Ingqibelelo Kayobhi—Kutheni Iyephawuleka Kangaka Nje?
“Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.”—YOBHI 27:5.
1. Wayengubani uYobhi, yaye sazi njani ukuba wayengumntu wokwenene?
UYOBHI wayeyindoda ebalaseleyo embalini. Akazange nje abe nobutyebi obuninzi obuphathekayo kodwa wayekwahlonelwa njengomgwebi nenkokeli enobuntu. IBhayibhile ithi ‘waba mkhulu kubo bonke oonyana belasempumalanga.’ (Yobhi 1:3; 29:12-25) Kunye noNowa noDaniyeli, uphawulwa njengendoda eyayililungisa kakhulu. (Hezekile 14:14, 20) IBhayibhile ikwambalaselisa uYobhi njengomzekelo wokulandelwa ngamaKristu, ngaloo ndlela ibonakalisa ukuba wayengumntu wokwenene embalini.—Yakobi 5:11.
2. Sinokugqiba njani ngexesha laxa uYobhi watyhubela ukuvavanywa nguSathana?
2 UYobhi wayehlala kwilizwe lakwaUtse, ngoku eliyiArabhiya. Nangona wayengengomSirayeli, uYobhi wayengumnquli kaYehova, nto leyo uYehova awayizisa engqalelweni kaSathana. Amazwi kaThixo athi “akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye,” atyhila ukuba kwakungekho mkhonzi kaThixo wumbi obalaseleyo owayephila ngelo xesha. (Yobhi 1:8) Ngaloo ndlela, ukuvavanywa kukaYobhi nguSathana kumele ukuba kwenzeka ngoxa abantu awayengalamananga nabo kangako, amaSirayeli, ayesebukhobokeni eYiputa—ebudeni beminyaka yasemva kokufa komgcini wengqibelelo obalaseleyo uYosefu ngowe-1657 B.C.E. nangaphambi kokuba uMoses angene ekhondweni lakhe lengqibelelo.
3. Ngubani owabhala incwadi kaYobhi, yaye kutheni wakwazi nje ukufumana inkcazelo?
3 Kuyabonakala ukuba uMoses wabhala incwadi kaYobhi. Kodwa kunokuba wafunda njani ngokuvavanywa kukaYobhi? Kaloku, emva kokuba uMoses wanyanzelwa ukuba ayishiye iYiputa ngowe-1553 B.C.E. wahlala kwaMidiyan, engekude kwilizwe lakwaUtse. (Eksodus 2:15-25; IZenzo 7:23-30) Ngelo xesha, uYobhi wayesaphila iminyaka yokugqibela eli-140 yobomi leyo uYehova awamsikelela ngayo. (Yobhi 42:16) Kamva, xa amaSirayeli ayekufuphi nakwaUtse ngasekupheleni kohambo lwawo entlango, kusenokuba uMoses weva ngeminyaka yokugqibela yobomi bukaYobhi nokufa kwakhe.
Ulwazi LukaYobhi Olulinganiselweyo
4. (a) Kubonakala ukuba wawuyintoni umthombo wolwazi lukaYobhi ngoYehova, yaye kutheni le nto bekungayi kuthandabuzeka ukuba wanxibelelana nenzala ka-Abraham nekaIsake? (b) UYobhi waba yindoda yengqibelelo ebalaseleyo njani?
4 Xa uYobhi wayevavanywa, ulwazi lwakhe ngoThixo neenjongo zakhe lwalulinganiselwe, ekubeni ngoko kwakungekabikho nxalenye yeBhayibhile eyayiseyibhaliwe. Noko ke, uYobhi wayesazi okuthile ngeenkqubano zikaYehova noAbraham, uIsake, uYakobi noYosefu. Oku kungenxa yokuba ngokucacileyo uYobhi wayeyinzala yomntakwabo Abraham uNahore, ngonyana wamazibulo kaNahore uUtse. Ngaphezu koko, umntakwabo Utse wayenguBhetuweli, uyise womfazi kaIsake uRebheka noyisemkhulu kaYosefu. (Genesis 22:20-23) Alithandabuzeki elokuba uYobhi waluxabisa kakhulu ulwazi awayenalo lokunxibelelana kukaYehova noAbraham nenzala yakhe, yaye wayekuxhalabele ukukholisa uYehova. Ngaloo ndlela uYobhi waba yindoda yengqibelelo ebalaseleyo, indoda engenakutyholwa neyayizinikele ngokupheleleyo kuYehova.
5. Yintoni ngokukodwa eyenza ingqibelelo kaYobhi ukuba ibe yebalasele gqitha?
5 Kungethuba lide emva kokufa kukaYosefu eYiputa, ingqibelelo kaYobhi yaba ngumbandela ekubangiswana ngawo phakathi kukaYehova noSathana emazulwini angabonakaliyo. Kanti uYobhi wayengazi nto ngoku kubangisana okwakutsoliswe kwingqibelelo yakhe. Ibe okungakumbi okwenza ukuba ingqibelelo yakhe engenakwaphulwa nto ibe yephawuleka gqitha kukungasazi kwakhe isizathu sokuba abandezeleke. Phofu ke, ukuze kungenelwe bonke abakhonzi bakaThixo basemva koko, uYehova wasebenzisa uMoses ukuba abhale iinkcukacha zokubangisana ngengqibelelo kaYobhi.
Imbambano Yengqibelelo KaYobhi
6. (a) Intlanganiso eyayisemazulwini yabutyhila njani ubukho bembambano phakathi koThixo noSathana? (b) Le mbambano yaqalisa nini, yaye yayiquka ntoni?
6 Incwadi kaYobhi isityhilela okungabonakaliyo, ize ke isinike imbono engentlanganiso yezithunywa zezulu eyaqhubeka phambi koYehova uThixo ezulwini. Apho uYehova ukhumbuza uSathana, naye okhoyo, ukuba ‘akukho unjengoYobhi ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini.’ (Yobhi 1:8) Kucacile ukuba, kukho imbambano ebandakanya ingqibelelo kaYobhi. Kodwa asiyombambano intsha. Le mbambano yabakho xa uSathana watyekisa uAdam noEva kuThixo waza, wafana nothi: ‘Ukuba nje unokundipha ithuba, ndinokumtyekisa wonke ubani ekukhonzeni wena.’—Genesis 3:1-6.
7. USathana wanyanzeleka ukuba athini ngengqibelelo kaYobhi, yaye uMtyholi wamcel’ umngeni njani uThixo?
7 Ngoku, ebudeni bale ntlanganiso icwangcisiweyo emazulwini, uSathana unyanzeleka ukuba anikele amacebiso akhe ngokubhekisele kwisizinzi sengqibelelo kaYobhi. Ubuza athi: “UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?” Uqhubeka ecel’ umngeni esithi: “Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; . . . kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe, akwenze oko ebusweni bakho.”—Yobhi 1:9-11.
8. (a) UYehova wasabela njani kucelomngeni lukaSathana? (b) Ziziphi izibetho ezoyikekayo uSathana awazizisa kuYobhi?
8 UYehova uyalwamkela ucelomngeni lukaSathana. Uyithembe ngokupheleleyo ingqibelelo kaYobhi, emphendula, uSathana ngokuthi: “Yabona, konke anako kusesandleni sakho; kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho.” (Yobhi 1:12) USathana umbetha ngokukhawuleza uYobhi. AmaShebha ahlaselayo athimba iinkomo zikaYobhi ezili-1 000 namaesile angama-500 ebulala bonke abafana ngaphandle komnye. Ngokulandelayo, uSathana uthumela umlilo uphuma ezulwini ukutshisa impahla emfutshane kaYobhi engama-7 000 kunye nabafana, esindisa nje kuphela omnye wabo. Wandula ke uSathana abangele amaqela amathathu amaKaledi ukuba athimbe iinkamela zikaYobhi ezingama-3 000, ebulala aze ashiye omnye wabafana. Okokugqibela, uSathana uthumela umoya omkhulu obetha indlu apho abantwana bakaYobhi abalishumi bebesidla besela khona, baza bafa bonke. Emva koko, ngokulandelelana okukhawulezileyo, abasindileyo kobu bubi babika ezi ndaba zinxunguphalisayo kuYobhi.—Yobhi 1:13-19.
9. Yintoni eyenza ukuba ububi bukaYobhi bube nzima ngokukodwa ukunyamezeleka, kanti uYobhi wasabela njani kubo?
9 Enjani yona intlekele! Nokuba uYobhi wayemqonda owayeyibangele, kwakuya kuba nzima ukuyinyamezela. Kodwa akazange enjenjalo! Wayengayazi into yokuba kwakubangiswana ngaye emazulwini nokuba uYehova wayesebenzisa yena ukubonakalisa ukuba bakho abantu abanokubambelela kwingqibelelo yabo phezu kwako konke ukubandezeleka okungekho sikweni uSathana asenokukuzisa phezu kwabo. Kanti, ethwaxwe yintlungu yaye ade acinge ukuba uThixo wayebophelelekile ngandlel’ ithile ngokulahlekelwa kwakhe, uYobhi wathi: “UYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.” Ewe, “kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.”—Yobhi 1:20-22.
10. (a) Yintoni enye ebhekele phaya ngokubhekisele kuYobhi uSathana awayicelayo, yaye kutheni uYehova wasivumayo nje eso sicelo? (b) Yaba yintoni imiphumo yemeko elusizi kaYobhi awayethotyelwe kuyo.
10 Kwenye intlanganiso yezithunywa zezulu, hayi indlela okwamthob’ isidima ngayo uSathana ukukhunjuzwa nguYehova ngokubhekisele kuYobhi esithi: “Esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo”! Kodwa uSathana akancami. Ngoku ucela umngeni ngokuthi ukuba unokunikwa ithuba lokumbetha enyameni uYobhi, uYobhi ebeya kumthuka uThixo. Eyithembile ingqibelelo kaYobhi kude kube kulo mkhamo, uYehova uyamvumela, kuphela emyala uSathana ukuba angathabathi ubomi bukaYobhi. Ngoko uSathana ‘ubetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.’ (Yobhi 2:1-8) UYobhi uthotywe wakwimeko yokuxhwaleka okulusizi kangangokuba izalamane nezihlobo zakhe zicezela phaya, nabathile ababeqhelene naye ngaphambili bayamhleka.—Yobhi 12:4; 17:6; 19:13-19; 30:1, 10-12.
11. Sisiphi esinye isibetho esingakumbi uYobhi ekwafuneka asinyamezele, yaye yintoni eyenza ukuba ukugcina kwakhe ingqibelelo phezu kwazo zonke iingxaki zakhe kube kokuphawuleka gqitha?
11 Emva koko kufika esinye isibetho! Ukholo lomfazi kaYobhi luba buthathaka. Uthi kuye: “Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo ufe.” Kodwa uYobhi umxelela oku: “Uthetha njengesidengekazi. Siyakwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na?” Njengokuba ingxelo isitsho, “Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.” (Yobhi 2:9, 10) Ibe xa ukhumbula ukuba uYobhi akasityhilelwanga isizathu sokubandezeleka kwakhe, hayi indlela ephawuleka ngokuyinyaniso ngayo ingqibelelo yakhe!
Olunye Uhlobo Lwentlaselo
12. (a) Ayengoobani amadoda eza kuthuthuzela uYobhi? (b) USathana wawasebenzisa njani la madoda ukuvavanya uYobhi ngokubhekele phaya?
12 Kodwa uSathana akakagqibi. Uvelisa amadoda amathathu acingelwa ukuba alumkile asenokuba ayemazi uYobhi ngokobuqu okanye ayevile ngodumo lwakhe ‘njengomkhulu kubo bonke oonyana belasempumalanga.’ Kuyabonakala yaye kuyaphawuleka ukuba madala kunoYobhi. (Yobhi 1:3; 15:10; 32:6) Amabini awo akalamananga nawo kangako. UElifazi umTeman uyinzala ka-Abraham ngoTeman, umzukulwana kaEsawu, noBhiledadi umShuwa uyinzala yonyana ka-Abraham uShuwa. (Yobhi 2:11; Genesis 36:15; 25:2) Akuqinisekwanga ngookhokho bakaTsofare. Ngokwembonakalo yangaphandle aba bathathu beza kuthuthuzela uYobhi, kodwa ngokwenene uSathana ubasebenzisa kumgudu wokwaphula ingqibelelo kaYobhi. Kanye njengokuba abantu bezobupolitika abancinayo abazimilisa okwabahlobo beye baphule ukunyaniseka kwamabanjwa baze bawenze ajikele oorhulumente bawo, uSathana wayenethemba lokuba “abathuthuzeli” bakhe babeya kumtyekisa uYobhi kuThixo.—Yobhi 16:2, 3.
13. (a) Iindwendwe zikaYobhi zenza ntoni ekufikeni kwazo? (b) Xa kwaqalisa ingxoxo, yaphethukela ekubeni yintoni?
13 Xa befika, aba bahambi bathathu bachitha iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo bondele ngokuthe cwaka intlungu kaYobhi egcumisayo nokuhlazeka kwakhe ngokugqithiseleyo. (Yobhi 2:12, 13) UElifazi, obonakala engoyena umdala, ekugqibeleni uthi athethe, ethetha ngombandela othi ube yingxoxo yabantu abathathu. Intetho kaElifazi, kunye neentetho zamaqabane akhe, ngokukakhulu iyetyholayo. Emva kokuba ngamnye waba bamtyholayo eye wathetha, uYobhi uthi aphendule, ebhebhetha izityholo zabo. UTsofare akabi nanxaxheba kule ngxoxo, kubonakala ukuba unoluvo lokuba akukho nto yimbi anokuyongezelela. Ngaloo ndlela uTsofare uthetha kabini kuphela, ngoxa uElifazi noBhiledadi bethetha kathathu.
14. Ziziphi iintlobo zentetho aba bathathu abazisebenzisa nxamnye noYobhi, yaye uSathana wabusebenzisa njani ubuchule obufanayo nxamnye noYesu?
14 Iintetho zikaElifazi zinde, yaye ulwimi lwakhe luvakala luthambile. Intetho kaBhiledadi iyehlaba ngakumbi, yaye ekaTsofare ithe kratya. Iintetho zabo zicetywe ngobuqhophololo ukuphumeza injongo kaSathana yokwaphula ingqibelelo kaYobhi. Ngokufuthi bakhankanya izibakala zokwenene, kodwa indlela abazibeka nabazisebenzisa ngayo iphosakele. USathana wasebenzisa ubuchule obufanayo nxamnye noYesu. Ecaphula isibhalo esithi izithunywa zezulu zikaThixo zaziya kumkhusela umkhonzi wakhe ekwenzakaleni, uSathana wamema uYesu ukuba azingqine enguNyana kaThixo ngokuziphosa phantsi etempileni. (Mateyu 4:5-7; INdumiso 91:11, 12) Okwethuba elide, uYobhi wajamelana nendlela ebuSathana yokuqiqa ngolo hlobo.
15. UElifazi wema ngelithi wawuyintoni umthombo weengxaki zikaYobhi?
15 Kwintetho yakhe yokuvula, uElifazi uma ngelithi iingxaki zikaYobhi zibangelwa kukohlwaywa nguThixo ngenxa yezono zakhe. Ubuza athi: “Ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.” (Yobhi 4:7, 8) Eqhubeka nentetho yakhe, uElifazi uthi uThixo akabathembi abakhonzi bakhe. UElifazi uthi, “Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi; bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka.”—Yobhi 4:18, 19.
16. UBhiledadi wakulandela njani ukuhlasela kukaElifazi, ibe nguwuphi umzekeliso ongafanelekanga awawusebenzisayo?
16 UBhiledadi naye uyamhlasela. Uthi, “Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, alisikelele ikhaya lobulungisa bakho.” UBhiledadi uthi imikhanzi neengcongolo ziyoma zize zife ngaphandle kwamanzi aze aqukumbele ngokuthi kuya kuba njalo ‘nangabo bamlibalayo uThixo.’ Kodwa hayi indlela aphosise ngayo ukusebenzisa lo mzekeliso kuYobhi nangokongezelela athi, “Nethemba lomkhohlisi liyadaka”!—Yobhi 8:6, 11-13.
17. Ngawaphi amazwi anamandla uTsofare awawathethayo?
17 Amazwi kaTsofare athi abe nganamandla ngakumbi. Ufana nothi, ‘Akwaba uThixo ebeya kuthetha akuxelele oko akucingayo! UThixo uyakwazi oko ukwenzileyo. Ukohlwaya kancinane kakhulu ngaphezu koko ubufanele ukohlwaywa ngako. Zishiye izono zakho ubushiye ububi bakho, uyakwandula ke ukhuseleke ube nabahlobo abaninzi.’—Yobhi 11:4-6, 14-20.
18. Kwingxoxo yesibini, aba bathathu baqhubeka bemhlasela njani uYobhi?
18 Kwintetho yesibini, uElifazi uyaqhubeka eyihlasela ingqibelelo kaYobhi. ‘Ewe, xa uThixo engazithembi izithunywa zezulu ezi, kobeka phi ke ngothile onjengawe! Umntu ongendawo usoloko esengxakini.’ (Yobhi 15:14-16, 20) UBhiledadi, ecatshukiswe kukuxhathisa kukaYobhi izityholo zabo, ufana nothi: ‘Ukukhanya kwakho kuya kucinywa. Yonke inkumbulo yobukho bakho iya kudaka. Oko koko kwenzekayo kwabo bamlibalayo uThixo.’ (Yobhi 18:5, 12, 13, 17-21) UTsofare ebhekisela kwinkqubela kaYobhi yangaphambili, umbuza athi: ‘Akwazi na ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo? Izulu lobutyhila ubugwenxa bongendawo.’—Yobhi 20:4, 5, 26-29.
19. (a) NgokukaElifazi, luluphi uxabiso uThixo analo ngengqibelelo yomntu? (b) UBhiledadi wakugqibezela njani ukuhlasela uYobhi?
19 Eqalisa ingxoxo yesithathu, uElifazi ubuza athi: ‘Umfo unokumnceda na uThixo? Nokuba ubungenakutyholwa, ngaba uThixo ebeya kungenelwa kuko?’ Uthi, ‘buyela kuThixo, ulungelelanise iindlela zakho. Uya kwandula ke ubuyekezwe.’ (Yobhi 22:2, 3, 21-23) UBhiledadi uyagqibezela ukumhlasela ngamazwi. Ubuza athi, ‘Ngubani na emhlabeni ongazibabaza ecocekile? UThixo uzuke kangangokuba inyanga neenkwenkwezi aziqaqambanga kangako kuye. Kukangakanani na ngomntu, umbungu lo phambi kwakhe!’—Yobhi 25:2-6.
Ukuzithethelela Nokuzilungisa KukaYobhi
20. (a) UYobhi wayiphendula njani into yokuba ukubandezeleka kusisohlwayo esivela kuThixo ngenxa yezono? (b) Lwaluyintoni uzimiselo lukaYobhi, yaye sazi njani ukuba ingqibelelo yakhe wayeyikhathalele ngokwenene uThixo?
20 Phezu kwako nje ukubandezeleka kwakhe okubuhlungu, uYobhi akanikezeli nakancinane kwiintetho ezikhohlisayo zabangcungcuthekisi bakhe. Ukuba ukubandezeleka kusisohlwayo esivela kuThixo ngenxa yezono, ubuza athi, “yini na ukuba abangendawo badle ubomi, babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?” (Yobhi 21:7-13) Ibe ngokwahlukileyo koko kuthethwa ngabo batyhola uYobhi, uYehova uyabaxabisa abagcini bengqibelelo abathi ngaloo ndlela bamnike impendulo kungcikivo lukaSathana lokuba unokutyekisa nabani na ekukhonzeni uThixo. (IMizekeliso 27:11; INdumiso 41:12) UYobhi unentembelo kwingqibelelo yakhe, esithi: “Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.” (Yobhi 27:5) Hayi, akukho nto ayenzileyo efanelekele oko kumehleleyo.
21. UElihu wathini kubathuthuzeli bobuxoki bakaYobhi, yaye kukuphi ukulungiswa okwakufuneka awakunika uYobhi?
21 UElihu osemncinane uwaphulaphula ngenyameko onke amazwi ale ngxoxo inde. Ngoku uyathetha exelela abathuthuzeli bobuxoki bakaYobhi ukuba akukho nanye into abayithethileyo eye yangqina ukuba uYobhi ungumoni. (Yobhi 32:11, 12) Wandula ke athi kuYobhi: “Okunene, uthethe ezindlebeni zam, ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi, Ndiqaqambile, andinalukreqo; ndiguxiwe, andinabugwenxa. Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, . . . Yabona akulungisi ngaloo nto.” (Yobhi 33:8-13; 6:29; 13:24, 27; 19:6-8) Ewe, uYobhi wabonakalisa inkxalabo enkulu kakhulu yokuzithethelela. Kanti, kwangaxeshanye, akazange amtyhole uThixo okanye aphulukane nentembelo yokuba uThixo wayeya kwenza oko kulungileyo.
22. (a) Emva kokuphulaphula kuYehova, yaba yintoni intsabelo kaYobhi? (b) UThixo wafuna benze ntoni abathuthuzeli bobuxoki bakaYobhi, yaye waba yintoni umphumo wokugqibela kuYobhi?
22 Njengokuba uElihu egqiba intetho yakhe kuqalisa ukuvuthuza umoya omkhulu, yaye uYehova uyathetha esemoyeni ovuthuzayo esithi: “Ngubani na lo usitha icebo ngokuthetha okungenakwazi? Khawuwabhinqise amanqe akho, ndikubuze, undazise.” Emva kokuphulaphula kuYehova, uYobhi uyavuma ukuba uye wathetha ngokungxama, ngaphandle kokuqonda okupheleleyo, yaye uyaguquka ‘eseluthulini naseluthuthwini.’ Wandula ke uYehova agwebe uElifazi namaqabane akhe amabini, eyalela uYobhi ukuba awathandazele kunye naye. Emva koko uYobhi ubuyiselwa kwimeko yakhe, yaye usikelelwa ngoonyana abasixhenxe neentombi ezintathu ezintle nemfuyo ephindwe kabini njengaleyo wayenayo ngaphambili. Ephile iminyaka eli-140, uYobhi ufa “eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.”—Yobhi 38:1-4; 42:1-17.
23. Ingqibelelo kaYobhi ifanele isichaphazele njani?
23 Kuyinyaniso ukuba, uYobhi wayeyindoda yengqibelelo ephawulekayo! Wayengazi ukuba wayesenziwa ixhoba locelomngeni lukaSathana olungendawo. Oku kuyigxininisa ngakumbi ingqibelelo yakhe ngenxa yokuba nakubeni wayekholelwa ukuba konke ukubandezeleka kwakhe kwakuvela kuThixo, sekunjalo wayengayi kumkhanyela okanye amqalekise uThixo. Esinjani isifundo esisiso esi kuthi, ekubeni siwazi umthombo weemvavanyo zengqibelelo yethu! Ngokuqinisekileyo, sifanele sishukunyiselwe ukuxelisa umzekelo kaYobhi size sihambele phambili emsebenzini kaYehova kungakhathaliseki nantoni na uTshaba lukaThixo olunokuyizisa kuthi.
Ngaba Unokuphendula Uthini?
◻ Ziziphi iinkalo ezenza ukuba ingqibelelo kaYobhi ibe yephawuleka gqitha?
◻ Ngoobani abatyelela uYobhi, yaye uSathana wayenethemba lokuba babeya kufeza ntoni?
◻ Ziziphi izityholo aba bathathu abazisebenzisa nxamnye noYobhi?
◻ Wazikhusela njani uYobhi, kodwa walungiswa njani?
◻ Waba yintoni umphumo, yaye thina sifanele sichatshazelwe njani?
ukuba abhale iinkcukacha zokubangisana ngengqibelelo kaYobhi.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
USathana wathumela “abathuthuzeli” abathathu ukutyekisa uYobhi kuThixo