Uxolo Oluvela KuThixo Nini?
“UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu.”—ROMA 16:20.
1, 2. (a) Isilumko esingumHindu sathini ngemfazwe noxolo? (b) Ngoobani abonwabileyo abaza kunandipha uxolo oluvela kuThixo?
UKUBA ukuthi ti kwabantu kukukhuphisana ngezixhobo kuyaqhubeka, kunyanzelekile ukuba kuphelele kwindyikitya yokufa engazange yenzeka embalini. Ukuba kukho ilizwe eloyisileyo elishiyekileyo, olo loyiso luya kuba lithunzi lokufa kolo hlanga loyisileyo.” Olu luqikelelo olwenziwa ngowe-1938 nguMohandas Gandhi eneneni lwalukhangele phambili ukudlulela ngaphaya kwexesha lakhe.
2 Ngaphambili, ngowe-1931, uGandhi wayexelele irhuluneli yaseBritani oku: “Xa ilizwe lakho nelam liya kumanyana kwiimfundiso ezandlalwe nguKristu kule Ntshumayelo yaseNtabeni, siya kuba sizicombulule iingxaki kungekuphela nje ezamazwe ethu kodwa nezo zehlabathi liphela.” Njengokuba esi silumko singumHindu satshoyo, intshumayelo kaYesu ibonisa indlela esa kuxolo oluhlala luhleli. Kuloo ntshumayelo uKristu wathi: “Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona.” (Mateyu 5:9) “Oonyana” abaninzi ngoku banandipha uxolo oluvela kuThixo. Ekuhambeni kwexesha, bonke abalulamileyo bomhlaba baya kuthi “baziyolise ngobuninzi boxolo.” (INdumiso 37:11) Kodwa ngaba sinokuqiniseka ngenzaliseko yako oku?
3. Kutheni kungekho luxolo lokwenene nje emhlabeni namhlanje?
3 Namhlanje, uloyiko lokutshabalala kwehlabathi luxhalabise uluntu. Uphando lwakutshanje luthi: “Eyona nto ibubudenge yile yokuchithelwa kwe-R7,5-10 000 000 000 000 (7,5-10 lezigidi zezigidi zeerandi) ukususela kwiMfazwe Yehlabathi II ukuze kwenziwe izixhobo zenyukliya ezinokuthi, ukuba zinokusetyenziswa, oko kuthethe ukuzibulala kwabantu emhlabeni wonke. . . . Amandla angamawaka eetoni akwizixhobo zenyukliya ezifunjiweyo Ehlabathi anele ukuba abulale amawaka ezigidi zabantu abangama-58, okanye ukubulala wonke umntu ophilayo ngoku ngokuphindwe kali-12.”a Kanti olu khuphiswano lwempambano luye lwaqhubeka lukhula. Lolwempambano ngokwenene, ekubeni ingcamango engathembakaliyo aye amagunya amakhulu axhomekeka kuyo ngokwenza oko akubiza ngokuba luxolo ngokufanelekileyo akubiza ngesiNgesi ngokuthi MAD oonobumba bokuqala besiNgesi abamela igama elithi Mutually Assured Destruction (Ukutshabalalisana Okuqinisekileyo Kwamacala Omabini). Ngokuqinisekileyo olu asiloxolo luvela kuThixo.
4. (a) Yintoni ephawulekayo eboniswa lihlabathi ngoku? (b) Kanti abanquli bakaYehova banandipha liphi ithemba eliqinileyo?
4 Ngandlela zonke, eli hlabathi linikela umbono olusizi. Alizange nanini na ibutho labantu kufuneke linyamezele ukonakala kweepolitiki okungaka, ugonyamelo lokwaphul’ umthetho olungaka, ubunzima obubangelwa zezoqoqosho kangaka, okanye ukungahlonel’ uThixo okungaka nokudideka okukwezonqulo kunakweli xesha likhoyo. Akuzange kube yinto eyinyaniso kangaka ebantwini ukuba ibe “yonke indalo iyancwina, inenimba kunye.” Kanti uThixo uthembisa ukuba indalo yakhe engabantu “iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” (Roma 8:21, 22) Abo bathandi boxolo abanqula uThixo weBhayibhile, iNkosi enguMongami uYehova, baqinisekisiwe ngokungena kuloo nkululeko. lya kuba yinkululeko esekelwe ngokuqinileyo kuxolo lokwenyaniso, uxolo lukanaphakade. (Hezekile 37:26-28) Kodwa olo xolo luya kufika nini yaye njani?
Imbono KaThixo ‘Ngamaxesha Namathuba’
5. Nguwuphi umbuzo ophakamayo mayela neyoku-1 yabaseTesalonika 5:1?
5 Umpostile uPawulos wathuthuzela amaKristu aseTesalonika ngokuwacacisela ngendlela uvuko olunento yokwenza ngayo ‘nokufika kweNkosi’ uYesu. Ngokulandelayo uthi: “Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele.”—1 Tesalonika 4:15; 5:1.
6. Sazi njani ukuba ‘amaxesha namathuba’ abalulekile kuThixo?
6 Ngaba amazwi ompostile abonisa ukuba ‘amaxesha namathuba’ akabalulekanga kuThixo? Nakanye! (INtshumayeli 3:1) Kwakuxa lathi ‘lazaliseka ixesha,’ ekupheleni kweeveki zeminyaka ezingama-69, awathi “uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe.” Yaye ubulungiseleli bukaYesu bathabatha iminyaka emithathu enesiqingatha—ukususela kowama-29 C.E. kuse kowama-33 C.E.—kanye njengokuba kwaprofetwayo. (Galati 4:4; Daniyeli 9:24-27) Kwakusekupheleni ‘kwamaxesha amisiweyo eentlanga’ kanye ngowe-1914 awathi uYesu wabekwa njengoKumkani ‘kwiYerusalem yasezulwini.’ (Luka 21:24; Hebhere 12:22; Hezekile 21:27; Daniyeli 4:31, 32) “Imbandezelo enkulu” nayo iya kufika ‘ngomhla nelixa’ omiselwe nguYehova. “Awuyi kubuya umva.”—Mateyu 24:21, 36; Habhakuki 2:3.
7. Kwakutheni kuze kungabi yomfuneko ukuba uPawulos abhalele amaTesalonika mayela ‘namaxesha namathuba’?
7 Noko ke, ngeli thuba uPawulos kwakungeyomfuneko ukuba abhale ‘ngamaxesha namathuba.’ Loo maKristu aseTesalonika ayesele eyisekile kukuba ‘yayilithuba’ lokuphela kwenkqubo yezinto yamaYuda, eyayiya kuphela kwiminyaka enokuba ngama-20 kamva, ngowama-70 C.E. Inzondelelo yawo kunye “novuyo loMoya oyiNgcwele” zakhanya njengezingumzekelo. (1 Tesalonika 1:4-7) Ngokukwanjalo, amaNgqina kaYehova namhlanje ayiqonda ngokupheleleyo into yokuba iimfazwe zehlabathi nezinye iziganeko ezibangela ubuhlungu ezaqalisa ngowe-1914 ‘zingumqondiso’ wobukho obungabonakaliyo bukaYesu ekumandla nobuqaqawuli boBukumkani.—Mateyu 24:3-8; 25:31.
8. Kutheni le nto kufuneka sizigcine siphaphile yaye sikhuthele?
8 Ngokulandelayo, umpostile uqinisekisa amaKristu angoowabo, esithi: “Kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.” (1 Tesalonika 5:2) Ngoxa singalazi ngokuthe ngqo ixesha, loo mhla wokuphunyezwa komgwebo uya usondela ngakumbi nangakumbi. Uya kufika ngequbuliso, ngephanyazo, ngelixa elimiselwe nguThixo. Ngoko ke, simele sihlale siphaphile yaye sikhuthele.—Luka 21:34-36.
Ukubhengezwa Koxolo Okufikelel’ Incopho Yako
9. (a) Sisiphi isibhengezo esikhoyo, yaye kutheni le nto amaKristu okwenyaniso engenasabelo kuso? (b) Ngoobani abavakalisa esi sibhengezo, yaye bafana njani nabalawuli bomhla kaYeremiya?
9 “Luxolo nokunqaba!” apha uPawulos usazisa ngesibhengezo esiya kuviwa kwinxalenye yokugqibela ‘yokufika [yobukho, NW]’ kukaKristu. (1 Tesalonika 5:3) Ngaba siya kusiva kungekudala eso sibhengezo? Isibhengezo esinjalo soxolo nonqabiseko lwehlabathi sasingavela phi? Ngokucacileyo sasingayi kuvela phakathi kwabalandeli bakaKristu, kuba uYesu wathi bona noBukumkani bakhe ‘babengengabo abehlabathi.’ (Yohane 15:19; 17:14, 16; 18:36) Ngoko ke abo benza esi sibhengezo kumele ukuba ngabantu behlabathi abachaseneyo noBukumkani bukaThixo obuzayo. Bayinxalenye yehlabathi ‘elilele kongendawo,’ uSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Njengeenkokeli zobupolitika nezonqulo zomhla kaYeremiya, aba baya kuthetha “umbono wentliziyo yabo,” besithi, “Niya kuba noxolo,” ngokuphosakeleyo bemi ngelokuba uxolo olunjalo luvela kuThixo. Hayi indlela eliya kungqineka libubuxoki ngayo ibango labo!—Yeremiya 23:16, 17, 19, 20.
10. Luluphi udederhu Iweziganeko oluye lwakhokelela kwimeko ekhoyo ehlabathini?
10 Ludederhu lweziganeko olukhokelela kwesi sibhengezo sithi “Luxolo nokunqaba.” Kwakungowe-1920 olwathi uManyano Lwezizwe lwamiselwa emva kweMfazwe Enkulu, ngoku eyaziwa ngokuba yiMfazwe Yehlabathi I. Injongo yolu Manyano yayikukuyiphelisa ngonaphakade imfazwe emhlabeni. Kodwa iMfazwe Yehlabathi II yalutshonisa enzonzobileni olu Manyano. Ngo-Oktobha 24, 1945, eli qumrhu lahlaziywa, livumbuluka linegama elitsha lokuba ziZizwe Ezimanyeneyo. (Thelekisa ISityhilelo 17:8.) Injongo yazo ephambili “kukulondoloza uxolo nonqabiseko lwehlabathi.” Abasunguli bazo bavakalisa uzimiselo “lokusindisa izizukulwana ezizayo kwimbuqe yemfazwe.” Ngaba iZizwe Ezimanyeneyo ziye zaphumelela ekuqinisekiseni uxolo nonqabiseko olunjalo?
11. Makhulu kangakanani amanqam ajamelene nehlabathi?
11 Nokuba bangade babe babenyaniseke kangakanani na abasunguli beZizwe Ezimanyeneyo, elo qumrhu, njengoManyano Lwezizwe olwalungaphambi kwalo, liye lasilela ukuphumeza injongo yalo elenza isivumelwano ngayo. Ngoku eli hlabathi lisemngciphekweni wezixhobo zenyukliya. Ingozi eyenzeka eChernobyl, eRashiya, ngoAprili 1986, eyaphumela ekuphephethekeni kwamasuntswana ayo ayityhefu kwinxalenye enkulu yeYurophu, ibonisa ukuba kwanokuba asetyenziseIwa iinjongo zoxolo, amandla enyukliya anokwenza into eyoyikekayo. Iintlanga ezithile ezikumaZantsi ePasifiki zizama ukuyigcina indawo yazo ingummandla ongenayo inyukliya. Kodwa ukuba bekungathi kuqhambuke inyukliya ngokomlinganiselo wazwenibanzi, naphi na bekungayi kubakho basindayo.
Ngaba Lunokubakho “Uxolo Nokunqaba”
12. Sisiphi isibhengezo esenziwe ziZizwe Ezimanyeneyo ngowe-1986, yaye ziye zasabela njani iintlanga?
12 Ekubeni ziwaqonda ngokupheleleyo amanqam aya ekhula ngokukhula, iZizwe Ezimanyeneyo zavakalisa ukuba owe-1986 unguNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe. Iintlanga ziye zakwamkela ngendlela engafaniyo oko. Inkoliso yazo iye yawuxhasa ngeendlela ezahlukahlukeneyo lo Nyaka Woxolo Wezizwe Ezimanyeneyo, kodwa zalatha imfazwe yenyukliya njengesisongelo esingathembakaliyo soxolo. Okwangoku, iimfazwe ezincinane ziyaqhubeka zisiliwa kuwo wonke umhlaba, ezinokuba li-150 lazo ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II, zinesimbuku sabantu abafileyo abangaphezu kwama-30 000 000 xa bedityanisiwe. Ngaba kunokutshiwo ukuba naluphi na uhlanga ngokwenene luye lwatsiba kuqala ekwenzeni ngokwaloo mazwi adumileyo kaIsaya 2:4 abhalwe qaqambileyo kudonga olukwiZizwe Ezimanyeneyo?
13. Iinkokeli zonqulo ziye zayinikela njani inkxaso?
13 Iicawa zehlabathi bezingarhoxobisanga ekunikeleni inkxaso kuNyaka Woxolo weZizwe Ezimanyeneyo. UPopu John Paul II wavakalisa uJanuwari 1 njengoMhla Woxolo Wehlabathi waza wabongoza amalungu karhulumente ukuba anikele ukhokelo olufunekayo lokumisela isiseko soxolo lwazwenibanzi. Wakwacela amakholwa ehlabathi ukuba adibane ukuze enze umthandazo eAssisi, eItali, ebudeni boNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe. UBhishophu omkhulu waseCanterbury, intloko yeTshetshi yaseNgilani, namaqela amaBhuda asamkela ngokufudumeleyo esi simemo. IBhunga Leecawa Zehlabathi lakhupha isibhengezo esingoNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe, libongoza ukuba ngokukhawuleza izixhobo zenyukliya zibekwe phantsi.
14. Yiyiphi ekuphela kwendlela elingathi iphulo loxolo liphumelele ngayo?
14 Noko ke, kulo mba wokumisela “uxolo nokunqaba,” kuyintoni ukuthanda ‘kukaThixo woxolo’? Ngaba iLizwi likaThixo elisisiprofeto libonisa ukuba abantu neentlanga ezingafezekanga zingazisa uxolo nonqabiseko kweli hlabathi? Nakanye! “Impumelelo” ibingaxhomekeka ekusingatheni kukaYehova imicimbi ngokuvisisana nobulungisa bakhe nokuze adunyiswe.—Isaya 55:11; 61:11.
‘Intshabalaliso Yebhaqo’ Esondelayo
15. Sisiphi isaziso esikhwankqisayo asinikelayo uPawulos ngokulandelayo?
15 Umpostile uPawulos usixelela ngoko sele kuza kwenzeka. Uthi: “Xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.”—1 Tesalonika 5:3.
16. Kutheni le nto iindlela zeentlanga zingezizo nje iindlela zikaThixo?
16 Xa uqala ukuwafunda, loo mazwi asenokukhangeleka esothusa. Kodwa iBhayibhile iyayicacisa imicimbi. Iindlela zeentlanga namhlanje asizondlela zikaThixo. (Isaya 55:8, 9) Isizathu sakhe sokuvumela iintlobontlobo zolawulo lomntu ukuba ziqhubeke sikukuzinzisa imbambano iNyoka enobuqhophololo, uSathana uMtyholi, awayiphakamisayo kwiminyaka enokuba ngama-6 000 eyadlulayo. Xa uSathana wacenga abazali bethu bokuqala ukuba bakhethe ukuzimela geqe kuThixo, wayikhanyela into yokuba abantu babelufuna ngokwenene ulawulo lukaThixo.—Genesis 3:4, 5.
17. Lube njani ulawulo lomntu, ibe oku kungqina ntoni?
17 Ebudeni bamawaka eminyaka eyalandelayo, uThixo uye wavumela abantu ukuba babe nalo lonke uhlobo olunokucingwa lorhulumente womntu. Enoba luye lwahlala iminyaka embalwa okanye amakhulu eminyaka, hlobo ngalunye lolawulo lomntu luye lwasilela ngokulusizi ukuzisa uxolo nonqabiseko lokwenyaniso. Imfazwe, ulwaphulo-mthetho, uloyiko nokufa zibe yinto eqhubekayo eluntwini phantsi kwalo lonke uhlobo lolawulo lomntu. Kuyo yonke imbali, ‘umntu ugunyazele umntu, kwaba kubi kuye.’ (INtshumayeli 8:9) Akukho mahluko nanamhlanje. Nabani na oyiqondayo le mbambano ngoku unokuthi, njengoko umprofeti kaThixo watshoyo: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”—Yeremiya 10:23.
18. Kutheni le nto isibhengezo seentlanga ‘soxolo nonqabiseko’ singaphumeleli nje?
18 Ngoku lisondele ixesha lokuba izinziswe ngokupheleleyo le mbambano. Lulawulo lukaThixo kuphela olunokuzisa uxolo nonqabiseko lokwenyaniso kuluntu. Noko ke, asilolawulo lukaThixo olu iintlanga zilumelayo xa zimemelela zisithi “Luxolo nokunqaba.” Zifuna ukuqhubeka zilawula ngokweengcingane zazo zekratshi. Kodwa ixesha liphelile! Iintlanga ziyaqonda ukuba kukho into ephawulekayo ekufuneka yenziwe. Kungenjalo, zonke ziya kuphelela kwintlekele ethile yenyukliya. Ngoko ziya kwenza oko wakutsho kwangaphambili uYeremiya esithi: “Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.” Abayi kuphumelela!—Yeremiya 6:14; 8:11, 15.
Isiphelo Ekuprofetiweyo Ngaso
19. Iya kufika njani ‘imini yeNkosi’?
19 “Intshabalaliso ngebhaqo,” utsho njalo umpostile uPawulos. Umprofeti kaThixo uIsaya uhlomela ngelithi: “Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra.” (Isaya 33:7) Kwiindawo ezininzi, iBhayibhile ibonisa ukuba ukuphumeza kukaYehova imigwebo phezu kweentlanga nabantu abangendawo kuya kuza ngokukhawuleza, ngequbuliso—enyanisweni “njengesela ebusuku.” (1 Tesalonika 5:2, 3; Yeremiya 25:32, 33; Zefaniya 1:14-18; 2 Petros 3:10) Ngexesha laxa ihlabathi lisihlokomisa ngamandla isibhengezo sokuba liye lafikelela incopho ethile yoxolo nonqabiseko, “imini yeNkosi [uYehova]” iya kufika ngesiquphe esoyikekayo. Abantu bakaThixo baya kube beyiqonda intsingiselo yesibhengezo ‘soxolo nonqabiseko’ yaye baya kube bekhuselekile kwindawo yokusithela ayinikeleyo uYehova.—INdumiso 37:39, 40; 46:1, 2; Yoweli 3:16.
20. (a) IZizwe Ezimanyeneyo ziluhlobo luni ‘lwerhamncwa’? (b) UYehova ulujonga njani unqulo lobuxoki, yaye ngoba?
20 KwiLizwi likaThixo, ikhondo loManyano Lwezizwe nelandela lalo, iZizwe Ezimanyeneyo, lifaniswa nelo ‘lerhamncwa elimfusa’ elineentloko ezisixhenxe (ezimela amagunya ehlabathi ezisuka kuwo) neempondo ezilishumi (ezimela amagunya karhulumente azixhasayo ngoku). IBhayibhile ilibonisa ‘lilirhamncwa’ lobupolitika, elifana ‘nengonyama’ yaseBritani ‘nebhere’ laseRashiya. Ekukhwele kulo umfazi, “iBhabheli Enkulu, unina wamahenyukazi nowamasikizi omhlaba.” (ISityhilelo 17:3-8) Oku kuyibonisa kakuhle imbono kaYehova ngonqulo lobuxoki, olungammeliyo yena noBukumkani bakhe bobulungisa. Luhenyuza ngokomoya ngokuthi lubandakanyeke kwiipolitiki. Ukuqhogana konqulo neZizwe Ezimanyeneyo kwiphulo lehlabathi lokumisela uxolo nonqabiseko kungumzekelo woku. Belungathanda ukufumana uxolo nokunqabiseka kwisigidimi somgwebo kaThixo esivakaliswa ngamaNgqina kaYehova. Ngenxa yoku, luye lwaphembelela oorhulumente abathile ukuba bawuvale umsebenzi wobuKristu wamaNgqina.—INdumiso 2:1-3.
21. (a) Sisiphi isenzo esiphawula ukuqalisa ‘kwemini yeNkosi’? (b) Le “mini” ngokulandelayo iqhubela kwawaphi amagqibela kankqoyi?
21 Iya kufika njani “imini yeNkosi [uYehova]”? Kobu busuku bungenanyanga bembali yomntu, eneneni iya kuza “njengesela”! Oko kuya kuba ngexesha uThixo aqhubela iintlanga zerhamncwa eliziZizwe Ezimanyeneyo ukuba ngesiquphe zijikele unqulo lobuxoki. Zibonisa intiyo eziyifukamileyo ngeBhabhiloni Enkulu, ziya kuyibhenca ngokwendlela eyiyo zize ziyiqwenge ngokupheleleyo. Kangangendlela oya kuba ngokhawuleze ngayo lo mgwebo uya kude wenze izinxulumani zayo zangaphambili zikhwaze zithi: “Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.” Kodwa iintlanga nemikhosi yazo ziya kuhlasela kwanabantu bakaThixo. Uya kuthi ke ngoko, uKumkani wookumkani, uYesu Kristu, atshabalalise zonke ezo ntshaba aze aphosele enzonzobileni umchasi omkhulu, uSathana uMtyholi.—ISityhilelo 17:16, 17; 18:10; 19:11-21; 20:1-3; thelekisa uHezekile 38:11, 16, 18-23.
22. (a) Liliphi ithemba elizukileyo abantu abakholwayo abanalo namhlanje? (b) Unokulunandipha njani uxolo oluvela kuThixo?
22 Ekugqibeleni uxolo nonqabiseko lokwenyaniso ziya kwesamela phantsi koBukumkani bukaThixo! (INdumiso 72:1, 7; Isaya 9:6, 7) Okuvuyisayo kukuba, abaninzi namhlanje ‘abaphaphileyo nabangcathu’ baya kuphila ukuze bayibone. (1 Tesalonika 5:4-6) “Isihlwele esikhulu . . . siphuma kuzo zonke iintlanga,” esiqhelisela ukholo kwilungiselelo lentlawulelo likaYehova ngoKristu, siya kusindiswa ‘kwimbandezelo enkulu’ ukuze sinandiphe uxolo lukanaphakade oluvela kuThixo. (ISityhilelo 7:9-17; 21:3, 4) Ngamana ungaba ngomnye waso!
[Umbhalo osemazantsi]
a Impapasho ethi World Military and Social Expenditures 1985.
Ubungaphendula Njani?
◻ Kutheni le nto ‘amaxesha namathuba’ ebalulekile nje kuThixo nakuthi?
◻ Sifanele sikujonge njani ukusondela ‘kwemini yeNkosi’?
◻ Ngoobani abanesabelo kwisibhengezo esikweyoku-1 yabaseTesalonika 5:3, yaye nini?
◻ Ziziphi iziganeko eziphawulekayo ezibangelwa seso sibhengezo?