Ukuthethelela Inyaniso Kwihlabathi ElingenaThixo
“Ilizwi lakho liyinyaniso.”—YOHANE 17:17.
1. (a) Inyaniso yaba yimbambano nini yaye njani? (b) Yiyiphi inyaniso entsha nezukileyo eyavakaliswa e-Eden?
INYANISO kudala ingumcimbi wembambano! Le mbambano, indala okwembali yoluntu, yaphakanyiswa emva e-Eden xa iNyoka yakudala yathandabuzisa ukunyaniseka kweNkosi enguMongami uYehova. Phantsi kwesilingo, abazali bethu bokuqala banyula ukucinga ngokuzimela geqe nangokuhamba ngendlela yabo yokuzingca. Babengengabo abathethelelibenyaniso abagcina ingqibelelo. Kodwa uThixo apho wavakalisa eyona izukileyo kwiinyaniso ezintsha, le yokuba kwakuya kuveliswa “imbewu” yoBukumkani ukuze ichithe imisebenzi kaMtyholi.—Genesis 3:1-6, 14, 15.
2. (a) Inyaniso yahlaselwa njani kwihlabathi langaphambi koNogumbe? (b) UNowa nentsapho yakhe bayifumana njani inkoliseko kaYehova?
2 Ngoku inyaniso yayihlaselwa. UMkhohlisi omkhulu wongezelela inkcaso yabanye oonyana bakaThixo bokomoya nabanemvukelo ukuze abangele umonakalo emhlabeni. Isizukulwana esiziphethe kakubi sangaphambi koNogumbe sazifaka ngokupheleleyo ‘ekwenzeni unothanda’ kangangokuba sasilela ukuthobela isilumkiso sikaThixo esasihlokonyiswa nguNowa. Satshabalala. Kodwa uNowa nentsapho yakhe basinda ngenxa yengqibelelo yabo engenasiphako. Njengoko aba bathetheleli benyaniso babeshiya umkhombe wokulondolozwa kwabo, ingcamango yabo yokuqala yaba yeyokunikela idini lombulelo—“ivumba elithozamisayo” kuYehova.—Genesis 6:4-12; 8:18-21; Luka 17:26, 27; 2 Petros 2:5.
Ukonakalisa Kokungeyonyaniso
3. Iyintoni iBhabheli Enkulu, ibe yaqalisa njani?
3 Sekunjalo, loo Nyoka yakudala, uMtyholi, yaqhubeka nemigudu yayo yokugxobha amanzi enyaniso. Alithandabuzeki elokuba, iBhabhiloni yamandulo yakhiwa phantsi kolwalathiso lukaSathana. ‘limfihlelo zeBhabheli’ zaba sisiseko sobukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, obuchazwe kwiSityhilelo 17:5 ‘njengeBhabheli Enkulu, unina wamahenyukazi nowamasikizi omhlaba.’ Iimvaba zayo ezininzi, ezineemfundiso zamahlelo ezingqubanayo zisekho unanamhla njengeziko elikhulu lonqulo olugwenxa.—Genesis 10:8-10; Yeremiya 51:6.
4. UYesu wayithethelela njani inyaniso, ibe ngawuphi umphumo?
4 Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, ngokungafihlisiyo wathethelela inyaniso. Ethetha ebhekisa kubahanahanisi bonqulo bomhla wakhe, wathi: “Nina ningaboyihlo uMtyholi, . . . akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye.” Ngokubhekele phaya, uYesu, “imbewu” ethenjisiweyo neyaxelwa kwangaphambili, wagxininisa ukubaluleka kwenyaniso xa waxelela uPontiyo Pilato esithi: “Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.” UYesu wanikela ngobomi bakhe bobuntu ngenxa yokuthethelela inyaniso—inyaniso yoBukumkani.—Yohane 8:44; 18:37; Genesis 3:2-5.
5, 6. (a) USathana waqhubeka njani esilwa nenyaniso? (b) Kukuphi ukungcoliswa okwaba ngumphumo, yaye kukuphi okungeyonyaniso okwavela apho? (c) Kutheni kufuneka sifune ukuba ngabathetheleli abanenzondelelo benyaniso?
5 Okungeyonyaniso kungumtya nethunga nokuchasa umthetho. Ngoko ke, akumangalisi ukuba ekuqbubeni kukaSathana umlo nxamnye nenyaniso, wavelisa udidi lwesifundisi oluwexukileyo, oluchazwe kweyesi-2 yabaseTesalonika 2:3 ‘lungumntu wesono.’ Emva kokufa kwabapostile bakaYesu Kristu, aba bawexuki bangenamthetho baziphakamisa ngaphezu kwamarhamente baza bayidyobha imfundiso enyulu yobuKristu ngokufaka kuyo “iimfihlelo” zaseBhabheli nentanda-bulumko yamaGrike, ingakumbi ingcamango kaPlato ethi umphefumlo womntu awufi.
6 Obu buxoki bube sisiseko sezinye iingcamango ezingeyonyaniso, njengokuthi ‘bonke abantu abalungileyo baya ezulwini,’ ‘abangengomalungisa kangako baya kwintlambululomiphefumlo,’ nokuba ‘ababi baqhotswa ngonaphakade esihogweni sentuthumbo.’ Ekubeni zininzi kangako iimfundiso ezigwenxa kunqulo olubuBhabhiloni, bayi indlela esinokuvuya ngayo kuba uYesu wathembisa esithi: “Ukuba nina nithe nahlala elizwini lam, noba ngabafundi bam, inyaniso. Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula”! Kufuneka sifune ukuba ngabathetheleli abanenzondelelo benyaniso ekhululayo.—Yohane 8:31, 32.
Ukuqandusela Ubuxoki Obukhulu
7. (a) Luyintoni usukelo lukaSathana, yaye uzama njani ukulufikelela? (b) Yiyiphi imfundiso yobuxoki eyavelayo kwinkulungwane ye-19?
7 Phofu ke, uMtyholi uzama ngeendlela zonke ukuyichasa inyaniso. lyamcaphukisa into yokuba nabani na akholelwe kwiLizwi likaThixo lenyaniso, iBhayibhile Engcwele. Usukelo lwakhe ‘kukumfamekisa iingqiqo zabangakholwayo, ukuze bangazazi iindaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu.’ UMtyholi uzama ukuyisingela phantsi inyaniso kungekuphela nje ngokubangela “umntu wesono” weNgqobhoko ukuba azame ukunyakathisa iimfundiso zonqulo lobuxoki eBhayibhileni kodwa nangokumenza athi iBhayibhile isekeIwe kwiintsomi nakumavo. Ngoko ke, ebudeni benkulungwane ye-19, loo nyoka yakudala yaqandusela enye imfundiso yobuxoki elukuhlayo. Iye yabizwa ngokuba yindaleko.—2 Korinte 4:4.
8. Iyintoni ingcamango kaDarwin?
8 Ngowe-1859, njengokuba ‘ixesha lokuphela’ laseBhayibhileni lalisondela, uCharles Darwin wapapasha incwadi yakhe ethi On the Origin of Species by Means of Natural Selection, or the Preservation of Favoured Races in the Struggle for Life. (Daniyeli 12:4) Lo kaDarwin weza nengcamango ethi izinto eziphilileyo azizange zidalwe kodwa kunoko, zazivelela ngokuphuma kwiintlobo zangaphambili “ngokokhetho lwendalo olubangelwa ngumzabalazo wokuphila.” Ekugqibeleni, umntu wazivelela ngokuphuma kuhlobo oluthile Iwenkawu. UDarwin wathi oku kwakungumcimbi “wokusinda kwezona zinamandla.”
9. (a) Ziziphi iinyaniso zeBhayibhile, njengoko zafundiswa nguYesu, ebeziya kuba zezingenantsingiselo ukuba indaleko ibiyinyaniso? (b) Intelekelelo yokuba “kusinda ezinamandla” iwuzise njani umonakalo omkhulu kuluntu?
9 Le ngcamango ichasa ngokubange’ iintloni ingxelo yeBhayibhile yendalo neyokuwela komntu esonweni. Yenza idini lentlawulelo likaYesu neemfundiso zeBhayibhile ezingoBukumkani, uvuko, ubomi obungunaphakade nomhlaba oyiparadisi, zingabi nto yanto. Ngaphezu koko, ingcamango yendaleko, ukuba iyinyaniso, ibiya kukhulula abantu bangabopheleleki nakuyiphi na imigaqo yoMdali.a Ngokufundisa “ukusinda kwezona zinamandla,” le ngcamango iye yabangela kwavela ubuMarx, ubuFasi nezinye iimfundiso ezathi zantshula.b Abathetheleli bendaleko bamele babekw’ ityala ngenxa yokungahloneli Thixo nokubandezeleka okungaka ehlabathini namhlanje.—INdumiso 14:1-4.
Abathetheleli Bobuxoki
10. Ngokubhekisele kuDarwin, kungaziphi iindlela abathi abefundisi bazingqina bengabathetheleli bokungeyonyaniso?
10 Ngaba isifundisi sexesha likaDarwin saIwa nxamnye nale ngcamango ingamhloneliyo uThixo? Okukhwankqisayo kukuba, unjingalwazi weYunivesithi yaseCambridge ubhala esithi: “Okokuqala ubukhulu bokuchaswa kwengcamango kaDarwin kwavela kwizazinzulu ngokusekelwe kubungqina, kungekhona kubefundisi ngokusekelwe kwizibhalo.” Omnye ugqirha ofunde kunene wongezelela esithi: “lingqondi zamaKristu eziphambili ngaphandle nje kwezimbalwa eBritani naseMerika zavisisana ngokulula nemfundiso kaDarwin nendaleko.” Ngowe-1882, uDarwin wade wangcwatywa phakathi kookumkani eWestminster Abbey, ngelungiselelo elikhethekileyo elenziwa ngumfundisi Omkhulu waseTshetshi waloo mmandla!—Thelekisa IZenzo 20:30; 2 Timoti 4:3.
11. Ngawaphi amazwi awathethwa ngabefundisi ngengcamango kaDarwin yokungabukholelwa ubukho bukaThixo?
11 Ingcamango kaDarwin yokungabukholeIwa ubukho bukaThixo ngoku yamkelwa ‘njengentshumayelo eyinyaniso’ ngabefundisi abaninzi beNgqobhoko. Ubhishophu Omkhulu waseYork, ongowesibini kwizikhundla eziphakamileyo kwiCawa yaseNgilani, ingcamango yendaleko yezinto eziphilileyo uyigqala iyemiselwe kakuhle kangangokuba “ikuphela kwesiseko esinokuqondwa sezifundo sezinto eziphilileyo sanamhla.” Kutshanje, kwintlanganiso yaseVatican, abaphengululi abali-12 abamela elona qumrhu liphakamileyo lezenzululwazi leCawa yamaKatolika bathi: “Seyisekile kukuba ubungqina obuyintabalala benza ukusetyenziswa kwengcamango yendaleko kubantu nakwizilwanyana ezinjengeenkawu kube kokungenakuphikiswa konke konke.” Yaye koku iNew Catholic Encyclopedia yongezelela isithi: “Indaleko ngokubanzi, kwanaleyo yomzimba womntu, ibonakala iyeyona ngxelo yokuvela kwezinto ephantse ukuvisisana nenzululwazi.” Kodwa ngaba ngenyaniso ivisisana nenzululwazi? Ngaba indaleko iyaxhaswa bubungqina benzululwazi obunokuthenjwa? Ubomi bakho kanye buxhomekeke ekugqibeni ngenyaniso yalo mcimbi.—Yohane 14:6; 16:13; 17:17.
12. Kutheni simele sithi le mfundiso yokuzakhela engendalo ayikho ngokwezibhalo ibe ayikholeleki?
12 Kumaxesha akutshanje, zimbi iinkonzo ezichaza iBhayibhile ngokoqobo ziye zavelisa imfundiso ethile yokuzakhela engendalo (creationism ngesiNgesi) njengelungisa indaleko. Kodwa ngokwenjenjalo, zimisa into engekho ngokwezibhalo nengakholelekileyo. Loo nto ikukuba amazulu, umhlaba nayo yonke into esemhlabeni yadalwa nguThixo ngeentsuku ezi-6 ngalunye luneeyure ezingama-24—ewe, ngeeyure nje zokoqobo ezili-144! Le mfundiso iye yabangela abaninzi ukuba bayigculele iBhayibhile. Kodwa ngaba “imini” eBhayibhileni isoloko ibubude beeyure ezingama-24? IGenesis 2:4 ithetha ‘ngemini awenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu.’ Le mini inye iquka zonke ezinye ‘iimini’ ezintandathu zokudalazeGenesis isahluko 1. Ngokokusetyenziswa kwayo eBhayibhileni, “imini” ilithuba nje lexesha elilinganisiweyo. “Imini” kuYehova inokuba yiminyaka eliwaka okanye amawaka aliqela eminyaka—njengoko kwakunjalo ‘ngeemini’ zokudala. Ngoko ke, ngokubhekisele kule ngongoma, ingxelo yeBhayibhile yesengqiqweni nevisisanayo nenzululwazi yokwenyaniso.—2 Petros 3:8.
Imvelaphi Yobomi
13. (a) Abathetheleli bendaleko bakuchaza njani ukuvela kobomi? (b) Kutheni kungenangqiqo ukuthi iseli ephilileyo yazidala ngokwayo ngamabonandenzile?
13 Abathetheleli bendaleko bayichaza njani imvelaphi yobomi? Bathi kumawaka ezigidi eminyaka eyadlulayo ulwandlekazi olwalugubungele umhlaba lunokuba “lwalusisidudu esiqulethe amasuntswana,” nangona ayengekabi nabomi. Bahambisa ke besithi, ‘imolikyuli ethile ephawulekayo yayilwa ngamabonandenzile angenakuqondwa.’ Ngokumangalisayo, le molikyuli yaziphindaphinda ukwenza ezinye iimolikyuli ezadibanayo ukuyila iseli ephilileyo. Ingakho na enye into enokuvakala iliphupha ukugqwesa le? Umbhali owanikela le nkcazelo wathi kwintshayelelo yencwadi yakhe: “Le ncwadi mayifundwe ngokungathi yintsomi yenzululwazi.” Ewe, yintsomi le, kodwa kungeyiyo inzululwazi! Iphephancwadi iNational Geographic labalula ukuba imiyalelo ecwangcisiweyo (DNA) kwiseli enye encinane “xa inokubhalwa phantsi, ingazalisa iwaka leencwadi ezimaphepha angama-600.” Yimbudede yokwenene ukuthi iseli ephilileyo yazidala ngamabona-ndenzile kwisidudu esithile samandulo!
14. Njengabathetheleli benyaniso, yiyiphi imfundiso yeBhayibhile esisiseko esimele siyiphakamise?
14 Okusengqiqweni ngakumbi nokuqondakalayo yinkcazelo enikelwe ngumbhali weBhayibhile uDavide, owabhala kwiNdumiso 36, indinyana 5 neyesi-9 esithi: “Yehova, likuwe ithende lobomi.” Njengabathetheleli benyaniso, simele siyixhase loo mfundiso yeBhayibhile esisiseko.—Bona kwaneNdumiso 100:3; Isaya 42:5, 8.
Ngaba Kwenzeka Indaleko Engokwamabakala—Okanye Kwadalwa Ngokuthe Ngqo?
15. (a) Ukuba indaleko ibiyinyaniso, ingxelo ekwifosili ibiya kuyixhasa njani? (b) Le ngxelo ibonisa ntoni, nto leyo eyanyanzela uDarwin ukuba avume ntoni?
15 Phofu ke, xa zinikwe ubomi, bekungenakuthi na kwiintlobo ezahlukeneyo zezinto eziphilileyo ngokwamabakala kudaleke ezinye iintlobo? Kaloku, ukuba oko kwenzeka, imbali yefosili yezizukulwana zamandulo ngeyikubonisa oku. Kodwa ngaba iyakubonisa? Qwalasela ixesha ekuthiwa leleCambrian. Apha iifosili zamaqela aphambili ezilwanyana ezingenamnqonqo zibonakala okokuqala zindawonye “ekuveleni” okungummangaliso kwezinto eziphilileyo. Ukuba la maqela ahlukene gqitha avela ngaxeshanye ebomini, kunokwenzeka njani ukuba elinye ladaleka livela kwelinye? Yena ngokwakhe uDarwin wavuma ngokuphandle esithi: “Ukuba iintlobo ezininzi ngokwenene zaqalisa ubomi ngaxeshanye, eso sibakala singayibhangisa ingcamango yendaleko.” Ewe, ibhange kuthi tu!—1 Korinte 3:19, 20.
16. (a) Ngokubhekisele ekuveleni kweentlobo zezilwanyana, ingxelo ekwifosili iyibonisa indaleko ibubuxoki njani? (b) Inyaniso yokwenene ichazwe njani kwiGenesis 1:25?
16 Ingxelo yeefosili ibonisa ukuba iintlobo zobomi ezahlukeneyo nezintsonkothe gqitha zavela kwaoko sezikhule ngokupheleleyo. Kunjengokuba omnye unjingalwazi wenzululwazi yemvelo wagqabazayo: “Iminenga, amalulwane, amahashe, ezanyisayo, iindlovu, imivundla oonomatse, njl., zonke zisenjengokuba zazinjalo ekuqalekeni kwazo. Akukho nomzila omncinane wesilwanyana sakudala ekuthiwa ezi zilwanyana zavela kuso zonke, kungasathethwa ke ngokunxulumana kwazo nesirhubuluzi esithile, ekucingelwa ukuba zavela kuso.” Zikho na iifosili zeendlulamthi ezineentambo ezimalunga nesiqingatha xa zithelekiswa nobude bazo ngoku? Hayi azikho. Inyaniso yalo mcimbi ichazwe kwiGenesis 1:25: “Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.” Ewe, kulunge kunene!
17. Kukuphi ukwahlukahlukana okuhle noyilo olunokubonwa kwizinto eziphilileyo, ibe oku kunokuvela kubani kuphela?
17 Kwakhona qwalasela iintlobontlobo ezingummangaliso ezibonakala kwizinto eziphililleyo ezilapha emhlabeni! Ngaba intyatyambo eyirose, ibhabhathane, ipikoko namawakawaka ezinye izinto eziphilileyo zafumana ubuhle bazo obukhethekileyo ngamabona-ndenzile, kumzabalazo wokusinda kwezona zinamandla? Okanye ngaba ziluyilo lobugcisa loThixo onothando ofuna uluntu luyoliswe yimisebenzi yakhe? Xa sikhangele ubuhle bezinto ezininzi ezimangalisayo ezifumaneka kulo mhlaba umangalisayo, ngokuqinisekileyo simele sidanduluke sisithi: “Hayi ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobulumko; uzele umhlaba zizidalwa zakho.”—INdumiso 104:24.
18. Kutheni ubungathi iplatypus yayinokuyilwa kuphela nguThixo?
18 Ngamaxesha onke uyilo lubonisa ubukho bomyili. Yaye kukho uyilo olungummangaliso kwizinto eziphilileyo. Khawuqwalasele isilwanyana ekuthiwa yiplatypus, esiphila eOstreliya. Silingana nomvundla, sinoboya obufana nobekati, nomlomo onjengowedada, sinamajengxeba njengomqhagi, sikwaneenzwane ezinenwebu nezineenzipho. Sizalela amaqanda njengenyoka, siwanyise amathole aso njengekati. Sihlala ngokonwabileyo emhiabeni okanye ngaphantsi kwamanzi. Yadaleka ngokuphuma entwenini iplatypus? Ekubeni ibonakala kuphela ngokuhiwa, makube iplatypus le ifana nephupha eliyinkohla koonondaleko. Isazi ngezinto eziphilileyo kwiYunivesithi yaseHarvard siyichaza “njengesidalwa esiyilwe ngokuncamisileyo ukuze siphile ubomi obuthile obungaqhelekanga.” Ngubani lo Myili uncamisileyo? Kuphela kunokuba nguThixo othi: “Ngokuba zezam zonke iinyamakazi zehlathi.”—INdumiso 50:10.
19. (a) Sisiphi isenzo esikhwankqisayo esenziwa yiwarbler encinane? (b) Ikwazi njani ukukwenza oku?
19 Ngokubhekele phaya, kuthekani ngethuku elakhelwe kwizinto ezininzi eziphilileyo? Ngokomzekelo, kukho intakana encinane, iblackpoll warbler, enobunzima obuziigram ezingama-21 kuphela. lyakwazi ukukhetha imozulu eyiyo yasekwindla ize imke eAlaska iye eNew England. Apho izityebisa ngokutya okumnandi ize ilindele ixesha lengqele. Lakufika iyemka, ibhabhele phezulu kangangeemitha ezingama-6 100 nangaphezu koko isinge ngaseAfrika, de le ntakana ifumane umoya onamandla oyithobela apho isinge khona kuMzantsi Merika. Lonke ulwazi lwale ntaka lucwangciswe engqondweni engangokhozo lwe-ertyisi. Ngaba unondaleko angachaza ukuba ithuku elilolu hlobo labakho njani? Akanako. Kodwa iBhayibhile yalatha ukuba uYehova sisilumko ‘esinguMenzi wezulu nomhlaba nolwandle neento zonke ezikulo,’ kuquka ezo zidalwa “zilumke kakhulu” ngokwethuku.—INdumiso 146:5, 6; IMizekeliso 30:24-28.
Ngaba Unombulelo?
20. (a) Imele ibe yintoni inkcazelo engobukho bezinto ezimangalisayo ezisingqongileyo? (b) Ububele obunothando boMdali wethu bubonakaliswa njani kuthi? (c) Njengabathetheleli benyaniso, simele sisabele njani?
20 Inyaniso ngalo mcimbi nantsi: Kuninzi gqitha okuthandekayo, okuyimbonakaliso yobugcisa, nokukhwankqisayo emazulwini nasemhlabeni kangangokuba ekuphela kwenkcazelo yobukho bezi zinto kukuba zadalwa nguMyili onothando nomkhulu ngamandla! Phantsi kweemeko ezilungileyo, hayi iindlela eziyondelelana ngayo iziva-mvo zethu esizinikwe nguThixo nemeko-bume yethu yemvelo ukuze sinandiphe ubomi! Imbonakalo ezukileyo yokutshona kwelanga esiyibonayo, ivumba elithozamisayo leentyatyambo, uncuthu lweziqhamo esizingcamlayo, umoya opholileyo esiwuvayo, umculo wehlathi esiwuphulaphulayo—hayi indlela ezi zinto ezibubonakalisa ngayo ububele obunothando boMdali wethu uThixo! (INdumiso 136:1-6, 25, 26) Hayi indlela esimele ngokunyanisekileyo sifune ukuvakalisa umbulelo wethu ngokuthethelela inyaniso kweli hlabathi lingenaThixo! Ngenene, ‘iLizwi likaThixo liyinyaniso’!
[Imibhalo esemazantsi]
a Thelekisa inyaniso yeBhayibhile njengoko yafundiswa nguYesu Kristu kwiSityhilelo 4:11; Mateyu 19:4; Luka 24:46, 47; Mateyu 20:28; 6:10; Yohane 5:28, 29; 17:3; Luka 23:43.
b UKarl Marx wathi: “Incwadi kaDarwin ibaluleke gqitha ibe indinika isizathu sokuba kubekho umzabalazo phakathi kweendidi zabantu embalini.”
Ekuthetheleleni Inyaniso, Ubuya Kuphendula Njani?
◻ Inyaniso yaba yimbambano njani?
◻ Inyaniso yeBhayibhile iyibhenca njani imposiso yeBhabhiloni?
◻ Imvelaphi neentlobo zezinto eziphilileyo zinokuchazwa njani kuphela?
◻ Uyilo kwizinto eziphilileyo lusixelela ntoni?
◻ Sinokumbulela njani uMdali wethu?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Uyesu wabaxelela ngeliphandle abachasi benyaniso esithi “Nina ningaboyihlo uMtyholi”
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UCharles Darwin—umthetheleli wengcamango yomntu obunkawu
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Icawa yaseNgilani uDarwin yamngcwabela kwindawo engcwele eWestminster Abbey
[Inkcazelo]
U.S. Fish & Wildlife Service
[Umfanekiso okwiphepha 15]