IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 9/1 iphe. 3
  • Ngaba Uhamba Emanyathelweni OMsindisi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uhamba Emanyathelweni OMsindisi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba UYesu Wayeyindoda Nje Elungileyo?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Qhubekani Nihamba Kanye Njengoko UYesu Kristu Wahambayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • ‘Zamani Ngandlela Zonke Ukumlandela’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 9/1 iphe. 3

Ngaba Uhamba Emanyathelweni OMsindisi?

ENYE yeendlela ezintle onokumvuyisa ngazo umntu kukuba umxelise. Abantwana badla ngokuxelisa abazali babo. Abakwishumi elivisayo banokuxelisa abonwabisi abathandwayo, abazali banokuxelisa iinkokeli ezibalaseleyo kushishino nakwiipolitiki. Kodwa bangaphi abazama ukuxelisa eyona nkokeli inkulu kwimbali yomntu—uYesu Kristu?

Uhlolisiso lwakutshanje olwaqhutywa yintlangano ka Gallup lwatyhila oku: “AmaMerika asibhozo kwali-10 athi ubuncinane enza umgudu othile wokulandela umzekelo kaYesu.” “Alishumi elinambini kuphela ekhulwini athi ayesenza owona mgudu mkhulu unokwenzeka.”

Noko ke, yintoni eyenza ukuba uYesu akufanelekele ngakumbi ukulandelwa kunabanye abantu abanempembelelo? Phakathi kwezinye izinto, njengokuba iThe World Book Encyclopedia isitsho, uYesu Kristu “kunokwenzeka ukuba waphembelela uluntu ngaphezu kwakhe nabani na owakhe waphila.” Kodwa ngokungafaniyo nabanye abantu abanempembelelo, uKristu akazange akhokele imikhosi ukuya edabini ukuya kuguqula abantu ngesinyanzelo. Akazange akholose ngempembelelo yobuxoki eziindleko njengokuba abavangeli abaziwa kakuhle namhlanje besenjenjalo. Engazange axhase naliphi na iqela lobupolitika. Impembelelo yakhe yayingenxa nje yamandla esigidimi sakhe nendlela yakhe yokusithetha.—Mateyu 7:28, 29; Yohane 7:46.

UYesu washukumisa abantu ukuba benze iinguqulelo ezinkulu kubomi babo, ngokomoya nangokuziphatha. Nguwuphi omnye umntu onempembelelo oye wabaphembelela abantu abaninzi ngokunengenelo kangaka? Kwakhona, yiyiphi enye inkokeli engumntu enokuchazwa ‘njengengcwele, engenabubi, engenabala, eyahlukileyo kubo aboni’? (Hebhere 7:26) Ngoko ke umzekelo kaYesu ungogqibeleleyo—ngokungafaniyo nowakhe nawuphi na umntu owakha wahamba emhlabeni!

Bambi baqiqa ngelithi, ‘Phofu ke, kunokwenzeka njani ukuba umntu obuthathaka nongafezekanga alandele umzekelo onjalo?’ Kwincwadi yakhe iThe Outline of History umbhali-mbali uH. G. Wells uthi kwasekuqaleni abantu bakwala ukulandela uKristu. UWells uthi, “Ukumgqala nzulu [uKristu] kwakukukungena kubomi obungaqhelekanga nobukhwankqisayo, kwakuthetha ukushiya iindlela zikabani, kwakuthetha ukulawula izimvo neemvakalelo, kwakuthetha ukuba nolonwabo olungakholelekiyo.” Lo kaWells uqukumbela ngokuthi: “Akumangalisi ukuba de kube namhlanje lo mGalili [uKristu] abe ungobalulekileyo ezintliziyweni zethu.”

Kodwa ngaba ngokwenene kuyinyaniso oko? Kuyavunywa ukuba, ukumlandela ngokugqibeleleyo uKristu bekuya kuba yinto engenakwenzeka. Sekunjalo umpostile uPetros wathi uKristu ‘wasishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe [ukuze siwalandele ngokusondeleyo amanyathelo akhe, (NW)].’ (1 Petros 2:21) Phawula ukuba, akazange athi ‘ngokugqibeleleyo’ kodwa wathi “ngokusondeleyo.” Ngoko, luhlobo luni lomzekelo uYesu awasishiya nawo? Sinokuwuxelisa njani?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share