Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ubuzwa Ngokuzila Ukudla
PHANTSE ukuba sekudlule unyaka ukususela ekubeni uYesu waya kwiPasika yowama-30 C.E. Ngeli xesha, uYohane uMbhaptizi wayevalelwe entolongweni kangangeenyanga eziliqela. Nangona wayefuna ukuba abafundi bakhe babe ngabalandeli bakaKristu, asingabo bonke ababa ngabo.
Ngoku bambi baba bafundi bakaYohane ovalelwe entolongweni beza kuYesu baze bambuze bathi: “Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili?” AbaFarisi babezila ukudla kabini ngeveki njengesithethe sonqulo lwabo. Yaye mhlawumbi abalandeli bakaYohane balandela isiko elifanayo. Kwakhona kusenokuba bazila ukudla bezilela ukuvalelwa kukaYohane entolongweni yaye bayamangaliswa sisizathu sokuba abafundi bakaYesu bengabatheleli ekubonakaliseni ukuba buhlungu kwabo.
Ukubaphendula uYesu uthi: “Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.”
Abafundi bakaYohane bafanele bakhumbule ukuba uYohane ngokwakhe wathetha ngoYesu njengoMyeni. Ngoko, ngoxa uYesu ekho, uYohane ebengayi kukuqwalasela kufanelekile ukuzila ukudla, nabafundi bakaYesu bebengayi kwenjenjalo. Kamva, xa uYesu esifa, abafundi bakhe bayakuzila ukudla. Kodwa xa evuswa aze anyukele ezulwini, akukho nto ibhekele phaya enokubabangela ukuba bazile ukudla.
Emva koko, uYesu uthetha le mizekeliso: “Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni sibe sibi ngokunye isikroba. Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha.” Le mizekeliso inokuthanani nokuzila ukudla?
UYesu wayenceda abafundi bakaYohane ukuba bayixabise into yokuba akukho namnye wayenokulindela abalandeli bakhe ukuba bavumelane noqheliselo oludala lobuYuda, olunjengesithethe sokuzila ukudla. Wayengazanga kulungisa aze andise iinkqubo zonqulo ezindala ezazisezilindele ukushenxiswa. UbuKristu babungayi kwenziwa buvumelane nobuYuda baloo mhla nezithethe zabo zabantu. Kwakungayi kuba ngumchako omtsha kwisiziba esidala okanye iwayini entsha kwintsuba endala. Mateyu 9:14-17; Marko 2:18-22; Luka 5:33-39; Yohane 3:27-29.
◆ Ngoobani ababezila ukudla, yaye ngayiphi injongo?
◆ Kutheni le nto abafundi bakaYesu bengazange bazile ukudla ngoxa wayesenabo, ibe emva koko unobangela wokuzila ukudla wathi pheselele ngokukhawuleza njani?
◆ Yiyiphi imizekeliso uYesu awayithethayo, yaye ithetha ntoni?
[Umfanekiso omkhulu okwiphepha 8]