Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ngoobani Abanoyolo Ngokwenene?
WONK’ UBANI ufuna ukonwaba. Ekuqonda oku. uYesu uqalisa iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni ngokuchaza abo banoyolo ngenene. Njengoko sinokuthelekelela, oku kuyithimba ngokukhawuleza ingqalelo yabaphulaphuli bakhe abazizihlwele. Ukanti amazwi akhe okuqala amele abonakale ephikisana kwabaninzi.
Ebhekisa amagqabaza akhe kubafundi bakhe, uYesu uqalisa ngokuthi: “Ninoyolo, nina mahlwempu; ngokuba bobenu ubukumkani bukaThixo. Ninoyolo, nina nilambayo kalokunje; ngokuba niya kuhluthiswa. Ninoyolo, nina nililayo kalokunje: ngokuba niya kuhleka. Ninoyolo nina, xa bathe abantu banithiya . . . Vuyani ngaloo mini, nisuke imitsi; kuba, niyabona, umvuzo wenu mkhulu emazulwini.”
Le yingxelo kaLuka yentshayelelo yentshumayelo kaYesu. Kodwa ngokwengxelo kaMateyu, uYesu ukwathi abanobulali, abanenceba, abahlambulukileyo entliziyweni, nabaxolisi banoyolo. UYesu uchaza ukuba, aba banoyolo, ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona, baya kwenzelwa inceba, baya kumbona uThixo, ibe baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.
Phofu ke, oko kuthethwa nguYesu ngokuba noyolo, asikuko nje ukuba ngochwayitileyo okanye ukuba ngonemincili, njengaxa ubani eziyolisa. Uyolo lokwenyani lunzulu ngakumbi, lunengcinga yokwaneliseka, imvakalelo yolwaneliseko nokuziva unento oyiphumezileyo ebomini.
Ngoko uYesu ubonisa ukuba, abo banoyolo ngokwenene, ngabantu abayiqondayo intswelo yabo yokomoya, abenziwa buhlungu yimeko yabo yesono, nabaye bamazibaze bamkhonza uThixo. Ngoko, nokuba bathiyiwe okanye batshutshisiwe ngokwenza ukuthanda kukaThixo, bayavuya kuba bayazi ukuba bakholisa uThixo yaye baya kufumana umvuzo wakhe wobomi obungunaphakade.
Noko ke, uninzi lwabaphulaphuli bakaYesu, kanye njengabantu abathile namhlanje lukholelwa ukuba ukuba ngophumelelayo nonandipha iziyolo kwenza umntu onwabe. UYesu wazi okwahlukileyo koko. Echaza umahluko omele wothuse uninzi lwabaphulaphuli bakhe, uthi:
“Yeha, nina zityebi! ngokuba niyifincile intuthuzelo yenu. Yeha, nina nihluthiyo! ngokuba niya kulamba. Yeha, nina nihlekayo kalokunje! ngokuba niya kukhedama nilile. Yeha nina, xa bathe bathetha kakuhle ngani bonke abantu! kuba ooyise babo babesenjenjalo kubaprofeti ababuxoki.”
Uthetha ukuthini uYesu? Kutheni ukuba nobutyebi, ukusukela iziyolo ngokuchulumanca nokunandipha ukunconywa ngabantu kusizisa uyeha? Kungenxa yokuba xa umntu enazo ibe ezixabisa ezi zinto, wandula ke ukukhonza uThixo, okuphela kwento ezisa uyolo lokwenyaniso, akushiye ebomini bakhe. Kwangaxeshanye, uYesu wayengathethi ukuba lihlwempu nje, ukulamba, nokukhedama kwenza umntu onwabe. Phofu ke, ngokufuthi, abantu abaselishweni ngolo hlobo basenokusabela kwiimfundiso zikaYesu; baze ngaloo ndlela basikelelwe ngolonwabo lokwenyaniso.
Kwakhona, ethetha nabafundi bakhe, uYesu uthi: “Niyityuwa yehlabathi nina.” Kambe ke, akathethi ukuba, bayityuwa yokoqobo. Kunoko, ityuwa sisinqandi kubola. Imfumba yayo yayibekwa kufutshane nesibingelelo kwitempile kaYehova, yaye ababingeleli ababingelelayo babeyisebenzisa ekuyigaleleni kwiminikelo.
Abafundi bakaYesu ‘bayityuwa yehlabathi’ kuba banempembelelo elondolozayo ebantwini. Eneneni, isigidimi abasithweleyo siya kulondoloza ubomi babo bonke abo basabela kuso! Kubomi babantu abanjalo siya kuzisa iimpawu zokunyamezela, ukunyaniseka nezokuthembeka, sithintela nakuphi na ukubola okungokomoya nokuziphatha kubo.
“Nina nilukhanyiselo lwehlabathi,” uYesu uxelela abafundi bakhe oko. Isibane asibekwa phantsi kwesitya kodwa sibekwa esiphathweni saso, ngoko uYesu uthi kubo; “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu.” Abafundi bakaYesu oku bakwenza ngokunikela ubungqina ekuhleni, kwanangokukhonza njengemizekelo eqaqambileyo ngokuziphatha okuvisisana nemigaqo yeBhayibhile. Luka 6:20-26; Mateyu 5:3-16.
◆ Ngoobani abanoyolo ngenene, yaye kutheni?
◆ Ngoobani abafumana uyeha, yaye kutheni?
◆ Abafundi bakaYesu ‘bayityuwa yomhlaba’ ‘kwanesikhanyiselo sehlabathi’ njani?