Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ubuyela Ekhaya EKapernahum
NGOKU udumo lukaYesu lunwenwele kulo lonke, yaye uMbo nomXesibe uthabatha uhambo oluya apho ahlala khona kwiindawo ezisemaphandleni. Phofu ke, emva kweentsuku ezithile, ubuyela eKapernahum ehamba ngoLwandle lwaseGalili. Ngokukhawuleza iindaba zokuba ubuyele ekhaya zisasazeka esixekweni ngokubanzi, yaye inyambalala iza kuloo ndlu akuyo. AbaFarisi nabafundisi-mthetho bavela kwiindawo ezikude njengaseYerusalem.
Isihlwele sikhulu kangangokuba sivale umnyango, yaye akukho ndawo yokuba kungene nabani na ngaphakathi. Imeko ilungele isiganeko esiphawulekayo ngenene. Okwenzeka ngoku kubaluleke kakhulu, kuba kusinceda siqonde isibakala sokuba uYesu unamandla okushenxisa unobangela wentlungu yoluntu nawokubuyisela impilo kubo bonke abanyulayo.
Ngoxa uYesu efundisa isihlwele, amadoda amane ezisa endlwini indoda enedumbe ayithwale ngokhuko. Afuna uYesu aphilise umhlobo wawo, kodwa ngenxa yesihlwele awakwazi ukungena ngaphakathi. Hayi indlela adane ngayo! Kodwa sekunjalo awancami. Akhwela phezulu eluphahleni oluthabazi, aze avule ikroba ngokususa izinto ekufulelwe ngazo, aze ke ehlise ngokhuko indoda enedumbe kanye ngakuYesu.
Ngaba uYesu uyacaphuka ngenxa yokuphazanyiswa? Hayi akunjalo! Kunoko, uchukumiseka kakhulu lukholo lwawo. Uthi konedumbe: “Izono zakho zixolelwe.” Kodwa eneneni ngaba unakho uYesu ukuxolela izono? Ababhali kunye nabaFarisi abacingi njalo. Bathi ezintliziyweni zabo: “Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa?”
Ezazi iingcinga zabo, uYesu uthi kubo: “Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Uzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?” Ngaphandle kokulindela impendulo kubo, uYesu uguqukela konedumbe aze athi: “Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.” Ngokukhawuleza uyaphakama, aphume nokhuko lwakhe phambi kwabo bonke! Bekhwankqisiwe abantu bakhuza ngelithi: “Asizange sikubone okunje.”!
Uqaphele na kodwa ukuba uYesu uthetha ngezono aze azinxulumanise nokugula nokokuba ukuxolelwa kwezono kuhlobene nokufumana impilo? IBhayibhile icacisa elokuba umzali wethu wokuqala uAdam wona nokuba sonke ngabanye sayizuz’ ilifa imiphumo yeso sono, miphumo leyo eyile, ukugula nokufa. Kodwa phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo, uYesu uya kuxolela izono zabo bonke abo bamthandayo uThixo baze bamkhonze, kuze ke ukugula konke kushenxiswe. Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo oko! Marko 2:1-12; Luka 5:17-26; Mateyu 9:1-8; Roma 5:12, 17-19.
◆ Yayinjani imeko ngexesha lokwenzeka kwesiganeko esiphawulekayo?
◆ Onedumbe wafikelela njani kuYesu?
◆ Kungani sonke sinesono, kodwa uYesu walinikela njani ithemba lokuba ukuxolelwa kwezono zethu nokubuyiselwa kwempilo efezekileyo kunokwenzeka?
[Umfanekiso omkhulu okwiphepha 8]