IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 2/15 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Iveki Eyaguqula Ihlabathi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • EBhetani, Endlwini KaSimon
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • EBhetani, Endlwini KaSimon
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ukutya Ekhayeni LikaSimon EBhethani
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 2/15 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ KuYohane 6:53, ngaba uYesu wayebhekisela kumaKristu athanjisiweyo kuphela xa wathi: “Inene, inene ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni”?

Kangangeminyaka emininzi siye sawacacisa la mazwi njengapheleliselwe kumaKristu athanjisiweyo aza kuthatyathelwa ezulwini ukuya kulawula noYesu Kristu. Noko ke, ufundisiso olubhekele phaya lwalo mcimbi luncomela intsebenzo ebanzi ngakumbi kaYohane 6:53.

Ngaphezu kweminyaka siye sawujonga Io mbhalo ngokwendlela esizijonga ngayo ezinye iindinyana ezisebenzisa amabinzana afanayo. Ngokomzekelo, ibinzana elithi nibe ‘nobomi kuni’ liyafana namazwi kaYesu akuYohane 5:26, athetha ngoYehova nangoYesu kuphela. Kanti, njengoko kuchazwe kwiphepha 11 nele-12 kweli phephancwadi, umongo kaYohane 5:26 unikela isiseko sokuwaqonda amazwi athi “abe nobomi kuye ngokwakhe” kuloo ndinyana. Kodwa uYohane 6:53 wavakaliswa malunga nonyaka kamva yaye unentsingiselo eyahlukileyo.

Enye into eyaphembelela imbono yethu yangaphambili ngoYohane 6:53 yayingamagqabaza kaYesu ‘angokutya inyama yakhe nokusela igazi lakhe.’ Oku kwakufana noko uKristu wakuthethayo xa wayesungula iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Xa wayesungula eso sidlo, wathetha ngenyama nangegazi lakhe, yaye wabonisa ukuba imifuziselo yezi (isonka esingenagwele newayini) zazithatyathwa ngabalandeli bakhe ababeya kungeniswa kumnqophiso omtsha nakumnqophiso wobukumkani. (Luka 22:14-22, 28-30) Noko ke, kwakhona umongo kaYohane 6:53 umele uqondwe.

Xa uYesu wathetha oko kubhalwe kuYohane 6:53, ukusungula kwakhe iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa kwakusekude kangangonyaka. Akukho namnye kwabo bamvayo uYesu owayenolwazi lwesikhumbuzo sonyaka esasinemifuziselo yokoqobo emela umzimba negazi likaKristu. Kunoko, umxholo kaYesu, okanye ingxoxo yakhe, kuYohane isahluko 6 inokuthanani nenyama yakhe ethelekiswa nemana. Noko ke, kwakukho umahluko. Inyama yakhe (yaye, wongezelela, negazi lakhe) yayingaphezulu kunemana yokoqobo ngesizinzi sokuba inyama yakhe yayinikelwa ubomi behlabathi, isenza ubomi obungunaphakade bube nokwenzeka.—Yohane 6:48-51.

Ngokomphumo, uphando olongezelelekileyo kutshanje luye lwabalaselisa ukuba kwakukho umahluko wexesha elingangonyaka phakathi kwamazwi kaYesu akuYohane 5:26 namagqabaza akhe akuYohane isahluko 6; ngoko yaba ngomnye unyaka kwakhona ngaphambi kokuba asungule iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Ubungqina obungakumbi buye banikeIwa kwakhona kwiindinyana ezisondele kuYohane 6:53. Ngaloo ndlela, inqaku elikwiphepha 15-20 linikela inkcazelo ebhekele phaya ngokusebenza kukaYohane 6:53, kuquka abo bathatyathelwa kumnqophiso omtsha wobomi basezuIwini nabo banethemba lobomi obungenasiphelo kumhlaba oyiparadisi.

■ Iingxelo zeVangeli zibonakala zisahluka kwiincwadi ezinembekiselo ngokuphathelele nexesha uYesu awadla ngalo endlwini kaSimon owayeneqhenqa eBhetani waza wathanjiswa ngamafutha aqholiweyo. Kwakunini ke?

Kubonakala ukuba ezi ziganeko zenzeka ngoNisan 9 (ngokwekhalenda yamaYuda) wama-33 C.E. Kodwa njengoko kuphawuliwe ngezantsi kwizizathu zesi sigqibo, uya kusibona isizathu sokuba ukuqhubeka ufundisisa iLizwi likaThixo kunokuphucula ulwazi nokuqonda kwakho.

Iinkcukacha zesi sidlo zinikelwa kwiincwadi ezintathu kwezine zevangeli. (Mateyu 26:6-13; Marko 14:3-9; Yohane 12:2-8) UMateyu noMarko basikhankanya esi sidlo emva kokubalisa ngokungena kukaYesu eYerusalem ekhwele njengomoyisi, emva kokuqalekisa kwakhe umthi womkhiwane ongavelisi siqhamo, nasemva kwempendulo yakhe kumbuzo wabapostile ongokupheliswa kwenkqubo yezinto. Bobabini uMateyu noMarko balandelisa ingxelo engomsitho nokuthethathethana kukaYuda neenkokeli zamaYuda ngokungcatsha uYesu. Indawo esibekwe kuyo esi sidlo kwezi ngxelo zimbini ibiya kuthetha ukuba senzeka ngoNisan 12, iintsuku nje ezimbini ngaphambi kokungcatshwa nokubulawa kukaYesu ngoNisan 14. Ngoko kwizicangca ezininzi ezibonisa iziganeko zobomi bukaYesu lo msitho uye wabekwa kumhla kaNisan 12, kuquka nezinye zeempapasho zethu zexesha elidluleyo.

KuYohane isahluko 12 isidlo endlwini kaSimon sibekwe endaweni eyahlukileyo. UYohane 12:1 uthi uYesu wafika eBhetani engaseYerusalem ‘iintsuku ezintandathu ngaphambi kwayo iPasika,’ oko bekuya kuba nguNisan 8. Ngoko indinyanaichaza isidlo sangokuhlwa eBhetani, ize indinyana isixelele ukuba amaYuda awevayo ukuba uYesu ukufuphi eza kumbona. Indinyana ithi “ngengomso” uKristu wangena eYerusalem ngoloyiso. (Thelekisa IZenzo 20:7-11.) Ngenxa yoko, uYohane 12:1-15 ubonisa ukuba isidlo endlwini kaSimon sasingoNisan 9 ngokuhlwa, xesha elo kwikhalenda yamaYuda beliya kuphawula ukuqaleka kosuku olutsha, olwalandelwa kwinxalenye yemini yolo suku (Nisan 9) kukungena kukaYesu eYerusalem.

Kwezi nkcazelo zimbini kusenokuba zenzeka, le yesibini ikhangeleka ivakala ngakumbi. Ngoba? Kaloku, masithelekise ezi ngxelo nomongo wazo. UMateyu okanye uMarko akawunikeli umhla waloo msitho endlwini kaSimon. Noko ke, bayabonisa ukuba kweso sidlo kwaphakama isikhalazo ngenxa yokusebenzisa kukaMariya amafutha axabiso likhulu, sikhalazo eso uYohane abonisa ukuba sasiqhwaywa nguYuda obawayo. (Mateyu 26:8, 9; Marko 14:4, 5; Yohane 12:4-6) Njengoko siphawulile, bobabini uMateyu noMarko balandelisa isiganeko sesidlo ngokuya kukaYuda kubabingeleli ukuya kubona ukuba uya kuhlawulwa kangakanani na ukuba ungcatsha uKristu. Ngaloo ndlela kusenokwenzeka uMateyu noMarko ngenxa yomongo bakhankanya ingxelo yesidlo kwindawo abayikhankanya kuyo, benxibelelanisa ubungqina obunye bokubawa kukaYuda nembonakaliso yako yokugqibela.

Noko ke, uYohane unikela umhla ongqalileyo weso sidlo, okubonisa ukuba wasikhankanya kwindawo yaso yobalo-maxesha.Oku kuxhasa isigqibo sokuba isidlo sangokuhlwa kwikhaya likaSimon saba semva kokufika kukaYesu eBhetani ngoNisan 8, 33 C.E. Ngokubhekele phaya, khumbula inkcazelo kaYohane yokuba amaYuda ‘awathi esakwazi ukuba uYesu ngoku wayeseBhetani’ eza ukuza kumbona yena noLazaro, naye owayehlala eBhetani nalowo oodade bakhe babekho esidlweni. Mhlawumbi oku kutyelelwa ngamaYuda ‘awathi azi’ ukuba uYesu useBhetani kwenzeka ngaphambi kokungena kwakhe eYerusalem, yaye kunokwenzeka ukuba kwafak’ isandla ekwamkelweni ngehlombe kukaKristu ebudeni bokungena kwakhe esixekweni ekhwele “ngengomso,” ixesha lasemini likaNisan 9.

Uphando olongezelelekileyo Iwenyameko olukhokelela kwesi sigqibo luboniswa kwisicangca sakutshanje esithi “Main Events of Jesus’ Earthly Life,” njengesikuhlelo lowe-1985 lweThe Kingdom Interlinear Translation of the Greek Scriptures. Ngoxa ngenkangeleko le isenokuba yingongoma encinane, ibonisa indlela esinokuqhubeka ngayo sonke sikhula elwazini nasekuqondeni iinkcukacha ezintle kwiLizwi likaThixo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share