IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 1/15 iphe. 24-25
  • AmaSamariya Amaninzi Ayakholwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • AmaSamariya Amaninzi Ayakholwa
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufundisa UmSamariyakazi
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Ufundisa Umfazi WomSamariya
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Umfazi Equleni
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 1/15 iphe. 24-25

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

AmaSamariya Amaninzi Ayakholwa

EKUBUYENI kwabo bevela eSikare bephethe ukudla, abafundi bamfumana uYesu engasequleni likaYakobi apho bebemshiye khona. Kodwa ngoku uthetha nomSamariyakazi. Xa abafundi befika uyemka, eshiya umphanda wakhe, aze asinge esixekweni.

Enomdla gqitha kwizinto azixelelwe nguYesu, uxelela abantu besixeko oku: “Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza.” Ngoko, ngendlela yokuze avuse umdla, uyababuza esithi: “Lo akangebi nguye uKristu yini na?” Umbuzo uyayiphumeza injongo yawo—abantu bayahamba ukuya kuzibonela.

Kweso sithuba, abafundi babongoza uYesu ukuba atye ukutya ababeze nako bekufumene esixekweni. Kodwa ubaphendula esithi: “Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.”

Abafundi bayabuzana besithi: “Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?” UYesu uyabacacisela esithi: “Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe. Anitsho na nina ukuthi iinyanga zisene kuze kufike ukuvuna?” Kodwa esalatha kukuvuna kokomoya, uYesu uthi: “Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade.”

Mhlawumbi uYesu wayesele ewubona umphumo omhle wokunikela ubungqina komSamariyakazi—ukuba abaninzi babekholelwa kuye ngenxa yobungqina bomSamariyakazi. Xa abantu baseSikare besiza kuye equleni, bayamcela ukuba ahlale ukuze abaxelele okungakumbi. UYesu uyasamkela esi simemo aze ahlale iintsuku ezimbini.

Njengoko amaSamariya ephulaphula uYesu, amaninzi ngakumbi ayakholwa. Ngoko athi kulo mfazi: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo nguye uMsindisi wehlabathi, uKristu.” Ngokuqinisekileyo umSamariyakazi usinika umzekelo omhle wendlela esinokunikela ngayo ubungqina ngoKristu ngokuvusa umdla ukuze abaphulaphuli bafune ukuphengulula ngakumbi!

Khumbula ukuba ziinyanga zine phambi kokuba kuvunwe—ngokucacileyo ukuvunwa kwerhasi, kuvuna oko kwenziwa entlakohlaza kwelasePalestina. Ngoko kunokwenzeka ukuba ngoku nguNovemba okanye uDisemba. Oku kuthetha ukuba emva kwePasika yowama-30C.E., uYesu nabafundi bakhe bachitha iinyanga ezisibhozo okanye eziphantse zibe ngako kwaYuda befundisa yaye bebhaptiza. Ngoku bayanduluka besinga kummandla welakubo kwelaseGalili. Yintoni ebalindeleyo apho? Yohane 4:27-42.

◆ Bubuphi ubungqina obanikelwa ngumSamariyakazi yaye ngawuphi umphumo?

◆ Ukutya kukaYesu kunxulumene njani nokuvuna?

◆ Sinokubazi njani ubude bobulungiseleli bukaYesu kwelakwaYuda emva kwePasika yowama-30 C.E.?

[Umfanekiso omkhulu okwiphepha 25]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share