Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Wayethetha ukuthini uYesu ngokuthi “amanzi” awayewasasaza ayeya kuba “ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade”?
UYesu waxelela umSamariyakazi oku: “Bonke abasela kula manzi [kwiqula likaYakobi], baya kubuya banxanwe; ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona, akasayi kuze anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.”—Yohane 4:13, 14.
Apha uYesu ngokuyintloko wayebhekisele kwiingenelo zokomoya ezizuzwa ngumntu ofumene amazwi akhe waza waba ngumfundi kaKristu. Umntu onjalo oye waqhubeka esamkela ulwazi oluchanileyo lukaYehova uThixo noYesu Kristu waza wenza ngokuvisisana noku ngokholo unokuzuza ubomi obungunaphakade. (Yohane 17:3) UYesu wayizekelisa le nkqubo engqondweni nasentliziyweni yomntu njengefana nomthombo ompompoza iingenelo, ngokuqhubekayo zisomeleza ukholo lwakhe yaye zikhokela amanyathelo akhe kwindlela esa ebomini obungunaphakade.
Ngoxa kuYohane 4:14 kubethelelwa iingenelo ezizuzwa ngumntu, umfundi ongumKristu oye waba nentabalala yala manzi okomoya ngokwemvelo unqwenela ukwabelana ngawo nabanye ngokungazingciyo. Ufuna abanye beve isigidimi sobuKristu baze ngaphakathi kubo babe nomthombo ompompoza iingenelo zokomoya ezifanayo ezikhokelela kubomi obungunaphakade. Oku kwabelana ngesigidimi nabanye kubonakala ukuba kuko okwabangela ukuba uYesu athethe awakuthetha kuYohane 7:37-39: “Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele. Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe. Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye.”
Beshukunyiswe ngamandla asebenzayo omoya kaThixo, abawufumana ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E. kuse phambili, abapostile nabafundi bakaYesu bafeza imimangaliso ekuziseni amanzi aphilileyo kwabanye. Kwakhona umoya kaThixo unendima ebalulekileyo ekuxhobiseni nasekushukumiseni abafundi bakaYesu namhlanje, intsalela ethanjisiweyo ‘nesihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu,’ ukuba zise amanzi anik’ ubomi kuluntu olunxaniweyo, njengoko zishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani zwenibanzi. Ngoko onxaniweyo umele eze kulowo uThixo amsebenzisayo ukusasaza amanzi enyaniso akhokelela kubomi obungunaphakade.—Mateyu 24:14; 28:19, 20; Yohane 7:37; 10:16; ISityhilelo 7:9.