IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 9/1 iphe. 17-22
  • Oondilele AbangamaKristu Kwihlabathi Elidyojwe Ligazi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oondilele AbangamaKristu Kwihlabathi Elidyojwe Ligazi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphuthuma Uxolo NoThixo
  • Umlinganiselo WamaKristu
  • Kumaxesha Anamhla
  • Akazange Alalanise
  • Ukufumana Ikhusi Kwityala Legazi
  • Ngaba Ubomi Ubuxabise NjengoThixo?
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso Sobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • “Abayonxalenye Yehlabathi”
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
  • Intlonelo Engokobuthixo Ngegazi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 9/1 iphe. 17-22

Oondilele AbangamaKristu Kwihlabathi Elidyojwe Ligazi

“Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngomfanekiselo kaThixo.”—Genesis 9:6

1. Ziziphi izinto eziye zavela ehlabathini ukususela ngowe-1914 ezingunobangela wenkxalabo?

IZANTYALANTYALA zegazi labantu abangaphezu kwekhulu lezigidi, liye laphalazwa emfazweni ukususela ngowe-1914. Ibe liyintoni ithemba ngekamva? Ukutshatyalaliswa kwezixeko ezibini zaseJapan ngowe-1945 kwacima ubomi babantu abamalunga nama-200 000 yaye ekugqibeleni kwakhokelela kwingcamango entsha, eyavakaliswa ngamagunya amabini awongamileyo ibe ephawulwe ngokufanelekileyo ngokuthi “MAD” [Mutually Assured Destruction (Ukutshabalalisana Okuqinisekisiweyo)]. Oku kuye kwaba sisizinzi sokuba abe nezixhobo ezilinganayo, ezifunjwe koovimba bezixhobo zenyukliya ezinokutshabalalisa umhlaba wethu ngokuphindwe kaninzi. Iinkwili ziye zathwala ezi zixhobo zoyikekayo zazisa kwiilwandlekazi, ibe kutshanje isisongelo semfazwe yasemajukujukwini siye sayandisa le ngozi. Ngoku zithande ukungalingani ezi zixhobo. Ngaba ikho indlela yokwahlukana nale mpambano?

2. Waprofeta wathini uYesu ngokuphathelele la maxesha, kodwa ngasiphi isiqinisekiso kumaKristu?

2 Ewe, ikho. Kodwa ayiyi kunyulwa ziintlanga. UYesu waprofeta ngale ngxaki yazo ikhoyo esithi: “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza; abantu besifa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo; kuba amandla ezulu aya kuzanyazanyiswa.” UYesu waqukumbela eso siprofeto ngokuqinisekisa ukuba amaKristu ‘aphaphileyo ayenokuzisaba zonke ezo zinto ziza kuhla.’—Luka 21:25, 26, 36.

Ukuphuthuma Uxolo NoThixo

3. (a) Iintlanga zizifeza njani izilangazelelo ‘zothixo weli phakade’? (b) UYehova uya kuyizinzisa njani le mbambano?

3 Iintlanga, ingakumbi ezo zixhobe ngezixhobo zenyukliya, zizinikele ngokupheleleyo kukhuphiswano lokufuna ukulawula ihlabathi, ekucingwa ukuba luya kuphelela kwintshabalalo yehlabathi. Oku kufeza izilangazelelo ‘zothixo weli phakade.’ lintlanga ‘ziye zazimisa nxamnye noYehova [noKristu] wakhe,’ ngoku obekwe etroneni emazulwini. Xa uYehova enikela umyalelo, uKristu uya kuzihlekeza ezo ntlanga ngokungathi kungentonga yentsimbi. Kuya kwandula ke kuzaliseke eli dinga: “UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu.”—2 Korinte 4:4; INdumiso 2:2, 6-9; Roma 16:20.

4. Sinokuluphuthuma njani uxolo noThixo? (1 Petros 3:11)

4 Thina, sifanele sifune ukuphuthuma uxolo naloo Thixo. Sinokukwenza njani oko? Phakathi kwezinye izinto, sifanele sifune ukuba nembono kaYehova ngokuphathelele ubungcwele bobomi bomntu negazi lobomi elixabisekileyo elihamba koonothumela nakwimithambo yethu.

5. Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba uYehova uyaliphindezela igazi eliphalazwe ngabom?

5 UYehova unguMdali womntu nomsinga wegazi omangalisayo othwala isondlo usisa kumzimba womntu, ngaloo ndlela usigcina siphilile. UThixo akazange acebe ukuba igazi lomntu liphalazwe ngabom. Emva kokuba uKayin wabulalayo okwesihlandlo sokuqala, uYehova wavakalisa ukuba igazi lika-Abheli lalikhala lifuna ukuphindezelwa. Kamva, omnye wenzala kaKayin, uLameki, waba ngumbulali ibe wavakalisa ngendlela yokubonga ukuba ukuba wayenokubulawa, eli tyala legazi lalinokuphindezelwa. Ekuhambeni kwexesha, ihlabathi elonakeleyo lazaliswa lugonyamelo. UYehova wathumela unogumbe wokutshabalalisa elo hlabathi lokuqala loluntu. Kuphela yintsapho kaNowa othand’ uxolo, ogama lakhe lithetha “Ntuthuzelo,” eyathi yasinda.—Genesis 4:8-12, 23, 24; 6:13; 7:1.

6. Uthini umthetho kaThixo ngokuphathelele igazi, ibe lo usisibopho koobani?

6 Wandula ke uYehova waxelela uNowa ukuthanda Kwakhe okuvakalisiweyo ngokuphathelele igazi. Wakuqukumbela oku ngokuthi: “Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngomfanekiselo kaThixo.” (Genesis 9:3-6) Lonke uluntu namhlanje luyinzala kaNowa; ngenxa yoko, lo myalelo wobuthixo obethelela ukuhlonelwa kobomi usebenza kubo bonke abantu abanqwenela ukukholiseka kuThixo. Umthetho wesithandathu kwiMithetho Elishumi wakwathi, “Uze ungabulali.” Ityala legazi lifuna kuthatyathwe isenzo esifanelekileyo nempindezelo.—Eksodus 20:13; 21:12; Duteronomi 21:1-9; Hebhere 10:30.

7. (a) Kwakutheni ukuze kube yinto efanelekileyo ngoYehova ukuyalela uSirayeli ukuba aye emfazweni? (b) AmaKristu abandakanyeke kuyiphi imfazwe namhlanje?

7 Ekubeni ukuphalazwa kwegazi kwakwalelwe ngokucace ngolo hlobo, kwakutheni ukuze uYehova avumele, ade ayalele, uhlanga lukaSirayeli ukuba lubandakanyeke emfazweni? Kufuneka sikhumbule ukuba le yayiyimfazwe engcwele awathi ngayo uYehova, uMgwebi womhlaba wonke, wabulala iintlanga ezazinqula iidemon. Ngokomzekelo, amaKanan ayengabemi abangenalungelo lokuhlala kwiLizwe Ledinga ibe ayephila ubomi bokuziphatha okubi nobulawulwa ziidemon obabuya kwenzakalisa abantu bakaThixo abangcwele. UYehova wabangela ukuba ilizwe ‘libahlanze’ baphume kumhlaba wabo abo bantu bangendawo, esebenzisa imfazwe yolawulo lobuthixo ukuze enze oko. (Levitikus 18:1-30; Duteronomi 7:1-6, 24) Oku kuthethelela imfazwe yokomoya yamaKristu namhlanje.—2 Korinte 10:3-5; Efese 6:11-18.

8. Yintoni ebonisa ukuba uThixo akakholiswa kukuphalazwa kwegazi elimsulwa?

8 Noko ke, uYehova akazange akholiswe kukuphalazwa kwegazi okungakhethiyo. Ngaloo ndlela, kubhalwe oku ngokumkani wakwaYuda: “Kananjalo igazi elimsulwa uliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye.” Nangona uManase kamva waguqukayo waza wazithoba ngaphambi koYehova, elo tyala legazi lasala kuye nakubukhosi bakhe. Umzukulwana kaManase owoyik’ uThixo, uKumkani uYosiya, wenza okuhle ngokucoca ilizwe nokubuyisela unqulo oluyinyaniso. Kodwa wayengenako ukulishenxisa elo tyala legazi. Ebudeni bolawulo lonyana kaYosiya uYoyakim, uYehova washukunyiselwa ukuba axhokonxe uNebhukadenetsare ahlasele uYuda, ukuba aphumeze umgwebo nxamnye nolo hlanga. “Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo; nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela.”—2 Kumkani 21:16; 24:1-4; 2 Kronike 33:10-13.

Umlinganiselo WamaKristu

9. Nguwuphi umlinganiselo uYesu awawumisela amaKristu ngokuphathelele ukuphalazwa kwegazi?

9 Besiya kulindela ukuba uYesu, onguMseki wobuKristu, abe wamisela umlinganiselo kumaKristu ngokuphathelele ukuphalazwa kwegazi. Ngaba wawumisela? Kaloku, emva nje kokuba esungule iSikhumbuzo sokufa kwakhe, uYesu waqinisekisa ukuba abafundi bakhe babenamakrele amabini. Ngayiphi injongo? Ukuze amisele umgaqo obalulekileyo, lowo onke amaKristu ekwakuya kufuneka awugcine. Xa amajoni ezayo ukuza kubamba uYesu eGetsemane, uPetros ongxamayo wathi rhuthu ikrele, enqumla indlebe yasekunene kaMalko, ikhoboka lombingeleli omkhulu wamaYuda. Kwakungeyonto iliqhayiya na ukulwela uNyana kaThixo ngaloo ndlela? UYesu akazange acinge ngolo hlobo. Wayiphilisa indlebe yomkhonzi waza wakhumbuza uPetros ukuba uYise wasezulwini wayenako ukuthumela imikhosi eli-12 yezithunywa zezulu ukuza kunceda uYesu. Apho uYesu wachaza lo mgaqo usisiseko: “Bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele?—Mateyu 26:51-53; Luka 22:36, 38, 49-51; Yohane 18:10, 11.

10. (a) Nguwuphi umgaqo obalulekileyo omiseIwe kuYohane 17:14, 16 Joh nakwese-18:36? (b) Liliphi ikhondo elaphumela ekusindisweni kwamaKristu enkulungwane yokuqala?

10 AmaKristu enkulungwane yokuqala kamva ayeya kukhumbula umthandazo kaYesu osuk’ entliziyweni awayewubhekisa kuYehova, awathi kuwo wathetha ngabafundi bakhe esithi: “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” Ayeya kuyikhumbula impendulo kaYesu ecacileyo kuPontiyo Pilato ethi: “Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha.” (Yohane 17:14, 16; 18:36) Ngaloo mihla, amaqela obuYuda ayesilwa odwa, ngomlomo nangokuphalaza igazi. Kodwa abafundi bakaYesu abazange bazifake kuloo maphulo emvukelo. Kangangeminyaka enokuba ngama-30 babelinde eYerusalem. Bandula ke bathobela umqondiso osisiprofeto kaYesu ‘ngokusabela ezintabeni.’ Ukuba ngoondilele nokusaba kwabo kwaphumela ekusindisweni kwabo.—Mateyu 24:15, 16.

11, 12. (a) Sisiphi isigqibo uKorneli noSergio Pawulos ekwakufuneka besenzile xa baba ngamakholwa? (b) Babeya kulufumana phi uncedo ukuze benze isigqibo esilungileyo? (c) Oku kubonisa ntoni kuthi namhlanje?

11 Bambi basenokubuza bathi, ‘Kuthekani ngoKorneli, owayengumphathi-mkhosi, noSergio Pawulos, owayelibamba emkhosini eSipro? Ngaba la madoda ayenganxulumananga nomkhosi?’ Ewe, ngexesha awamkela ngalo isigidimi sobuKristu. Noko ke, iZibhalo azisixeleli oko uKorneli nabanye bakwenzayo emva kokuguquka kwabo. Alithandabuzeki elokuba uSergio Pawulos, owayeyindoda ekrelekrele ‘neyayikhwankqisiwe yimfundiso kaYehova,’ ngokukhawuleza wayeya kusihlolisisa isikhundla sakhe empangeIweni ngenxa yokholo lwakhe awayesandul’ ukulufumana aze enze isigqibo esifanelekileyo. NoKorneli wayeya kwenza into efanayo. (IZenzo 10:1, 2, 44-48; 13:7, 12) Ayikho ingxelo yokuba abafundi babaxelela into amabayenze. Babenokuzibonela oko ngokufundisisa kwabo iLizwi likaThixo.—Isaya 2:2-4; Mika 4:3.

12 Ngokufanayo, amaKristu namhlanje akafanele ayalele abanye ngokobuqu ukuba bathabathe kuphi na ukuma kwiimbambano ezinxulumene nobundilele bamaKristu. Ngamnye umele azenzele isigqibo sesazela sakhe ngokuvisisana nokuqonda kwakhe imigaqo yeBhayibhile.—Galati 6:4, 5.

Kumaxesha Anamhla

13. Abafundi BeBhayibhile benza njani ekuzameni ukuphepha ityala legazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi I?

13 Kwakungowe-1914 eyathi imfazwe yokuqala epheleleyo yaqhambuka ehlabathini. Bonke ubuncwane beentlanga, kuquka imikhosi yazo, banikelwa emfazweni. Uninzi lwaBafundi BeBhayibhile, njengokuba amaNgqina kaYehova ayebizwa ngaloo ndlela ngelo xesha, lwenza imigudu encomekayo yokuphepha ukuba netyala legazi. Batshutshiswa ngokukrakra, kanye njengokuba uYesu wayethe babeya kutshutshiswa.—Yohane 15:17-20.

14, 15. (a) UYehova walunikela njani ukhokelo ebudeni beMfazwe Yehlabathi II? (b) Sisiphi isimo sengqondo esicacileyo amaNgqina kaYehova athi anaso ngoko? (c) Oko kwahluke njani koko kwenziwa ngabantu beenkonzo zehlabathi?

14 Xa imfazwe yehlabathi lonke yaqhambukayo kwakhona ngowe-1939, uYehova wabanika ukhokelo olucacileyo abakhonzi bakhe. Kwiinyanga nje ezimbini kubhengezwe imfazwe, olu lwalathiso lweza lukuhlobo lombandela ofundisiswayo weBhayibhile onomxholo othi “Neutrality” (“Ubundilele”) kwinkupho yeMboniselo (yesiNgesi) kaNovemba 1, 1939. Yaqukumbela ngesi sivakalisi: “Bonke abangakwicala leNkosi abayi kuthabatha cala kwiintlanga ezilwayo, ibe baya kuzimisa ngokupheleleyo ngakuTHIXO omkhulu noKumkani wakhe.”

15 Waba yintoni umphumo? Njengabazalwana bazwenibanzi, ngokuzingisileyo amaNgqina kaYehova akuphepha ukuphalaza igazi labantu abamsulwa, kuquka abazaIwana bawo abakwamanye amazwe. Ngoxa amaKatolika, amaProtestanti, amaBhuda nabanye babebulalana, abafundi bakaYesu bokwenyaniso babethobela umthetho wakhe omtsha othi: “Njengoko ndinithandileyo nina, . . . nani nithandane.”—Yohane 13:34.

16. (a) AmaNgqina kaYehova azibonisa njani engabemi abathe tye? (b) AmaNgqina aqhubeka njani enikela izinto zikaThixo kuThixo, ibe maxa wambi oku kwakuphumela entwenini?

16 La maKristu aqhubeka ebuyisela kuKesare izinto zikaKesare. Ayithobela imithetho yelizwe njengabemi abathe tye. (Mateyu 22:17-21; Roma 13:1-7) Kodwa okubaluleke ngakumbi kukuba, anikela izinto zikaThixo kuThixo, kuquka ubomi bawo bokuzahlulela nonqulo lwawo lobuKristu. Ngenxa yoko, xa uKesare wafuna ukuba anikwe izinto zikaThixo, enza ngokuvisisana nomgaqo ochazwe kwiZenzo 4:19 nakwesesi-5:29. Enoba imbambano yayikukuphalaza igazi, ukusebenza emkhosini ungaxhobanga, umsebenzi othabathel’ indawo ukusebenza emkhosini, okanye ukukhahlela umfanekiso onjengendwe yesizwe, amaKristu athembekileyo akazange alalanise. Kwiimeko ezithile ayebulawa ngenxa yesi simo sengqondo sawo.—Mateyu 24:9; ISityhilelo 2:10.

Akazange Alalanise

17. (a) Ngokutsho kwenye incwadi, ayephathwa njani amaNgqina kaYehova ngamaNazi? (b) Ekuhlangabezaneni nocelomngeni, amaNgqina kaYehova ayahluke njani kwabanye?

17 Incwadi yakutshanje enomxholo othi Of Gods and Men ichaza ukuba ebudeni boLawulo lukaHitler, amaNgqina kaYehova ayeliqela lonqulo elafumana “eyona nkcaso ikrakra.” AmaNgqina kaYehova akazange alalanise. Abo bezinye iinkonzo eJamani balandela abefundisi babo basemkhosini, ngaloo ndlela benikela inkonzo yonqulo kurhulumente waseJamani yaye bezuza “uphawu” Iwerhamncwa lobupolitika ‘kwisandla sabo sokunene okanye ebunzini labo.’ (ISityhilelo 13:16) Aba balixhasa ngamandla iqela lezobupolitika laseJamani baza basenza sabonakala ngokucacileyo isimo sabo sengqondo ngokuthi “Heil” kuHitler nokukhahlela indwe yeswastika.

18. (a) Yiyiphi ingxelo ebonisa ukuba amaNgqina kaYehova ‘ayengoondilele’ ‘kwezobupolitika’? (b) Le ngxelo ingasokuze ilibaleke ifanele isichaphazele njani thina njengabantu ngabanye namhlanje?

18 Sisiphi isimo sengqondo amaKristu okwenyaniso awaba naso apho? Ufundisiso olukhankanywe ngasentla luthi: “Kuphela ngamaNgqina kaYehova awamxhathisayo urhulumente. Azama ngako konke anako ibe ngenxa yoko isiqingatha sawo saphoswa entolongweni ibe ikota yabulawa. . . . Ngokwahlukileyo [kwezinye iinkonzo], akangawehlabathi ngengqiqo yokuba akafuni kukholiseka okanye imivuzo yehlabathi elithanda izinto eziphathekayo ibe akazigqali engamalungu alo. ‘Angoondilele’ kwezobupolitika ekubeni sele engawelinye ihlabathi—elikaThixo. . . . Akalalanisi. . . . Ukukhonza emkhosini, ukuvota, okanye ukukhahlela uHitler bekuya kuthetha ukugqala amabango eli hlabathi engabalulekileyo kunamabango kaThixo.” Ukufuna uxolo nokungabi nalugonyamelo kwamaNgqina kaYehova kwakugqalwa kwanakwiikampu zoxinaniso. Njani njalo? Oku kwakungendlela yokuba “yayingamaNgqina kuphela awayevunyelwa ukucheba iindevu zabalindi abangama-S.S. esebenzisa iincakuba ezibukhali, ekubeni ingawo kuphela awayenokuthenjwa ngokungabulali.”

19. AmaNgqina kaYehova aye awulandela njani umzekelo kaYesu wenkalipho, ibe ngawuphi umphumo?

19 Ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, amaNgqina kaYehova aba ngumzekelo obalaseleyo wobundilele bamaKristu. Ngokuzingisileyo, ehlabathini jikelele ngenkalipho alandela umzekelo kaYesu wokungabi ‘ngabo abehlabathi’; aloyisa eli hlabathi linetyala legazi kanye njengokuba uYesu wenzayo.—Yohane 17:16; 16:33; 1 Yohane 5:4.

Ukufumana Ikhusi Kwityala Legazi

20. (a) Kutheni le nto kungxamisekile nje ukusaba kunqulo lobuxoki? (b Linokufunyanwa phi kuphela ikhusi lokwenyaniso namhlanje?

20 Ukutyhubela imbali iintlangano zonqulo ziye zachitha igazi labamsulwa ngokusebenzisa amajoni omnqamlezo, kwiimfazwe “ezingcwele” nasekuthuthumbiseni abantu. Ziye zenza iminqophiso noozwilakhe abanxanelw’ igazi. Ziye zavuya xa abo zwilakhe bephosa amaNgqina kaYehova ezintolongweni nakwiikampu zoxinaniso, apho inkoliso yawo yafela khona. Ngokuvumayo zaxhasa iführers (iinkokeli) ezabulala amaNgqina ngokuwadubula nangokuwanqumla iintloko. Ezi ntlangano zonqulo azinakuwusaba umgwebo kaYehova wobulungisa. Awuyi kulibazisa. Nomthandi wobulungisa akafanele kuphozisa maseko ekuphumeni kunqulo lobuxoki—oludyojwe ligazi “iBhabhiloni Enkulu”—aze afune ikhusi kwintlangano kaThixo.—ISityhilelo 18:2, 4, 21, 24.

21. Yintoni eyafuziselwa lilungiselelo likaThixo lemizi yokusabela?

21 Abaninzi kuthi, ngaphambi kokufundisisa iLizwi likaThixo, kusenokuba bathi baphalaza igazi lomntu okanye babengamalungu eenkonzo ezinetyala legazi okanye iintlangano zobupolitika. Kulo mba besinokuthelekiswa nomntu obulale ngengozi kwaSirayeli. Wayenokusabela kweminye yemizi emithandathu apho wayenokufumana ikhusi aze, ekugqibeleni, akhululeke xa umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli efile. Namhlanje, oko kuthetha ukwamkela nokuhlala phantsi kweengenelo zenkonzo ephunyezwa nguMbingeleli Omkhulu kaThixo, uYesu Kristu. Ngokuhlala apho sinxulumene nabantu bakaThixo abathanjisiweyo, sisenokusinda xa “umphindezeli wegazi” wanamhla, uKristu Yesu, ephumeza umgwebo kaThixo kwabanetyala legazi. “Isihlwele esikhulu” ngoku esibalekela kwintlangano kaThixo simele sihlale kwelo khusi de uKristu, kwisikhundla sakhe njengoMbingeleli Omkhulu ‘afe’ ngokugqiba umsebenzi wakhe wokuhlawulela.—Numeri 35:6-8, 15, 22-25; 1 Korinte 15:22-26; ISityhilelo 7:9, 14.

22. Ngokuphathelele uIsaya 2:4, iintlanga zeZizwe Ezimanyeneyo zahluke njani kuhlanga lukaThixo olungcwele?

22 Kudonga Iwesakhiwo seZizwe Ezimanyeneyo eNew York, eUnited States, usenokufunda la mazwi alandelayo asekelwe kuIsaya 2:4: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.” Kodwa ngubani ohamba ngokuvisisana nala mazwi namhlanje? Akulilo nalinye ilungu lamalungu eZizwe Ezimanyeneyo. Kuphela ‘luhlanga’ oluphuthuma uxolo ehlabathini lonke oluzizigidi ezithathu nangaphezulu zamangqina kaYehova oluye lwayibonakalisa ngokucacileyo indlela ubundilele bobuKristu obunokulondolozwa ngayo kwihlabathi elidyojwe ligazi.

Imibuzo Yempinda

◻ Sinokuluphuthuma njani uxolo noThixo?

◻ UYehova ukujonga njani ukuphalazwa kwegazi ngabom?

◻ Yintoni ethethwa bubundilele bamaKristu?

◻ Yiyiphi imizekelo emihle yengqibelelo esinayo?

◻ Sinokulifumana njani ikhusi ukuze sisindiswe?

[Ibhokisi ekwiphepha 21]

Ingxelo Yokholo, Yenkalipho Neyengqibelelo

Incwadi ethi New Religious Movements: A Perspective for Understanding Society inikela la magqabaza abhekele phaya ngengqibelelo yamaNgqina kaYehova xa ayejongene nentshutshiso yamaNazi:

“Xa alayo ukuzivisisanisa nayo, amaNgqina kaYehova acel’ umngeni ingcamango yobuzwilakhe yebutho elitsha, ibe olu celomngeni, nokuzingisa kobukho balo, kuyacaca ukuba kwabaphazamisa abayili bolungeleIwaniso olutsha. Okukhona amaNgqina ayetshutshiswa, kokukhona ayenikela ucelomngeni lokwenene olubonakalayo. Iindlela ekudala zisetyenziswa zokutshutshisa, ukuthuthumbisa, ukuphosa entolongweni nokugculela azizange ziphumele ekubeni nawaphi na amaNgqina aguqukele kwicala lamaNazi ibe enyanisweni isikhuni sasibuya nomkhwezeli. AmaNazi oyiswa kukujongana nale ntsabelo yayingazange ixelwe kwangaphambili.”

“Phakathi kwala macala mabini alwela ukunyaniseka, umlo wawukrakra, oku kwakunjalo, ekubeni amaNazi ayomelele ngakumbi ngokomzimba ayengaqinisekanga ngeendlela ezininzi, engenazingcambu ekuqineni kwenkolo yawo, ayengaqinisekanga nangokukhuseleka koLawulo lwawo Iweminyaka eli-1 000. AmaNgqina ayengazithandabuzi iingcambu zawo, kuba ukholo lwawo lwalubonakala ukususela kwixesha lika-Abheli. Ngoxa amaNazi kwakufuneka athintele inkcaso aze eyisele abaxhasi bawo, ngokufuthi ethetha ibe ezimilisa okwamahlelo obuKristu, amaNgqina ayeqinisekile ngokunyaniseka okupheleleyo nokungenakwaphulwa kwamalungu awo, kudekuse ekufeni.”

Eneneni iya kuba lusuku oluvuyisayo xa olu loyiso lokunyaniseka kwamaKristu luya kube lugqityiwe. (Roma 8:35-39) Ngoko, phantsi kolawulo loBukumkani ‘boMthetheli Woxolo,’ uYesu Kristu ozukisiweyo, kuya ‘kwanda ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela.’—Isaya 9:6, 7.

[Ibhokisi ekwiphepha 22]

Abagcini Bengqibelelo Abaselula

Okulandelayo kucatshulwe kwingxelo epapashwe kutshanje ngumakhi-mkhanya kwilizwe laseYurophu. Kubonisa indlela amaNgqina aselula athe ngenkalipho ajongana ngayo nembambano yokungabi ‘ngawehlabathi.’—Yohane 17:14.

‘Ngowe-1945, Matshi 12: Kwakuxoxwa amatyala asemkhosini. AmaNgqina kaYehova amabini aselula abekw’ ityala. Isimangalo sesi: ukwala ukungenela inkonzo yasemkhosini (ngokuvumelana nomoya wonqulo lwawo). Lo uselula, ongekabi neminyaka engama-20 ubudala, wagwetyelwa ukuhlala iminyaka eli-15 eziseleni. Noko ke, omdala kunaye, wagwetyelwa ukufa, ibe ngokukhawuleza weziswa kwidolophu yakowabo ukuze abulawe apho ekuhleni njengomzekelo wokudimaza abanye. Ulixhoba le-14 apha. Ngamana angaphumla ngoxolo. Eli tyala liye landichukumisa ngokunzulu. Akunakuthabatha isenzo esinjalo nxamnye namaNgqina kaYehova. Le nkwenkwe ayizange ibe ngumzekelo olumkisayo koko yayingumfelinkolo. Yayiyinkwenkwe esempilweni. Ndiziva ndibuhlungu ngayo.

‘Emva kwemini, siye safunda ngeenkcukacha zokubulawa kwalo mfana, okwenzeka phambi kwenyambalala yabantu kwindawo yentengiso. Elinye lamajoni awayengqonge lo mntu lazidubula ngenxa yeentloni ngaphambi kokubulawa kwakhe. Lazidubula ngenxa yokuba unjengele wafuna ukuba lincedise umxhomi. Kodwa lalingakuthandi ukwenza oko. Lakhetha ukuzibulala. Ke yena umfana wafa ngenkalipho. Akazange awuvule owakhe umlomo.’

Eluvukweni, hayi indlela oluya kuvuya ngayo ulutsha olunjalo kuba lwanyula ukujongana nolwamvila lokufa kunokushiya indawo kwinkqubo entsha kaYehova yezinto!—Thelekisa uHoseya 13:14.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share