“Siyabaxabisa Abakhulileyo!”
EMAXHEGWENI kusebulumkweni, ebudeni bemihla kusengqondweni,” wathetha oko uYobhi. (Yobhi 12:12) Ngokufanayo uSolomon wathi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi, sifunyanwa endleleni yobulungisa.” (IMizekeliso 16:31) La mazwi athethwa ngexesha laxa abakhulileyo babexatyisiwe yaye behlonelwe. Yaye ngokuphindaphindiweyo iBhayibhile ibonisa indlela abaselula ngaloo mihla ababengenelwa ngayo ngokunxulumana nabakhulileyo.
Ngokomzekelo, uRute wayeneminyaka yethuba lokuphawula aze acinge ngomzekelo awawubekelwa nguninazala, uNahomi. Ngokucacileyo olu nxulumano lwabangela ukuba uRute abe nomnqweno wokunqula uYehova. Ngoko xa wanikwa ithuba lokwahlukana noNahomi aze abuyele kwilizwe lakhe labantu ababenqula izithixo, ngokunyaniseka uRute wathi: “Apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam.” (Rute 1:16, 17) Ewe, ngenxa yobuhlobo bakhe noNahomi, uRute waba ‘yinkazana enesidima.’—Rute 3:11.
UTimoti wayengomnye owangenelwayo ngokunxulumana nomntu okhulileyo. Wachitha iminyaka emininzi ehambahamba nompostile uPawulos. Kwanaxa intolongo yabahlulayo, uTimoti wafumana iincwadi ezivela kuPawulos ezazilukhuthazo ukuba ‘asikhwezele isipho sikaThixo’ esasikuTimoti. (2 Timoti 1:6-8) Ngoko uTimoti wafunda ngokupheleleyo kuPawulos kangangokuba xa wayebhalela amaFilipi, uPawulos wacacisa ukuba ‘wayengenamphefumlo wumbi uvana nowakhe [okaTimoti] owayenokuyinyamekela ngokwenyaniso imicimbi engabo.’—Filipi 2:20.
Noko ke, kule mihla ukuhlonela abantu abakhulu phantse akusekho kumazwe athile. Phofu ke, ngaba kunjalo phakathi kwamaKristu? Akunjalo konke konke. AmaKristu okwenyaniso namhlanje asakuxabisa ukuba abo bakhulileyo besenokuninzi kokukunikela ngenxa yokholo lwabo, ukuzinikela namava ebomini. Ngokomzekelo, omnye udade ubhala oku: “Nanini na ndiziva ndicinezelekile ngenxa yale nkqubo, ndikhangela kwabo bakhulileyo basebandleni, ndizuze inkalipho ekuqineni kwabo.” Umzalwana oselula, oneminyaka engama-34 ubudala, ngokufanayo uthetha oku ngabo balupheleyo: “Baye bandinceda kuzo zonke iinkalo zobomi. Ngokomzekelo, ndandifuna ukwazi indlela endinokulugcina ngayo ulungelelwano. Ke, umzalwana oneminyaka engama-72 ubudala wandixelela oku, ‘Qiniseka ukuba wenza izinto uYehova afuna ukuba uzenze kuqala. Ngumlo othe rhoqo. Kodwa ulungelelwano lubakho njengoko ufuna uBukumkani tanci.’”
Kwenye imeko, umzalwana onama-87 eminyaka ubudala wagula ngokungaginyisi-mathe. Umdala, ehamba nomzalwana opholileyo, bamtyelela. Elila, lo mzalwana upholileyo wathetha oku, “Ubungumhlobo olungileyo. Ndiza kuphulukana nawe.” Kuloo mazwi indoda ekhulileyo yaphendula isithi, “Nam ngokunjalo ndiza kuphulukana nawe.” Esalila njalo, lo mzalwana upholileyo wathi, “Ndiza kukubona kuLungelelwaniso Olutsha—ukuba luya kuza.” Nangona ebuthathaka, umzalwana wethu okhulileyo wahlala kakuhle, waza ngokuqinileyo wathi: “Luya kuza.” Ngoxa umzalwana opholileyo wasilelayo ukusabela kolu khuthazo, ukholo lwale ndoda ikhulileyo lwayichukumisa intliziyo yomdala owayeqwalasele oku. Ukhumbula oku, “Ukholo lwakhe lwandinceda kakhulu.”
Abazalwana noodade abakhulileyo badla ngokuthabatha kumava abo ekuphileni kobuKristu baze banikele icebiso eliphilileyo nelisebenzisekayo. Omnye okhulileyo ucebisa oku, “Thabatha abantwana bakho abancinane uze ubanyamekele, kuba kungekudala baza kuba badala. Nyamekela bona kuqala. Bangabafundi bakho abaxabisekileyo.” Omnye uncomela oku, “Xa iingcinezelo zale nkqubo zikufikela okanye xa uSathana ekuvavanya, musa ukuyiyeka inyaniso. Qhubeka uyisebenzisa, kuba kuya kuphumela kulonwabo lwakho.” Esinye isibini esikhulileyo esiye sakhonza ngokuthembeka komnye ummandla waseNew Zealand kangangama-43 eminyaka sinikela eli cebiso lisebenzisekayo: “Ukuba unako, kulunge ngakumbi ukuhlala ndawonye, kunokuzulazula yonke indawo. Inyaniso inempembelelo enkulu ebuthweni, yaye ikugcina uphila ngayo, ngaloo ndlela ikwenza womelele ngakumbi.”
Kuyinyaniso ukuba, abaninzi kubazalwana noodade bethu abakhulileyo abanako ukubandakanyeka kumsebenzi wendlu ngendlu njengoko abasebatsha benako. Bambi balele ezibhedini. Bambi beva ubunzima bezigulo ezibuhlungu. Omnye udade owalupheleyo wathi, “Andizikhathazi ngokwaluphala. Endingakuthandiyo koko kuziswa kukwaluphala.” Kanti usakwazi ukubonakalisa inzondelelo yobuKristu!
Ngaba uyazinika ixesha ukuze wazi abazaIwana noodade bakho abakhulileyo? Ngaba uyakufuna ukuxelisa iimpawu abazibonisayo, mpawu ezo eziye zasulungeka njengegolide ngexesha nangamava? Ngokuqinisekileyo, abazalwana noodade bethu abangamaKristu akhulileyo bangumthombo oxabisekileyo ukuba thina sizinika ixesha lokubaqwalasela nokuthetha nabo. Omnye umKristu oselula wathi: “Abakhulileyo abathembekileyo baye bangumzekelo kum ekubambeleleni enyanisweni, kuthando lokwenyaniso, ukholo oluphilileyo, imfesane, nokuzondelela inkonzo kaThixo. Kum ubuhle babo bufana nemithi etyatyambe ngokupheleleyo, yaye bafana nomlilo oshushu kubusuku obuqhaqhazelisa amazinyo.” Ngokwenyaniso, sinesizathu sokubaxabisa abakhulileyo bethu!