IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 4/1 iphe. 23-26
  • Yilumkele Imiphumo Eqaqadekisayo Yesono!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yilumkele Imiphumo Eqaqadekisayo Yesono!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Isono Esiqaqadekisa Ngayo
  • Xa Isono Siqaqadekisa Umntu
  • Ukuphepha Umgibe Wesono
  • IsoNo
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Xa Isono Singasekho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Sisono Esinjani Esingaxolelekiyo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Kulumkele Ukuswela Ukholo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 4/1 iphe. 23-26

Yilumkele Imiphumo Eqaqadekisayo Yesono!

WAYETHANDWA gqitha ngabazalwana noodade bakhe abangamaKristu. Ngobuhlobo yaye ngamandla, yena nentwazana yakhe ekrelekrele babengamaqabane athe rhoqo kwinkonzo yasentsimini nakwiintlanganiso. Kodwa ngelo xesha abadala bebandla bafumana iingxelo zokuba ngokungenazintloni wayetshaya apho aphangela khona—kanye phambi kwamaNgqina angoowabo! Ejongene nesi simangalo, wakuvuma ukutshaya kunye nohenyuzo, ngokuzolileyo esithi: “Andiqondi ukuba ndisafuna ukuba senyanisweni ngoku.” Isono sasimqaqadekisile.

KumaHebhere 3:13 umpostile uPawulos walumkisa ngelokuba ubani ‘unokwenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.’ Oku kwangqineka kunjalo kubazali bethu bokuqala, uAdam noEva. Ekhalinyelwa ngokungathobeli kwakhe, uAdam wanikela esi singxengxezo sokungakhathali: “Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.” Hayi indlela uAdam awayeguquke ngayo kwawayekuko ngalaa mhla xa ukubona okokuqala umtshakazi wakhe othandekayo kwamshukumisela ukuba athi: “Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam.” Ngoku uEva ‘wayengumfazi owandinikayo ukuba abe nam.’ Ngobuthathaka uEva waphos’ ityala kwinyoka.—Genesis 2:23; 3:1-13.

Omnye umntu isono esamqaqadekisa ngokungenakulungiswa yayinguYuda Sikariyoti. Ekuqaleni kumele ukuba wayenentliziyo elungileyo, ekubeni uYesu wayengenakumnyula njengompostile ukuba kwakungenjalo. Kodwa emva kokukhalinyelwa kwakhe nguYesu ngesinye isihlandlo, ecaphukile uYuda waceba ukungcatsha iNkosi yakhe. (Mateyu 26:6-16) Xa uYesu watyhilayo ukuba omnye kwabali-12 wayeya kumngcatsha, uYuda, ezenza kanye omsulwa, wabuza esithi: “Ingaba ndim yini na?” (Mateyu 26:25) Kuphela ngumoni wangabom onokulondoloza uhanahaniso olunjalo ukungabi nazintloni. Yaye xa amajoni ayesiza ukuza kubamba uYesu, uYuda, kuzo zonke izinto, wanyula laa mqondiso wamandulo wobubele nobuhlobo—ukwanga—njengomqondiso wofaniso. UYesu wambuza oku: “Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?”—Luka 22:48.

Indlela Isono Esiqaqadekisa Ngayo

Isono silufumana njani ulawulo olunjalo phezu komntu? KumaHebhere 3:7-11 uPawulos ubonisa indlela isono sokungakholwa esalusulela ngayo uhlanga lwakwaSirayeli. Ecaphula INdumiso 95:7-11, apho uPawulos uthi: “Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango; apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida, bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mane. Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana, ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo, abazazi ke bona iindlela zam; njengoko ndafungayo ndinengqumbo, ndathi, Unakanye ukuba bokhe bangene ekuphumleni kwam!”

Ingcaphukiso’ yavela kwindawo ebizwa ngokuba yiMeribha neMasa. (INdumiso 95:8) Apho, kungekudala emva kokuhlangulwa kwabo okumangalisayo eYiputa, “babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele.” (Eksodus 17:2) Khumbula, babesele bezibonile izibetho ezilishumi ezitshabalalisayo eYiputa, ukwahlukana phakathi kwamanzi amaninzi oLwandle Olubomvu, nemana eyehla ivela ezulwini. Kanti bahamba “belahleka ngeentliziyo.” Babengenakuyinyamekela imisebenzi kaYehova kuba babebambiseke gqitha kwiminqweno yabo yokuzingca. Ngoko abazange ‘bazazi iindlela zikaThixo’ baze bakhulise intembelo yokuba uYehova wayenokubalungiselela naphantsi kwaziphi na iimeko. “Sinike amanzi!” befuna ngesinyanzelo batsho njalo, ngokungathi uThixo owahlukanisa ulwandle wayengenamandla. Ngoko, akumangalisi ukuba kamva banyula ukuyikholelwa ingxelo embi yeentlola ezilishumi ezoyikayo ezazihlole iLizwe Ledinga. (Numeri 13:32-14:4) Ngenxa yokungabi nalukholo ngolo hlobo, uYehova wavakalisa oku: “Abasayi kungena ekuphumleni kwam.”—INdumiso 95:11.

Efunda koku, uPawulos walumkisa esithi: “Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani 24 wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo; manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono.” (Hebhere 3:12, 13) ‘Isono’ samaSirayeli yayikukuswela ukholo. (Bona amaHebhere 3:19; thelekisa 12:1.) Kwawabangela ukuba ‘emke kuThixo ophilileyo,’ aphulukane nako konke ukuthembela kuYehova, phezu kwayo nje yonke imimangaliso awayenzayo. Ukuwela ekuziphatheni okweenjubaqa kwakungenakuphepheka.

Ngokufanayo namhlanje ukuswela ukholo kunokubangela umKristu ‘alahleke ngentliziyo yakhe,’ anikezele kutyekelo olungokwemvelo lwentliziyo. ‘Intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke, isisifo esibi; ngubani na onokuyazi?” (Yeremiya 17:9, 10) Iingcinga neminqweno ephosakeleyo iqalisa ukuzalisa intliziyo, oko kuqalise ikhonkco lezenzo ezibulalayo. “Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.”—Yakobi 1:14, 15.

Xa Isono Siqaqadekisa Umntu

Enye indoda yanandipha amalungelo amaninzi njengomdala, nangona ngobukrelekrele yayifihle isono sayo njengomenzi wohenyuzo. Kwanasemva kokutshata kwayo, yaqhubeka nokuziphatha okubi. Kanti, yayingakhathazwa kukulondoloza imbonakalo yangaphandle yokuba msulwa, yade yakhonza nakwiikomiti ezigwebayo igweba abanye. Isono sasiqalisile ukuyiqaqadekisa. Kungekudala yaqalisa ukuthandabuza kwaneemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile. Ekugqibeleni inyanzeleke ukuba ivume isiphoso sayo, ingakhathali yasuka yathi, “Kwenza wuphi umahluko ngoku?”

Ikhondo lokuhanahanisa linokusenza singasebenzi isazela sikabani ngokungathi sitshiswe “ngentsimbi.” (1 Timoti 4:2) IMizekeliso ikucacisa oku ngokuthi: “Injalo indlela yomfazi okrexezayo: Uyadla asule umlomo, athi, Andenzanga bubi.” (IMizekeliso 30:20) Umoni oqaqadekileyo ude acinge oku: “UThixo ulibele, ubusithelisile ubuso bakhe.” (INdumiso 10:11) Yaye okukhona ubani ezingisa esonweni, kokukhona intliziyo yakhe isiba kwingozi yokuthi “fithi kukutyeba.” (INdumiso 119:70) Omnye oselula wavuma esithi: “Xa ndenza uhenyuzo okokuqala, kwakundidla ngaphakathi. Kodwa ngalo lonke ixesha emva koko, kwaba lula, de ndakwinqanaba apho kwakungasandikhathazi konke konke.”

Eneneni, intliziyo ikhangela iindlela zokuthethelela isenzo esiphosakeleyo. Omnye umfana, emva kokwenza uhenyuzo nomhlobokazi wakhe, wamnqanda ekuyeni kubadala ukuba ancedwe ngokuthi: “Siza kutshata! Yaye uyazi, iBhayibhile iyatsho ukuthi xa abantu ababini bezigqibela ngaphakathi kwabo ukuba bayathathana, ngoko emehlweni kaYehova phantse sebetshatile.” Okunjani ukuqiqa kokuzingca nokukhohlisa! Okulusizi kukuba, kwavela uqheliselo lwesono olwathi nalo lwakhokelela ekubulaleni—ukuqhomfa! Le ntombazana kamva yavuma isithi: “Ngenene uqalisa ukungakhathali gqitha, yaye uqalisa ukuvakalelwa kukuba unokuzohlwaya ngokwakho.” Ngokufanayo umfana oweyela kuqheliselo lohenyuzo wavuma esithi: “Kunjengekhoboka lotywala elithi, ‘Ndinokuyeka nanini na ndifuna. Makhe ndiphinde ndisele nje kube kanye.’ Ngoko usoloko ukubekela ecaleni ukuya kubadala.” Umoni uba krelekrele ekukhohliseni abanye kangangokuba aqalise ukuzikhohlisa yena. “Ngokuba zithethe kuye ngokugudileyo emehlweni akhe, zide zimfumanise ubugwenxa bakhe.”—INdumiso 36:2.

Ukuphepha Umgibe Wesono

Ekubeni ‘umntu ekholwa ngentliziyo,’ umKristu umele enze unako nako ukuyilondoloza. (Roma 10:10; IMizekeliso 4:23) Umthandazo, iintlanganiso, nofundisiso lobuqu ziyasinceda ukuba sizalise iintliziyo zethu ngeengcinga ezakhayo. Kuyinyaniso ukuba, iingcinga ezimbi ziya kungena ezingqondweni ngamathuba athile. Kodwa xa zingena, sinokuthi nje ngokulula sikwale ukuzigcina. Sifanele siye kuYehova ngomthandazo kwangoko ukuba sizifumana silingelwa ukwenza okubi. (INdumiso 55:22) Yaye ‘umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwethu, njengoko kubafaneleyo abangcwele.’ (Efese 5:3) Ngale ndlela eli khonkco lezenzo ‘elizala isono’ nokufa liyathintelwa ngaphambi kokuba liqalise.

Kwakhona, khumbula ukuba ukunandipha isono ‘kokomzuzwana’ kuphela. (Hebhere 11:25) Nokuba kunini na ‘isono sakho siya kukufumana,’ yaye kuya kubakho imiphumo ekrakra oya kujongana nayo. (Numeri 32:23) Zibuze oku: ‘Ngaba ndikufuna ngenene ukuqaqadekiswa sisono? Ngoxa oku kusenokuba luyolo ngoku, oku kuya kundichaphazela njani ekugqibeleni?’

Noko ke, kuthekani ukuba ngoku ubani uzifumana ebambiseke kwikhondo lesenzo esiphosakeleyo? Musa ukugqiba kwelokuba ubani “unokusicamagushela” isono ngokuzinikela ngequbuliso nangamandla kumsebenzi wobuKristu. “Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo,” watsho njalo uKumkani uDavide owaguqukayo. (INdumiso 51:17) Icebiso leBhayibhile kwabo bagulayo ngokomoya nali: Yiyani kubadala! (Yakobi 5:14, 15) La madoda akhulileyo aya kwenza konke anako ukumnceda lowo ugulayo ukuba abuyele kwimpilo yokomoya. Kunjengoko iBhayibhile isithi: “Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.” (IMizekeliso 28:13) Enye indoda emva kokuba ekugqibeleni ivume isono sayo kubadala yathi: “Kwakungathi kususwe ubunzima obukhulu emagxeni am.”—Thelekisa INdumiso 32:1-5.

Njengoko eli hlabathi liya lisiba libi ngakumbi nangakumbi, kuya kuba lucelomngeni olude lwalukhulu ngakumbi ngomKristu ukugcina ingqibelelo yakhe. Noko ke, khumbula: “Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo.” (INtshumayeli 8:12) Ngoko, moyike uYehova uThixo! Uya kukusindisa kwimiphumo eqaqadekisayo yesono.

[Umfanekiso okwiphepha 24]

AmaSirayeli abonakalisa isimo sengqondo sokuqaqadeka xa awafuna ngesinyanzelo amanzi kuMoses

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share