Isizathu Sokuba Ukusetyenziswa Kakubi Kwegunya Kube Kuza Kuphela Ngokuqinisekileyo
UKUMKANI uSolomon wamandulo wathetha oku ngokusetyenziswa kakubi kwegunya ngomhla wakhe: “Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa [ukusetyenziswa kakubi kwegunya] okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu.”—INtshumayeli 4:1.
Unokubuza kakuhle uthi, ‘Ekubeni ukusetyenziswa kakubi kwegunya kudala kukho, ngaba kuza kuqhubeka ngonaphakade?’ Hayi, akuyi kuhlala kuqhubeka. Isizathu sikukuba kukho Lowo ukubonayo konke oku, njengokuba uSolomon wabhala ephantsi kwempefumlelo wathi: “Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo.”—INtshumayeli 5:8.
ILizwi likaThixo, iBhayibhile Engcwele, libonisa ukuba uYehova, Osenyangweni, unamandla nobulumko obungapheliyo, yaye ugqibelele kokusesikweni, yaye uluthando lumntwisiwe. Ngenxa yokuba enguThixo ololo hlobo, akayi kuzinyamezela ngonaphakade ezi meko zingekho sikweni. Umdumisi uDavide wabhala oku: “Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela. Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa; ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe.”—INdumiso 37:8, 9.
Sifumana isiqinisekiso esibhekele phaya kumazwi omprofeti uIsaya athi: ‘Ndobavelela abangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi [abasebenzisa kakubi igunya].’—Isaya 13:11.
Kodwa sekuziinkulungwane ukususela ekubeni loo mazwi abhalwayo, ngoko kutheni sinokuqiniseka nje ukuba uYehova uThixo useza kuliphumeza idinga lakhe lokukuphelisa konke ukusetyenziswa kakubi kwegunya? Kungenxa yokuba kumaxesha adluleyo uye wabonakalisa uzimiselo lwakhe lokwenjenjalo. Ngaphambi koMkhukula womhla kaNowa, igunya lalisetyenziswa kakubi gqitha. Sifunda ukuba “ihlabathi lalizele lugonyamelo.” (Genesis 6:5, 11) Yaye lunokuba yintoni ugonyamelo ngaphandle kokusetyenziswa kakubi kwegunya? Kwakunjalo nangezixeko ezingendawo iSodom neGomora ngomhla kaLote. (Genesis 18:20, 21; 19:4-29) Kuzo zozibini ezi ziganeko uYehova wakuphelisa ukusetyenziswa kwalo kakubi. Ngoko siyabona ukuba uYehova uThixo akakunyamezeli ngokungenasiphelo ukusetyenziswa kakubi kwegunya.
Isizinzi esongezelelekileyo kuthi sokusiqinisekisa ukuba uYehova uya kuthabatha inyathelo sisibakala sokuba unekhwele ngegama lakhe, yaye konke ukusetyenziswa kakubi kwegunya kunyelisa ubungangamsha bakhe. Phawula oku kunxibelelana kwezi zicatshulwa: “Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso.” “Ogculela ihlwempu ungcikiva uMenzi walo.”—IMizekeliso 14:31; 17:5.
Ngoko, sinokuhlala siqinisekile ukuba Osenyangweni akayi kukunyamezela ixesha lonke ukungcikivwa. Oko kushiya nje lo mbuzo mnye: Kuza kuphela nini ukusetyenziswa kakubi kwegunya?
Kuza Kuphela Nini?
ILizwi likaThixo lisixelela ukuba “into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu.” (INtshumayeli 3:1) Bambi banokungabi namonde ngocwangciso lukaThixo lwexesha, kodwa sixelelwa oku: “INkosi [uYehova] ayilibali dinga, . . . isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani.”—2 Petros 3:9.
Ukuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile kubonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi, okanye inkqubo yezinto engendawo. Esi sizukulwana siye sabona ukuzaliseka kwesiprofeto sikaYesu esikhulu ngokubhekisele kubukho bakhe nokupheliswa kwale nkqubo yezinto: iimfazwe, iinyikima zomhlaba, iindlala, iindyikitya zokufa, ukwanda kokuchas’ umthetho nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. (Mateyu 24:1-35; Luka 21:10, 11) Oko kubonisa ukuba ixesha lethu liyimihla yokugqibela yeli hlabathi lingendawo.
Ngenxa yokuba le iyimihla yokugqibela, sinokuthemba ukubona isiprofeto esikuZefaniya 3:8 sizaliseka ngokukhawuleza: “Yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibe yimini yokuvuka kwam, ndithimbe. Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam; kuba liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam lonke ihlabathi.”
Ngokuqinisekileyo, loo mazwi asisiqinisekiso sokuba uYehova uThixo uza kukuphelisa ukusetyenziswa kakubi kwegunya.