IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 8/15 iphe. 30
  • Uyakhumbula Na?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uyakhumbula Na?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Zibekele Usukelo Lokomoya Ukuze Uzukise UMdali Wakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ndinokulufikelela Njani Usukelo Lwam?
    Vukani!—2010
  • Lutsha—Niza Kwenza Ntoni Ngobomi Benu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Indlela Yokufikelela Usukelo Lwakho Lokomoya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 8/15 iphe. 30

Uyakhumbula Na?

Ngaba iinkupho zakutshanje zeMboniselo uzifumanise zixabiseke ngendlela esebenzisekayo? Ngoko khawubone ukuba unokukukhumbula na oku kulandelayo:

◻ Kutheni kunokuthiwa iBhayibhile yincwadi yoluntu lonke?

Kwasekuqaleni kwayo, iBhayibhile inikela imbonakalo yehlabathi xa ithetha ngekamva loluntu. (Genesis 1:28) Iyaloyisa lonke ikhethe lobuzwe, ubuhlanga nabanye oonobangela abahlukanisayo abathwaxa uluntu. Ithetha nabantu beentlanga zonke ize ithethe ngomhtaba njengekhaya elinye elikhulu lesizwe soluntu lonke. (IZenzo 17:26)—4/15, iphepha 5.

◻ Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi: “Xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka”? (Mateyu 6:22)

Igama elithi “lingenakumbi” lisuka kwigama lesiGrike ngokusisiseko elithetha ukucinga ngento enye okanye ukuzinikela kwinjongo. Ngokuthi sikwenze usukelo lwethu ebomini ukwenza ukuthanda kukaThixo, siya kufuna ukubonakalisa iindaba ezilungileyo ezizukileyo ezingoBukumkani kuzo zonke iinkalo zobomi bethu.—5/1, iphepha 12, 13.

◻ Kuthetha ntoni ukuthi uYehova ngusomandla nokuba unolwazi olungenakulinganiselwa?

UYehova waxelela uAbraham wathi: “NdinguThixo uSomandla.” (Genesis 17:1) Ekubeni engusomandla—engonamandla onke—uYehova unokusebenzisa amandla akhe ukoyisa nantoni na engumqobo ukuze azalisekise amadinga neenjongo zakhe. UYehova ukwangumazi wako konke, yaye ungolumkileyo kubo bonke. Ngaloo ndlela unokubona kwangaphambili nantoni na anqwenela ukuyibona. Ezi mpawu zimbini zenza kungabi nakwenzeka ngoYehova ukuba asilele. (Isaya 14:24)—5/15, iphepha 4.

◻ Sinokukubonisa njani ukuzithoba xa sithandaza siphambi kwabanye esidlangalaleni?

Sinokubonisa ukuzithoba ngemvakalo yelizwi lethu—singaze sivakalise ngokuqhayisa okanye sibe ngabahlekisayo. Simele singaze simnyanzele uYehova ukuba enze izinto ezithile. Kunoko, simele simcele uYehova ngokuvisisana nokuthanda kwakhe, ibe amazwi ethu amele ukuba ngasoloko enentlonipho nanesidima, sigqala ukungafezeki kwethu. (Mateyu 6:5; Isaya 66:2)—5/15, iphepha 21, 22.

◻ UmKristu unokusigcina njani isimo sengqondo esikhuthazayo phantsi kwentshutshiso?

Umele angaze avumele ingqondo yakhe ihlale kwizinto ezingakhiyo. Kunoko, kufuneka acamngce ngoko kwenziwa ngabanye abakhonzi abathembekileyo bakaYehova ngamaxesha ovavanyo. Babenokholo olupheleleyo nentembelo kuYehova, bethembele kumandla akhe okubavusa nawokubanika umvuzo. (ISityhilelo 2:10) Ngokufanayo, umKristu otshutshiswayo namhlanje unokuligcina ngokucacileyo engqondweni ithemba lakhe kwinkqubo entsha yobulungisa kaYehova. (Thelekisa amaHebhere 12:2.)—6/1, iphepha 30.

◻ Kukuwuphi umbandela omnye obalulekileyo awathi uHus, uWyclyffe noLuther bavumelana kuwo?

Bebonke bavumelana kwelokuba iLizwi likaThixo limele libe lilo kuqala, zingakhathaliseki ukuba zithini na izimvo zabantu. AmaKristu okuqala ayenale mbono ikhanyiselweyo kuba ayefundisiwe nguYesu Kristu ngokwakhe. (IZenzo 5:29; Yohane 17:17)—6/15, iphepha 31.

◻ Ngaba ulusu olumnyama ngebala lungumphumo wesiqalekiso sobuthixo esabekwa kuKanan nakwinzala yakhe?

Hayi. Isizwe esimnyama savela kungekhona kuKanan kodwa kuKushi yaye kusenokwenzeka ukuba savela nakuPuti. Akukho siqalekiso sabekwa phezu kwaba bazukulwana babini bakaNowa. (Genesis 9:24, 25; 10:1, 6)—7/1, iphepha 4.

◻ Wayethetha ntoni uYesu xa wathetha ngokuthiya kukabani amalungu entsapho yakowabo kwanaye siqu? (Luka 14:26)

UYesu wayethetha ukuba ekuthelekisweni kothando lukabani kuThixo nokuzinikela kwakhe kuKristu, ulwalamano lukabani kwizalamane zakhe lusenokubonakala njengoluthiyekileyo. (Thelekisa uMateyu 12:46-50.)—7/1, iphepha 27.

◻ UYesu waba ‘yiNkosi yesabatha’ njani, njengoko kuchazwe kuMateyu 12:8?

UYesu wayebhekisela kulawulo loBukumkani bakhe loxolo lwewaka leminyaka. Olu lawulo lubalaseleyo lweSabatha lukaKristu luya kuba lixesha lokuphumla kuyo yonke intlungu nengcinezelo.—7/15, iphepha 9.

◻ Kutheni kungebobulumko nje ukuba umntwana azibekele izinto ezilusukelo lwakhe ebomini?

Amava abantwana asikelw’ umda kakhulu ukuba bangazibekela izinto ezilusukelo lwabo ebomini. Ukuba abazali ababancedi ekuzibekeleni izinto ezilusukelo olunjalo, umntu ongomnye uya kubabekela—mhlawumbi abantwana esikolweni okanye umcebisi wesikolo. Abazali abangamaKristu banokubanceda abantwana babo ukuba bazimisele usukelo oluvisisana nokuxabisa kwabo izinto zokomoya.—8/1, iphepha 28.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share