IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 10/1 iphe. 3-4
  • Isiprofeto SikaDaniyeli Amaphupha Akuchaphazelayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isiprofeto SikaDaniyeli Amaphupha Akuchaphazelayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Amaphupha Nemibono Yesiprofeto
  • Ityhiliwe ‘Kwixesha Lokuphela’
  • Nikela Ingqalelo Kwilizwi LikaThixo Lesiprofeto Lomhla Wethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Incwadi KaDaniyeli Kunye Nawe
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Iimbalasane Zencwadi KaDaniyeli
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Incwadi YeBhayibhile 27—Daniyeli
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 10/1 iphe. 3-4

Isiprofeto SikaDaniyeli Amaphupha Akuchaphazelayo

“Niyazi yintoni, xa ndibuyela emva kubaprofeti benu bamandulo abakwiTestamente Endala nakwimiqondiso exela kwangaphambili ngeArmagedon, ndifumana ndizibuza enoba—enoba sisisizukulwana esiza kukubona na oko kusenzeka. Andazi enoba nikhe naziphawula na ezinye zezo ziprofeto kutshanje, kodwa ndikholelweni, ngokuqinisekileyo zichaza la maxesha siphila kuwo.”—UMongameli welaseUnited States uRonald Reagan.

UMONGAMELI uReagan asinguye kuphela oye wazibuza enoba la maxesha siphila kuwo angalawo axelwa kwangaphambili kwiziprofeto zeBhayibhile. Izigidi zabanye nazo ziye zantlithwa yindlela iimeko ezikhoyo zehlabathi ezivisisana ngayo neziprofeto zeZibhalo. Phofu ke, ezi ziprofeto zixela kwangaphambili kungekuphela nje ixesha lengcinezelo engazange ibonwe kodwa zikwaxela ngenkqubo yezinto entsha yobulungisa eza kulandela kungekudala.

Eli nqaku ligabul’ izigcawu kungcelele oluya kuba kwiinkupho ezine ezilandelelanayo zeMboniselo, ezicetyelwe ukuba zikuqhelanise nomnye umprofeti wamandulo onjalo, owayenegama elinguDaniyeli. Usenokuba uyamazi. WayengumYuda owazalelwa kwintsapho ephakamileyo. Ngoxa wayeselula, uDaniyeli wathinjelwa eBhabhiloni, apho wathi wafumana imfundo kwinkundla kaNebhukadenetsare, ukumkani wesibini woBukhosi Obutsha beBhabhiloni. Oku kwenzeka ngasekupheleni kwenkulungwane yesixhenxe Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem. UDaniyeli waba sekuthinjweni de kwalixesha lokuwa kweBhabhiloni ngowama-539 B.C.E., ekwathi emva koko wakhonza kwinkundla yabalawuli bokuqala bamaMedi namaPersi. Ebudeni bokuthinjwa kwakhe watyhila amaphupha yaye waba nemibono ephefumlelweyo echaphazela umhla wethu. Ewe, wena nentsapho yakho nibandakanyekile koko kwaxelwa ngenx’ engaphambili nguDaniyeli.

Amaphupha Nemibono Yesiprofeto

Enyanisweni, amaphupha nemibono ekuthethwa ngawo kwincwadi kaDaniyeli abandakanya iziprofeto zexesha elifutshane nelide. Ayimbali yehlabathi eyabhalwa kwangaphambili. Anikela imibono yangaphambili yosukuzwano lwamagunya abantu, ulandeleIwano lwabalawuli bomnombo omnye neendidi ezininzi zobukhosi bobupolitika ukususela kwixesha likaDaniyeli ukutyhubela imbali de kube “kwixesha . . . lokuphela.”—Daniyeli 8:17, 19.

Inzaliseko yeziprofeto zexesha elifutshane imele ishukumise intembelo yethu kwiziprofeto ezibandakanya ixesha elide ezifikelela kwixesha lethu. Ziziphi ezinye zezi ziprofeto zexesha elifutshane?

Esinye sazo yayiliphupha elingomthi omkhulu owagawulwayo waza waphanjwa kangangethuba ‘lamaxesha asixhenxe,’ okanye iminyaka, ngaphambi kokuba uyekwe ukuba ukhule kwakhona. (Daniyeli 4:10-17) Kwinzaliseko yaso yexesha elifutshane esi siprofeto sasebenza kuKumkani uNebhukadenetsare, owathi waphupha eli phupha. Kanye nje kangangonyaka kamva, lo mlawuli ‘wagawuIwa,’ kubonakala ukuba kungokugula ngengqondo. Kangangeminyaka esixhenxe waziphatha njengerhamncwa lasendle. Wandula ke, “ekupheleni kwemihla” eyayixelwe kwangaphambili, uNebhukadenetsare wabuyela ezingqondweni nasetroneni yakhe. (Daniyeli 4:28-37) Ngokutsho kweThe International Standard Bible Encyclopedia, imithombo yengxelo yamandulo ibonisa ukuba uNebhukadenetsare wagula ngasekupheleni kolawulo lwakhe. Kodwa neli phupha likwanenzaliseko yexesha elide, njengoko inqaku lamva kolu ngcelele liza kubonisa.

Esinye isiprofeto esibandakanya ixesha elifutshane esikwincwadi kaDaniyeli silungiselelwe ngombhalo wesandla ongummangaliso nowawuseludongeni lweholo yezidlo apho umzukulwana kaNebhukadenetsare uBheleshatsare nabathetheli bakhe babesidla khona. (Daniyeli, isahluko 5) Babengcolisa izitya ezingcwele ezazithatyathwe etempileni kaYehova eYerusalem. Ephantsi kwempefumlelo, uDaniyeli wasityhila eso sigidimi somgwebo kaThixo. Yaye kwinzaliseko yaso, “ngobo busuku” iBhabhiloni yawa waza “wabulawa uBheleshatsare ukumkani wamaKaledi,” njengoko umbhali-mbali wamaGrike uXenophon wakuqinisekisayo oko. (Daniyeli 5:30) Kodwa namhlanje kukho umbhalo wesandla oseludongeni obhalelwe le nkqubo yezinto ekhoyo. Kwakhona, nawo uza kucaciswa kwinqaku lolu ngcelele.

Ityhiliwe ‘Kwixesha Lokuphela’

Ngasesiphelweni sencwadi yakhe yesiprofeto, uDaniyeli wabhala esi sigidimi awasifumana kwisithunywa sezulu: “Wena ke, Daniyeli, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela. Baninzi abaya kuyiphengulula, kwandiswe ukwazi.”—Daniyeli 12:4.

Namhlanje “ukwazi” kokuzaliseka kwesiprofeto seBhayibhile eneneni kuye kwandiswa. Oku kuqonda kwandisiweyo kuye kweyisela izigidi zabafundi beBhayibhile abazimiseleyo ukuba ngokwenyaniso siphila ‘kwixesha lokuphela’ nokuba uBukumkani bukaThixo bobulungisa busondele. (Daniyeli 2:44) Ibonisa ukuhlobana kwencwadi kaDaniyeli kule nkalo, iSoncino Books of the Bible ichaza yenjenje: “Uloyiso lokugqibela lobulungisa, nokulandela kokumiselwa koBukumkani bukaThixo, zisisiseko kuDaniyeli.”

Ngaba unethemba ‘loloyiso lokugqibela lobulungisa’? Ukuba kunjalo, amaphupha nemibono yesiprofeto kaDaniyeli azizinto ezibalulekileyo zokuba uzixhalabele. Inqaku elilandela eli liza kukuqhelanisa nezinye zezi zinto yaye liza kunikela ubungqina obubonisa ukuba uDaniyeli uyincwadi echanileyo yesiprofeto.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share