Amarhamncwa ESityhilelo—Kutheni Umele Ufunde Ngawo?
ISITYHILELO! Elo ligama eliphawulekayo elinikwe incwadi yokugqibela yeBhayibhile. Le ncwadi izaliswe yimifanekiso ecacileyo ezotywe ngamagama, ekukho phakathi kwayo ebalaseleyo njengaleyo yenamba namarhamncwa amathathu. Kwabanye la marhamncwa ayoyikeka. Abanye abawananzi besithi ayintelekelelo yexhego. Ngoko, kutheni wena umele ufunde ngamarhamncwa eSityhilelo? Kungenxa yokuba ulonwabo lwakho lubandakanyekile.
Kuyinyaniso ukuba, umpostile uYohane wayesele eyindoda ekhulileyo xa wabhala incwadi yeSityhilelo phantse kwiminyaka eli-1 900 eyadlulayo. Noko ke, ngaba oko kuthetha ukuba amarhamncwa ewachazayo ayeyintelekelelo yengqondo egugileyo? Hayi, ibe uYohane wayengeyondoda ekhulileyo yokuqala ukuba nemibono elolo hlobo. Indoda egama linguDaniyeli nayo yabona imibono yamarhamncwa ekwaluphaleni kwayo, ibe le mibono.yangqineka iziziprofeto ezichanileyo zeenguqulelo kuburhulumente babantu. (Daniyeli, isahluko 7 nesesi-8) Ngokubhekele phaya, uYesu Kristu ngokwakhe wamgqala uDaniyeli njengophefumlelwe nguThixo, embiza ngokuthi ungumprofeti yaye ecaphula kwizibhalo zakhe.—Mateyu 24:15.
UYesu wabonisa ukuba abapostile bakhe babeya kuzuza ulwalathiso lobuthixo olongezelelekileyo emva kokufa kwakhe. (Yohane 16:12, 13) Yaye ekubeni iimbalasane ezininzi zencwadi yeSityhilelo ziye zazaliseka ngendlela ephawulekayo, sinokuqiniseka ukuba imibono yompostile uYohane engamarhamncwa eSityhilelo nayo yayiphefumlelwe nguThixo.—2 Timoti 3:16.
Intshayelelo yale ncwadi yeSityhilelo ithi: “Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo . . . waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane.” (ISityhilelo 1:1) Ngenxa yoko, imifanekiso ekwincwadi yeSityhilelo, kuquka leyo yamarhamncwa, yayiyimiqondiso, asiyiyo eyokoqobo. Akukho mfuneko yokoyika ukufunda ngawo. La marhamncwa okomfuziselo anika amaKristu ulwazi olubalulekileyo, oluwenza akwazi ukulondoloza ulwalamano lwawo noThixo. Ngaloo ndlela, umpostile uYohane wayenokubhala athi: “Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.” Ewe, ukuqonda kwakho le miqondiso kunokukuzisela ulonwabo ngoku nakwikamva.—ISityhilelo 1:3.