IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 5/1 iphe. 3-4
  • IBHAYIBHILE—Ngaba Iyasebenziseka Kumhla Wethu?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IBHAYIBHILE—Ngaba Iyasebenziseka Kumhla Wethu?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Ayiguqukanga
  • Incwadi Esebenzisekayo Kubomi Banamhlanje
    Incwadi Yabantu Bonke
  • Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2017—2018
  • Incwadi Evela KuThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Incwadi Enikela Ukhokelo Lokwenyaniso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 5/1 iphe. 3-4

IBHAYIBHILE—Ngaba Iyasebenziseka Kumhla Wethu?

ELI hlabathi liye laguquka ngokuphawuleka kakhulu kwinkulungwane edlulileyo. Oku kuguquka kusuka kwimihla yeenqwelo zamahashe ukuza kwisizukulwana esihamba emoyeni kuhambele phambili ngokukhawuleza kangangokuba iincwadi zobugcisa zidla ngokushiywa lixesba ngokukhawuleza emva kokuba zishicilelwe. Okunkqenkqeza phambili yinkqubela enkulu kwezenzululwazi nobugcisa. Nangona amanani antsonkothileyo aqala ukusetyenziswa malunga neminyaka eli-150 eyadlulayo, kuphela kube kwiminyaka yakutshanje ethe ikhompyutha yasetyenziswa emhlabeni jikelele, ekulawuleni into yonke ukususela ekuthunyelweni koomatshini bokupopola esithubeni neziphekepheke emajukujukwini ukusa kwimicimbi yoqingqo-mali yekhaya. Enyanisweni oku kuye kwabambisa ongezantsi! Kushiy’ amehlo!

Ezininzi zezi nguqulelo ziye zayingenelo. Phakathi kwezi nguqulelo kubekho inkqubela kwezonxibelelwano, kwezothutho, izixhobo ezicutha umsebenzi onzima nakwezamayeza. Ngokomzekelo, ngobuchule bemicrosurgery isandla okanye umnwe onqamkileyo, kuqala owawujongwa ngokungenathemba njengolahlekileyo, ngoku unokubuyiselwa ekubeni ube ngosebenzayo. Sinokuhamba ngomoya ukuya kwelinye icala lomhlaba wethu singachithanga usuku lonke, sisonga ixesha lohambo eliziinyanga. Xa kuthelekiswa neminyaka elikhulu eyadlulayo—xa kwakungekho zinqwelo-mafutha, oonomathotholo, oomabonwakude, imifanekiso eshukumayo, izikhenkcisi, oomatshini bokuhlamba, iipilisi zeevithamin, izibulala-ntsholongwane, amayeza okugonya namanye amakhulukhulu ezinto ezisetyenziswa ngokuqhelekileyo namhlanje—ngokwenyaniso siphila kwixesha elitsha embalini yomntu.

Kodwa azithanga zonke zasebenzela ingenelo yethu. Ngokomzekelo, ukusetyenziswa kwamandla enyukliya kuvelise isisongelo esibi kuluntu ngemfazwe okanye ityhefu ekhutshwa yiathom. Ungcoliso olwandileyo lwamachiza, olubangelwa bubugcisa bethu bemizimveliso, nalo longezelela kweso sisongelo. Iziyobisi ezisetyenziswa ngokuchasene nomthetho nendlela ezisetyenziswa ngayo kule mihla kubulale abantu abaninzi.

Okuphawuleka kakhulu kube yinguqulelo kubomi babantu. Imizi-mveliso nokufuduka kwabantu emaphandleni besiya kuhlala ezidolophini kuyiqhekezile intsapho. Ngaphezu kunanini na ngaphambili abantu baziva bekhululekile yaye bengabazimele geqe—ngokukodwa abafazi nabantwana. Ukukhululeka kwimilinganiselo yangaphambili yokuziphatha okuhle kuye kwaphumela kwiindlela ezintsha zokuphila kwaza kwaguqula imigaqo elungileyo yasekuhlaleni, kangangokuba le migaqo yahluke kwaphela koko bekusaziwa lihlabathi amawaka eminyaka.

IBhayibhile Ayiguqukanga

Ngoko ke, ubani uza kuyaphi ukuze afumane ukhokelo? Liliphi icebiso elisebenzisekayo namhlanje? Abafundisi-ntsapho bale mihla basoloko behlaziya iindlela zabo zokufundisa neencwadi zesikhokelo ukuzigcina zisexesheni nehlabathi lethu eliguquguqukayo. Abefundisi bonqulo namanye amadoda afundileyo akhela icebiso lawo koko kuthandwayo nakoko kwamkelwa ngabantu ngokubanzi.

Kwelinye icala, iBhayibhile ihlale ingaguqukanga amawaka eminyaka. Eneneni, iBhayibhile iqulethe izilumkiso ezibukhali zokuba kungongezwa okanye kususwe nto kumazwi abhaliweyo kuyo. (IMizekeliso 30:5, 6; ISityhilelo 22:18, 19) Ngaba iBhayibhile inokwamkeIwa njengesikhokelo esisebenzisekayo kumhla wethu wakalokunje?

Bambi bathi hayi. UGqr. Eli S. Chesen encwadini yakhe ethi Religion May Be Hazardous to Your Health uyabhala: “Akukho bani uya kuthethelela ukusetyenziswa kohlelo lowe-1924 lwencwadi yesikhokelo yamachiza kwizifundo zangoku zamachiza—kufundwe lukhulu ngamachiza ukususela ngoko. Ngendlela efanayo, kufundwe okuninzi gqitha ngezentlalo, intanda-bulumko nangolwazi lwengqondo kwiminyaka eliqela eliwaka edluleyo; sekunjalo, iBhayibhile (ethetha lukhulu ngale miba) isetyenziswa njengegunya yaye ayikhe ihlaziywe.”

Wongezelela ngelithi: “Ndisoloko ndibamb’ ongezantsi xa ndisiva ubani exoxa ‘ngommangaliso’ ongendlela iBhayibhile ekukudala ikho ngayo nendlela ebaluleke ngayo namhlanje njengoko yayinjalo mhla yabhalwa. Oku ngandlel’ ithile kufana nokukhwankqiswa kukabani ‘kukuchana’ kokuvumisa ngeenkwenkwezi. IBhayibhile ibe yenegunya kangangokuba baye bambalwa kakhulu abaye bacinga ngokuyihlaziya okanye ngokuyityeshela.”

Noko ke, ngaba iBhayibhile ngokwenene ishiywe lixesha kwihlabathi lethu lanamhla? Okanye ngaba isiluleko esinikelayo sisasebenza yaye sisenentsingiselo kwixesha lethu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share