Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngaba umKristu onethemba lokuphila emhlabeni kunokubhekiselwa kuye ngoku njengenxalenye ‘yesihlwele esikhulu’, phezu kwaso nje isibakala sokuba engekasindi ‘kwimbandezelo enkulu’?—ISityhilelo 7:9, 14.
Ewe, oko kufanelekile ngenxa yethemba analo.
ISityhilelo isahluko 7 sikhankanya amaqela amabini. Elokuqala li-144 000 ‘labatywiniweyo kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.’ (ISityhilelo 7:4) Ngokufanayo ISityhilelo 14:1-5 sibonisa ukuba abali-144 000 ‘bathengwe emhlabeni,’ baza “baziintlahlela kuye uThixo.” Ngoko ke, aba bangabo baya kulawula noKristu ezulwini. (Galati 6:16; 2 Timoti 4:18) Iqela lesibini ‘sisihiwele esikhulu, ekwakungekho namnye unako ukusibala,’ sona ‘siphuma embandezelweni enkulu.’
Ngokwendlela esibhalwe ngayo, ISityhilelo 7:9-17 sichaza ngabasindi basemhlabeni bembandezelo ezayo. Ngoko ubani ofuna ukuba ngongqongqo ngokugqithiseleyo usenokuliphelelisa ibinzana elithi “isihlwele esikhulu” kubantu abasinde kuloo mbandezelo. Kodwa ngaba kuyimfuneko ukuba ngonesimo sengqondo esinjalo? Asikholelwa ngolo hlobo. Ngokucacileyo, abo baya kusinda bamele babe bahlanganiswe ngaphambi ‘kwembandezelo enkulu’ ukuze balufanele usindiso. Ngaloo ndlela ibinzana elithi “isihlwele esikhulu” siye salisebenzisa kumaKristu anyanisekileyo athi ngoku akhonze uYehova uThixo enethemba lokusinda nelokuba ‘akhokelelwe emithonjeni ephilileyo yamanzi’ emhlabeni. (ISityhilelo 7:17) Ukuba omnye ‘wesihlwele esikhulu’ unokufa ngoku, kanye nje ngaphambi ‘kwembandezelo enkulu,’ akukho naziphi na izizathu zokungakhangeli phambili ekuvukeleni kwakhe ebomini emhlabeni.
Kusenokuthethwa iingongoma ezifanayo ngokuphathelele ibinzana elithi “ezinye izimvu.” KuYohane 10:7-16, uYesu okokuqala wathetha ‘ngezimvu’ zakhe, zona esiziqonda ‘zingumhlambi omncinane’ owabelwe kubomi basezulwini. Ngokulandelayo uYesu wathi: “Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti [basezulwini]; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.” Ngokufuthi besibonisa ubungqina beZibhalo obuchaza ‘ngezinye izimvu’ njengezo zinethemba lobomi basemhlabeni.—Luka 12:32.
Ubani usenokuqiqa ngale ndlela: UYesu wayesalatha ekuhlanganisweni ‘kwezinye izimvu’ kwixesha elizayo, ngenxa yoke eli binzana lisebenza kuphela kwabo babeya kuthi, emva kokuthetha kukaYesu, bamkele ithemba elingokweBhayibhile lobomi obungunaphakade emhlabeni. Phofu ke, kubonakala kungeyomfuneko ukuba lisikelwe umda ngaloo ndlela eli binzana, ngokungathi uYesu wayechaza izinto ngolandelelwano lwexesha. Sikholelwa kwelokuba wayegxininisa ukuba wayengumalusi wezimvu ezimanyeneyo. Bambi babantu ababumvu bangena kubuhlanti ukuze baye ezulwini. Kwakhona kukho nezinye izimvu ezaziya kumamkela njengomalusi; ezi zaziza kumanyana nezo zikhankanywe ekuqaleni. Sinale ngcamango, ibinzana elithi “ezinye izimvu” liquka amadoda okholo awafa ngaphambi kokuba uYesu ahlahlele indlela eya ezulwini, madoda lawo anjengoNowa, uAbraham, uYobhi, uDavide noYohane uMbhaptizi. (Mateyu 11:11; IZenzo 2:29; Hebhere 10:19, 20) Xa aba bevuselwa kwinkqubo entsha yezinto, banokwamkela uMalusi Olungileyo baze babe nethemba lobomi obungenasiphelo emhlabeni bekunye nabanye ‘abazezinye izimvu’ zikaYesu.