Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngubani okanye yintoni efanekiselwa ‘yiLeviyatan’ ekuthethwa ngayo kuIsaya 27:1?
UIsaya 27:1 ufundeka ngolu hlobo: “Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, iLeviyatan inyoka ebalekayo, neLeviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle.” Esi siprofeto sisiqonda sisebenza kokubini kuSathana uMtyholi nentlangano yakhe engendawo emhlabeni.
Imboniselo kaOktobha 15, 1985, yacacisa ukuba uIsaya isahluko 27 usisiprofeto esingokubuyiselwa. Inzaliseko yaso yokuqala yabandakanya uhlanga lukaSirayeli wamandulo, olwaluza kubuyiselwa kwilizwe lalo emva kweminyaka engama-70 yokuthinjelwa eBhabhiloni. Nangona uninzi lwabathinjwa lwaluvela eBhabhiloni, bambi babeza kuvela eYiputa nakummandla waseAsiriya. UYehova uThixo wagqiba kwelokuba abantu bakhe babemele bakhululwe, ngoko amazwe anjalo ayengenako ukumthintela ngemigudu yawo yokuzimela geqe okanye eluqilima. Kubantu ayenokubonakala enamandla ibe enobuqhophololo, njengeLeviyatan yamandulo (mhlawumbi eyingwenya), kanti uYehova wayeza kuphumelela ekulweleni uSirayeli wamandulo.—Thelekisa uYobhi 41:1-34.
Phofu ke, yayiza kuba yintoni efanekiselwa ‘yiLeviyatan’ ngokwenzaliseko engakumbi kaIsaya isahluko 27? Kuqondakala ukuba, nguSathana uMtyholi ofika engqondweni, kuba ISityhilelo 12:9 simchaza ‘njengenamba enkulu’ ‘nanjengenyoka yakudala.’ Kudala elutshaba lukaThixo nolwabantu Bakhe. Ngokubhekele phaya, iZibhalo zicacisa ukuba uSathana uza kutshatyalaliswa. UThixo uye wabeka umhla wokubonakalisa amandla akhe ngokusebenzisa uNyana wakhe ukuba atshabalalise uMtyholi. Ngaloo ndlela “inamba” okanye “inyoka” iya kubulawa ngokungathi kungekrele elikhulu nelomeleleyo.—Hebhere 2:14; ISityhilelo 20:1-3, 10.
Noko ke, khumbula ukuba ezona ntshaba zazijongene noSirayeli wamandulo yayingabachasi ababonakalayo abaziintlanga, ezinjengeYiputa, iAsiriya neBhabhiloni. Ngokufanayo namhlanje, abakhonzi bakaThixo abangamaKristu zwenibanzi bajongene nabachasi bokwenene esazulwini solwandle olungazolanga loluntu olutyekileyo kuThixo. (ISityhilelo 17:1, 15) USathana ulawula intlangano yazwenibanzi ayisebenzisayo ekuphazamiseni abo “bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu.” (ISityhilelo 12:17) Le ntlangano ilawulwa nguMtyholi iye yangqineka inobuqhophololo yaye ineengcwangu, njengeleviyatan. Kanti, ekuqaleni kule nkulungwane le “Leviyatan” yaphulukana nolawulo lwayo phezu koSirayeli wokomoya, Sirayeii lowo ongamangqina kaYehova angamaKristu athanjisiweyo.
Yaye iya kubulawa ngokupheleleyo xa uYesu eya kuthi ephelekwe zizithunywa zezulu ezingabaphumi-mkhosi, aphalise ‘enekrele elibukhali, ukuze azithi qwaka ngalo iintlanga.’—ISityhilelo 19:11-16.
Ngoko nakubeni kwelinye icala uSathana kunokubhekiselwa kuye njengeleviyatan ekuthethwa ngayo kuIsaya 27:1, eso siprofeto siquka kungekuphela nje “inyoka yakudala.” Ngokukhethekileyo salatha kwintlangano ebonakalayo yasemhlabeni elawulwa nguye. Ngaloo ndlela, IMboniselo ekhankanywe ngentla inokwalathisela abafundi kwixesha laxa “inkqubo ekhoyo nengendawo elawulwa nguSathana uMtyholi njengothixo wayo, [ingasayi] kubakho. UYehova uya kube ephethulele ingqalelo yakhe kwiLeviyatan yokomfuziselo, inamba ephinyaphinyelayo negoso esesazulwini solwandle olungabantu. Yena kunye neentlanga, kwanemibutho yeentlanga, baya kube bemkile.”