Ingqibelelo Ekukhonzeni UThixo Wenyaniso
“Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndihambe ngenyaniso yakho.”—INDUMISO 86:11
1, 2. (a) Ilungiselelo likaThixo loluntu linokuzekeliswa njani? (b) IZibhalo ziyichaza njani imisebenzi yezandla zikaThixo nokutyeka kwabantu?
KHAWUTHELEKELELE nje ukuba uhamba kwintlango eyinkqantosi, engenabomi konke konke. Ngesiquphe ubona indlu entle. Inezinto zokupholisa umoya nezokwenza kufudumale, inemibhobho yamanzi nombane. Isikhenkcisi sayo nekhabhathi zizele qhu kukutya. Kuvimba kukho isibaso nentabalala yezinye izinto ezifunekayo. Ngaba ubuya kuthi konke oko kubekho ngamabona-ndenzile? Ngaba ubuya kuba nombulelo ukuba umninimzi ebekucela ukuba uhlale kuloo ndlu uze uziyolise?
2 Kaloku, lo mhlaba uchwayitisayo esiphila kuwo ufana kanye naloo ndlu. Kude kudala ngaphambi kokuba uluntu ludalwe, uThixo wethu onothando walungiselela lo mhlaba ukuba ube likhaya lethu ibe ulungiselele yonke into ebesiya kuyifuna ukuze sizonwabise. (Isaya 45:12, 18) Ngaba asimele sibe nombulelo kulo Mlungiseleli unobubele? Nguye owaphefumlela ukubhalwa kwamazwi eBhayibhile akumaHebhere 3:4 athi: “Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” Ihlazo likukuba abantu abazingcayo baye bawudlavula ibe bayawonakalisa umsebenzi wezandla zikaThixo emhlabeni. Duteronomi 32:3-5.
3. IBhayibhile ithini ngobubele bukaYehova ngoku nakwikamva?
3 Kwanakubachasi benyaniso, umpostile uPawulos wayenokuthi ngoThixo: “Akayekanga ukuzingqinela, esenza okulungileyo, esinika imvula evela ezulwini, namaxesha aneendyebo, ezanelisa iintliziyo zethu ngokudla nangemihlali.” (IZenzo 14:17) Hayi indlela uYehova anokubasikelela ngakumbi ngayo abo bamkhonza ngengqibelelo! Nangona iinzima neengxaki zale ‘mihla yokugqibela’ zinokusicinezela, kukho ithemba eliqaqambileyo lokuba kwikamva elingekude iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo abo bayithandayo iya kuba lungiselela intabalala yokwenene yezinto ezilungileyo, isule iinyembezi ebusweni babo bonke.—2 Timoti 3:1; Isaya 25:6-8.
Ummangaliso Wengqondo Yomntu
4. (a) Yiyiphi ingxaki ejongene nezazinzulu zekhompyutha ezithile? (b) UYeremiya 33:2, 3 uthini ngoMenzi wobuchopho bomntu?
4 Kwiminyaka eliqela, izazinzulu bezizama ukwenza iikhompyutha ezicinga ngokwenene. Kodwa ngoku ziyavuma ukuba zixakwe kwalelokuqala inyathelo. Kutheni kunjalo? Kaloku, zivuma ukuba zikatyiswe kukwakhiwa kweliso lomntu. Ukuba azikwazi ukwakha iliso, zingakwazi njani ukwakha ubuchopho, yaye zingaze zikwazi njani ukuvelisa amandla okucinga? Ngenene ubuchopho bomntu bungummangaliso! Mzuzwana ngamnye, ebuchotsheni kungena amasuntswana enkcazelo alikhulu lezigidi, ukuba ahluzwe andule ukusetyenziswa ekuphileni ngokunengqiqo. Kwaneyona khompyutha intsonkothileyo ayinakuze ithelekiswe nakancinane noko. Obunjani bona ubungqina ukuba buhle bobulumko obugqwesileyo boThixo onothando owasenzayo! Sinokuvuya kuba uMenzi noMakhi wethu, uYehova uThixo, wasijizeka ngobukrelekrele, nokuba sinokubusebenzisa ubuchopho bethu ekufundeni “izinto ezinkulu ezinqabileyo” asityhilela zona ngexesha elilelakhe nangendlela yakhe.—Yeremiya 33:2, 3.
5. (a) Nguwuphi ummangaliso wokukhula owenzeka kuphela kubantu? (b) Amazwi kaElihu afaneleke njani?
5 Ummangaliso wobuchopho bomntu uqala esizalweni, ekubumbekeni kweeseli zobuchopho kwiiveki nje ezintathu emva kokukhawulwa. Ezi seli ziphindaphindeka ngokukhawuleza, maxa wambi kangangekota yesigidi seeseli ngomzuzu. Emva kokuzaIwa, ubuchopho bomntwana buphindeka kathathu ngobukhulu kunyaka wokuqala, nto leyo ebenza bahluke kwaphela kubuchopho baso nasiphi na isilwanyana, kuquka nenkawu. Kungekudala usana lomntu luyathetha, luqiqe ngemicimbi, luqonde imicimbi engokuziphatha neyokomoya. Obu bugcisa bebunokudaleka njani ngokuphuma kumarhamncwa? Ngokufanelekileyo, uElihu wathi ngoThixo wethu nangoMenzi wethu Ozukileyo: “Usifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?”—Yobhi 35:10, 11.
6. (a) IZibhalo zichaza zisithini ngokwakhiwa okumangalisayo komntu? (b) Amandla ethu esiwanikwe nguThixo sinokuwasebenzisa njani ngothando?
6 Lo mmangaliso, ingqondo yomntu, uvisisana neGenesis 1:27, eyenjenje: “Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.” Asimele sibe nombulelo na ngendlela uThixo asenze ngayo? UDavide wabulela. Wamdumisa uYehova, esithi: “Ndiyabulela kuwe ngenxa enokuba ndenziwe ngokoyikekayo, ngokubalulekileyo; zibalulekile izenzo zakho.” (INdumiso 139:14) Siyamdumisa na uThixo wethu ngenxa yezizathu ezifanayo? Ngaphezu koko, kwanga singasebenzisa ubuchopho nemizimba yethu esiyinikwe nguThixo ekuhlangabezaneni nocelomngeni uSathana aye wamthuka ngalo uThixo. Kwanga singamkhonza uYehova njengabagcini bengqibelelo.—IMizekeliso 27:11.
Bambelela Nkqi Kwinyaniso
7, 8. (a) Nguwuphi umahluko omele uphawulwe phakathi kwenyaniso nengcamango nje? (b) Ngokubhekisele kwindaleko, abantu abanolwazi ngoku bathini? (c) Kutheni le nto indaleko imele inxulunyaniswe nokufan’ ukholelwe kunokuba inxulunyaniswe nokholo?
7 Inyaniso mayoyise! Thina bathandi bakaYehova masibambelele nkqi enyanisweni njengoko sisebenzisa amandla etbu okucinga ekunyuleni ikhondo lengqibelelo. Inyaniso engendalo iqinisekisiwe. Ayixengaxengi. Iluphumelele uvavanyo lwamawaka eminyaka. Kwiminyaka engapbezulwana nje kwelikhulu ikho, laa mposiso inkulu, ingcamango yendaleko, ilungele ukulablwa. Asiloluvo lwethu nje olo. Kuvunywa jikelele zizazinzulu ezininzi ezingqondo iphangaleleyo, amagqwetha, abaphengululi nabanye abantu abanolwazi. Itbetba ngocelomngeni “kwimigaqo yendaleko eyandlalwe nguDarwin nabanye,” iThe New York Times ishwankathela umbandela ngokuthi: “Ngumcimbi oyingxubakaxaka.” Ingcali esisazinzulu yabhala yenjenje: “Siyavuma ukuba ubungqina bendaleko buzizijungqe ngezijungqe. Ewe, indaleko iyingcamango nje kuphela. Ke, ukwamkela indaleko kusisenzo sokholo.”
8 Kodwa ngaba ngenene ukwamkela indaleko kusisenzo sokholo? Kunoko, sinokutbi kusisenzo sokufan’ ukholwe. Ukholo lunesiseko esiqinileyo. AmaHebhere 11:1 asixelela ukuba ukholo “kukweyiseka bubukho bezinto.” Ubungqina bokuba imbali yeBhayibhile isekelwe kwizinto ezikhoyo nokuba buyinyaniso buninzi gqitha. (2 Timoti 3:16, 17; Roma 15:4) Kwelinye icala, okukbona bephengulula oonondaleko, kokukhona bebhenca iimpikiswano abazama ukuzitbethelela kwabo bafane bakholwe.
Wakha Wakho Na Umntu Obunkawu?
9. Zininzi kangakanani iifosili zomntu obunkawu, ibe zimele zibe phi?
9 Kwiminyaka eli-130 yokuphanda iifosili zonxibelelwano olungekhoyo phakathi kwenkawu nomntu, oonondaleko beze bephethe ubugoxwana bamathambo. Ngokwephephancwadi iScience Digest, “bonke ubungqina obuphathekayo bendaleko yomntu busenokufakwa kwibhokisi nje enye yomngcwabo kushiyeke isithuba!” Ngokungathandabuzekiyo, loo nto kuthiwa bubungqina ibifanelwe kukuba lapho kakade—isiciko sebhokisi sibethelelwe saqina nkqi!
10. Ukwakhiwa ngokutsba kwabantu ababunkawu ngamagcisa kunyaniseke kangakanani?
10 Loo mifanekiso yamaphephancwadi yomntu obunkawu esetyenziswa ukubethelela ingcamango yendaleko iziintelekelelo nje, ezisekelwe kubugoxwana bamathambo okakayi okanye umhlathi. Ngokomzekelo, kwiphepha 1 leNew York Times kaAgasti 16, 1985, kwabonakala “ukwakhiwa ngokutsha kweAmphipithecus, isilwanyana esibunkawu esisesona sidala kwezaziwayo umntu awadaleka ngokuphuma kuzo,” kuboniswe intloko yaso enoboya nezandla. Oku kwakhiwa ngokutsha kwakusekelwe entwenini? Inqaku elalithetha ngoku lithi: “Kwinxalenye engemva yomhlathi ongezantsi kunye neceba lomblathi ongapbambili ezafunyanwa kwiminyaka esisiqingatba senkulungwane eyadlulayo.” Kodwa ngaba intloko epheleleyo, iinwele nako konke, ngenene kunokwakhiwa ngokutsha ngokusekelwe kumaqhekeza amabini alolo hlobo? Eli nqaku lacaphula isazi ngeemeko zabantu seYunivesithi iHarvard njengesibiza ezi fosili ngokuthi “ngumtha wokukhanya kwisithokothoko sobumnyama.” Kodwa ngaba ngenene zinokufaniswa nokukhanya?
11. UIsaya 59:15 unokusetyenziswa njani ngokunxulumene noko kufane kuthiwe ngabantu ababunkawu?
11 Enye into abathile abasenokuyibiza ngokuba ngomnye “umtha wokukhanya” yayilukakayi lomntu wasePiltdown. Lwaluyinto ebalaseleyo koonondaleko kangangeminyaka engama-40 kodwa lwabhencwa ngowe-1953 ukuba likukudityaniswa kwamaqhekeza amathambo, awesilwanyana ngokuyinxenye nawomntu ngokuyinxenye, awadityaniswa ngobumenemene njengento yokukhohlisa! Ngokwamazwi omprofeti ulsaya, kunokuthiwa ngezi ngcamango zabantu ababunkawu: ‘Ziswele inyaniso.’—Isaya 59:15.
Umzekelo Osisiprofeto
12. Ziziphi izinto ezingamasikizi uHezekile awazibonayo?
12 INgqobhoko yanamhlanje engahloneli Thixo yafanekiselwa yiYerusalem engathembekanga yamaxesha amandulo. Kwakungonyaka wama-612 B.C.E. eyathi iNkosi enguMongami uYehova yanika uHezekile umbono eyathi kuwo yamfudusela eYerusalem lo mprofeti esuka eBhabhiloni. Apho, kwintendelezo yetempile, uHezekile wabona umqondiso olisikizi wokunqula izithixo. Ngokulandelayo uYehova wathi makagqobhoze aze awandise umngxuma eludongeni. Wandula ke wathi kuHezekile: “Yiza, ubone amasikizi amabi abawenzayo apha.” Wabona ntoni? Ewe, kumagumbi angaphakathi endlu kaYehova yonqulo, “nanzo zonke izinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe, nezigodo zonke zendlu kaSirayeli, zikroliwe eludongeni ngeenxa zonke.”—Hezekile 8:1, 7-10.
13. (a) Yiyiphi imeko efana neyangaphambili ekhoyo kwiNgqobhoko namhlanje? (b) UYesu wayijonga njani ingxelo yeBhayibhile engendalo?
13 Ngokuvisisana nalo mbono, namhlanje sifumana imeko eyothusayo phakathi kwabefundisi beNgqobhoko. Ubukhulu becala, lo “mntu wesono” uyilahlile ingxelo yeBhayibhile engendalo. (2 Tesalonika 2:3) Okanye, njengabo bawexuki bomhla kaHezekile, abefundisi bazabalazela ukuxuba indaleko neBhayibhile, besithi izahluko zokuqala zeGenesis ziyintsomi okanye zilibali elifuziselayo. Betyeshela amazwi ayinyaniso enzululwazi okuba ingcaciso elula idla ngokuba yeyinyaniso, bathi ingxelo yeBhayibhile ilula gqitha kubo. Iingqondo zabo ezikhukhumeleyo zifuna nto ithile entsonkothe nephixene ngakumbi. Baziphakamisa ngaphezu koYesu Kristu, owabhekisela kwingxelo yokoqobo yeGenesis ‘njengeyinyaniso.’—Yohane 17:17; Mateyu 19:4-6.
14. “Amadoda amakhulu” ngoku asilela njani ukukhokela imihlambi yawo, ibe uya kuba yintoni umphumo?
14 Kumbono wakhe, uHezekile wabona “amadoda angamashumi asixhenxe kumadoda amakhulu endlu kaSirayeli” enqula ngaphambi kwaloo mifanekiso ‘yezinto ezimilise okwesinambuzane nenkomo, izinto ezinezothe.’ (Hezekile 8:10, 11) Oku kunokuthelekiswa nabefundisi banamhlanje abathi ngokuphandle umntu wadaleka ephuma kwizilwanyana ezilolo hlobo! La ‘madoda makhulu’ amele ukuba akhokela imihlambi yawo kwindlela yenyaniso. Kodwa ngaba ingcaciso kaYesu ekuMateyu 15:14 ayibhekiseli kuwo? UYesu wathi: “Ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.” Banokufumana umhadi ololo hlobo “kwisithokothoko sobumnyama” apho oonondaleko bampampatha khona.
15. Abefundisi abamkela ingcamango yendaleko babunikela njani ubungqina obungakumbi bokuba bayinxelenye ‘yomntu wesono’?
15 UYehova ngokulandelayo wabuza uHezekile esenjenje: “Nyana womntu, ukubonile na akwenzayo emnyameni amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, iyileyo ezingontsini zayo ezinemifanekiso? ngokuba esithi, UYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe.” (Hezekile 8:12) Abefundisi abamkela intanda-bulumko yabantu banikela ubungqina obufanayo bokuba bayinxalenye ‘yomntu wesono.’ Bayawulahla umthetho kaThixo, oquka incwadi yeGenesis. (IZenzo 7:53) Imihlambi yabo bayikhokelela ebumnyameni bokucinga kwehlabathi, njengoko kuzekeliswe yingcamango yendaleko engangqinwanga nengenakungqinwa. ‘Bathanda ubumnyama ngaphezu kokukhanya’ kwenyaniso.—Yohane 3:19.
16. Kukuphi ukufana okumelwe kuphawulwe phakathi ‘kwamadoda amakhulu’ omhla kaHezekile noninzi lwabefundisi namhlanje?
16 Kanye njengokuba ezo nkokeli zamaYuda zezisa unqulo lobuxoki ngaphakathi kwetempile eYerusalem, ngoko iinkokeli zonqulo lobuxoki namhlanje zizama ukubambelela kwigama elithi “umKristu.” Kodwa ukukholelwa kwindaleko akubobuKristu. Ukwamkelwa kwale ngcamango kuye kwabangela abaninzi ukuba bamshiye uThixo. Kuye kwafak’ isandla ngomlinganiselo omkhulu kumoya wokuzimela geqe, ugonyamelo nobugrogrisi benkulungwane yethu yama-20, zona iintlanga nabantu ngabanye besamkela ibinzana lendaleko elithi “kusinda ezinamandla.” Indaleko ifundise abantu ukuba abanambopheleleko kuMdali. (Roma 9:28) Ngoko ke abantu bazive bekhululekile ukuba ‘benze unothanda,’ bengacingi nento le ngoThixo.
17. Kukuziphi iinkalo abathe abefundisi abamkela ingcamango yendaleko benza iimposiso ezinkulu kuzo?
17 Iinkokeli zonqulo ezamkela indaleko ziyafana nabathi: “UYehova akasiboni, uYehova ulilahlile ilizwe.” Ngenxa yokwamkela le ntanda-bulumko, azinaluvo lwakuziphendulela kuye. Eneneni, ingcamango yazo ngoThixo isithwe kukukholelwa kwazo koothixo abaziziqu ezithathu abaxakayo nabangenakucaciswa. Ngokuvisisana nale mbono, bezingathanda ukulishenxisa kwaigama loThixo omnye oyinyaniso, uYehova, zingalikhankanyi konke konke eli gama yaye ngenyameko zilishenxisa kwiinguqulelo zazo zeBhayibhile. Ziyakoyika ukuyichasa imfundiso yehlabathi ethandwayo yendaleko.
18. Kukuphi ukuziphendulela okulindele ingcamango yendaleko nabaxhasi bayo?
18 Ngokufanelekileyo, uYehova uthetha oku ngomnye umprofeti: “Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisile kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa: ngako oko, yabona, ndiya kuphinda ndibaphathe aba bantu ngokubalulekileyo, kubaluleke, kumangaliseke; butshone ubulumko bezilumko zabo isithele ingqondo yeengqondi zabo.” (Isaya 29:13, 14) Ingcamango engahloneli Thixo yendaleko nabo bazibabaza bengamaKristu abayamkelayo kuya kufuneka beziphendulele ingaphelanga imini yokuvutha komsindo kaYehova.—Zefaniya 3:8.
Ukukhonza Sixhasa Inyaniso
19. (a) Kutheni le nto abaninzi baye bayamkela indaleko? (b) Abantu abalulamileyo ngoku banokuba nesabelo kuluphi uvuyo?
19 Ngenyaniso lihlabathi elingenaThixo eli! Unqulo lobuxoki nekratshi eliphosakeleyo lenzululwazi zizo ezibangele oku. Iimposiso kwiimfundiso ‘zomntu wesono,’ isifundisi seNgqobhoko, zigxothe abaninzi bemka elunqulweni. Abanye kwaba babambelele kwindaleko, njengomntu orhaxwayo obambelela kumcinga wengcongolo. Bambi bamkele imfundiso yendaleko kuba ukuchasana kwayo noThixo kubonakala kubakhulula ekubophelelekeni kuThixo onguMdali. (Thelekisa amaRoma 1:21-23.) Kodwa ngoku abathobekileyo nabalulamileyo boluntu bavuyiswa kukufunda ngeNkosi enguMongami uYehova, ngoKumkani olawulayo uYesu Kristu nangeenjongo zoBukumkani bukaThixo eziza kuzaliseka ngokumangalisayo kungekudala.—Roma 16:20; 1 Korinte 15:25, 26.
20. (a) Sisiphi isithembiso esizukileyo esizalisekayo kwanangoku? (b) Oku kwaba bubungqina njani ngowe-1985? (c) Usengayibonisa njani ingqibelelo ekukhonzeni uThixo wenyaniso?
20 Hayi indlela esivuya ngayo thina, njengamaNgqina kaYehova, ukumanyana emhlabeni wonke ekuvakaliseni iinyaniso ngenzondelelo! Umoya kaThixo usebenza ngamandla kwintlangano yakhe, kangangokuba sele sibona ukuzaliseka kwesithembiso esithi: “Ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:9) Ubungqina bazwenibanzi obanikelwa ngabantu bakaYehova ebudeni bowe-1985 baphumela ekusasazweni entsimini kweeBhayibhile ezingama-339 351 170 neempapasho ezicacisa iBhayibhile, ngeelwimi ezingaphezu kwama-200. Kwakulilungelo labantu bethu abangaphezu kwezigidi ezithathu ukuba nesabelo kulo msebenzi uzukileyo wokushumayela zwenibanzi, “ekuhleni nakwizindlu ngezindlu.” (IZenzo 20:20) Kwanga singaqhubeka sisikelelwa ngokutyebileyo nguYehova njengoko sizabalazela ukugcina ingqibelelo ekukhonzeni uThixo wenyaniso.
Athini Amagqabaza Akho?
◻ Yiyiphi imimangaliso yobuchopho bomntu eyalatha kuMenzi olumke kunene?
◻ Kutheni kuphosakele nje ukuthi ukukholelwa kwindaleko kusisenzo sokholo?
◻ Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba abantu ababunkawu babekho ngenene?
◻ UHezekile 8:7-12 unokusetyenziswa njani kwiinkokeli ezithile zonqulo namhlanje?
◻ Ingqibelelo ekukhonzeni uThixo wenyaniso izisa yiphi imiphumo?
[Ibhokisi ekwiphepha 21]
Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?
Incwadi enomxholo ongasentla yakhutshwa ngowe-1985 nangowe-1986 kuninzi lweeNdibano zamaNgqina kaYehova “Zabagcini Bengqibelelo” emhlabeni jikelele. Okwangoku ipapashwa ngezi lwimi zilandelayo: IsiBhulu, IsiNgesi, isiTshayina, isiDanish, isiDatshi, isiFinnish, isiFrentshi, isiJamani, isiTaliyane, isiJapan, isiPhuthukezi nesiSpanish.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ngaba kukunyaniseka ngamagcisa ukwakha ngokutsha abantu ababunkawu ngamaceba ambalwa amathambo?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
AmaNgqina kaYehova aye ‘alizalisa ilizwe ‘ngokwazi uYehova