IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 6/15 iphe. 24-25
  • Ukwenza Imisebenzi Elungileyo Ngesabatha

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwenza Imisebenzi Elungileyo Ngesabatha
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwenza Imisebenzi Elungileyo NgeSabatha
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • Umntu Unokukwazi Ukwenza Imisebenzi Emihle NgeSabatha?
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Wayebathanda Abantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 6/15 iphe. 24-25

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Ukwenza Imisebenzi Elungileyo Ngesabatha

NGOKU kusentwasahlobo yowama-31 C.E. Sekudlule iinyanga ezimbalwa ukususela oko uYesu wathetha nomfazi equleni kwelaseSamariya ngoxa wayesendleleni evela kwaYuda esiya eGalili.

Emva kokufundisa ngokucokisekileyo eGalili, kwakhona uYesu ubuyela kwaYuda, apho afundisa kwizindiu zesikhungu. Xa kuthelekiswa indlela awanyakamela ngayo ubulungiseleli bakhe baseGalili, kuncinane iBhayibhile ekutshoyo ngomsebenzi kaYesu kwaYuda ebudeni bolu tyelelo nasebudeni beenyanga awazihlala apho emva kwePasika. Kuyabonakala ukuba kwaYuda akuzange kusatyelwe kakuhle kubulungiseleli bakhe njengokuba kwabanjalo eGalili.

Kungekudala uYesu usendleleni eya kwisixeko esikhulu sakwaYuda, iYerusalem, ukuya kwiPasika yowama-31 C.E. Apha, ngasesangweni lesixeko, kukho ichibi elibizwa ngokuba yiBhetesda, apho imilwelwe emininzi, iimfama nabaziziqhwala beza khona. Bakholelwa ukuba abantu banokuphiliswa ngokungena kumanzi echibi xa ezanyazanyiswa.

KungeSabatha, yaye echibini uYesu ubona indoda ebingumlwelwe kangangeminyaka engama-38. Eliqonda ithuba elide lokuba ngumlwelwe kwale ndona, uYesu uyibuza athi: “Uyafuna na ukuba uphile?”

Iphendula ithi, “Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.”

Athi uYesu kuye: “Vuka uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.” Ngokukhawuleza lendonda iyaphila ithabatha ukhukho lwayo, ize ihambe!

Kodwa xa amYuda eyibona lendoda, athi: “Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.”

Indoda iwaphendula ngokuthi: “Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.”

Abuza athi: “Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?” UYesu wemka ngenxa yesihiwele sabantu, yaye owaphiliswayo wayengalazi igama likaYesu. Noko ke, kamva uYesu nale ndoda badibana etempileni, yaye le ndoda ithi imazi lowo wayiphilisayo.

Ngoko le ndoda iphilisiweyo ifuna amaYuda ukuze iwaxelele ukuba nguYesu oyiphilisileyo. Akukuva oku, amaYuda aya kuYesu. Ngasiphi isizathu? Ngaba yayikukuze aqonde ukuba usebenzisa ntoni ukuze enze ezi zinto zimangalisayo? Akunjalo. Kodwa aya kumtyhola ngenxa yokuba esenza ezi zinto ezilungileyo ngeSabatha. Yaye ade aqalise nokumtshutshisa! Luka 4:44; Yohane 5:1-16.

◆ Kumalunga nethuba elide kangakanani ukususela oko uYesu watyelela kwaYuda okokugqibela?

◆ Kutheni le nto ichibi elibizwa ngokuba yiBhetesda lalithandwa kangaka nje?

◆ Nguwuphi ummangaliso uYesu awawenzayo echibini, yaye asabela njani amaYuda?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share