Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Kwindlu Yesikhungu Yedolophu Yakowabo
XA UYESU ebuyela kowabo, sinokuyicingela imvakalelo yokuchulumanca eNazarete. Ngaphambi kokuba emke ukuya kubhaptizwa nguYohane ngaphezulwana nje kunonyaka ngaphambili, uYesu wayesaziwa njengomchweli. Kodwa ngoku udume jikelele njengomenzi wemimangaliso. Abemi basekuhlaleni balangazelela ukumbona esenza ezinye zezi zinto zimangalisayo phakathi kwabo.
Ulindelo lwabo luyakhula njengoko uYesu, ngokwesiko lakhe, esiya kwindlu yabo yesikhungu. Ebudeni benkonzo, uyaphakama ukuba alese, yaye unikwa umsongo womprofeti ulsaya. Ufumana indawo apho kuthethwa ngaLowo uthanjiswe ngomoya kaYehova, ndawo leyo kwiBhayibhile yethu namhlanje isisahluko 61.
Emva kokufunda ngendlela Lowo awayeya kushumayela ngayo inkululeko kubathinjwa, ukubuyiselwa kokubona kwiimfama, nangonyaka owamkelekileyo kaYehova, uYesu ubuyisela umsongo kwisicaka aze ahlale phantsi. Onke amehlo ajoliswe kuye. Wandula ke athethe nabo, mhlawumbi ubude obuthile, ecacisa esithi: “Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.”
Abantu bayamangaliswa ‘ngamazwi akhe amnandi’ yaye bathi omnye komnye: “Lo asinguye na unyana kaYosefu?” Kodwa esazi ukuba bafuna ukumbona esenza imimangaliso, uYesu uyaqhubeka esithi: “Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha.” Ngokucacileyo, ababekade bengabamelwane bakaYesu bavakalelwa kukuba ukuphilisa kufanele kuqale ekhaya, ukuba kungenelwe abantu bakowabo kuqala. Ngoko baziva bethotywe gqitha nguYesu.
Esazi ingcinga yabo, uYesu ubalisa imbali esebenzisekayo. Uchaza ukuba kwakukho abahlolokazi abaninzi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, kodwa uEliya wayengathunywanga nakumnye kubo. Kunoko, waya kumhlolokazi ongengomSirayeli eTsidon, apho wenza ummangaliso osindisa ubomi. Nangemihla kaElisha babebaninzi abaneqhenqa, kodwa uElisha, wahlambulula uNahaman waseSiriya kuphela.
Becatshukiswe koku kuthelekiswa kungokwembali bangakuthandiyo okubhenca ukuzingca nokuswela kwabo ukholo, abo basendlwini yesikhungu bayaphakama baze bamkhuphele uYesu ngaphandle kwesixeko. Apho, encotsheni yentaba iNazarete eyakhiwe kuyo, bazama ukumphosa eliweni. Kodwa uYesu uyaphuncula aze emke ekhuselekile. Luka 4:16-30; 1 Kumkani 17:8-16; 2 Kumkani 5:8-14.
◆ Kutheni kukho imvakalelo yokuchulumanca nje eNazarete?
◆ Bacinga ntoni abantu ngentetho kaYesu, kodwa kamva yintoni ebacaphukisayo?
◆ Bazama ukumenza ntoni uYesu abantu?