Intsikelelo kaYehova Iyatyebisa
“Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu” —MATEYU 19:23.
1, 2. Nguwuphi umahluko onokufunyanwa phakathi kweentlobo zobutyebi?
UBUNGATHINI ukuba uthile ebenokuthi kuwe, “Uye waba sisityebi”? Abaninzi bebeya kuchwayitiswa kukuxelelwa oku ukuba oko bekusingisele ekuthini bebetyebe ngemali, umhlaba, okanye benobunewunewu. Kodwa qwalasela umbandela wobutyebi ngokwale mbono: “Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, imbulaleko ayongezi nento kuyo.”—IMizekeliso 10:22.
2 Njengokuba uThixo wayeqhubana noosolusapho bamandulo nohlanga lwakwaSirayeli, wakusikelela ngokuchuma ukuthembeka kwalo. (Genesis 13:2; Duteronomi 28:11, 12; Yobhi 42:10-12) UKumkani uSolomon wayengomnye owayesikeleleke ngolo hlobo. Waba ngotyebe gqitha. Kanti wafunda ngamava ukuba ubomi obusekelwe kubutyebi obuphathekayo ‘bungamampunge nokusukelana nomoya.’ (INtshumayeli 2:4-11; 1 Kumkani 3:11-13; 9:14, 28; 10:10) Ngoko xa uSolomon wabhala esithi, “Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo,” wayengabalaselisi ubutyebi obuphathekayo. Wayechaza inyaniso yokuba ukuba unentsikelelo kaThixo, ubomi bakho butyebe ngendlela engenakuthelekiswa naleyo yabo bangamkhonziyo. Njani njalo?
3. Ziziphi iindlela otyebe ngokwenene ngazo ukuba unentsikelelo kaThixo?
3 Ukuba ungumKristu, unokunandipha ukwamkeleka kuYehova ngoku uze uzuze kuye iintsikelelo ezifana nobulumko bokuhlonel’ uThixo. Unokwamkeleka kwibandla elinjengentsapho lamaKristu lawo ngokusisiseko onwabileyo, akuthembileyo nanomdla kuwe. Imithetho kaThixo iyakukhusela kwizifo neengozi ezininzi. Kwakhona unesizathu sokuba nethemba lenkuselo yobuthixo ukutyhubela “imbandezelo enkulu” ephambi kwale nkqubo ingendawo—yaye kamva unokuba nethemba lobomi kwiParadisi engenasiphelo eza kulandela kulo mhlaba. Ngoko, uyabona, xa uneentsikelelo namathemba amangalisa ngolo hlobo, ngokwenene unokuthi, “Ndisisityebi!”—Mateyu 24:21, 22.
4. Unokukonakalisa njani ukuba sisityebi kwakho ngokomoya? (ISityhilelo 3:17, 18)
4 Noko ke, ‘ukutyetyiswa’ kwakho yintsikelelo kaYehova kunokonakaliswa bobunye ubutyebi—ubutyebi bemali okanye bezinto eziphathekayo. Abambalwa kuthi (enoba banqabisekile ngokwemali okanye abafumanga kangako) bebeya kuvuma ngokulula bathi, ‘Ndijongene nengozi yokwenene yokulahlekiswa kukuthanda imali.’ Noko ke, khumbula esi silumkiso: “Ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi: abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.” (1 Timoti 6:10) Oko kwabhalwa ngexesha laxa onke amaKristu akholisekileyo ayethanjiswe ngomoya kaThixo njengomqondiso wokuba ayeya kuba ngabalawuli basezulwini noKristu. Kunokwenzeka ukuba inkoliso kuwo yayidibene ngokobuqu nabapostile nabanye ababehamba noYesu. Ukuba imali ‘yayilahlekise’ abathile kubo, hayi indlela enkulu ngayo le ngozi kuthi!—2 Korinte 5:5; Roma 8:17, 23.
Indoda Esisityebi Nenkamela
5. Yayiyintoni imbono kaYesu ngobutyebi?
5 UYesu wayeyivelisa ngokufuthi ingozi yobutyebi, kuba yingozi ejongene naye wonk’ ubani, abazizityebi nabangezizo. (Mateyu 6:24-32; Luka 6:24; 12:15-21) Njengesiseko sokuzihlolisisa ngokobuqu, qwalasela oko uYesu wakuthethayo kwesinye isihlandlo, njengoko kuxelwe kuMateyu 19:16-24; kuMarko 10:17-30; nakuLuka 18:18-30. Enyanisweni, kutheni ungakhe unqumame ngoku ukuze ufunde enye okanye zonke ezo ngxelo?
6, 7. (a) Wayencokola ngantoni uYesu nalo mfana? (b) Kamva, sisiphi isiluleko uYesu awasinikelayo?
6 Umlawuli oselula weza kuYesu waza wabuza oku: “Mandenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” UYesu wamalathisela eMthethweni, ngaloo ndlela ebonisa ukuba uYehova wakubonisa oko kwakufuneka. Le ndoda yaphendula ngelithi yayigcina imithetho kaThixo ‘kwasebuncinaneni bayo.’ Kwakungathi sele ikumnyango wokuya ebomini, kodwa yaqonda ukuba kwakukho nt’ ithile eyayiyiswele. Mhlawumbi yayicinga ukuba kwakukho ukulunga okongezelelekileyo, isenzo esithile sobugorha, esasiya kuba linyathelo lokugqibela lokungena kumnyango osa ebomini obungunaphakade. Impendulo kaYesu yayithetha okungakumbi: “Zonke izinto onazo thengisa ngazo, wabele amahlwempu; woba nobutyebi ke emazulwini; uze undilandele.” Kwenzeka ntoni? “Ezivile ke ezo ndawo, waba buhlungu kakhulu; kuba ube esisityebi kunene [okanye, wayenezinto ezininzi].” Ngoko le ndoda yemka.—Luka 18:18, 21-23; Marko 10:22.
7 Emva koko uYesu wathi: “Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo. Kuba kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.” (Luka 18:24, 25) Ngaba eso siluleko sasibhekiswe kuloo mlawuli usisityebi kuphela? Okanye ngaba wena ubandakanyekile, enoba usisityebi okanye ulihlwempu? Makhe sibone.
8. (a) Lo mlawuli uselula ongumYuda wayefana nantoni? (b) Sisiphi isiphoso awayenaso, yaye kutheni le nto sifanele sisixhalabele?
8 Usenokuncedwa ukuba uyiqonde imeko yaloo mlawuli uselula ukuba unokuthelekelela imeko efanayo yanamhlanje—umKristu oselula ococekileyo nonolwazi oluhle ngeBhayibhile, oziphethe kakuhle, yaye ophuma kwintsapho etyebileyo. Namhlanje usenokummonela umntu onjalo. Kodwa uYesu wafumana intswelo enkulu ngalo mYuda uselula: Ubutyebi okanye ubunewunewu bakhe babubaluleke gqitha kubomi bakhe. Ngaloo ndlela uYesu waluleka ngohlobo awaluleka ngalo. Unokusibona isizathu sokuba le ngxelo yeBhayibhile iyeyethu sonke, enoba sizizityebi okanye singamahlwempu. Imali nobunewunewu zisenokubaluleka gqitha kuthi sonke, enoba sele sinazo okanye sisalangazelela nje ukuba nazo.
9. Sazi njani ukuba uYesu wayengagxeki ubutyebi kangako?
9 UYesu wayengathethi kuthi umntu onobutyebi akanakumkhonza uThixo. Abaninzi banokumkhonza. Lo mfana ungumYuda wayemkhonza—ngokomlinganiselo othile. Kwakukho umbuthi werhafu onguZakeyu, ‘owayesisityebi.’ (Luka 19:2-10) Wambi amaKristu athanjisiweyo kwinkulungwane yokuqala ayezizityebi yaye ngenxa yoko ayenocelomngeni olukhethekileyo ‘lokwaba kakuhle, nokuba nobudlelane.’ (1 Timoti 6:17, 18; Yakobi 1:9, 10) Yaye nanamhlanje akho amaKristu atyebileyo. Ngokufuthi aye anikela ngobubele ukuze axhase umsebenzi woBukumkani, aye avula amakhaya awo ukuze kuqhutywe iintlanganiso, yaye aye asebenzisa iinqwelo-mafutha zawo kubulungiseleli. Ngoko, kwakutheni ukuze uYesu athethe oko wakuthethayo ngendoda esisityebi nenkamela? Sinokufunda ntoni ngokuphuma kuko?
10. Sinokugqiba entwenini ngokuphuma kwisiluleko sikaYesu kweso sihlandlo?
10 Njengokuba unokukubona, ukuqalisa ukunqula uThixo yenye into; kuyenye into nokuzingqina uthembekile kude kuse esiphelweni. (Mateyu 24:13; Filipi 3:12-14) Kunokuba uYesu wayecinga ngoku xa wathi: “Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.” (Marko 10:25) Akukho nkamela inokuphumela kwintunjana yenaliti yokuthunga, ngoko ngokucacileyo uYesu wayesebenzisa intelekiso ebaxiweyo, ukubaxa okungenakuthatyathwa ngokoqobo. Noko ke,kubonisa indlela ekunzima ngayo ngendoda esisityebi ukuba yenze okuthile. Okuyintoni? Kungekhona nje ukuqalisa ukukhonza uThixo, hayi, kodwa ‘ukungena ebukumkanini,’ enyanisweni ukuzuza ubomi obungunaphakade. Kungakhathaliseki ukuba umi njani ngokwemali, isiluleko sikaYesu sinokukunceda kwindlela ocinga ngayo, kwinkqubela yakho yokomoya nasekuzuzeni kwakho ubomi obungunaphakade.
Kutheni Kunzima Kangaka Ngesityebi?
11. Abangamahlwempu nabazizityebi bachatshazelwa njani kukushumayela kukaYesu?
11 Ngokushumayela kukaYesu nabapostile, ‘amahlwempu azishunyayezwa iindaba ezilungileyo.’ (Mateyu 11:5) Kwakungekho kucalucalulwa kwazityebi. Kanti kuyabonakala ukuba inkoliso yamahlwempu yayigqala intswelo yawo yokomoya yaye yasabela kwisigidimi sethemba. (Mateyu 5:3, 6; 9:35, 36) AmaYuda azizityebi ayaneliseke ngakumbi yindlela ezazihamba ngayo izinto. (Thelekisa uLuka 6:20, 24, 25.) Sekunjalo, nasemva apho babekho abahlukileyo yaye basekho nanamhlanje. Bambi abantu abatyebileyo bayasamkela isigidimi seBhayibhile baze bamkhonze uThixo. Umphumo kubo usenokumangalisa. Kwakunjalo ngoPawulos, ongazange avumele isigxina sakhe ebomini ukuba simthintele. (Filipi 3:4-8) Sekunjalo, uYesu wathi kwakuya kuba nzima ngakumbi ngesityebi.
‘Ukulukuhla Kobutyebi’
12, 13. (a) Emzekelisweni, yiyiphi ingongoma uYesu awayeyiphuhlisa ngamaxhala? (b) Kutheni le nto izityebi zijongene nomqobo owongezelelekileyo?
12 Kumzekeliso wakhe ongembewu eyawela kwimihlaba eyahlukeneyo, uYesu wathi enye imbewu ‘yawela emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yayiminxa.’ Wacacisa esithi: “Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.” (Mateyu 13:7, 22) Phantse bonke abantu banalo ‘ixhala elithile leli phakade.’ Kulula ukubona isizathu sokuba nexhala komntu olihlwempu, ongaqeshwanga, okanye onesiphene. Umntu onqabisekileyo ngokwemali usenokungabi namaxhala afanayo, kanti naye unokuwuxhalabela gqitha umphumo wokunyuka kwamaxabiso ezinto, ukuguquka kwerhafu, okanye ingozi yobusela. Ngoko abazizityebi nabangamahlwempu ngokufanayo banokuba namaxhala.—Mateyu 6:19-21.
13 UYesu wabonisa ukuba bambi babeya kuthintelwa kwakhona ‘kukulukuhla kobutyebi.’ Ukuphumelela ngokwemali kunokutshabalalisa ngokupheleleyo. UAristotle Onassis ongusozigidi wakhe wagqabaza esithi: “Emva kokufikelela inqanaba elithile, imali iba yengabalulekanga. Okona kubalulekileyo kukuphumelela. Into esengqiqweni ebindifanele kukuba ndinqumame ngoku. Kodwa andinako. Kufuneka ndihlale ndinenjongo yokuphakama ngokuphakama—ukwenzela nje ukuzonwabisa.” Ngokufanayo, umKristu unokukufumanisa kuluyolo ukulwela ukunyuselwa emsebenzini. Okanye unokuhendelwa ukwandisa ishishini lakhe emva kokuzuza oko ngaphambili ebomini ebenokukugqala ‘kwanele.’ Kunokuwunciphisa umsebenzi wakhe (okanye arhoxe) khon’ ukuze abe ngumlungiseleli wexesha elizeleyo, ‘uyabadiliza oovimba bakhe [okanye amakhaya] aze akhe abangaphezulu kunabo.’ (Bona uLuka 12:15-21.) Ngaba oko kunokwenzeka kuwe? Ngaba ucinga ukuba uThixo ubeya kumjonga njengomkhonza ngomphefumlo uphela nabani na okwimeko enjalo?—Mateyu 22:37.
14. Inokucaciswa njani indlela ubutyebi obunokumthintela ngayo umKristu? (IMizekeliso 28:20)
14 Kukho nezinye iindlela obunokuthi ubutyebi (okanye inkanuko yokuba sisityebi) bumthintele ngazo umKristu ukuba ‘abudle ilifa ubomi obungunaphakade.’ Enye indlela kukuba ukuthanda ubutyebi kunokumshukumisela ukuba amkele amaqhinga eli hlabathi, anjengokungayifaki yonke ingxelo yengeniso okanye ukusebenzisa amanye amaqhinga okunganyaniseki kodwa aqhelekileyo. Okanye ukuba uqesha amaKristu angoowabo anyanisekileyo nasebenza nzima, usenokubeka inzuzo yakhe yobuqu kuqala kunengenelo yawo yokomoya. Ngokomzekelo, ukuze awagcine esebenza kuye, usenokuwakhuthazela ukuba avelise uhlobo lobomi oludla imali ngakumbi (okanye ade angene ematyaleni ngenxa yobunewunewu). Yaye ekubeni engumphathi wawo, olu lwalamano lusenokutyekela ekungeneleleni kwimicimbi yebandla.
15. Wambi amaKristu okuqala kunokuba ayiva njani imiphumo eyingozi yobutyebi? (INdumiso 73:3-8, 12, 27, 28)
15 Wambi amaKristu azizityebi kwinkulungwane yokuqala kusenokuba ayephakathi kwabo baba ngamaxhoba ‘okulukuhla kobutyebi.’ UYakobi wabhala ‘ngeenkxwaleko eziza kumadoda azizityebi.’ Ayeneengubo ezidla imali, ayefumbe igolide nesilivere ngokusebenzisa abaqeshwa abahlawulwa kancinane, yaye ethe zava kubunewunewu. (Yakobi 5:1-5) Kunjalo nanamhlanje. Ngokufuthi ubutyebi benza umntu abe nokutya neziselo ezityebileyo ezinokonakalisa umzimba wakhe. Kwakhona bumenza asoloko ehambahamba nto leyo emahlulayo kwibandla akulo. Oku asikokuthi iimpahla ezintle, amatye exabiso, ukutya nokuhambahamba ngokwako kuyingozi. Noko ke, “izityebi” uYakobi awabhala ngazo zazingancedwa zizinto ezinjalo; zinobumoya nokuma okuphantsi phambi koThixo, zazinesizathu ‘sokubhomboloza, zenze isijwili ngeenkxwaleko ezizayo.’
16. Kwakutheni ukuze uYesu anikele isiluleko esicace ngolo hlobo ngobutyebi, yaye yintoni ofanele uzibuze yona?
16 Ngokuqinisekileyo uYesu wayeyazi intlungu nemiqobo ubutyebi obabudla ngokuba nayo kubumoya. Kwakhona wayesazi ukuba ubutyebi bunokubola ngokoqobo okanye bungabi naxabiso, nto leyo engayi kwenzeka kubutyebi bobuKristu. (IMizekeliso 11:28; Marko 10:29, 30) Ngenxa yoko, uYesu wasenzela sonke inkonzo yokwenyaniso ngokulumkisa athi: “Hayi, ukuba ngenkankulu, ukuthi abo banobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo.” (Luka 18:24) Sonke sinokuncedwa sisilumkiso sakhe kwanokuba asifumanga kangako. Njani? Ngokuthintela naliphi na ibhongo esinalo lokuba zizityebi ngoku. AmaKristu akholelwa ukuba uYesu wathetha inyaniso. Siyakholelwa yaye siphila ngoko uYesu wakuthethayo ngoYise, ngesiphelo sale nkqubo nangokuhlakulela uthando. Lo Mthethi Wenyaniso kwakhona wathi: “Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.” (Mateyu 19:24) Ngaba ukholelwa ngokwenyaniso koko? Ngaba izenzo zakho, isimbo sakho sobomi nesimo sakho sengqondo zibonisa ukuba uyakukholelwa?
Qhubeka Uba Sisityebi—Ngokwendlela KaThixo
17. AmaKristu amaninzi azivisisanise njani nokutyetyiswa nguYehova?
17 Ubungqina buvela ehlabathini lonke bokuba inkoliso yabakhonzi bakaThixo isithabathela entliziyweni isiluleko esinjengeso sifunyanwa kuMateyu 19:16-24. Inkoliso yamaKristu aselula ngoku izenzela isigqibo sokuba yakuba igqibile ukuzuza isixa esifunekayo semfundo ezuzwa nguwonkewonke, iya kungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Endaweni yokuphangela, abafazi abebenokuphangela ukuze bandise umvuzo wentsapho, banikela ixesha elingakumbi kwimisebenzi yobuKristu, bezenza bona nabanye babe zizityebi ngokomoya. Kwanamadoda athile anembopheleleko engokweZibhalo yokulungiselela iintsapho zawo ngezinto eziphathekayo afumana iindlela zokuba nesabelo esingakumbi kubulungiseleli.
18, 19. Ngawaphi amanyathelo abanye abawathabathileyo abaye bazuza intsikelelo kaYehova?
18 Omnye umdala ophakathi kwiminyaka yakhe yama-30 uyavuma ukuba “ukuba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo kwakusoloko ikukubhibhidla nje amazinyo kum.” Wayezuza umvuzo ongaphezu kwama-50 000 eerandi ngonyaka, ngaphandle kwemali yeendleko nokusebenzisa inqwelo-mafutha yekampani. Wandula ke wacelwa ukuba anikele intetho ethi “Ukumisela Usukelo Olufanelekileyo Nokulufikelela” kwindibano yowe-1983. Wavuma esithi: “Njengoko ndandiwufunda ngolangazelelo umbandela, ndandihlazekile yaye ndineentloni kangangokuba isazela sam sasindikhathaza.” Ngaphambi kokufika kwendibano, yena nomkakhe bayixubusha imeko yabo. Kungekudala wafumana umsebenzi wesingxungxo waza wathelela umfazi wakhe njengovulindlela. Basengoovulindlela, ngokonwabileyo benandipha iintsikelelo ezininzi zokomoya.
19 Bambi baye bafuduka kwimimandla apho kukho intabalala yemali ukuya kwiindawo apho banokwandisa umsebenzi wabo wokomoya. Isibini saseKhanada sabhala ngokuphathelele ukuba ngoovulindlela kwaso eLatin America: “Nangona abazalwana behlwempuzekile apha, banenzondelelo emangalisayo ngenyaniso. Basenokuba ngamahlwempu ngendlela yehlabathi, kodwa ngokomoya bangoosozigidi. Sinabavakalisi abangama-38, abali-10 kubo bangoovulindlela abathe ngxi. Kufuneka kuqhutywe iintlanganiso kabini ngenxa yokuba baninzi kwabantu abezayo—ukususela kwi-110 kuse kwi-140 ngokomlinganiselo. Abadala ababini nezicaka zolungiselelo ezithathu kufuneka benyamekele zonke ezi ntlanganiso. Sifunda ngokutsha kubazalwana bethu abathobekileyo balapha okuthethwa ngokwenene kukubeka tanci uYehova kubomi bethu. Bayasibonisa ukuba uYehova unokukhonzwa ngomphefumlo uphela kungakhathaliseki oko iimeko zethu zinokuba kuko.”
20. Sifanele sivakalelwe njani ezintliziyweni zethu ngokuba zizityebi ngezinto eziphathekayo?
20 AmaKristu anjalo akanasizathu sifanelekileyo sokumonela umntu otyebileyo, enoba ungaphandle okanye ungaphakathi ebandleni, okanye azaliswe ngamabhongo ezinto eziphathekayo. Ayaqonda ukuba iyafuneka imali ukwenzela ubomi obuqhelekileyo. (INtshumayeli 5:3; 7:12) Kodwa kwakhona ayayixabisa into yokuba uYesu wathetha inyaniso—izityebi zijongene nemiqobo, ucelomngeni neengozi ezininzi zokomoya. Olunye ucelomngeni olunzima lolokuba ‘abo bazizityebi kweli phakade langoku bamele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; koko bathembele kuThixo ophilileyo.’—1 Timoti 6:17.
21. Yiyiphi ingenelo yabo bafuna ubutyebi bokomoya?
21 Okulusizi kukuba, umlawuli oselula owathetha noYesu akazange ahlangabezane nolo celomngeni. Abanye abafana naye baye bamkhonza uThixo kangangexesha elithile kodwa kamva beva ubuhlungu nokusilela ngokomoya ngenxa yobutyebi. Ngokwahlukileyo koko kukho izigidi zamaKristu anyanisekileyo aqhubekayo engqina ukuba “intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, imbulaleko ayongezi nento le kuyo.” (IMizekeliso 10:22) Ubomi bawo bunentsingiselo; anosukelo oluxabisekileyo yaye avakalelwa kukuba amele aluphumeze. Imisebenzi yawo elungileyo iya kuhlala ihleli ngonaphakade, iwazisela uvuyo olukhulu ngoku nakwikamva. Sonke masiIwele ukuba zizityebi ngaloo ndlela.—Filipi 4:1; 1 Tesalonika 2:19, 20.
Iingcinga Emaziqwalaselwe
◻ Luluphi uhlobo lobutyebi ekusingiselwe kulo kwiMizekeliso 10:22?
◻ Yiyiphi ingongoma eyaphuhliswa ngamazwi kaYesu angendoda esisityebi nenkamela?
◻ Kutheni le nto ubomi budla ngokuba nzima ngakumbi kwizityebi?
◻ Sinokukulwela njani ukuba zizityebi ngokwendlela kaThixo?
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
Ubutyebi neNtsapho
XA UCINGA ngemiphumo enokubakho yobutyebi, musa ukuyilibala intsapho yakho. Qwalasela ezi nkalo:
Ingxelo ephuma eKhanada koogqirha bengqondo abaye bafundisisa abantwana bezityebi ithi: “Ubomi buyabakruqula. Abanalusukelo lulolunye ngaphandle kokuziyolisa yaye abanakunyamezela kwanokona kudana kuncinane. Baneemvakalelo ezincinane zayo nantoni na. Usukelo lwabo oluphambili kukuthenga izinto, ukuhambahamba nokukhangela ezinye iindlela ezintsha zolonwabo.”
IThe New York Times igqabaza ngowayesakuba ngusozigidi isithi; “Njengokuba wayephumelela ngakumbi eshishinini yaye ezuza ubutyebi, uthi wabona intsapho yakhe iguquka. ‘Umfazi nentombi yam babebaqwalasela abantu ngokwemali abanayo, yaye ukuba ndandinike enye intwazana [ama-600 000 eerandi] ekhaya kwakuya kufuneka ndinike nenye intwazana [ama-600 000 eerandi].” Emva kokuhlaselwa sisifo sentliziyo, “kuquka nokubona oko ubutyebi bukwenzileyo kumkakhe nakubantwana bakhe,” wayiguqula indlela yakhe yobomi.
Ngokuphathelele ilizwe elineoli eninzi eMbindi Mpuma, uArnold Hottinger wathi: ‘Ubutyebi njengesifo seemvakalelo nabo buyinto eqheleke gqitha koogqirha abaninzi abaphuma ngaphandle abeze apha ukuza kuzuza ingeniso ephakamileyo. Bathi, ayikho enye indawo apho abantu bacinga ukuba bayagula njengalapha—nto leyo ebangela ukubandezeleka kokwenyaniso kodwa kungabangelwa kuko nakuphi na ukugula emzimbeni. Bathi, kukho abantu abaselula abanemiqondiso yokwaluphala, nabantu abakhulu abaziphethe okweenjubaqa.’