Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ummangaliso Wesibini EKana
XA UYESU ebuyela kummandla wakowabo emva kokwandisa uhlaselo lokushumayela kwaYuda, oko asikokuphumla. Kunoko, uqalisa obude babukhulu ngakumbi ubulungiseleli eGalili, indawo awakhulela kuyo. Kodwa abafundi bakhe, kunokuhlala naye, babuyela kumawabo kwiintsapho zabo nakwimisebenzi yabo yangaphambili.
Sisiphi isigidimi uYesu aqalisa ukusishumayela? Sesi: ‘Ubukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.’ Yaye iba yintoni intsabelo? AmaGalili ayamamkela uYesu. Onke ayamzukisa. Noko ke, oku akukho ngenxa yesigidimi sakhe kodwa, kunoko, kuba amaninzi kuwo ayesePasikeni eYerusalem kwiinyanga ngaphambili aza abona imiqondiso ephawulekayo awayenzayo.
Ngokucacileyo uYesu ubuqalisa ubulungiseleli bakhe obukhulu baseGalili eKana. Ekuqaleni, uya kukhumbula ukuba, ekubuyeni kwakhe kwaYuda, waguqula amanzi aba yiwayini emsithweni apho. Ngesi sihlandlo sesibini umntwana wegosa loburhulumente kaKumkani uHerode Antipas ugula gqitha. Ekuveni kwalo eli gosa ukuba uYesu uyeza esuka kwaYuda esiya eKana, lihamba indlela ende ukusuka kowalo eKapernahum ukuze limfumane. Lisentlungwini, liyambongoza: ‘Nceda uze ngokukhawuleza engekafi umntwana wam.’ UYesu uphendula ngolu hlobo: ‘Hamba ugoduke. Unyana wakho uphilisiwe!’ Igosa likaHerode liyakholelwa lize liqalise uhambo lwalo olude ukubuyela kowalo. Endleleni lidibana nezicaka zalo, ebezihambela phezulu zize kulixelela ukuba zonke izinto zihamba kakuhle—unyana walo uphilile! Liyabuza lisithi, ‘Uchache nini na?’
‘Izolo ngeyoku-1:00 emva kwemini,’ ziyaliphendula zisitsho.
Igosa lithi liqonde ukuba eli ikwalelaa xesha uYesu ebesitsho ngalo ukuthi, ‘Unyana wakho uphilisiwe!’ Emva koko, le ndoda nendlu yayo yonke baba ngabafundi bakaKristu.
Ngaloo ndlela iKana yaba yebabalweyo njengendawo apho, ebonakalisa ukubuya kwakhe kwaYuda, uYesu wenza imimangaliso okwesibini. Kakade ke, le asikuphela kwemimangaliso ayenzileyo ukuza kuthi ga ngeli xesha, kodwa yeyona ibalaseleyo kuba yayiphawula ukubuyela kwakhe eGalili.
UYesu ngoku usinga kowabo eNazarete. Yintoni emlindeleyo apho? Yohane 4:43-54; Marko 1:14, 15; Luka 4:14, 15.
◆ Xa uYesu ebuyela eGalili, kwenzeka ntoni kubafundi bakhe, yaye abantu bamamkela njani?
◆ Nguwuphi ummangaliso uYesu awenzayo, yaye ubachaphazela njani abo babandakanyekileyo?
◆ Ngaloo ndlela iKana ibabalwa njani nguYesu?
[Umfanekiso omkhulu okwiphepha 8]