‘Hlwayela Intabalala, Uvune Intabalala’
“Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna ngokuvimba; nalowo uhlwayela intabalala wovuna intabalala.”—2 KORINTE 9:6, NW.
1. Kutheni le nto uYehova uThixo engoyena mntu wonwabileyo kwindalo iphela?
UTHIXO wethu uYehova “unguThixo owonwabileyo.” Ngokungathandabuzekiyo esinye isizathu soko sikukuba unguMnikeli wezinto eziyintabalala. UNyana wakhe, uYesu Kristu, wacacisa esithi: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” (1 Timoti 1:11, NW; IZenzo 20:35) Akakho umntu okhe wapha ngaphezu kukaYehova—ukususela ekuziseni uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, uLizwi, ukuza kuthi ga ngoku. Ngoko ngokungathandabuzekiyo ungoyena mntu wonwabileyo kwindalo iphela.
2, 3. (a) Ziziphi iindlela uThixo aye wahlwayela intabalala ngazo? (b) Kutheni le nto kunokuthiwa uYehova uye wavuna yaye usaya kuvuna intabalala?
2 Omnye umgaqo ofana nalo ucaciswe kweyesi-2 yabaseKorinte 9:6 (NW): “Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna ngokuvimba; nalowo uhlwayela intabalala wovuna intabalala.” Hayi indlela uYehova uThixo aye wahlwayela intabalala ngayo kwimisebenzi yakhe yendalo! ILizwi lakhe libalisa ngamakhulu ezigidi ezidalwa zomoya. (ISityhilelo 5:11) Kwakhona phawula amakroza angenakubaIwa kumazulu aneenkwenkwezi, ngalinye liqulethe amawaka ezigidi zeenkwenkwezi. Xa sisiza apha kulo mhlaba, ezingakanani zona izinto ezahlukahlukeneyo nezingenasiphelo, eziphilileyo nezingaphiliyo, uYehova uThixo awazidalayo! Ngokuqinisekileyo ‘umhlaba uzele zizidalwa zakhe.’ (INdumiso 104:24) Ngaphezu koko, hayi indlela eziyintabalala ngayo iimpawu asinike zona ezingqondweni zethu, kwizivamvo zethu, nasemizimbeni yethu! Enyanisweni ‘senziwe ngokumangalisayo.’—INdumiso 139:14.
3 Akuthandabuzeki ukuba uYehova uThixo uye wahlwayela intabalala. Oku kunjalo kungekuphela nje kwimisebenzi yakhe yendalo kodwa kwakhona nakwiinkqubano zakhe nezidalwa zasemhlabeni. Noko ke, ngaba uye wavuna intabalala? Enyanisweni uye wayivuna! Ngayiphi indlela? Ngendlela yokuba wayenezidalwa ezininzi nezinengqondo ezazimkhonza ngenxa yothando, unazo yaye useza kuba nazo. Ukumkhonza kwazo kuyayivuyisa intliziyo kaYehova, ngokukodwa njengoko zimngqina uMtyholi ongcikivayo elixoki.—IMizekeliso 27:11.
4. Umgaqo okweyesi-2 kwabaseKorinte 9:6 usebenze njani ngamaxesha onke, kuquka nelethu ixesha?
4 IBhayibhile iqulethe ubungqina obuyintabalala bokuba, ukuqalela kuLizwi, abakhonzi abaninzi nabathembekileyo bakaYehova uThixo baye ngokufanayo bahlwayela intabalala baza bavuna intabalala. Oku kunjengokuba bekufanele ukuba njalo, ekubeni imigaqo kaYehova isebenza maxa onke yaye kubantu bonke. Ngenxa yoko, umgaqo ongokuhlwayela unokungqineka uyinyaniso kubomi bakho.
5, 6. (a) Ziziphi iintshaba ezenza kube nzima ngathi ukuhlwayela intabalala? (b) Yintoni esimele sikuvume ukuyenza, yaye kweziphi iinkalo zenkonzo yethu engcwele?
5 Ngoxa iZibhalo zizaliswe zizizathu nemizekelo yokuhlwayela kwethu intabalala, akuyonto ilula ukuyenza. Kutheni kungelula nje? Kungenxa yokuba sineentshaba ezintathu ezikuchase gqitha ukukwenza kwethu oko. Okokuqala, kukho utyekelo lwethu esiluzuz’ ilifa lokuzingca. KwiGenesis 8:21 sifunda oku: “Ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe.” Kwakhona iLizwi likaThixo liyasazisa ukuba intliziyo yomntu inenkohliso yaye isisifo esibi. (Yeremiya 17:9) Okwesibini, kufuneka silwe nengcinezelo ephuma kwihlabathi elingendawo, hlabathi elo elilele emandleni ongendawo. (1 Yohane 5:19) Okwesithathu, nguMtyholi ngokwakhe lowo ulungele ukusiqwenga ukuba asizilindanga.—1 Petros 5:8.
6 Ngaba usoloko uziphaphele ezo ntshaba zintathu? Ngenxa yaba bachasi, sifanele sikulangazelele ‘ukuva isiluleko, samkele uqeqesho, ukuze silumke kwixesha elizayo.’ (IMizekeliso 19:20) Enyanisweni, simele senze njengokuba umpostile uPawulos wenzayo, ‘siwuqobe umzimba wethu size siwuxinzelele phantsi,’ hleze silahlekelwe ekugqibeleni. (1 Korinte 9:27) Lo mgaqo wokuba ukuba sihlwayela intabalala siya kuvuna intabalala usebenza kuzo zonke iinkalo ezahlukahlukeneyo zenkonzo engcwele onke amaKristu angamaNgqina kaYehova abandakanyeke kuyo. Ewe, nakuyiphi na inkalo esiyihlolisisayo, siwufumana lo mgaqo usebenza: kufundisiso lwethu lobuqu, kukubakho kwethu ezintlanganisweni, kwimithandazo yethu, ekunikeleni kwethu ubungqina obucwangcisiweyo nobungacwangciswanga, nakuIwalamano lwethu lwentsapho.
Ukuhlwayela Intabalala Kufundisiso LweBhayibhile
7, 8. (a) Ukuze sihlwayele intabalala kufundisiso Iwethu IweBhayibhile lobuqu, yintoni esimele sibe nayo? (b) Luluphi usukelo esimele sizimisele lona, yaye sinokulufikelela njani?
7 Ukuze sibe ngabalungiseleli bakaYehova uThixo abanesiqhamo, kuqala simele sihlwayele intabalala kufundisiso lwethu lweBhayibhile lobuqu. Sifanele sifune ukuba nomnqweno obukhali wokomoya, siqonda ukuba asiphili ngezinto eziphathekayo kuphela. Ekubeni ukunyamekela ubomi nemisebenzi yobomi yamihla le isicinezela, kufuna umgudu wokwenene ukuyiphaphela ngokunzulu intswelo yethu yokomoya. (Mateyu 13:19) Enyanisweni bekuya kuba kuhle ngathi ngokobuqu ukuba sibe noxabiso ngeLizwi likaThixo olo umdumisi wayenalo xa wabhala oku: “Ndinemihlali ngentetho yakho, njengofumene ixhoba elininzi.”—INdumiso 119:162.
8 Uncedo olupheleleyo koku kukunikela ingqalelo kwisiluleko sokuba ‘sikhangele ukuba singathini na ukuze kucokiseke ukuhamba kwethu; singabi njengabaswele ubulumko, sibe njengezilumko; sizongela ixesha eli.’ (Efese 5:15, 16) Usenokude ufune ukuzihlolisisa kule nkalo. Zibuze oku: Ngaba ndiyayihlengahlengisa imicimbi yam ukuze ndivulele ithuba lokuba ndifu nde iphephancwadi ngalinye le-Mboniselo noVukani! njengo kuba liphuma? Kuthekani ngeYearbook, nangezinye iincwadi ezinkulu nolunye uncwadi esiluzuza ezindibanweni? Asinakusoloko sikwazi ukufumana iyure okanye ezimbini ukuze sifunde ezi zinto, kodwa ngokuphapha sinokuyizuza imizuzu embalwa apha naphaya ukuze sifunde isahluko seBhayibhile okanye inqaku lephephancwadi. Maninzi amaKristu azihlengahlengisele ukuba azuze i-10 okanye i-15 lemizuzu kwangethuba suku ngalunye khon’ ukuze afunde xa esadlamke gqitha. Bambi bafumanisa ukuba banokufundisisa kakuhle ngoxa behamba ngesithuthi sikawonkewonke. Kuthekani ngawe?
9. Sinokuyivuna njani intabalala ngofundisiso lwethu lweBhayibhile lobuqu?
9 Ngokuhlwayela intabalala ngezi ndlela, sikwanokuba nethemba lokuvuna intabalala. Njani? Ngendlela yokuba siya kuba nokholo olomeleleyo, ithemba eliqaqambe ngakumbi, nengqondo eyonwabileyo nekhuthazayo. Okungakumbi kunoko kukuba, siya kukuxhotyiselwa ngakumbi ukunikela ubungqina kwabanye. Siya kukwazi ukufak’ isandla kwincoko emyoli nokunceda abazalwana bethu xa amathuba evela. Phawula oko umphumo unokuba kuko kweyoku-1 kuTimoti 4:15, 16.
Ukuhlwayela Intabalala Ekuyeni Kwiintlanganiso
10. Sifanele sibe yintoni isimo sethu sengqondo ngeentlanganiso zethu?
10 Usenokuzibuza oku: Ngaba lo mgaqo wokuvuna intabalala ukuba sihlwayela intabalala uyasebenza nasekuyeni kwethu kwiintlanganiso zebandla? Ngokuqinisekileyo uyasebenza! Sifanele sibe nemvo efana neyomdumisi uDavide xa wathi: “Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.” Ewe, sifanele sizive sinomdla wokuhlangana nabazalwana bethu.—INdumiso 122:1.
11, 12. Sinokuyihlwayela size siyivune njani intabalala ngokuya ezintlanganisweni?
11 Oko kufuna ntoni kuthi? Kuthetha ukubakho rhoqo yaye ngokuthembeka kwiintlanganiso zethu ezintlanu zeeveki ngeeveki, singavumeli imeko embi yemozulu okanye ukuziva nje ungemnandanga emzimbeni kube sisingxengxezo sokuhlala ekhaya. Kufuthi kangakanani sifumanisa ukuba imozulu—kushushu okanye kubanda, kumanzi okanye komile—iphazamisa ukuya kwethu kwiintlanganiso? Kanti, okukhona sisoyisa imiqobo engakumbi ukuze siye ezintlanganisweni, kokukhona intsikelelo kaYehova enkulu ngakumbi ithululelwa kuthi. Kwakhona sinokuhlwayela intabalala ngokufika kwangethuba khon’ ukuze sibe nencoko ekhuthazayo ngaphambi kweentlanganiso, sandule ke kamva sikhe sihlale ithutyana kwangenxa yenjongo efanayo. Wena ngokobuqu uhlangabezana njani nale nkalo? Ngaba ufanele uzame ukuhiwayela intabalala ngakumbi? Ukusilungiselela kakuhle iSifundo seMboniselo nezinye iintlanganiso kubandakanyekile nako. Injongo yoku kukuba sinokuhlwayela intabalala ngokugqabaza xa amathuba evela.
12 Kungaziphi iindlela esinokuba nethemba lokuvuna intabalala koku? Asinakuthetha amazwi akhuthazayo ngaphandle kokuzikhuthaza thina; asinakuvuselela umphefumlo odakumbileyo ngaphandle kokuvuselelwa kwezethu iintliziyo kuqala. Ewe, asinakugqabaza ezintlanganisweni ngaphandle kokomeleza olwethu ukholo ngeenyaniso esizithethayo. Kulula gqitha: “Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa; oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.”—IMizekeliso 11:25.
Ukuhlwayela Intabalala Kwimithandazo Yethu
13, 14. Kwimithandazo yethu (a) sinokuyihlwayela njani intabalala, (b) sinokuyivuna njani intabalala?
13 Umgaqo ongokweZibhalo wokuhlwayela intabalala ukwasebenza nakwimithandazo yethu yobuqu. Ngaba imithandazo yethu iyinto enye, eqhelekileyo, ukuphindaphinda okungekho ngqiqweni okanye ngaba iphuma ngenene entliziyweni? Ngaba ayiquki izicelo kuphela koko kwaneendumiso nemibulelo esuk’ entliziyweni, yaye kwizihlandlo ezithile kwanesikhungo? Ngaba ngenene silithabatha nzulu ilungelo elixabisekileyo lomthandazo? Ngaba sizityand’ igila kuBawo wethu osezulwini? Okanye ngaba siyarhwalaza ekuthandazeni kwethu, maxa wambi side sixakeke gqitha ukuba singathandaza? IZibhalo zamaKristu zesiGrike zibonisa ukuba umthandazo wawubalasele kubomi bukaYesu Kristu nakobompostile uPawulos.—Luka 6:12, 13; Yohane 17:1-26; Mateyu 26:36-44; Filipi 1:9-11; Kolose 1:9-12.
14 Umlinganiselo esihlwayela intabalala ngawo kwimithandazo yethu, ikwangumlinganiselo esinokuba nethemba lokuvuna intabalala ngawo ngokuyiphendula kukaYehova imithandazo yethu nangokuba nolwalamano oluhle naye. Imithandazo yentsapho yenza amalungu asondele ngakumbi kwelo lithandazayo. Kwakhona masihlale sicinga ngamazwi kaYesu akuMateyu 7:7 athi: “Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa.”
Ukuhlwayela Intabalala Kubulungiseleli Bethu
15. Kuphi apho ukuhlwayela nokuvuna intabalala kunokunanditshwa ngokukhethekileyo?
15 Mhlawumbi ayikho enye inkalo apho umxholo wethu ucace ngakumbi kuyo kunasekunikeleni kwethu ubungqina. Ngokucacileyo, okukhona sichithela ixesha elingakumbi ekunikeleni ubungqina, kokukhona kunokwenzeka ukuba sivune amava abangel’ umdla, amabuyelo aneziqhamo nezifundo zeBhayibhile zamakhaya ezinemveliso, eziphumela kwiincwadi eziphilileyo zoncomelo.—2 Korinte 3:2.
16, 17. (a) Ukuhlwayela intabalala kwinkonzo yethu yasentsimini kufuna ntoni kuthi? (b) Ekwenzeni oko, yiyiphi imiphumo esinokuyilindela?
16 Noko ke, ukuhlwayela intabalala kubulungiseleli basentsimini asingombandela nje wobungakanani kodwa ikwangumbandela womgangatho wento oyenzileyo. Sifuna ‘ukuvutha emoyeni’ xa sinesabelo kubulungiseleli. (Roma 12:11) Sifanele siye ebantwini sithetha ngokukhululekileyo, sinoncumo olufudumeleyo nolobuhlobo. Oko kusebenza enoba siya kwindlu ngendlu okanye sinesabelo ekunikeleni ubungqina esitratweni. Ukuba luyafumaneka ngolwimi lwethu, uncedo lwethu olutsha lokunikela ubungqina oluthi, Ukuqiqa NgeZibhalo lufanele lusincede sonke ukuba sibe ngabafaneleke ngakumbi, yaye ngoko sibe nesiqhamo ngakumbi, sivune okungakumbi kwixesha nakumandla esiwachithela kubulungiseleli basentsimini.
17 Yaye ngaba ukuhlwayela kwethu intabalala kubulungiseleli basentsimini akuthethi ukuphaphela ukuba siphawule indawo esifumene kuyo umntu onomdla? Okunxulumene noko kukwamkela kwethu imfanelo yokubuyela size siwuhlakulele loo mdla kuse kwinqanaba lokuqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya ukuba kunokwenzeka. Okungakumbi kunoko kukuba, simele siphaphele ukuba sakhe ngezinto ezinokuxhathisa umlilo. Oko kuthetha ukuba sifundise ngolweyiseko, kanti ngovelwano nangobulumko, ngobuchule sizuze indlela abavakalelwa ngayo abafundi beBhayibhile ngemigaqo yeBhayibhile. Kuphela kungokuhlwayela intabalala kwezi nkalo esinokuba nethemba lokuvelisa ubuntu bobuKristu obuya kuba nako ukuxhathisa iintlaselo zikaSathana nezenkqubo yakhe yezinto.—1 Korinte 3:12-15.
Ukuhlwayela Intabalala Kulwalamano Lwentsapho
18. Sisiphi isiluleko esimele sisigcine engqondweni ngokuphathelele ulwalamano lwethu lwentsapho?
18 Umgaqo wobuthixo wokuba sivuna ngokuvisisana nendlela esihlwayele ngayo uyasebenza kwanaphakathi kwisangqa sentsapho. Apha sinokugcina engqondweni amazwi kaYesu akuLuka 6:38: “Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzeIweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.”
19. Amadoda nabafazi banokuyihlwayela njani intabalala baze bangenelwe kuko?
19 Kukho amathuba amaninzi gqitha okuba amadoda nabafazi bahlwayele intabalala ngezenzo zothando zokuba ngabacingayo nezokungazingci! Umpostile uPawulos unikela icebiso elihle gqitha kumaEfese 5:22-33. Khawuzifunde ezi ndinyana ngoxa ucinga ngendlela wena onokuhlwayela ngakumbi ngayo intabalala. Umlinganiselo umfazi ongumKristu athobela, anentsebenziswano, nanenkxaso ngawo, ikwangumlinganiselo ekunokwenzeka ngawo ukuba avune intabalala. Ngaziphi iindlela? Kwiimvakalelo nakuthando oluxabisekileyo lomyeni wakhe, umyeni eshukunyiselwa ukumthanda umkakhe njengomzimba wakhe. Ngokufanayo, umlinganiselo indoda engumKristu ezinikela ngawo ukubonakalisa ingqalelo ebongozwa kweyoku-1 kaPetros 3:7 nothando lokungazingci olubalaseliswa kumaEfese 5:28, 29, ikwangumlinganiselo enokuba nethemba ngawo lokuba iya kuvuna ukuthotyelwa nenkxaso yokunyaniseka yomfazi wayo.
20. Ukuhlwayela intabalala kunokusetyenziswa njani ekukhuliseni abantwana, yaye ngayiphi imiphumo?
20 Asifanele siyilibale nembopheleleko yethu ekukhuliseni abantwana bethu ngokuqeqesha nokululeka kukaYehova. (Efese 6:4) Enyanisweni, oku kuza kuqala kuneminye imisebenzi namalungelo olawulo lobuthixo. Kulusizi ukuthi, lo ngumgaqo oye watyeshelwa ngabanye abazali abangamaKristu. Kwelinye icala, abazali bamele bakuvume ukuncama iziyolo nobutofotofo ngenxa yempilontle engokweemvakalelo neyokomoya yabantwana babo, bechithela ixesha elithile elaneleyo nabo yaye bebonakalisa uthando kubo. Kwelinye icala, abazali bamele babonakalise ukuqina. Balulekwa ngolu hlobo: “Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, awuyolise umphefumlo wakho.” Hlwayela ngezi ndlela, yaye kunokwenzeka ukuba uya kuvuna intabalala ngokuba nabantwana abagcina ingqibelelo abakuhlonelayo nabaziva besondele kuwe.—IMizekeliso 29:17.
Yiba Ngumvuni Weengenelo!
21, 22. Ziziphi iindlela ezahlukahlukeneyo esinokuhlwayela size sivune intabalala ngazo kwinkonzo yethu engcwele nakulwalamano lwethu lwentsapho?
21 Ngoko ke, siyabona ukuba umgaqo wokuba sivuna ngokwendlela esihlwayela ngayo usebenza kuzo zonke iinkalo zobuKristu. Ukuba sihlwayela intabalala kufundisiso lwethu lweBhayibhile lobuqu, siya kuvuna ukholo olomeleleyo, ithemba eliqaqambileyo, nokulungela ubulungiseleli bethu. Ukuba sihlwayela intabalala kwiintlanganiso zethu, luya komelezwa ukholo lwethu, yaye siya komeleza ukholo lwabanye. Ukuba sihlwayela intabalala kwimithandazo yethu, siya kuvuna ulwalamano oluhle noBawo wethu wasezulwini yaye imithandazo yethu iya kuphendulwa. Yaye ukuba sihlwayela intabalala ekunikeleni kwethu ubungqina, siya kungenelwa kakhulu ngokobuqu, yaye sinokuba nethemba lokuba neencwadi zoncomelo ezibonakalisa imigudu yethu.
22 Ngokukwanjalo, masingaze silibale ukuba lo mgaqo usebenza nakulwalamano lwethu lwentsapho. Ngokuhlwayela intabalala kulwazelelelo lothando nangezenzo zokungazingci, thina njengamadoda, abafazi, abazali okanye abantwana sinokuba nethemba lokuvuna ubomi bentsapho obuyintabalala kunxulumano nakumava angumvuzo. Kwakhona kuya kunikela ubungqina obuhle kwabo bangaphandle, kuncomela indlela yethu yobomi.
23. Sisiphi isiluleko esenza kakuhle ukusinikela ingqalelo?
23 Ngoko ngqina ngalinye likaYehova elingumKristu malizibuze oku: Ngaba ndinokuhlwayela intabalala ngakumbi? Amazwi kaPawulos akweyoku-1 kwabaseTesalonika 4:1 afaneleke gqitha: “Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi.” Eneneni, sonke masizame ukuhlwayela intabalala ukuze sivune intabalala, ukusa kuzuko lukaYehova nakwintsikelelo yethu nabazalwana bethu.
Iingongoma Zempinda
◻ UYehova uThixo uyingqinele njani inyaniso efunyanwa kweyesi-2 kwabaseKorinte 9:6?
◻ Yintoni onokuyenza ukuze uvune intabalala ngokuphathelele ufundisiso lweBhayibhile neentlanganiso zamaKristu?
◻ Unokuhlwayela uze uvune ngokupheleleyo njani ngokuphathelele inkonzo yasentsimini?
◻ Ngawaphi amanyathelo asengqiqweni anokunceda intsapho yakho ukuba ihlwayele ize ivune intabalala ngakumbi?