo balelweyo ukuba bangene bafuna ukwenjenjalo kuphela ngexesha elibafanelekeleyo. Kodwa ngoko baya kube beshiywe lixesha; ucango lokubanika ithuba lobe livaliwe yaye litshixiwe. UYesu uqhubeka esithi kuLuka 13:25 ukuba umninimzi uthe walutshixa ucango, abantu baya kuqalisa ukunkqonkqoza bezibika besithi: “Nkosi, sivulele: uya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona.” Onjani ukuba lusizi umphumo olindele abo unqulo lukaYehova bangalwenzi injongo yabo ephambili ebomini ngoku!—Mateyu 6:33.

7. AmaFilipi 3:12-14 akuchaza njani ukuzibhokoxa okuzingisileyo, yaye kutheni oko kuyimfuneko nje?

7 Umlo wethu uyinto eqhubekayo. Akukho namnye wethu oye wangena ngokupheleleyo “ngesango elimxinwa.” UPawulos wakuqonda oku. Ugqatso lwakhe lobomi lwalungumgudu onzima wemihla ngemihla. Wabhala wathi: “Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakuganga na nokukuganga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu. Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigangile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” (Akekeliswe sithi.)—Filipi 3:12-14.

8. (a) Yintoni evalela “abaninzi” ekufumaneni ubomi obungunaphakade? (b) Oku kuhlokomisa siphi isilumkiso kuthi?

8 Ngoobani aba “baninzi,” yaye kutheni bengakwazi nje ukungena? Aba “baninzi” bafaniswa neNgqobhoko, ingakumbi udidi lwayo lwabefundisi. Yenza uhanahaniso lokumazi ngokusondeleyo uYesu, izenza inxalenye yentsapho yakhe, ngokubanga ukuba iye ‘yadla yaze yasela kunye naye.’ Kodwa ngenxa yokuba ifuna ukusinda ngokwendlela yayo, engeyiyo ekaThixo, uYesu ukhanyela ngokupheleleyo ukuba uyayazi yaye uyijonga ‘njengomenzi wokungendawo.’ (Luka 13:26, 27) Abantu ngabanye abavalelweyo ukuba bangene kubomi obungunaphakade bebengade baquke nabo baye bayekelela enkonzweni yabo engcwele kuYehova nabo ngoku bakwimeko yokuluthabatha lula unqulo lokwenyaniso. Ukuzondelela kwabo izilangazelelo zoBukumkani kuye kwaphola. (ISityhilelo 3:15, 16) Kuyinyaniso ukuba, basenokuba ‘basenokumila kokuhlonela uThixo’—ngokwenza nje inkonzo yasentsimini nangokuya kwiintlanganiso—kodwa bengenabo ubungqina bohlobo lokholo olungamandla okwenene ashukumisela kunqulo olunyulu. (Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 3:5.) Bayasilela ukuqonda ukuba ukufuna nje ukungena “ngesango elimxinwa” akwanele. Ubani kufuneka elivile ukuze angene.

Isizathu Sokuba Singene “Ngesango Elimxinwa”

9. Kutheni le nto ukungena ngesango elimxinwa kufuna ukuzibhokoxa ngamandla?

9 Isango elimxinwa elisa kusindiso lihleli libavulekele bonke. Kodwa “abaninzi” abathandi ukulwela ukungena. Ziziphi ezinye zezinto zokungena kwisango elimxinwa ezifuna ukuba kuzanywe ngamandla? Kuqala umntu umele afumane ulwazi oluchanileyo ngenyaniso yeBhayibhile, aze amazi uYehova uThixo noYesu Kristu. (Yohane 17:3) Oku kuthetha ukuphosela ecaleni izithethe nezinto eziqheliselwa ziicawa zehlabathi, kuquka nezo zeNgqobhoko. Oko kufuna ukuba kwenziwe ukuthanda kukaThixo, njengokuba uYesu wakwenzayo ngoxa wayelapha emhlabeni. (1 Petros 2:21) NjengomKristu ozahluleleyo wabhaptizwa, ubani ufanele akuphephe ukuthanda izinto eziphathekayo, ukuziphatha okuphantsi, nokungcola kwehlabathi. (1 Yohane 2:15-17; Efese 5:3-5) Ezi zinto kufuneka ziyekiwe zize zithatyathelw’ indawo ziimpawu zobuKristu.—Kolose 3:9, 10, 12.

10. Ukuzeyisa kudibene ngantoni nokuzuza kwethu ubomi obungunaphakade?

10 “Bambalwa” abakwaziyo ukuxabiseka kwenzondelelo enkonzweni, ehambisana nokubonakalisa isiqhamo somoya, esiquka ukuzeyisa. (Galati 5:23) Ngoncedo lomoya oyingcwele kaYehova, balwela ukuwulawula umzimba wabo baze bawusingise kusukelo lobomi obungunaphakade.—1 Korinte 9:24-27.

Amazwi KaYesu Anayiphi Intsingiselo Kuwe?

11. (a) Ziziphi iinkalo zobomi abathile ekusenokufuneka bezame ngamandla kuzo, yaye ngoba? (b) Nguwuphi umsebenzi abanokuzibhokoxa kuwo xa bebonke?

11 Enoba sisandul’ ukubhaptizwa okanye besikhuthele entlanganweni kaYehova kangangamashumi eminyaka, akunakubakho kuhlehla kwimigudu yethu yokumkholisa. Njengokuba amazwi kaYesu ebonisa ngokucacileyo, simele sibe ngabamphefumlo uphela ekuzinikeleni kwethu kuYehova, sikulungele ukungena ngesango elimxinwa nokuba sekunjani na. Nangona uYesu wayengaxubushi nje ngokuphucula nangokwandisa inkonzo yethu kuThixo, kwabanye bethu, ukuzama ngamandla kuyafuneka ukuze siphucule ihambo yethu okanye siphelise imikhwa emibi ukuze “kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso.” (2 Korinte 6:1-4) Abanye bethu kufuneka benikele ingqalelo ezingisileyo kucwangciso olucokisekileyo lofundisiso lobuqu ukuze ‘uthando lwethu kube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda.’ (Filipi 1:9-11) Nabanye abanjalo kufuneka benze umgudu omkhulu ngakumbi wokuba baye baze babe nenxaxheba ngokuthe rhoqo kwiintlanganiso zebandla, kuquka iSifundo Sencwadi Sebandla. (Hebhere 10:23-25) Kodwa sonke singakhangela kubulungiseleli basentsimini bethu ukubona ukuba sizibhokoxa ngokwenene na ekwenzeni “umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo.”—2 Timoti 4:5.

12. Ukuvavanya umkhamo wokuzibhokoxa kwethu ngokomoya, yiyiphi imibuzo esingayibuza?

12 Kwinani labantu elandayo, inkqubela ekuzibhokoxeni ukuze likholise uYehova iye yalenza lafanelekela ubuvulindlela bexeshana, ubuvulindlela obuthe ngxi, okanye inkonzo yaseBheteli. Kodwa kuthekani ngawe? Ukuba ungumvakalisi woBukumkani, ngaba unokubandakanyeka kwinkonzo yobuvulindlela babancedani amaxesha aliqela ngonyaka okanye ude ube nguvulindlela othe ngxi? Ukuba sele unguye uvulindlela ongumncedani, ngaba unosukelo lwenkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi? Ukuba akunjalo, kutheni ungacingi ngokwenjenjalo? Ngale ndlela ubungasikelelwa ekuhlakuleleni ubuhlobo obuya busondela ngakumbi kuYehova uThixo noYesu Kristu.—INdumiso 25:14.

Ngaba Unokuzibhokoxa Ukuze Ukwazi Ukuba Nguvulindlela?

13. (a) Ukuba ufuna ukuba nguvulindlela, ziziphi izinto ezimbini ezibalulekileyo? (b) Ukuze ubani abe nguvulindlela, kukuziphi iinkalo zobomi ekungafuneka kwenziwe uhlengahlengiso?

13 Ukuba ubunokuba nguvulindlela othe ngxi kodwa akunguye, ngaba ‘unokulwela’ ukwenza uhlengahlengiso ebomini bakho ukuze ube nguvulindlela? Kukho nto zimbini zibalulekileyo. Okokuqala, umele ube nomnqweno. Okwesibini, umele ube kwiimeko ezilungileyo. Ukuba akunawo umnqweno, wuthandazele. Thetha noovulindlela. Wandise umsebenzi wakho wangoku njengomvakalisi webandla. Yiba nenxaxheba kwinkonzo yobuvulindlela bobuncedani nanini na kunokwenzeka. Ukuba iimeko zakho aziyivumeli inkonzo enjalo ngoku, bona ukuba unokulwenza na uhlengahlengiso. Kumfazi osebenzayo kusenokungabi yinto enyanzelekileyo ukuba asebenze. Umntu odluleyo kwiminyaka yokudla umhlala-phantsi kusenokungabi yinto enyanzelekileyo ukuba aqhubeke esebenza. Indlela exhomileyo yokuphila, iiholide ezidla imali, iinqwelo-mafutha zala maxesha, nokufanayo, asinto zibalulekileyo ebomini.—Luka 12:15; 1 Yohane 2:15-17.

14. (a) Kwakutheni ukuze isibini esithile esitshatileyo singaneliseki kukuhlala singabavakalisi bebandla? (b) Luluphi usukelo esiye salubeka phambi kwabantwana baso?

14 Omnye utata onoonyana abathathu, ababini babo abangekafiki eshumini leminyaka, waqalisa ukuba nguvulindlela iminyaka emithandathu eyadlulayo. Kwakutheni? Ucacisa esithi: “Ndandifuna ukwenza okungakumbi, ukuba ndandinokuba nguvulindlela othe ngxi yaye ndingenguye, ndandingebi ndiphila ngokozahlulelo lwam.” Nenkosikazi yakhe yaqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi. Kwakutheni? Ithi “ndandinguvulindlela ongumncedani ngokuthe rhoqo kangangeminyaka emine yaye ekugqibeleni ndaqonda ukuba kuye kwaba lula. Ndandifuna ukuba nesabelo esizeleyo kulo msebenzi ungasayi kubuye uphindwe nokumisela umzekelo ofanelekileyo koonyana bethu.” Le ndoda nenkosikazi yayo inyaniso bayifunda emva koqeqesho lwaseyunivesithi. “Abazali bethu babefuna ukuba siye kwanokholeji iminyaka emine,” utsho njalo lo tata. Ngoko, luluphi usukelo abalubekele oonyana babo? “Amakhwenkwe am ndiwenza ayazi into yokuba besingathanda ukuba abe ngoovulindlela aze achithe ubuncinane iminyaka emine eBheteli.”

15. (a) Kungenxa yaziphi izizathu abathile abaye bazibhokoxela ukukhonza njengoovulindlela abathe ngxi? (b) bungathanda ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo ngenxa yasiphi isizathu?

15 Ezi zilandelayo zizizathu eziye zabangela abanye babe nesigqibo sokuba ngoovulindlela abathe ngxi:

“Ndandingahambeli phambili ngokomoya, nto leyo yayindikhathaza.” (Robert H.)

“Andizange ndaneliswe kukuba ngumvakalisi othe rhoqo.” (Rhea H.)

“Ubuvulindlela bubunika ulwalathiso nenjongo ubomi bam.” (Hans K.)

“Ndandifuna ukumkhonza ngokupheleleyo uYehova, ibe ubuvulindlela babuyindlela yokwenza kwam kanye oko.” (Charanjit K.)

“Ndandinokuzisola ukuba ndandinokuthi ndingawasebenzisi amandla, nobutsha bam ekubeni nesabelo kulo msebenzi mkhulu.” (Gregory T.)

“UYehova usikelela umgudu kuphela. Ndandifuna ukumnika into anokuyisikelela.” (Graceann T.)

“Ubuvulindlela bundinceda ukuba ndivakalise indlela endivakalelwa ngayo ngoYehova.” (Marco P.)

“Ukwenza umsebenzi wempangelo ixesha elizeleyo akuzange kundizisele ulonwabo endandilubona phakathi koovulindlela.” (Nancy P.)

Ziziphi izizathu obungazongeza kolu ludwe?

Ngaba Wenza Kangangoko Unako?

16. Ngaba oovulindlela ngabakuphela kwabo bazibhokoxa ngamandla? Cacisa.

16 Iqela lamaNgqina kaYehova liye imeko yalo yobuqu layiphonononga ngokunyanisekileyo nangomthandazo yaye liye lafumanisa ukuba lenza konke elinako phantsi kweemeko ezikhoyo. Mhlawumbi ungomnye walo. Ukuba kunjalo, nyamezela. UYehova noNyana wakhe bakukhathalele yaye bayixabisa ngokwenyaniso inkonzo yakho yomphefumlo uphela. (Thelekisa uLuka 21:1-4.) Ngokomzekelo, ngenxa yeemeko ezingentle zobupolitika okanye zoqoqosho, kumazwe athile abazalwana bethu kufuneka besebenze iiyure ezisithoba ngosuku, iintsuku ezintlanu okanye ezintandathu ngeveki, ukuze nje bafumane iimfuneko zobomi. Kwilizwe apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova uphantsi kokuvalwa okungqongqo ngurhulumente, abo bangoovulindlela—yaye la mazwe anenani elandayo loovulindlela—ngokuqhelekileyo ngabo badla umhlala-phantsi, abaselula abasebenza ebusuku, noomama (abanabantwana) abaye bavunyelwa nguRhulumente ukuba bangaphangeli.

17. Imeko kaEpafrodito ibonisa njani ukuba uYehova umkhamo wethu wokuzibhokoxa akawulinganisi kuphela ngokwesixa somsebenzi esiwenzayo enkonzweni yakhe?

17 Kanti usenokuthi, ‘Akwaba bendinamandla ngakumbi ngokomzimba. Ukuba nje bendisemncinane kwakhona!’ Kodwa musa ukutyhafa. Ukuzibhokoxa kwethu akulinganiswa ngokungqongqo ngomkhamo womsebenzi esiwenzayo kwinkonzo engcwele kaThixo. Uyamkhumbula na uEpafrodito? Xa wayegula, umkhamo womsebenzi awayewenza ngamandla kangangoko kwakunokwenzeka ‘kumsebenzi kaKristu’ wawungenakuthelekiswa nalowo wawenzayo xa wayephilile. Kanti uPawulos wamncoma ngenxa yokuzibhokoxa kwakhe. Enyanisweni, njengoko wabonisayo uPawulos sifanele ‘siwabeke amadoda nabafazi abanjalo.’—Filipi 2:25-30.

18. (a) Abo bakwiimeko ezisikelw’ umda bangayixhasa njani inkonzo yexesha elizeleyo ebandleni? (b) Yintoni onokuyenza wena ukukhuthaza umoya wobuvulindlela ebandleni lakho?

18 Noko ke, kukho into onokuyenza ukukhuthaza inkonzo yexesha elizeleyo ebandleni. Yintoni? Zibhokoxe ngamandla ekubonakaliseni umoya wobuvulindlela. Ngokomzekelo, ukuba ngoku akunakuba nguvulindlela ngenxa yeembopheleleko zentsapho, ngaba unokubenza bakhululeke abanye entsatsheni yakowenu—umfazi wakho, abantwana, umntakwenu, okanye udade wenu—ukuba babe ngoovulindlela? Abo basenokuba nempilo enkenenkene okanye abaneziphene ngenye indlela banokuba nomdla wokwenene kwabo bakwaziyo ukuba ngoovulindlela, besiya entsimini kunye nabo njengoko iimeko zivuma. (Thelekisa eyoku1 yabaseKorinte .) Ngale ndlela bonke abasebandleni banokuzibhokoxa ekugxininiseni inkonzo yexesha elizeleyo. Imiphumo inokuba yekhuthazayo kubo bonke!

19. Sifanele sibe yintoni isigqibo sethu?

19 Kuthetha ntoni kuwe ukuzama ngamandla? Ngaba kuthetha ukuqhubela phambili kubhaptizo? Ngaba kuthetha ukoyisa imikhwa ethile emibi? Ngaba kuthetha ukomeleza ngandlel’ ithile ulwalamano lwakho noYehova? Ngaba oko bekungathetha ukuba nguvulindlela ongumncedani? Ngaba bekungathetha ukuba ube nguvulindlela othe ngxi? Ngaba bekungathetha ukuba ube kwinkonzo yaseBheteli? Enoba kufuna ukuba wenze ntoni na ukuze ukwazi ukwenza inkqubela ngokomoya, oko kuwufanele umgudu onamandla ngoku, Ngoko ke, sonke masiwugcine lo mlo ukuze singene ngesango elimxinwa elisa ekuphileni ngonaphakade!

[Umbhalo osemazantsi]

a Inani labo basindiswayo laba yingxaki yezakwalizwi ekwakuxoxwa shushu ngayo ngooRabhi. Enye incwadi yeembekiselo ZeBhayibhile ithi: “Phakathi kweengcamango ezingaqondakaliyo nezingaqhelekanga zooRabhi, enye yayililinge lokuqingqa inani labo basindiswayo ngokwentsingiselo yenani leencwadi zombhalo othile okanye omnye.”

Iingongoma Ezifanele Ziphawulwe

◻ UYesu wayethetha ukuthini xa waluleka wathi, “Zamani ngamandla”?

◻ Amazwi kaYesu asebenza nini yaye njani kuwe?

◻ Kutheni le nto “abaninzi” bengakwazi nje ukungena ngesango elimxinwa?

◻ Abo bakwiimeko ezisikelw’ umda banokuzibhokoxa njani?

◻ Kufuneka silwe ixesha elingakanani ukuze singene ngesango elimxinwa?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share