Incwadi Entsha Ephathekayo Yobulungiseleli Basentsimini
KUMAKHULU eeNdibano zeSithili “Zabagcini Bengqibelelo” ebudeni bowe1985-1986, kwaye kwakhutshwa Incwadi entsha ephathekayo yobulungiseleli basentsimini ngeelwimi ezininzi. Yeyokusetyenziselwa ukunceda abantu ukuba bafumane iimpendulo ezanelisayo ezinikelwa yiBhayibhile kwimibuzo yabo. Le yincwadi enamaphepha engama-448 enomxholo othi Ukuqiqa NgeZibhalo. Ziyintoni ezinye zeembalasane zayo?
◻ “Iintshayelelo Ezinokusetyenziswa Kubulungiseleli Basentsimini.” Ezi ntshayelelo ziye zaqokelelwa kubaveleli beziphaluka nabezithili, koovulindlela nabadala abaye banamava iminyaka emininzi nabafumana imiphumo emihle kubulungiseleli babo.
◻ “Indlela Yokusabela Kumazwi Anokuthintela Incoko.” Apha kuxutyushwa ngamazwi athi, “Andinamdla,” “Ndinecawa yam,” “Ndixakekile,” namanye amaninzi angakumbi. Ukuba oku kuchaswa kuya kuthintela ekunikeleni ubungqina kummandla wakho, uya kufumana iindlela eziluncedo nezintsha zokungena apha. Eli candelo likwaqulethe inkcazelo esebenzisekayo ngokubhekisele kwincoko namaBhuda, amaHindu, amaYuda, namaSilamsi.
◻ Inemixholo emikhulu engaphezu kwama-70. Equkiweyo yile “UkuQhomfa,” “IziYobisi,” “ISini,” “UkuKhafula,” “IiHolide,” “UkuXwilwa,” “UkuVela Ngokutsha,” ‘‘UBathathu Emnye,” neminye engakumbi emininzi. Phantsi kwale mixholo kukho amacebiso angendlela yokuphendula imibuzo edla ngokubuzwa ngoku kweyee-1980. Ngokomzekelo: “Sinokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile ayiguqulwanga?” “Ngaba wonke ubani umiselwe ixesha lokufa?” “Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka nje?” Kukwakho namanye amacebiso angendlela onokuqiqa ngayo nomntu othi: “IBhayibhile yabhalwa ngabantu,” “Mna ndineyam ingcamango ngoThixo,” “Mna ndiphila ubomi obulungileyo. Ndibaphatha kakuhle abamelwane bam. Unqulo lwam luyandanelisa,” namanye angakumbi. La macebiso aye aqokelelwa kumazwe ali-18. Ukusebenzisa le ncwadi iphathekayo kunokukunceda ukuba ungenelwe kumava abanye abaye bawafumana ngaphezu kwethuba lamashumi amawaka ekuqiqeni ngeZibhalo.
◻ Le ncwadi ayilungiselelwanga ngenjongo yokunceda nabani ukuba “aphumelele kwimpikiswano” nabantu abangenantlonelo ngenyaniso. Kunoko, inikela inkcazelo exabisekileyo ngenjongo yokuba isetyenziswe ekuqiqeni nabantu ngabanye abaya kukuvumela ukuba wenjenjalo. Bambi babo basenokubuza imibuzo abazifuna ngokwenene iimpendulo ezanelisayo kuyo. Abanye, ekuqhubekeni kwencoko, basenokusuka nje bachaze iinkolelo zabo ibe banokwenjenjalo beqinisekile ngazo. Kodwa mhlawumbi bangabantu abaqiqayo abakuvumayo ukuphulaphula enye imbono. Ukuba kunjalo, le ncwadi Inokunceda kakhulu ekwabelaneni nabo ngenyaniso ecacileyo IBhayibhile eyinikelayo. Musa ukuthandabuza ukubabonisa okuqulethwe yile ncwadi uze ufunde kuyo kunye nabo.
◻ Ngokuvisisana nomzekelo owamiselwa nguPawulos xa wayefundisa eGrisi, zisetyenziswe ngokufanelekileyo iingcaphulo eziphuma kwimbali yehlabathi, kwiintyilalwazi (encyclopedia), kwiincwadi zonqulo ezineembekiselo, kwizichazi-mazwi zolwimi lweBhayibhile, njl. Yonke into isezandleni zakho.
◻ Kuqukwe isalathiso semibandela nezibhalo esikumaphepha asixhenxe sokukunceda ukuba uzifumane ngokukhawuleza limpendulo.
◻ Yiba nayo rhoqo le ncwadi iphathekayo nexabisekileyo kubulungiseleli basentsimini. Yinikele kubafundi beBhayibhIle ababonakalisa umnqweno wokuthetha nabanye ngoko bakufundileyo. Ayinakunikezelwa kuwonke wonke. Kodwa ukuba uthile ucela ukuba anganawo na umbhalo wayo, musa ukuthandabuza ukumfunela.