Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngaba amaNgqina kaYehova angqongqo ngobudlakudla phakathi kwamalungu awo njengoko enjalo ngomkhwa wecuba?
AmaNgqina kaYehova athabatha ukuma okusekelwe eBhayibhileni nxamnye necuba, yaye ngokufanayo amkela ukugwetywa kobudlakudla okungokweZibhalo.
Akholelwa ukuba ukutshaya kukwaphula imigaqo yeBhayibhile. Ukutshaya kubandakanya ukukhotyokiswa yintshongo. Ngokungakumbi, asikokwamvelo ukuginya umsi. Ukutshaya kungcolisa umzimba, kubangela iingxaki zempilo, yaye kunciphise ubomi obebufanele ukusetyenziselwa ukudumisa uThixo. Kwakhona ukutshaya konakalisa umoya ophefumlwa ngabanye ngendlela eyingozi; ngokuqinisekileyo, oko asikokuthanda ummelwane.—2 Korinte 7:1; Roma 12:1; Marko 12:33.
Noko ke, kuthekani ngobudlakudla? Enyanisweni, iBhayibhile iyabugweba ubudlakudla, obukukudla ngokugqithiseleyo ngokubawa, okanye ngenxa yokunyoluka. Unyana womSirayeli owayethi ngokungaguqukiyo abe ‘lidlakudla yaye abe linxila’ wayebulawa. (Duteronomi 21:18-21) IMizekeliso ilumkisa nxamnye nokuba “likholwane labachithi.” (IMizekeliso 28:7; 23:20, 21) Ubudlakudla bukwaphosakele ekubeni sixelelwa ukuba ‘amabawa’ akayi kubudla ilifa uBukumkani bukaThixo. (1 Korinte 6:9, 10; thelekisaeyoku-1 kaPetros 4:3; Filipi 3:18, 19.) Abaveleli abangamaKristu bamele babe ‘nokuzeyisa,’ bangabi ‘ngamadlakudla.’ (Tito 1:8, 12) Oku kunzulu gqitha kangangokuba abaveleli abathile baye bashenxiswa ngenxa yokudla kwabo ngokungazibambi.
Noko ke, kumele kuqondwe ukuba ukugqiba ngelokuba bukho na ubudlakudla akulula. Ukutya (ngokwahlukileyo ekuginyeni umsi wecuba) kokwemvelo yaye kufanelekile. Ukutyeba asikokuphela komqondiso wobudlakudla; kwanomntu ongenasiqu usenokuba lidlakudla. IBhayibhile ayikugwebi ukutyeba, kunoko igweba ukugqithisa ekutyeni, okusenokuphumela ekubeni ngotyebileyo okanye kungabi njalo.
Bambi abantu batyebile ngenxa yokungalungelelani kweencindi zamadlala okanye isifo, nangona uNjingalwazi Judith Rodin esithi kuphela “sisi-5 ekhulwini seemeko zokutyeba ezibangelwa ngokuyintloko ziingxaki zonyango.” Ufuzo lusenokubangela umntu ukuba abe mkhulu. UGqr. William Bennett uthi: “Inkoliso yabantu abatyebileyo ilondoloza ubunzima babo ngokutya malunga noko kutyiwa ngumntu okubukhulu obuqhelekileyo . . . Abo bahlukile ngokwendlela umzimba okusebenza ngayo ukutya.” Ezinye izazinzulu ziye zavakalelwa kukuba ukuba umntu otyebileyo utya kancinane, umzimba wakhe unciphisa umlinganiselo wawo wokusebenza ukutya ukuze atshise iicalories kancinane. Kodwa kwanokuba umntu otyebileyo akalodlakudla ngengqiqo yokuba esisirhovu, kusenokufuneka ukuba asisebenzise ngokunzulu ngakumbi isiluleko sikaThixo.
Ngokomzekelo, amaKristu afanele ahlakulele ukuzeyisa, okusebenza nasekudleni. (Galati 5:22, 23; 2 Petros 1:5-8) Umpostile uPawulos wabongoza umKristu ukuba afane nembaleki ethi ‘iqhelisele ubungcathu ezintweni zonke.’ UPawulos ‘wawuqoba umzimba wakhe ewuxinzelela phantsi ukuze angabi ngumlahlelwa phandle.’ (1 Korinte 9:24-27) Umntu otyebileyo usenokuba nesizathu ‘sokuwuqoba umzimba wakhe’ ngokobungakanani, oko akutyayo, ixesha kwanendlela atya ngayo.a
Ukutyeba kunokuba yingozi. Iingxelo zibonisa ukuba ukutyeba kunokukhokelela kuxinzelelo oluphakamileyo lwegazi nakwimilinganiselo ephakamileyo yamafutha, isifo seswekile esihlasela abantu abakhulu, iintlobo eziliqela zomhlaza, isifo sentliziyo nesenyongo, ukudumba kwamalungu, neengxaki zokuphefumla. “Umntu otyebe kangangama-20 ekhulwini ujongene nomlinganiselo wokufa okusisinye esithathwini ngaphezulu komlinganiselo oqhelekileyo; abo batyebe kangangama-30 ukuya kuma-50 ekhulwini, umlinganiselo ungama-50 ukuya kwi-100 ekhulwini ngaphezulu, ngokoqikelelo.” (The New York Times, Februwari 27, 1985) lingxelo ezifanayo ezingengxaki yempilo ziphuma eNgilani, eJamani naseltali.
UmKristu ukufuna ngokwenyaniso ‘ukuthanda uYehova ngentliziyo, ngomphefumio [okanye ubomi], ngengqondo nangamandla akhe ephela.’ (Marko 12:30) Abaninzi, ngokufundisisa ubuKristu, bakuyekile ukutshaya ukuze balondoloze impilo nobomi babo. Ngaba amaKristu akafanele ayixhalabele into yokuba ngatyebileyo ngenxa yokuba ukuzingxala okugqithiseleyo kunokonakalisa impilo yawo nobomi bawo obahlulelwe kuYehova?
Bambi abantu batya kakhulu xa belusizi, bedidekile, bengamalolo okanye becaphukile. Ngoxa ukuba ngumKristu kungazithinteli ngokupheleleyo iimvakalelo ezinjalo, kunokufumana ukukhululeka ngokutya ngokungeyomfuneko, umKristu unokuphethukela kuThixo nakubazalwana bakhe. Kule nkalo funda amaFilipi 4:6, 7, 11-13. Kwanezazinzulu ezithi umntu unotyekelo lwemvelo lokuba nobukhulu obuthile ziyavuma ukuba oku kunokuguqulwa. Zibethelela ukunciphisa ukudla ukutya okunamafutha yaye zibethelela ukwandisa umsebenzi ongokomzimba. Okubangel’ umdla kukuba, kwimimandla emininzi umKristu onesabelo rhoqo kubulungiseleli bendlu ngendlu uhamba yaye unyuka kakhulu nto leyo ebangela impilo. KwanoPawulos, ‘wabulaleka yaye esenza imigudu’ kubulungiseleli.—2 Korinte 11:26, 27.
Ngaloo ndlela, amaNgqina kaYehova ayabugweba ubudlakudla ngenxa yoko iBhayibhile ikuthethayo. Enoba buyintoni na ubunzima bawo bomzimba, alwela ukuba ‘abe ziingcathu ezintweni zonke,’ kuquka nokutya. Oku ngokuyintloko akukho ngenxa yokhetho lwempucuko olungefashoni koko ngenxa yokuba afuna ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile aze abe ngamaKristu akhutheleyo amkholisayo uThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ubungakanani: ngokuzingisileyo yitya kancinane kwisidlo ngasinye. Oko kutyiwayo: kunciphise ukutya okungeyomfuneko okunesitatshi neziselo ezinencasa, kwanokuneswekile namafutha, njengebhotolo neoli, usebenzise ukudla okunempilo nokulungeleleneyo. Ixesha lokutya: Musa ukutya iintwanantwana phakathi kwamaxesha ezidlo okanye ngokufihlakeleyo. Indlela yokutya: Yitya ngokuzekelelayo.