IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 2/1 iphe. 4-7
  • Amarhamncwa ESityhilelo—Athetha Ntoni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Amarhamncwa ESityhilelo—Athetha Ntoni?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Inamba Enkulu
  • Irhamncwa Laselwandle
  • Irhamncwa Lasemhlabeni
  • Irhamncwa Elimfusa
  • Ukulwa Namarhamncwa Amabini Awoyikekayo
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Sithini ISityhilelo Ngento Eza Kwenzeka Kwiintshaba ZikaThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Ungaloyiki Irhamncwa Eloyikekayo
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2019
  • UYehova Utyhila “Izinto Ezimele Zenzeke Kamsinya”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 2/1 iphe. 4-7

Amarhamncwa ESityhilelo—Athetha Ntoni?

NGOMGQIBELO, ngoJuni 15, 1985, ilanga lasemva kwemini lalikhanyise ngokuqaqambileyo kwizakhiwo zeZizwe Ezimanyeneyo eNew York. Njengesiqhelo, abatyeleli abangumsinga babeze kubona esi sakhiwo sichukumisayo, yaye abaninzi babengawuvali umlomo ngenxa yazo zonke izinto abazibonayo.

Noko ke, ukuza kuthi ga ngoku, ezi Zizwe Zimanyeneyo zibonakala zikude lee ekumanyaniseni iintlanga. Kunjengokuba umkhenkethisi ongokomthetho wathi ngaloo mva kwemini: “Kuye kwakho iimfazwe ezili-150 ukususela kwiMfazwe Yehlabathi II, kwabulawa abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-20. Akukabikho rhulumente wehlabathi. Mhlawumbi le yeyona nto isondeleyo kuye.” Ngoko, ngaba urhulumente wehlabathi uliphupha elingazalisekiyo? Impendulo inokufunyanwa ngokuhlolisisa amarhamncwa eSityhilelo, enoba uyakukholelwa oku okanye akunjalo.

Bambi abantu abagqabaza ngeBhayibhile ababoni ntsingiselo yasiprofeto kumarhamncwa encwadi yeSityhilelo. Kunoko, bawasebenzisa kwiziganeko ezenzeka ngoxa umpostile uYohane wayesaphila. Ngokomzekelo, iThe Catholic Encyclopedia, ekuxubusheni kwayo amarhamncwa eSityhilelo, ithi: “Kwakulisiko lababhali beencwadi ezifana neSityhilelo . . . ukwandlala imibono yabo ngemo esisiprofeto baze bayenze ibonakale iyimisebenzi yexesha langaphambili.”

Kodwa umpostile uYohane wavakalisa esithi: “Ndaye ndikumoya ngemini eyeyeNkosi.” (ISityhilelo 1:10) Ewe, incwadi yeSityhilelo yalatha, kungekhona kwimbali yexesha elidluleyo, kodwa ‘kwimini’ ezayo yaxa iNkosi uYesu Kristu yayiya kuqalisa ukulawula ezulwini. NgokweSityhilelo isahluko 6, ‘imini yeNkosi’ iphawulwa yimfazwe yehlabathi, ukunqongophala kokutya okunabileyo, nesifo esibulalayo. Iziganeko ezabonwa emhlabeni ebudeni bale nkulungwane yama-20 zibubungqina obeyisayo bokuba besiphila ‘ngemini yeNkosi’ ukususela ngowe-1914.—ISityhilelo 6:1-8.a

Ngaloo nyaka wembali, uYesu Kristu waqalisa ulawulo lwakhe loBukumkani. (ISityhilelo 11:15, 18) Ngoko ke amarhamncwa eSityhilelo amele abalasele emva kwelo xesha. Eneneni, la marhamncwa afanekisela iintshaba zikaThixo ezithintela abantu ukuba bangakhangeli kuBukumkani bukaThixo njengobukuphela kwelungiselelo eliya kwanelisa umnqweno woluntu woxolo. Ezi ntshaba ziquka inamba namarhamncwa amathathu. Masiwahlolisise ngokulandelelana kokubonakala kwawo.

Inamba Enkulu

UYohane wavakalisa esithi: “Nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.” Le namba inkulu ifanekisela ntoni? UYohane ngokwakhe ucacisa ukuba imela uSathana uMtyholi. Ngokombono kaYohane, le namba yakuchasa ngokukrakra ukuzalwa koBukumkani bukaThixo basezulwini ngowe-1914. Waba yintoni umphumo? “Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa kunye nayo.”—ISityhilelo 12:3, 7-9.

UYohane ubonisa ukuba oku kwakuya kuba nemiphumo ebuhlungu kuluntu. “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle; ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” (ISityhilelo 12:12) Nangona evalelwe kummandla wasemhlabeni, uSathana usazimisele ukubuphazamisa uBukumkani bukaThixo obumiselweyo. Ukwenza oku ngokulahlekisa uluntu, esebenzisa amarhamncwa amathathu. Qwalasela ingcaciso kaYohane yelokuqala lala marhamncwa.

Irhamncwa Laselwandle

“Ndabona kunyuka, kuphuma elwandle, irhamncwa, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi . . . laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere, umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla ayo, netrone yayo, negunya elikhulu.”—ISityhilelo 13:1, 2.

Esi silwanyana soyikekayo sifanekisela ntoni? Ngaphantsi kwempefumlelo, uYohane unikela okuthile okubalulekileyo: “Lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga.” (ISityhilelo 13:7) Yintoni enegunya phezu kwakhe wonke umntu ophilayo emhlabeni? Inye kuphela: yinkqubo yazwenibanzi yolawulo eyeyobupolitika. Ngaba ngenene le nkqubo ifumana igunya ‘kwinamba,’ uSathana? IBhayibhile iphendula isithi ewe. Ngokomzekelo, umpostile uYohane wathi: “Ihlabathi liphela lilele kongendawo.” Akumangalisi ukuba uSathana, xa wayehenda uYesu entlango, wampha igunya phezu kwazo “zonke izikumkani zelimiweyo” waza wathi: “[Obu bukhosi] bunikelwe kum.”—1 Yohane 5:19; Luka 4:5, 6.

Noko ke, yintoni efanekiselwa zezo ntloko zisixhenxe? UYohane waboniswa elinye irhamncwa eloyikekayo phantse elalifana ncam neli. Nalo lalineentloko ezisixhenxe. Iintloko zeli lingumfanekiso zachazwa njengezimela “ookumkani,” okanye amagunya ehlabathi, ‘amahlanu awo ayesele ewile, elinye likho, elinye lingekafiki.’ (ISityhilelo 17:9, 10) Mahlanu amagunya ehlabathi awavela kwimbali yeBhayibhile ngaphambi komhla kaYohane: yiYiputa, iAsiriya, iBhabhiloni, amaMedi namaPersi, namaGrike. IRoma, elesithandathu, lalisalawula xa uYohane wayesaphila.

Yayiyintoni intloko yesixhenxe? Ekubeni umbono wawuphathelele ‘imini yeNkosi,’ imele ibhekisele kwigunya lesixhenxe elima kwindawo yegunya leRoma ebudeni bale mihla yokugqibela ukususela kowe-1914. Imbali ityhila ukuba eli ligunya lehlabathi elintlu-mbini elibunjwe yiBritani neUnited States of America. Ngaphambi kowe-1914, iBritani yayizakhele obona bukhosi bukhulu kobakha babonwa ehlabathini. Ebudeni benkulungwane ye-19, yayikwakhe amaqhina awomeleleyo othethathethwano naworhwebo neUnited States. La mazwe mabini abambisana ekulweni ebudeni beMfazwe Yehlabathi I neyesi-II, yaye ulwalamano lwawo olukhethekileyo luye lwaqhubeka kwada kwanamhlanje. Ngowe-1982 uMongameli waseUnited States uReagan wathetha ekwindlu yowiso-mthetho yaseBritani “ngobuhlobo obuphawulekayo bamazwe ethu amabini.” Kutshanje, ngoFebruwari 1985, inkulumbuso yaseBritani yathetha ibhekisa kwizindlu ezimbini zoWiso-mthetho zaseUnited States yaza yathi: “Kwanga amazwe ethu amabini avanayo angahambela phambili emanyene . . . eqinile kwinjongo yawo, esabelana ngokholo, . . . njengoko sisondela kwiwaka lesithathu lexesha lobuKristu.”

Ngenxa yempembelelo yabo enkulu kwimicimbi yehlabathi, igunya lehlabathi elintlu-mbini elamaNgesi namaMerika libonakaliswe ngokwahlukileyo kwincwadi yeSityhilelo. Njani? Ngokusetyenziswa kwerhamncwa lesibini leSityhilelo.

Irhamncwa Lasemhlabeni

UYohane ubhala athi: “Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba.” Ngokuthi lelobuKristu yaye alinangcwangu, igunya lehlabathi lamaNgesi namaMerika lizenza libonakale linjengemvu. Kodwa ngenene lenze izinto njengenamba. Njani? Ngokwenza amazwe amaninzi abe ngamathanga alo nangokuxhaphaza ngokubawayo ubuncwane bomhlaba. Kwakhona, “lenza umhlaba, nabo bawumiyo, ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa. . . . lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba mabalenzele umfanekiselo irhamncwa.” (ISityhilelo 13:3, 11-15) Kwazaliseka njani oku?

Inkqubo yobupolitika kaSathana yazwenibanzi yafumana ‘inxeba elibanga ukufa’ ebudeni bemfazwe yokuqala yehlabathi. Ukuthintela into elolo hlobo ukuba ingenzeki kwakhona iBritani neMerika zakhuthaza ‘ukunqulwa’ kwenkqubo yobupolitika. Zakwenza oku ngokubangela iintlanga ukuba ‘zilenzele umfanekiselo irhamncwa.’ Kwenzeka njani oku?

Ngasekupheleni kwemfazwe yehlabathi yokuqala, uMongameli uWilson waseUnited States waqalisa iphulo ethethelela uManyano Lwezizwe olutsha olwalucetywa. Ngokubhekisele koku, waxelela ababeze kwiNtlanganiso Yoxolo yaseParis ngowe-1919 esithi: “Abameli baseUnited States bayalixhasa eli phulo likhulu loManyano Lwezizwe. Siligqala lililitye lembombo locwangciso luphela olubonakalisa iinjongo zethu . . . kule mfazwe. . . . Apha sizele ukuza kubona, ngokufutshane, ukuba iziseko zale mfazwe zishenxisiwe.”

Akukhov’ ukuthetha uMongameli Wilson, inkulu-mbuso yaseBritani, uLloyd George, yathi: “Ndiphakamela ukusixhasa esi sindululo. Emva kwentetho ebekekileyo yoMongameli waseUnited States ndinemvo yokuba akuyomfuneko ukuba kukhangelwe ezinye izinto ukuze kunconyelwe esi sindululo kule Ntlanganiso, ibe . . . ngeligxininisayo ndichaza indlela abantu bobukhosi baseBritani abalixhasa ngayo eli cebo.”

Kamva kuloo nyaka, kwintlanganiso eyayiseLondon yokuxhasa ukumiswa ngokusesikweni koManyano Lwezizwe, kwafundwa ileta eyayivela kuKumkani waseBritani: “Siyiphumelele imfazwe. Oko kukufeza okukhulu. Kodwa akwanele. Silwele ukuzuza uxolo oluhlala luhleli, ibe kuyimbopheleleko yethu enkulu ukuba senze konke esinako ukulukhusela. Ngenxa yoko, akukho nto ibaluleke ngakumbi kunoManyano Lwezizwe oluqinileyo noluhlala lukho. . . . Ndiyayincomela le ntlangano kubo bonke abemi bobu Bukhosi, khon’ ukuze, ngoncedo lwabo bonke abanye abantu abaneminqweno emihle, kumiselwe into exhasa nekhusela ngokuqinisekileyo uxolo ukusa kuzuko lukaThixo.”

NgoJanuwari 16, 1920, kwamiselwa uManyano Lwezizwe lunamalungu angamazwe angama-42. Ngowe-1934 laliquka amazwe angama-58. Irhamncwa elineempondo ezimbini laliphumelele ekwenzeni ihlabathi ukuba ‘lilenzele umfanekiselo irhamncwa.’ Lo mfanekiselo, okanye into emela inkqubo yobupolitika yazwenibanzi kaSathana, ifanekiselwa lirhamncwa lokugqibela leSityhilelo.

Irhamncwa Elimfusa

Nantsi inkcazelo kaYohane yeli rhamncwa lokugqibela: ‘Irhamncwa elimfusa, lizele ngamagama onyeliso, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.’ Ngokubhekisele kweli rhamncwa, uYohane waxelelwa kwathiwa: “Irhamncwa owalibonayo laye likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, limke liye entshabalalweni. . . . lona lingowesibhozo.” (ISityhilelo 17:3, 8, 11) Ngokuvisisana nale ngcaciso, uManyano Lwezizwe lwazama ukwenza izinto njengegunya lehlabathi phezu kwehlabathi. Phofu ke, lasilela ukuthintela iMfazwe Yehlabathi II, eyaqalisa ngowe-1939. Ngokungathi kunjalo, eli rhamncwa laphel’ emehlweni, litshona enzonzobileni.

Ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, igunya lehlabathi lamaNgesi namaMerika lasebenza nzima lihlaziya loo ntlangano yezizwe ngezizwe. Ngowe-1941 inkulumbuso yaseBritani, Winston Churchill, waqhuba iintlanganiso eziyimfihlelo noMongameli uFranklin Roosevelt waseUnited States kwinqanawa eyayikulwandlekazi iAtlantic. Bavakalisa ngokumanyeneyo “amathemba abo ekamva lehlabathi elilunge ngakumbi” “nangokumiselwa kwenkqubo ebanzi ngakumbi nesisigxina yonqabiseko lwabo bonke.” Kunyaka olandelayo eWashington, D.C., iintlanga ezingama-26 zalixhasa eli cebo lamaNgesi namaMerika koko kwakubizwa ngokuthi “Luvakaliso LweZizwe Ezimanyeneyo.” Oku kwakhokelela ekwakhiweni kwentlangano yeZizwe Ezimanyeneyo ngo-Oktobha 24, 1945. Irhamncwa elimfusa lalinyukile laphuma enzonzobileni linegama elitsha. Okwangoku, iintlanga ezili-159 zangenelela le ntlangano, zithemba ukuba iya kuhambisela phambili inkqubo ekhoyo yolawulo lwabantu lobupolitika.

Phofu ke, konke oku kwakutyeshela uBukumkani bukaThixo obulawulwa nguMesiya, obamiselwa ezulwini ngowe-1914. Wonke umntu emhlabeni umele anyule phakathi kolawulo lukaThixo nolawulo lwabantu. Kungekudala, irhamncwa elimfusa, nabo bonke oorhulumente babantu, baya kubandakanyeka kwidabi loKumkani omiselwe nguThixo, uYesu Kristu. Uya kuba yintoni umphumo? “IMvana [uYesu Kristu] iya kweyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani.” Ewe, irhamncwa elimfusa kunye nayo yonke inkqubo yoorhulumente babantu ‘baya kumka baye entshabalalweni.’—ISityhilelo 17:11, 14; bona kwanoDaniyeli 2:44.

Hayi indlela ekuya kuba yintsikelelo ngayo ngoko ukungabi ngolahlekiswe yinamba namarhamncwa ayo amathathu! Abo baye bazingqina bengabalawulwa abanyanisekileyo boBukumkani bukaThixo baya kusinda ukuze babe yinxalenye ‘yomhlaba omtsha.’ UThixo ‘uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu ngokuba izinto zokuqala zigqithile.’ (2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3, 4) Ngenxa yoko, zithobe ngokwakho kuBukumkani bukaThixo, obukuphela korhulumente wehlabathi onomphumo. Ngoko kwanawe, uya kulindela ukunandipha ezi ntsikelelo zingunaphakade.

[Umbhalo osemazantsi]

a Le ngongoma yayixutyushwa ngokweenkcukacha kwinkupho kaJanuwari 1 nekaJanuwari 15 yeMboniselo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share