Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Isizathu Sokuza KukaYesu Emhlabeni
NJENGOKO sifundile kwinkupho eyandulelayo yeli phephancwadi, usuku lukaYesu eKapernahum nabafundi bakhe abane yayiloluxakeke gqitha. Okokuqala, waphilisa indoda enedemon kwindiu yesikhungu, waza endiwini kaPetros waphilisa umkhwekazi kaPetros, yaye kamva ngokuhlwa abantu baseKapernahum babesizisa kuye bonke abagulayo babo ukuba banyangwe. Kwakungekho xesha lakuba abe yedwa.
Ngoku kusekuseni ngentsasa elandelayo. Ngoxa kusemnyama, uYesu uyavuka aze aphume ngaphandle eyedwa. Uya kwindawo eyodwa apho athandaza kuyise emfihlekweni. Kodwa ukuba yedwa kukaYesu akuthathi thuba lide kuba xa uPetros nabanye beqonda ukuba akakho, bayaphuma ukuya kumfuna.
Xa bemfumana uYesu, uPetros uthi: “Bonke bayakufuna.” Abantu baseKapernahum bafuna ukuba uYesu ahlale nabo, Bayakuxabisa oko abenzele kona! Kodwa ngaba uYesu weza emhlabeni ngokuyintloko ukuza kwenza imimangaliso yokuphilisa? Uthini kubo?
Ngokwenye ingxelo yeBhayibhile, uYesu uyabaphendula abafundi bakhe esithi: “Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndizivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko.” Nakubeni abantu bembongoza uYesu ukuba ahlale, ubaxelela oku: “Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.”
Ewe, uYesu weza emhlabeni ngokukodwa ukuza kushumayela ngoBukumkani bukaThixo obuya kuthethelela igama likaYise buze ngokusisigxina bucombulule zonke iingxaki zabantu. Phofu ke, ukunikela ubungqina bokuba uthunywe nguThixo, uYesu wenza imimangaliso yokuphilisa. Ngendlela efanayo uMoses, kwiinkulungwane ngaphambili, wenza imimangaliso ukumisela ubungqina bakhe njengomkhonzi kaThixo.
Ngoku, xa uYesu eshiya iKapernahum ukuya kushumayela kwezinye izixeko, abafundi bakhe abane bahamba naye. Aba bane nguPetros nomntakwabo uAndreya, noYohane nomntakwabo uYakobi. Uya kukhumbula ukuba, kwiiveki nje ngaphambili, bamenyelwa ukuba ngabasebenzi bokuqala abahamba noYesu.
Uhambo lokushumayela kukaYesu eGalili nabafundi bakhe abane lunomphumo omangalisayo! Enyanisweni, ingxelo engemisebenzi yakhe ide iye kulo lonke elaseSiriya. Izihlwele ezininzi eziphuma eGalili, kwaYuda naphesheya koMlambo iYordan zilandela uYesu nabafundi bakhe. Marko 1:35-39; Luka 4:42, 43; Mateyu 4:23-25; Eksodus 4:1-9, 30, 31.
◆ Kwenzeka ntoni ngentsasa elandela usuku lukaYesu oluxakekileyo eKapernahum?
◆ Wayethunyelwe ntoni uYesu emhlabeni, yaye yayiyintoni injongo yemimangaliso yakhe?
◆ Ngoobani abahamba noYesu kuhambo lwakhe lokushumayela eGalili, yaye abantu bathini ngomsebenzi kaYesu?