Yintoni Exabiseke Ngokwenene?
“Abaninzi babo baphila ubomi obulilize, abanakuwuchukumisa umsebenzi, abakwazi ukuqhubana nabanye ixesha elide yaye behia benyuka kwabhadakazi—akukho namnye obakhathaleleyo. Isizathu: Batyebe kakhulu.”—The New York Times, Meyi 15, 1984.
WAZI kakuhle ukuba imali iyafuneka ukuze sifumane ukutya, impahla, ikhusi, ezothutho, unyango nezinye iimfuno zobomi. Enyanisweni, mhlawumbi uqonda kakuhle ukuba kwibutho lanamhlanje bekunganzima ukuphila ngaphandle kwemali, kuba, njengokuba iBhayibhile isitsho, “imali ilungele iinto zonke.”—INtshumayeli 10:19.
Kanti, inqaku lephephandaba elicatshulwe ngentla lachaza iingxaki ezingokweemvakalelo zabantu abatyebileyo. Ngokucacileyo, kungakho ingozi ekwakheleni ubomi bakho ekufuneni imali nezinto eziphathekayo. Sekunjalo, abantu abaninzi bayazifuna. Maxa wambi, amabhongo okunyoluka ayabulala. Siva ngamadoda asebenza nzima kwiminyaka yawo yama-30 neyama-40 egqitywa sisifo sentliziyo. Bambi babo babeka impilo yabo esichengeni, kwanobomi babo, ukuze banelise amabhongo abo abandakanya imali. Akuyomfuneko ukuba singene nzulu kunqulo ukuze sivume ukuba bekuya kulunga ngakumbi ukuba ngebabewathabathe nzulu amazwi kaYesu Kristu athi: “Kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?”—Mateyu 16:26.
Yintoni Ke Eyeyexabiso Lokwenene?
Ngokuqinisekileyo uyayazi into yokuba izinto esinokuhendeka ukuba sizifune azinasiphelo. Iteyiphu yevideo, indlu eyeyethu, isixhobo sokudlala esidla imali—ezi zizinto ezifunwa ngamandla kumazwe athile. Kwezinye iindawo usukelo lusenokuba lolwahlukileyo. Kwelinye ilizwe intombazana ethile yathengisa ngomzimba wayo ukuze ifumane imali yempahla entle.
Ngoxa sisenokwazi ukuba kukho iingozi ezidibene nokufuna ukuzinandipha ngoku pheleleyo izinto eziphathekayo ebomini, sinokuzikhusela njani? Ngaba simele sibanikel’ umva abantu, sibe ngoonkom’ idla yodwa okanye amakheswa njengoko abathile benzile? Kwakhona, xa siqwalasela eyona nto ixabiseke ngokwenene, sifanele sizibuze oku, Yintoni eya kundizisela ulonwabo nolwaneliseko lokwenene ekugqibeleni?
Ukuze sincedakale, makhe siqwalasele umzekelo wenye indoda eyathi kangangeenkulungwane yahlonelwa yaza yanconywa njengomzekelo. Yayiligqwetha elingumfundisi yaye iyinxalenye yehlelo lamaYuda lenkulungwane yokuqala nelalidume ngokuba ‘lingamathanda-mali.’ (Luka 16:14) Igama layo yayinguPawulos yaye yayinemfundo namandla afunekayo okuzifumbela ubutyebi nokuzizuzela awona mawonga akha amakhulu kwindawo eyayikuyo.
Phofu ke, ngamava akhwankqisayo, yabona ukuba into ethile eyahluke kakhulu yayiyeyona ixabisekileyo ebomini. Enoba wena ngoku unengcinga efanayo okanye akunjalo, kuxabisekile ukucinga ngoko uPawulos wagqiba ngako.
Wazimisela ukuba eyona nto ixabiseke kakhulu ebomini yayikukuma okukholekileyo noThixo njengomfundi kaYesu. Oku kwakuxabiseke gqitha kangangokuba uPawulos, njengompostile kaYesu, wakwazi ukunyamezela iinzima neentshutshiso. Wayefana nendoda eyayidumile yangaphambili, uMoses, ‘owakubalela ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa.’—Hebhere 11:26; 2 Korinte 11:23-27.
Ukwamele wazi ukuba uPawulos akazange azisole ngelithi ukuba ngumpostile ongumKristu kwaphumela ekulahlekelweni bubungangamsha kwibutho lamaYuda. Emva kokunandipha iminyaka emalunga nama-25 njengomKristu ozinikeleyo, wabhala oku: “Zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu. Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu, ndifunyanwe ndikuye.” (Filipi 3:7-9) Kofuneka uvume ukuba uPawulos weyiseka kukuba wayezuze into ethile eyayixabiseke ngokwenene.
Ukhetho lukaPawulos aluzange luthethe ukungabi nazinto ziphathekayo. Ngokomzekelo, qwalasela amazwi akhe athi: “Kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela.”—Filipi 4:12.
Kungakhathaliseki oko imeko yakho ikuko ngobuKristu, kunokwenzeka ukuba unokuyibona indlela owaba mhle ngayo umphumo kuPawulos. Ukunyula kwakhe into exabisekileyo kwamzisela ulwaneliseko olungenakufunyanwa ngamadoda nabafazi abangabona bazizityebi beli hlabathi. UJean Paul Getty, usozigidi oshishina ngeoli, wavuma wathi: “Ngokuyimfuneko imali ayinalo naluphi na unxibelelwano nolonwabo. Mhlawumbi inxibelelene nokungonwabi.”
Kanti, umntu angazibanga engumKristu aze sekunjalo asilele ukugqala eyona nto ixabisekileyo. Oko kwaba yinyaniso ngenkulungwane yokuqala, kuba uPawulos wathetha oku ngesinye isinxulumani: “UDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku.” (2 Timoti 4:10) Xa kwakulixesha lokuba ancede umpostile obanjiweyo, uDemas wanikezela, ekhetha oko iphakade langoku lalimnika kona.
Esalatha kwingozi embi enokuthi imbono yokuthanda izinto eziphathekayo imfake kuyo umKristu, uPawulos wathi: “Abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, . . . bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.”—1 Timoti 6:9, 10.
Ngoko, unokubuza kakuhle uthi, ‘Imali nezinto eziphathekayo ziphumeza yiphi indima kubomi bam?’ Makhe siwuhlolisise lo mbandela ngokubhekele phaya ukuze sibone indlela onokuba nayo ngayo into exabiseke ngokwenene.