Indlela AmaKristu Amakavakalelwe Ngayo NGOKUKHULULEKA
AMAKRISTU ayichasile “inkululeko” egatya igunya elisetyenziswa ngokufanelekileyo. Ngoba? Kuba eneneni ayikhululi—iyakhobokisa. Lo mzekelo ulula unokukucacisa oku.
Umntu oselula uyakucaphukela ukuba phantsi kwegunya labazali, abamalelayo ukuba atshaye nokuba asele iziselo ezinxilisayo. Engaqondi ukuba igunya labo lisetyenziselwa ukulungelwa kwakhe, ulangazelela ukukhululeka. Akuba ekhule ngokwaneleyo aze alishiye ikhaya, ekugqibeleni uyayizuza inkululeko ebesoloko eyifuna. Kodwa iminyaka kamva, akuba eyingedle yaye elikhoboka lotywala elingaqhelekanga, ugqirha wakhe umxelela ukuba ngenxa yempilo yakhe umele ayeke ukutshaya nokusela. Ukufumanisa kunzima ukukwenza oku. Inkululeko yakhe ikhokelele kubukhoboka.
Ukukhululeka Kwigunya Elipheleleyo
Igunya likaThixo liphelele yaye lisekelwe kukuba nguMdali kwakhe. Oku kumnika ilungelo lokuzigqibela izidalwa zakhe oko kuyihambo efanelekileyo, oko kukukuziphatha okuhle nokukukuziphatha okubi. Le milinganiselo, emiselwe ukuze kulungelwe uluntu, yandlalwe ngokucacileyo eBhayibhileni. IBhayibhile ithi: “Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—1 Korinte 6:9, 10.
Ngokukodwa kukule nkulungwane yama-20 engenaxesha lazinto zokomoya nentsonkothileyo aye umntu wazama ukuzikhulula kwimiyalelo enjalo esisikhokelo yokuziphatha. Kanti, phezu kwako nakuphi na oko kuthiwa yinkululeko, akanako ukuzikhulula kwimiphumo yokuqhelisela oko uThixo athi kusisono. Kunokuba bakhululeke, abantu abanjalo babe ngamakhoboka eenkanuko neminqweno yabo, njengokuba uYesu wakubonisa ngokucacileyo oko esithi: “Bonke abenza isono bangamakhoboka esono.”—Yohane 8:34; bona kwaneyabaseRoma 6:16.
Ukukhululeka Kwigunya Elilinganiselweyo
Amagosa karhulumente anelungelo lokuqhelisela igunya elizweni, abazali banelungelo lokuqhelisela igunya entsatsheni, abafundisi-ntsapho kwinkqubo yesikolo yaye abadala bamaKristu banelungelo phakathi ebandleni. Kakade ke, igunya lilinganiselwe. Ngokomzekelo, igunya elipheleleyo likaYehova, oyalela abakhonzi bakhe ukuba bafunde iLizwi lakhe baze banxulumane namaKristu angoowabo, beliya kuza kuqala kunegunya elilinganiselweyo lendoda esenokunyanzelisa ukuba umfazi wayo angenzi nanye kwezi zinto.—IZenzo 5:29.
Noko ke, ekugqaleni igunya elilinganiselweyo lelizwe, amaKristu akanakuba nenxaxheba kwimibutho yenkululeko ukuze abhukuqe igunya elinjalo. Akanakuthethelela ukungathotyelwa kwemithetho yesizwe ngenxa nje yokuba engavumelani nenkqubo karhulumente, engenako nokukhuthaza ukungahlawulwa kweerhafu njengendlela yokuphikisana neenkqubo ezithile. Umpostile uPawulos wathi: “Olichasayo igunya, umelene nommiselo kaThixo,” watsho esongezelela esithi: “Abo ke bameleneyo nawo, baya kuziguqulela ukugwetywa.”—Roma 13:1-4.
Kodwa kuthekani ukuba igosa likarhulumente alenzi okusesikweni yaye lilisebenzisa kakubi igunya lalo? Kuthekani ukuba liyabacalucalula abantu ngabanye okanye imibutho ethile engabalaselanga? Nasi isiluleko seBhayibhile: “Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo.” (INtshumayeli 5:8) Kusenokwenzeka ukuba kubhenelwe kwigunya eliphakame ngakumbi likarhulumente okanye enkundleni. Kodwa kwanokuba ubulungisa abufunyanwa ngaloo ndlela, abakhonzi bakaThixo banokuba nentembelo yokuba, “uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye.”—2 Kronike 16:9.
Kukwayimeko efanayo nasentsatsheni. Ukuba athi amadoda okanye oobawo balisebenzise kakubi igunya labo, sinokuqiniseka ukuba ekugqibeleni uThixo uya kuyilungisa imicimbi enjalo, engavumeli ukuba kubekho okungekho sikweni kwinkqubo yakhe entsha yobulungisa esondela ngokukhawuleza. Okwangoku, abafazi nabantwana abangamaKristu baqhubeka behlonela umgaqo wobuntloko bobuKristu, nokuba maxa wambi usetyenziswa kakubi. Bayaqonda ukuba abumiselwanga njengendlela yokudelela kodwa buyilelwe ukuze buqinisekise ukubakho koxolo nomanyano entsatsheni nakwibandla lamaKristu.—1 Korinte 11:3.
“Ukukhululeka” Kwigunya Lasebandleni
Ngokuphathelele ubuntloko kwibandla lobuKristu, iLizwi likaThixo lithi: “Bathambeleni abakhokeli benu, nibathobele; kuba bona abalali, ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokwabaya kuphendula.” (Hebhere 13:17) Nangona eli gunya labadala ilelilinganiselweyo, balinikwe nguThixo ngomoya wakhe oyingcwele. Ngaloo ndlela balinikwe ngendlela engqale ngakumbi kunegunya elilinganiselweyo eliye, ngokomzekelo, lanikelwa kumagosa karhulumente.—IZenzo 20:28.
Bambi baye banemvo yokuba imigaqo nemiyalelo ekhutshwa yintlangano kaThixo ebonakalayo ingqongqo gqitha, ayivumeli nkululeko yaneleyo yomntu ngamnye. Oku kuye kwababangela ukuba bayeke ukunxulumana namaNgqina kaYehova; bengasakufuni ukuthobela abo bangalaliyo ngenxa yemiphefumlo yabo. Nangona aba bantu kunokwenzeka ukuba bazigqala bekhululekile, enyanisweni, “inkululeko” yabo iye yabenza baba ngamakhoboka kwakhona kwiinkolelo nakuqheliselo lonqulo lobuxoki.
AmaKristu okwenyaniso ayalihlonela igunya, kokubini igunya elipheleleyo likaThixo negunya elilinganiselweyo labantu. Le mbono ifanelekileyo ngegunya iyawathintela ekusebenziseni kakubi inkululeko yobuKristu abayinikwe lulwazi lwenyaniso.
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 6]
Igunya likaThixo liphelele yaye lisekelwe kukuba nguMdali kwakhe
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 6]
AmaKristu akalivukeli ilizwe ngenxa yeenkqubo eliya kuphendula ngazo kuThixo
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 7]
AmaKristu okwenyaniso ayalihlonela igunya, igunya likaThixo elipheleleyo negunya labantu elilinganiselweyo
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ukuhlawulwa kwegunya hlabathi
Ukugqala igunya elilinganiselweyo ebandleni
Ukugqala iGunya Eliphakamileyo, uYehova uThixo